‘Ulindixesha Oxhaswa NguThixo’
INDODA ethile yaseNigeria efunda iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova yaya kwingqungquthela eyayilungiselelwe yi-Inter-African Committee on Women and Children. Kule ngqungquthela yaza nemibhalo yayo emibini yakutshanje kaVukani!
Kusuku lokuqala lwale ngqungquthela, le ndoda yaphawula ukuba isithethi sasisebenzisa iingongoma ezikwelinye lamaphephancwadi enawo likaNovemba 8, 2001 elithetha ngokuzibulala. Ngokukhawuleza le ndoda yakhupha owayo umbhalo yaza yahambisana nesithethi.
Ekupheleni kosuku, igqwetha elaliza kuthetha ngosuku olulandelayo labona amanqaku aphambili kaVukani! walo mfundi weBhayibhile awayesithi “Ukunceda Amabhinqa Abethwayo.” Eli gqwetha lamboleka lo Vukani! Ebudeni bobusuku bangaloo mini, layilungiselela ngokutsha intetho yalo eyayisekelwe kumanqaku kaVukani! Ngosuku olulandelayo xa igqwetha lalinikela intetho yalo, ibhinqa elalihleli kufuphi nalo mfundi weBhayibhile nalo lakhupha owalo umbhalo kaVukani! laza lahambisana nesithethi.
Lo mfundi weBhayibhile wakwazi ukuba nenxaxheba kwiingxoxo ezazikho kuloo ngqungquthela kuba wayefunda amanqaku kaVukani! Wathi: ‘Lo lindixesha ngokungathandabuzekiyo uxhaswa nguThixo.’
Ngaba ungathanda ukuba lo lindixesha uziswe rhoqo ekhayeni lakho? Kutheni ungaceli omnye wamaNgqina kaYehova akuphathele?