IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 7/8 iphe. 32
  • Umama Onokuqonda

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umama Onokuqonda
  • Vukani!—2004
Vukani!—2004
g04 7/8 iphe. 32

Umama Onokuqonda

Umama oziqondayo nozinyamekelayo iintswelo zabantwana bakhe wenza imigudu ukuze akwazi ukubalungiselela ukutya okunesondlo. Wenza imigudu efanayo ukuze abanyamekele nangokomoya.

Kutshanje, elinye ibhinqa laseBrazil, labhalela kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yalapho livakalisa uxabiso lwalo ngempapasho ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Lathi: “Le ncwadana inemifanekiso yasuka nje yandichukumisa. Xa ndakhangela kwisifundo esithetha ngezinto azithiyileyo uThixo, kwangoko ndaqonda ukuba ndimele ndixubushe ngale nkcazelo ibalulekileyo kunye nabantwana bam—amantombazana amabini, aneminyaka eli-10 neli-11 ubudala kunye nenkwenkwe eneminyaka emi-5 ubudala.” Longezelela lathi: “Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba noncwadi olufana nolu ukuze ndifundise intsapho yam ukuphila ngendlela kaThixo!”

Lacela ezinye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Ukuba nawe unqwenela ukufumana ukutya kokomoya, okwakho nokwamalungu entsapho yakho, unokuzifumanela umbhalo wale ncwadana inemifanekiso ithi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Zalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share