“Ubulumko Bendalo”
NGUMBHALI KAVUKANI! EJAPAN
LAWO ngamazwi ebesoloko evakala eAichi, eJapan, xa amazwe ali-121 ayenenxaxheba kumboniso iExpo 2005. Iindwendwe zakhuthazwa ukuba zifunde kwindalo zize “zenze inkqubela kwezoqoqosho ngokusebenzisa indalo kodwa zingayonakalisi.” Lo mboniso wenzelwa kufuphi naseNagoya, kumbindi Japan, yaye kwakuboniswa amahlathi, amaqula neentyatyambo. Eyona nto eyayikhethekile yayiyindlela ephakamileyo eziikhilomitha ezisisi-2,6 ebizwa ngokuba yiGlobal Loop. Ekubeni le ndlela inokuba ziimitha ezingama-21 ububanzi, xa ukuyo wawunokubona iindawo ezintle ngoxa ulondoloze indalo engaphantsi kwayo.
Ivisisana Nendalo
Ibala lemidlalo laseJapan elimile okweqokobhe elikhulu, ligqunywe ngamaxolo oqalo angama-23 000, nto leyo ebangela kubekho umthunzi. Isiqu sale mithi esiziimitha ezisi-7 ubude, nesakhiwo esiziimitha ezili-19 ukuphakama, neemitha ezingama-90 ububanzi, neemitha ezingama-70 ubunzulu, kusenza esi sakhiwo ibe sesinye sezona zakhiwo zoqalo zikhulu ehlabathini. Kweli bala kukho ividiyo ethabatha imifanekiso yonk’ indawo. Iindwendwe, ziphakathi kwisangqa esiziimitha ezili-12,8 ububanzi, zirhangqwe nayimifanekiso eshukumayo, zibuk’ indalo yaye aziyonakalisi.
Kwicandelo laseMalaysia kwakuboniswa amahlathi ashinyeneyo elo lizwe neengqaqa zaselwandle. Kwicandelo laseThailand kwakuboniswa iintlekele ezabangelwa yitsunami eyenzeka ngoDisemba 26, 2004, nto leyo eyakhumbuza iindwendwe ezazilapho ukuba “umntu akanamandla okulawula indalo.” Kanti wona umboniso waseMzantsi Afrika wawunetakane leqwarha, isilwanyana esincancisayo esinjengeqwarhashe esasindolosa kumathafa akumazantsi eAfrika de sazingelwa saphela ngenkulungwane ye-19.
Kwicandelo elalinesikhenkcisi elalijongene nomxholo walo mboniso, kwakukho amathambo esilo esikhulu esafunyanwa kwikhephu laseSiberia, eRashiya, ngowama-2002. Esi silo sikhulu ekuthiwa yiYukagir Mammoth, igama lendawo esifumaneke kuyo, sinjengendlovu eyaphelayo eyayinamabamba amabini amakhulu agobileyo, namehlo avuleke kancinane. Intloko yaso yayisagqunywe sisikhumba nezihlwitha zoboya. Esi silwanyana simangalisayo sasikhumbuza abantu ngentlungu yokutshatyalaliswa kwezilwanyana.
Ngaba Izilwanyana Zinekamva Elihle?
Abantu banokujamelana njani nezinto ezisongela umhlaba wethu, njengokungcoliswa komoya nokufudumala komhlaba? Luchazwa ‘njengeyona nto iphambili kwiExpo 2005’ kwakukho udonga olukhulu “oluluhlaza”—olubizwa ngokuba yiBio-Lung—yaye lwaluziimitha ezili-150 ubude neemitha ezili-15 ukuphakama. Olu donga lwaluzizityalo ezingama-200 000 eziziindidi ezingama-200, kuquka neentyatyambo. Kuthiwa iqela lale “miphunga” enokutshintshwa ngokuxhomekeka kwixesha lonyaka, inokusebenza njengelungu lokuphefumla lesixeko nelokucoca umoya, irhogela umoya ize ikhuphe ioksijini.
Kulo mboniso kwakukho nezithuthi ezaziquka iibhasi ezihamba ngegesi nombane. Njengokuba ezi bhasi zazinyuka zisihla zithuth’ abantu, ekuphela kwento eyayiphuma kuzo ngasemva yayingamanzi. Enye into abayivuyelayo abantu abathand’ ubugcisa kukubona uloliwe wokuqala waseJapan ondanda phezu kwesiporo nohamba ngombane, obizwa ngokuba yiLinimo. Lo loliwe osebenzisa iimagnethi ezinamandla, uhamba ngokuzolileyo kwiimilimitha ezisi-8 ngaphezu kwesiporo. Kwakhona kulo mboniso kwakukho noololiwe abancinane abahamba ngeebhetri, iiteksi eziziibhayisekile, nezithuthi ezinjengebhasi ezihamba enoba azinamqhubi. Zihamba zingambini okanye ngantathu, ezi zithuthi zexesha elizayo zisebenzisa igesi, into ecoceke ngakumbi kunepetroli yezi mini.
Khawufan’ ucinge, oku kwenziwa ngokuguqulwa kwenkunkuma enjengokutya okudala ibe ngumbane nesichumiso. Iziko lamandla elikule ndawo lisebenzisa inkqubo ekuthiwa yimethane fermentation ukwenza kanye loo nto. Kunokuba inkunkuma itshatyalaliswe, eli ziko liyayivundisa lize liyiguqule ibe yigesi ekuthiwa yimethane, ekuphuma kuyo ihydrogen. Ezi seli zamandla, ezisebenzisa amandla emichiza ukuze zivelise umbane, zidibanisa ihydrogen neoksijini ukuze zivelise umbane. Kwezi zinto kuphuma amanzi nesichumiso. Enyanisweni, eli ziko lasebenzisa yonke inkunkuma eyaveliswa kuloo mboniso, yaye umbane owaphuma apho wasetyenziswa kwamanye amacandelo emiboniso.
Luhambele phambili uphando olwenziwayo ngeerobhothi, ngenjongo yokuvelisa oomatshini abalula nabakwaziyo ukuncedisa abantu. Ukuze kuboniswe inkqubela kubugcisa bokusebenza kweerobhothi, iirobhothi ezisixhenxe zahamba zaya embindini weqonga kwelinye icandelo yaye bahlahlamb’ abantu ngoxa bephulaphule zidlal’ umculo. Ezinye zazidlal’ amaxilongo “ngeminwe” eyayinyuk’ isihla, ngoxa enye yayibeth’ amagubu. Umntu owayebukele wathi: “Ezi robhothi zazihamba lula nangendlel’ eqhelekileyo kangangokuba kwakunokucingwa ukuba ngabantu bokwenene.”
Ezinye izinto ezimbini zobugcisa obusemagqabini ziiplastiki ezivuthuluka ziphele xa zindala ezenziwe ngestatshi sombona nezinto ezifana nezo namaqamzana amancinane gqitha—amaqamza amancinane gqitha angaphantsi kweenanometer ezingama-200 ubukhulu. Unwele lomntu lumalunga neenanometer ezingama-50 000 ubukhulu. Ngokuqhelekileyo, la maqamza mancinane akazinzanga yaye akhawuleza avuthuluke. Noko ke, kuphando olwenziwe eJapan kuye kwenziwa amaqamza amancinane azinzileyo eoksijini, yaye aye anceda “iintlanzi neembaza ukuba zikwazi ukuqhela msinya xa iimeko ziguquka.” Kaloku, umzi weentlanzi owawunedama elalizaliswe ngamaqamzana aneoksijini wakwazi ukugcina iintlanzi ezithile zasedamini nezaselwandle! Abaphandi banethemba lokuba baza kufumana iindlela zokusebenzisa obu bugcisa butsha ekufuyeni iintlanzi, kwezolimo nakweminye imibandela.
Ngaba Ihlabathi Liphulaphule?
Nangona lo mboniso wagxininisa ekuphulaphuleni “ubulumko bendalo,” abantu abaninzi ehlabathini abaphulaphuli. Abantu abangenalwazi, ababawayo, nabangamaqhophololo bayaphikisana nobu bulumko bendalo. Ngenxa yoku, umhlaba uye waba yi-“Wounded Planet [Isijikelizi-langa Esonzakeleyo],” njengokuba kwakubhaliwe komnye umboniso. Kodwa kwanabo baneenjongo ezintle, abanasicombululo sinokuthenjwa kwiingxaki zabantu kuquka nezinto ezonakalise umhlaba. Ngokutsho kweBhayibhile, ezi ngxaki zingaphezu kolwazi nobulumko babantu. (Yeremiya 10:23) Phofu ke, ikho into enokwenziwa ukulungisa le meko. Yintoni leyo?
IBhayibhile isixelela ukuba Esona silumko—uMdali wethu—uya kungenelela kwimibandela yabantu ngaphambi kokuba abantu bawonakalise umsebenzi wezandla zakhe. (ISityhilelo 4:11; 11:18) KwiNdumiso 37:10, 11 kuthiwa: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Ngokuqinisekileyo, silumkile xa siphulaphula indalo, kodwa silumke ngakumbi xa siphulaphula uMdali ngokufunda nokusebenzisa iLizwi lakhe, iBhayibhile Engcwele. (2 Timoti 3:16) Bonke abenjenjalo baya kuwubona lo mhlaba wonakeleyo ulungiswe ngokupheleleyo yaye uguqulwe wayiparadesi.—Luka 23:43.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umboniso wamaqamzana amancinane kakhulu
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Iibhasi ezingenamqhubi
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Ividiyo ethabatha imifanekiso macal’ onke
[Umfanekiso okwiphepha 25]
IBio-Lung yayenziwe ngezityalo ezingama-200 000 eziziindidi ezingama-200
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Iirobhoti zonwabisa abantu ngomculo