IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 10/8 iphe. 29
  • Ukushumayela Esikolweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Esikolweni
  • Vukani!—2005
Vukani!—2005
g05 10/8 iphe. 29

Ukushumayela Esikolweni

Ngumbhali kaVukani! eMexico

XA UDANIEL oselula noneminyaka eli-17 ubudala wayeqala unyaka kwisikolo esitsha, yaye wayefuna abantwana awayefunda nabo bamazi ukuba uliNgqina likaYehova. Ithuba lavela xa utitshala wakhe wesiNgesi wacela iklasi ukuba idlan’ indlebe nomntu welinye ilizwe othetha isiNgesi. Babefanele baye kwiindawo ezithand’ ukutyelelwa ngabakhenkethi kwisiXeko saseMexico, babe nodliwano-ndlebe, baze loo ncoko bayirekhode ukuze iphulaphulwe yiklasi.

UDaniel wakheth’ ukudlan’ indlebe nomvangeli wasemazweni osebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eMexico, waza kwangaxeshanye wenza ividiyo emfutshane ngesiNgesi ebonisa izakhiwo zaseBheteli. Ukongezelela, wabeka iincwadana ezinemifanekiso zeelwimi ezahlukahlukeneyo zalapho ezishicilelwe eMexico kunye neeMboniselo nooVukani! bezinye iilwimi. Wandula ke uDaniel wacela imvume yokuba abonise iklasi ividiyo neempapasho azibekileyo.

Utitshala nabantwana afunda nabo bamangaliswa ngumsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova eMexico. Babechukumiseke kakhulu kukubona imigudu eyenziwa ngamaNgqina ukufikelela abantu ngeelwimi ezithethwa eMexico.

Emva komboniso wemizuzu engama-25, nto leyo eyamenza wafumana awona manqaku aphezulu, uDaniel wabanika bonke IMboniselo noVukani! nencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Impendulo Eziluncedo. Uninzi lwazamkela ezo ncwadi, yaye oku kuye kwavula amathuba eengxoxo zeBhayibhile. UDaniel uthi: “Ndiyambulela uYehova kuba ndiye ndakwazi ukuzukisa igama lakhe ngomsebenzi wesikolo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share