Wamkelekile! Kwesona Sihlandlo Sibalulekileyo Salo Nyaka
NgoLwesine, ngoMatshi 24, 2005, lusuku lwesiganeko esingamele sikuphose. Ehlabathini lonke ngolo suku amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithandathu kunye nezigidi ngezigidi zabahlobo aya kube ehlanganisene kwiindawo ngeendawo ekhumbula isidlo sangokuhlwa sokugqibela uYesu awaba naso nabafundi bakhe. Ngokuvumelana nomyalelo kaYesu, kwintlanganiso nganye kuza kudluliswa isonka esingenagwele newayini yaye kuza kucaciswa intsingiselo yesi sikhumbuzo.—Marko 14:22-24.
Esi siganeko saziwa ngabantu abaninzi njengeSidlo seNkosi okanye Isidlo seNkosi Sangokuhlwa. AmaNgqina kaYehova asazi njengeSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Oku kusikhumbuza ngokufa kukaYesu okwaba lidini lokucamagushela izono zabantu. (Yohane 3:16; 1 Yohane 2:2) Emva kwesidlo sakhe sokugqibela, uYesu wabanjwa kwaye kamva wafela esibondeni njengomenzi wobubi.—Yohane 19:17, 18.
AmaNgqina kaYehova akumema ngokufudumeleyo kwesi sihlandlo sikhethekileyo, esona sibalulekileyo kwikhalenda yawo yaminyaka le. Nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze wazi ixesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo.