“Ukuba Abantu Bebesazi!”
UDAVID wayahlukile kolunye ulutsha oluzimisele ukufumana izinto eziphathekayo xa lugqiba isikolo. NgoSeptemba 2003, yena nomhlobo wakhe basuka eIllinois, eUnited States, baya eDominican Republic.a UDavey, njengoko yayimbiza njalo intsapho nabahlobo bakhe, wagqiba kwelokuba afunde isiSpanish waza waya kukhonza kwiBandla lamaNgqina kaYehova laseNavas kumsebenzi wokufundisa ngeBhayibhile. Ibandla lamenza waziva esekhaya. UJuan okuphela komdala okwelo bandla uthi: “UDavey wayeyenza yonke into awayecelwa ukuba ayenze. Wayezibhokoxa ukuze ancede abanye, yaye abazalwana babemthanda.”
UDavey wayesithanda gqitha isabelo sakhe. Wabhalela umhlobo wakhe waseUnited States wathi: “Ndonwabe gqitha apha. Hayi indlela okuhlaziya ngayo ukushumayela! Sithetha kangangemizuzu engama-20 kumzi ngamnye kuba abantu bafuna ukuva yonke into. Sele ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezithandathu, kodwa sisafuna ukuncedwa. Kwenye intlanganiso ibandla lethu elinabavakalisi boBukumkani abangama-30 kwakukho abantu abali-103!”
Okubuhlungu kukuba, ngoAprili 24, 2004, uDavey nomnye umzalwana webandla lakhe bafa kwingozi yemoto. De walala ekufeni, uDavey wayewuthanda gqitha umsebenzi awayewenza, kangangokuba wakhuthaza nolunye ulutsha ekhaya ukuba lumthelele. Wada wathi kwelinye iNgqina eliselula: “Kuya kuyiguqula indlela ozibona ngayo izinto.”
Imbono kaDavey yatshintsha ngokuphathelele izinto eziphathekayo. Uyise uthi: “Xa wayetyelele apha ekhaya uDavey wamenywa ukuba aye kutyibilika ekhephini. Wabuza uyise ukuba ukuya apho kuza kuba yimalini. Xa waxelelwayo, uDavey wathi akanakudlala ngemali engako ekubeni wayenokukwazi ukuyisebenzisa kangangeenyanga imali engako eDominican Republic!”
Inzondelelo kaDavey yabashukumisa nabanye. Omnye oselula wathi: “Xa ndeva konke oko wayekwenza uDavey nendlela awayonwabe ngayo, ndaqonda ukuba nam bekufanele ukuba ndenza kanye loo msebenzi. Ukufa kukaDavey kuye kwandenza ndacinga ukuba bangathini abantu ngam xa ndinokufa ndaza ndazibuza nokuba ndinganayo na impembelelo entle kanjalo ebomini babo.”
NjengamaNgqina kaYehova, abazali bakaDavey nabantakwabo banethemba elomeleleyo lokuba uThixo uya kumvusa uDavey kwihlabathi lakhe elitsha elizayo lobulungisa. (Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 21:1-4) Okwangoku, bathuthuzelwa kukwazi ukuba uDavey uye wenza konke okusemandleni akhe—ukuze akhonze uMdali. (INtshumayeli 12:1) Egqabaza ngesigqibo sakhe sokukhonza apho kukho imfuneko enkulu, uDavey wakha wathi: “Ndinqwenela ukuba bonke abantu abaselula bangenza lo msebenzi baze bavakalelwe kanye njengam. Ayikho into ebhetele kunokukhonza uYehova ngomphefumlo wethu wonke. Ukuba nje abantu bebesazi!”
[Umbhalo osemazantsi]
a NjengoDavid, abaninzi abangamaNgqina kaYehova baye baya kwimimandla apho kukho imfuneko enkulu khona yabavakalisi boBukumkani, abanye bade bafunde ulwimi lwasemzini ukuze bafundise abanye inyaniso yeLizwi likaThixo. Ngoku kukho amatsha-ntliziyo angama-400 akhonza eDominican Republic.