IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/06 iphe. 32
  • Olona Suku Lubalulekileyo Embalini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Olona Suku Lubalulekileyo Embalini
  • Vukani!—2006
Vukani!—2006
g 3/06 iphe. 32

Olona Suku Lubalulekileyo Embalini

Lusuku uYesu Kristu awafa ngalo. Kutheni ukufa kukaYesu kubalulekile? Kubalulekile ngenxa yezizathu eziliqela.

Ukuthembeka kukaYesu de kuse ekufeni kwangqina ukuba umntu unokuyigcina ingqibelelo yakhe kuThixo.

Kwakhona, ukufa kukaKristu kwavula ithuba lokuba abanye babe ngabalawuli kunye naye ezulwini. Ukongezelela, kwavula nethuba lokuba abanye abantu abangakumbi bafumane ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi.

Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wasebenzisa isonka esingenagwele newayini ebomvu njengemifuziselo yedini lakhe lothando. Yaye wathi kubafundi bakhe: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngaba uya kusikhumbula esi siganeko sibalulekileyo?

AmaNgqina kaYehova akumema ngokukhethekileyo ukuba ube kunye nawo kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Kulo nyaka esi sikhumbuzo siya kuba ngoLwesithathu, Aprili 12, emva kokutshona kwelanga. Usenokuya kwiHolo yoBukumkani ekufuphi nekhaya lakho. Nceda uqhagamshelane namaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze wazi ixesha elichanileyo nendawo esiya kuqhutyelwa kuyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share