IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 10/8 iphe. 32
  • Ukuthuthuzela Abafelweyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuthuthuzela Abafelweyo
  • Vukani!—2005
Vukani!—2005
g05 10/8 iphe. 32

Ukuthuthuzela Abafelweyo

◼ Incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa ilungiselelwe ukuthuthuzela abafelweyo. Inokubanceda bajamelane nendlela abavakalelwa ngayo emva kokuba befelwe. Yaye elinye icandelo kule ncwadana lithetha ngendlela abanye abanokubanceda ngayo abo bafelweyo.

Kule ncwadana kuphendulwa imibuzo enjengethi: Ndinokuhlangabezana njani nentlungu endikuyo? Ngaba likho ithemba ngabafi? Le ncwadana inenkcazelo efumaneka eBhayibhileni engokufa nemeko yabafi. Yaye okubaluleke nangakumbi kukuba, ibalaselisa isithembiso sikaThixo, sokuba ngoYesu Kristu uza kuvusa abafileyo ukuze baphile kumhlaba oyiparadesi ocociweyo.

Mhlawumbi nawe okanye umhlobo wakho nisenokuthuthuzeleka ngokufunda le ncwadana. Sikukhuthaza ukuba uzicelele le ncwadana.

Ukuze ufumane eyakho incwadana, zalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadresi eboniswe kulo okanye kuleyo ifanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ndicela nindithumelele incwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa.

Ulwimi

□ Ncedani nindazise ngendlela endingaqhutyelwa ngayo isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share