“Idada Elimnyama” Kwimisinga YaseVenice
NGUMBHALI KAVUKANI! EITALI
LIRHANGQWE ziindonga ezifumileyo, lithubeleza phantsi kweebhulorho zamatye, iifestile ezintle, neeveranda ezineentyatyambo, lidada kuloo msinga waseVenice. Limnyama, linomkhitha yaye lizolile. Xa likude ingathi yiblack swan. Nangona linomzimba womthi, intamo engenazintsiba eyenziwe ngentsimbi, lithubeleza kuloo misinga yaseVenice, eItali, yaye liyandolosa njengaloo ntaka indilisekileyo. Le yigondola, yaye ngokutsho kwabanye, lelona phenyane lidumileyo ehlabathini. Lalivela phi eli phenyane? Kutheni lidume kangaka? Yintoni le ilenza lahluke kwamanye amaphenyane?
Imvelaphi Yalo
Akuqinisekwanga ukuba iigondola zaqala nini ukwenziwa, nangona abanye bekholelwa kukuba zaqala ukubakho ngenkulungwane ye-11 kwiXesha Eliqhelekileyo. Ukuqala kwazo ukuzotywa kwakungasekupheleni kwenkulungwane ye-15. Noko ke, ziqale ngenkulungwane ye-17 neye-18 ukukhangeleka ngendlela eziyiyo nto leyo ezenze zathandwa zaza zahluka kwamanye amaphenyane. Ngelo xesha, iigondola zazimcaba phantsi, kodwa ebudeni beli xesha zaqalisa ukuba nde nokuba nomphambili wentsimbi.
Akwaziwa nalapho lavela khona igama legondola. Bambi bathi igama elithi “gondola” livela kwigama lesiLatini elithi cymbula, indlela elalibizwa ngayo iphenyane elincinane, okanye lalisuka kwelithi conchula isinciphiso selithi concha, igama elithetha “unokrwece.”
Afumaneka EVenice Kuphela
Ekuphela kwento esiqiniseke ngayo kukuba iVenice idume ngala maphenyane. Enyanisweni, kusenokwenzeka ukuba igondola yeyona nto ibalulekileyo kwesi sixeko. Khawucinge ngayo yonke imifanekiso yaseVenice eneegondola.
Ikho nenye into enxulumanisa eli phenyane nesi sixeko. URoberto, umqhubi wegondola opheleka abakhenkethi uthi xa uhamba kuloo misinga ukhwele igondola “ubona ezinye iindawo zesi sixeko. Akuboni nje iindawo eziqhelekileyo, kodwa ubona iVenice uqobo lwayo.” Umbhali odumileyo waseJamani uJohann Wolfgang von Goethe xa wayekhwele eli phenyane wathi wayengathi “unguMphathi woLwandle lweAdriatic, yaye oku kunjalo nangaye nawuphi na ummi waseVenice akuthi zava kwigondola yakhe.” URoberto uthi: “Abantu abangxamanga eVenice kanye ngendlela ehamba ngayo igondola. Xa uthe khotsho phakathi kwaloo miqamelo ithambileyo, upholelwa ngamalanga.”
Izinto Ezimangalisayo Ngegondola
Xa ujonge igondola, usenokothuka xa uphawula ukuba ihamba ngqo nakuba inephini elinye lokubhexa ngasekunene. Usenokucinga ukuba xa kungekho mntu ulijikayo eli phenyane liya kuhamba ngecala lize lijikeleze ndawonye—kodwa akunjalo. Ngoba? UGilberto Penzo, isazi ngamaphenyane akudala uthi: “Ukuba sifanisa eli phenyane nomzimba womntu size sithi isiqu salo ngumzimba, umphambili lithambo lomqolo aze amacala abe ziimbambo, ngoko ke sinokuthi igondola inesifo sokugob’ umnqonqo.” Ngamany’ amazwi, isiqu senqanawa asilingani—icala lasekunene licuthene kunelasekhohlo ngeesentimitha ezingama-24. Ngenxa yoko, igondola itsalela ngasekunene yaye eli cala lihlile emanzini kunelasekhohlo. Oku kuqethuka kuyenza igondola ihambe ngqo nakuba inephini elinye nobunzima bomqhubi ome ecaleni njengokuba ebhexa.
Eyona nto ikhethekileyo kweli “dada” yintamo yalo, okanye umphambili wephenyane. Le kuphela kwendawo enentsimbi ngaphandle komva. UGianfranco Munerotto ongumbhali uthi umphambili weli phenyane “uyothusa yaye wahlukile kangangokuba awulibaleki nakubani na oqal’ ukuwubona.” Ekuqaleni, lo mphambili wentsimbi wawuzinzisa igondola kubunzima bomqhubi omi ngasemva kweli phenyane, kodwa ngoku uyahombisa nje kuphela. Kuthiwa amacandelo amathandathu angaphambili eli phenyane amele iingingqi ezintandathu zaseVenice, ngoxa izinyo elincinane elivele ngemva kwentamo limele isiqithi saseVenice ekuthiwa yiGiudecca. Kuthiwa ukumila komphambili ongathi ngu-S kumela iGrand Canal yaseVenice.
Enye into ekhetheke ngayo igondola “ziintsiba” zayo ezimnyama. Abantu bashiya abalilibeleyo xa bezam’ ukuchaza isizathu sokuba la maphenyane emnyama. Omnye uthi, ngenkulungwane ye-16 neye-17, iigondola zazihonjiswe ngokubaxiweyo kangangokuba iBhunga laseVenice lanyanzeleka ukuba libahlawulise kanobom abanini beegondola ezimbeje-mbeje. Kodwa abaninzi bakhetha ukuhlawula kunokususa imihombiso. Ngenxa yoku, oomantyi bawisa umthetho wokuba zonke iigondola zibe mnyama. Omnye uthi umbala omnyama wawuluphawu lokuzilela abantu abaninzi abafa kwiBlack Death ngenkulungwane ye-14. Abanye bathi iigondola zimnyama ukuze kuqaqambe ubumhlophe beendwaluthokazi zaseVenice. Phofu ke, yon’ inyaniso icacile. Kaloku ekuqaleni, itela eyayiqatywa ukuze iigondola zingangenwa ngamanzi yayimnyama.
Emva kokuhamba ngeli phenyane limnyama kumanzi azolileyo, ubuyela kwizinyuko apho uhambo lwakho beluqale khona. Amehlo akho ethe ntsho kuloo gondola ngoxa isiya isithela. Mhlawumbi uyazibuza, Ngaba eli dada liza kuyijika loo ntamo yalo inde lize livuthulule ezo ntsiba zalo zithe phatsha.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umzimba we-“gondola” uqethukile
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Icandelo elingaphambili elikhethekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 25]
URoberto, umqhubi we-“gondola” kwimisinga yaseVenice
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
© Medioimages