Ndandizimisele Phezu Kwako Nje Ukuba Nesiphene
Kubalisa uKouamé NʹGuessan
Ndandikunye nomhlobo wam sinyuka iqhina, kwakunzima ukunyuka njengoko sasityhala ibhayisekile yethu. KwakungoNovemba 2002, ibe kwakugquba imfazwe yamakhaya eIvory Coast, eAfrika. Indlela esasihamba ngayo yayiyingozi. Kude kufuphi nalapho kwakukho amajoni awayehlola wonke umntu odlulayo. Kwakutheni ukuze ndizibeke esichengeni ngexesha elalilibi ngolu hlobo?
NDAZALWA ngowe-1978 ndinesifo esinganyangekiyo. Ndaqala ngokungeva kakuhle ndaza ndaqaqanjelwa yimilenze. Ndikhule ndingento yanto ekhaya, besithi ‘ndinemilenze nje yokuhombisa yaye iindlebe zam zinenkunkuma.’ Abantu abadala babendigculela, abantwana bona benkqangaza ngokuba ndisisilima.
Ndandineminyaka esibhozo ukuqala kwam ukuya esikolweni yaye zisuka nje ndandisisisulu sokugculelwa ngabantwana besikolo nangootitshala. Kwakunga ndingathi ‘vuleka umhlaba ndingene.’ Beyiqonda into yokuba ndiyoyika, abantu babendenza intlekisa. Ndandiphuma ekhaya xa ndisiya esikolweni kuphela.
Ndandidla ngokuzibuza, ‘kwakutheni ukuze ndibe nesi sibetho?’ Umama wayedla ngokuthi ndandithakathiwe. Babekho nabanye abaneziphene endandibabona yaye ndandidla ngokuzibuza, ‘Ngaba nabo bathakathiwe?’
Ngowe-1992, kwavela enye into yokuqaqanjelwa ziingqiniba. Ekupheleni kwezo ntlungu ndandingasakwazi ukolula iingalo zam. Kwiminyaka emibini kamva, iliso lasekhohlo lalingaboni kwaphela. Abazali bam bandihlisa bendinyusa koosiyazi, kodwa sabuya nemband’ esikhova. Ngenxa yokudodobala kwempilo ndasiyeka isikolo.
Ukufuna Iimpendulo
Omnye endandifunda naye wandimemela ecaweni. Ndikhule ndikholelwa kwelemimoya, kodwa ndaya ecaweni kangangonyaka.a Akukho nto itheni endayifunda ecaweni ngeBhayibhile, ngoko ke, ndandizibuza enoba kukho nto ithile umntu anokuyizuza kunqulo.
Ezinye iimfundiso zecawa zazindenza umbilini, ingakumbi isihogo. Ndandingacingi ukuba ndingumntu ongendawo kangangokuba ndingathuthunjiswa ngonaphakade. Phofu ke, ndandingayikholelwa into yokuba ndilunge kangangokuba ndingafumana nolonwabo lokwenene ezulwini. Ekubeni ndandingafumani zimpendulo zanelisayo kwimibuzo endandinayo, ndaphelelwa ngumdla kunqulo.
Kunyaka owalandelayo ndakhuthazwa ukuba ndiye kumphilisi waseAbijan, ikomkhulu laseIvory Coast, malunga neekhilomitha ezili-150 ukusuka kwidolophana yethu iVavoua. Ngaphambi kokunduluka kwethu, ndaxelela abefundisi basecaweni ukuba ndandingenayo imali eyaneleyo yokutya neyokungena apho kwakuphiliswa khona. Bandenza ndacinga ukuba ndandiya kunyanyekelwa ndakufika eAbijan, kodwa zange kube njalo. Nangona ndandikunye nabantu abangama-40 000 ukusa kuma-50 000 apho, kodwa ndandiziva ndililolo. Akukho namnye owabonakala enomdla kum.
Ndabuyela eVavoua ndingumlwelwe lo ndandinguye ukumka kwam yaye ndidanile. Abefundisi bathi ndandingaphiliswanga nguThixo kuba ndandiswele ukholo. Ukususela ngoko ndohlukana nantoni na enokwenza nonqulo.
Ekugqibeleni, Intuthuzelo Yokomoya
Ngowe-1996 kwafika iNgqina likaYehova ekhaya. Andizange ndithethe namaNgqina ngaphambili, kodwa ndaphulaphula njengoko umkhuluwa wayexambulisana neli Ngqina. Ubhuti wayengenamdla, kodwa mna ndinawo. Nto nganye eyayithethwa leli Ngqina yayichukumisa intliziyo yam.
Landicacisela ukuba isono sosulela abantu kuba abazali bethu bokuqala bengazange bathobele. Ngenxa yaloo mvukelo saphulukana nemfezeko kwaza kwangena ukufa kuluntu lonke. Noko ke, uYesu wanikela ngobomi bakhe njengentlawulelo ukuze kuxolelwe izono zethu nokuze sifumane ubomi obungunaphakade. (Roma 3:23; 5:12, 17-19) Ngaphezu koko, eli Ngqina landibonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba kungekudala uYehova uThixo, ngobukumkani bakhe, uza kuzitshintsha iimeko zomhlaba uze ube yiparadesi aze asuse isono kunye nemiphumo yaso exinezelayo.—Isaya 33:24; Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:3, 4.
Ukuba sengqiqweni kweemfundiso zeBhayibhile kwandichukumisa ngendlela engathethekiyo. Eli Ngqina, igama lalo elinguRobert, walungiselela ukuba sifunde iBhayibhile kabini ngeveki. Kwisithuba seenyanga ezimbalwa, ndinolwazi olutsha lweBhayibhile, ndakufanelekela ukushumayela namaNgqina kwindlu ngendlu. Oku kwakunzima, ekubeni ndandingakuqhelanga ukuba phakathi kwabantu.
Kuvela Imiqobo
Yayingafunwa ke into yokufunda iBhayibhile ekhaya. Efuna nje ndicaphuke, ebusuku umkhuluwa wam wayedla ngokutshaya egumbini lam lokulala. Ngentsasa elandelayo ndandivuka ndigula yaye ndiqaqanjelwa yintloko. Omnye umqobo yayikukutya kwasekhaya. Utata wayekuthanda ukuzingela ibe inyama awayesiza nayo yayikuphela kokutya okwakufumaneka. Ndamcacisela ukuba iBhayibhile iyakwalela ukutya inyama yesilwanyana esingophiswanga. (IZenzo 15:28, 29) Sekunjalo, wayengafuni ukuzophisa izilwanyana awayezibulala. Umama wayedla ngokundiphakela irayisi yodwa, kodwa ngamaxesha amaninzi ndandihlala ndilambile.
IHolo yoBukumkani yayikwelinye icala ledolophu, kodwa andizange ndivumele umgama okanye imozulu indenze ndiphoswe ziintlanganiso. NgoSeptemba 1997, ndabhaptizwa kwiNdibano Yesithili ‘Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo’ eyayiseIvory Coast. Ekugqibeleni, ndasandisa isabelo sam sokushumayela ngokubhalisa njengovulindlela, njengoko bebizwa njalo abashumayeli bexesha elizeleyo bamaNgqina kaYehova.
Eminye Imiqobo
Udushe kwezopolitiko lwaphembelela imfazwe yamakhaya ngoSeptemba 2002. Kwisithuba nje seeveki ezimbalwa, umkhosi welizwe wawusondela eVavoua. Besindisa ubomi babo, abanye bafuduka, kuquka nenkoliso yamaNgqina kaYehova. Kwiintsuku nje ezintlanu emva kwaloo mfuduko, amajoni ayithimba loo dolophu aza ngokukhawuleza avala yonke imisebenzi yasekuhlaleni. Emva koko, imbinana eyayisele yaseVavoua yathi saa, kuquka namaNgqina awayekho.
Njengoko kwakungekho zithuthi zikawonke wonke, abantu kwakufuneka bahambe imigama emide ukuze bafike kwiidolophu eziselumelwaneni. Ndandingakwazi ukuhamba imigama engako, ngoko ndandikuphela kweNgqina elalisele eVavoua. Ndaqhubeka ndishumayela, ndiqhuba iintlanganiso zebandla yaye kwakusiza abantu abathile abahlala kufutshane.
Imigudu Yokuya KwiNdibano
Indibano yosuku olunye yamaNgqina kaYehova yayilungiselelwe ukuba iqhutywe ngoNovemba kwidolophu yaseDaloa. Ndathandaza kuYehova, ndimxelela ngomdla endandinawo wokuya khona. Elinye iNgqina elalisele lihambile kwidolophana yethu labuya singalindelanga. Ndacela ukuhamba nalo ngebhayisekile ukuze siye endibanweni, eyayimalunga neekhilomitha ezingama-50. Lavuma, nakubeni nalo lalinempilo enkenenkene.
Kwakulixesha longquzulwano, ibe kwakungelula ukuthabatha olo hambo. Iimoto zazingavunyelwa ukuphuma eVavoua ziye eDaloa. Umntu ongaziwayo wayerhanelwa aze abulawe ngoko nangoko ngamajoni awayesilwa. Noko ke, njengoko benditshilo ekuqaleni, ngentsasa yangoMgqibelo, ngoNovemba 9, 2002, sanduluka eVavoua ngebhayisekile sijongise eDaloa.
Safika kwindawo eyayivalwe ngamajoni. Apeculula yonke impahla yethu aza asivumela ukuba sihambe. Olu hambo lwalulude ibe sasidiniwe. Sasinyuka ngeenyawo kuloo maqhina, size siqengqeleke ngebhayisekile ukuhla kuwo.
Ekuhambeni kwethuba, omnye umqhubi webhayisekile wacela ukusinceda. Ndahlala emva kwingobozi eyayikwibhayisekile yakhe. Njengoko ndandihamba nalo mntu ndingamaziyo unobubele, ndasebenzisa elo thuba ukuze ndithethe naye ngoBukumkani bukaThixo. Ndamchazela ukuba urhulumente kaThixo wasezulwini uza kuzisa uxolo oluya kuhlala luhleli emhlabeni. Wamangaliswa koku waza wandibuza uthotho lwemibuzo. Xa safikayo eDaloa, wasithengela ukutya waza wathembisa ngokuza endibanweni yosuku olunye ngosuku olulandelayo.
Safika eDaloa xa lisiya kunina, sidinwe siyimfe kodwa sivuya kuba sifikile apho sasisiya khona. Uhambo lwethu lweeyure ezisithoba lwalunzima. INgqina lalapho lasamkela ngobubele lisibongoza ukuba sihlale apho de kuthi qabu loo mbodamo wezopolitiko. Ngelishwa iNdibano yanqunyanyiswa ngenxa yodushe lwezobupolitika. Noko ke, olo hambo aluzange lube yinkcitha xesha. Lwakhokelela kwilungelo elingakumbi lokunceda abazalwana noodade eDaloa.
Ukuzingisa Kuzisa Iintsikelelo
Ngoku ndisisicaka solungiselelo kwanovulindlela othe gxi kwibandla laseDaloa. Ndincedisa ekugcineni iHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova yaseDaloa, ikwimeko entle. Ukuze ndizixhase, ndithengisa amabhabhathane enziwe ngamaplanga yaye ndibhala nemiqondiso.
Kangangeminyaka ndandiphuma endlwini ukuze nje ndiye esikolweni, kodwa ngoku ndiye ndahamba iikhilomitha ezininzi ndifumana abo banxanelwe inyaniso ngesizathu sokugula nokubandezeleka kwabantu. Njengoko ndilindele uBukumkani bukaThixo ukuze buphelise bonke ubulwelwe, ndiqhubeka ndishumayela kubantu baseIvory Coast ngeendaba ezilungileyo ezikhuthazayo ezingeenjongo zikaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukukholelwa kwimimoya kuquka ukukholelwa ukuba kukho ubomi kwizilwanyana, izityalo nezinye izinto zendalo.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ndisendleleni eya eDaloa ukuya endibanweni
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ndincedisa ekunyamekeleni iHolo yeNdibano yaseDaloa
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ndithengisa amabhabhathane okuhombisa enziwe ngamaplanga ukuze ndizixhase