Zama Ukuba Nembono Elungeleleneyo Ngomsebenzi
KULA maxesha anzima okudodobala kwezoqoqosho, eyona nto ibalulekileyo kukuba nomsebenzi okunika imali eyaneleyo yokuxhasa intsapho yakho. Akusoloko kulula oku ingakumbi kweli xesha lokuphelelwa kwamawakawaka abantu yimisebenzi. Ukuba nawe usandul’ ukuphelelwa ngumsebenzi, ngoku kuza kufuneka ubhul’ usela ufuna omnye umsebenzi.—Sicela ufunde ibhokisi ekwiphepha 8 nekwelesi-9.
Sekunjalo, ubomi abuphelelanga ekusebenzeni nzima. UGlenn, indoda enentsapho yaseOstreliya ithi: “Eyona nyaniso yile, ayikho indoda ethi xa iza kufa ibe isithi, ‘Akwaba bendichithe ixesha elingakumbi emsebenzini.’” Lizicacele elokuba ukuze saneliseke, size siphile ubomi obunenjongo kufuneka sibekele bucala ixesha lokuphangela. Kodwa yintoni enye esifanele siyibekele ixesha? Sifanele sibe nexesha lokuba kunye nentsapho, elokuzihlaziya nelezinto zokomoya. Ndinokulilungelelanisa njani ixesha lokunyamekela ezi nkalo zibalulekileyo zobomi?
Ixesha Lomsebenzi Nelezinto Zobuqu
IBhayibhile ithi simele sisebenze nzima ukuze sixhase iintsapho zethu. (Efese 4:28) Kodwa ke, iphinda isikhuthaze ukuba ‘sidle, sisele size ngokwenene sibone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwethu nzima.’ (INtshumayeli 3:13) Eneneni, ukuchitha iiyure ezininzi usebenza ungaphumli kunokukwenza ungonwabi ebomini. Kanti kunokubangela ukuba ugule kakhulu.
Kuthiwa ukuziqoba ngomsebenzi kunokubangela ukutyeba ngokugqith’ emgceni, ukukhotyokiswa butywala, isifo sentliziyo, ukwenza iingozi emsebenzini, ukuba likhoboka lamayeza, ukuxhalaba, ukudinwa, ukudandatheka, kunye nezinye izinto ezibangelwa luxinezeleko. Ukuziqoba ngomsebenzi kunokude kukubulale. Kuqikelelwa ukuba eJapan kufa malunga nama-10 000 abantu ngonyaka ngenxa yokuqotywa ngumsebenzi, nani elo elilingana nelabantu abafa kwiingozi zemoto kwelo lizwe. Le nto—ibizwa ngokuba yikaroshi, gama elo elithetha “ukufa ngenxa yokuqotywa ngumsebenzi”—iyenzeka nakwamanye amazwe.
Khawuve eli cebiso lobulumko leBhayibhile: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Eneneni, ukulungelelana kubalulekile. Umsebenzi mawungabi kuphela kwento esengqondweni yakho. Khusela ingqondo, umzimba neemvakalelo zakho, ukhe uziph’ ixesha lokuphumla uze ubone iziqhamo zomsebenzi wakho.
UAndrew, intloko-ntsapho enabantwana abathathu uthi: “Simele sisebenzele nje ukuphila, singaphileli ukusebenza.” Ukuba nexesha lokusebenza nelokuphumla kuya kukunceda ukwazi ukunyamekela intsapho yakho. Kodwa oku akulula, ingakumbi xa unamatyala.
Yiba Nexesha Lomsebenzi Nelentsapho
Namhlanje iintsapho ezininzi zixakeke gqitha yaye azinalo ixesha lokuba kunye. Elinye ibhinqa laseNgilani likhalaza lisithi: “Umsebenzi unditheza amandla yaye ndifika ebantwaneni bam sele ndingasenawo nala okuhleka amandla.” EUnited States kuqikelelwa ukuba umntwana omnye kwabahlanu abakwishumi elivisayo uxhalatyiswa “kukungachithi ixesha elaneleyo nabazali bakhe.” Enye ingxelo yaseUnited States ibonisa ukuba ngokomlinganiselo izibini ezitshatileyo neziphangelayo zincokola imizuzu eli-12 kuphela ngosuku.
Ngenxa yokudinwa kukuqotywa ngumsebenzi, abantu abaninzi baye baphinda bahlolisisa ezona zinto zibalulekileyo kubo baza batshintsha iimeko zabo. UTimothy, indoda etshatileyo enabantwana ababini abancinane uthi: “Ndandisebenza ixesha elongezelelekileyo, yona inkosikazi isebenza ngeempelaveki. Sasingasabonani. Sagqiba kwelokuba siphinde sihlolisise indlela esiphila ngayo saza satshintsha indlela esasisebenza ngayo. Ngoku sonwabe gqitha.” UBrian ongumphathi wevenkile uthi: “Ngoxa sasilindele ukuzalwa komntwana wethu wesibini, ndafuna umsebenzi owawuza kundenza ndibe nexesha lentsapho yam. Ndafumana umsebenzi ondihlawula umvuzo ongaphantsi ngee-R92 000 ngonyaka kulowo ndandiwenza ngaphambili, ukuze ndibe nexesha elingakumbi, ibe andizisoli kwaphela!” UMelina wayeka ukuphangela emva kokuzala usana lwakhe oluyintombazana. Uthi: “Kwakunzima ukuphinda siphile ngomvuzo omnye kuphela. Kodwa sinomyeni wam sabona ukuba kuya kuba bhetele ndihlale ekhaya noEmily kunokumana ndimshiya kwindawo egcina abantwana.”
Noko ke, simele siyiqonde into yokuba kunzima kwiintsapho ezininzi ukuhlawula iindleko zanyanga zonke. Amanye amaqabane omtshato enza imisebenzi emibini ukuze ahlawule iindleko kanti kwezinye iimeko kusebenza amaqabane omabini eshiya abantwana noomakhulu nootatomkhulu okanye abashiye kumaziko anyamekela abantwana.
Unokuzifumana ezinye iindlela zokukwazi ukubeka umsebenzi neembopheleleko zentsapho kwindawo yazo. Eyona nto ibalulekileyo yile: Ungaze uyeke ukonwaba nentsapho yakho ngenxa yokuzixakekisa ngokungeyomfuneko ngomsebenzi.
Qiniseka ukuba kuya kukunceda gqitha ukubeka umsebenzi, ukuzonwabisa neemfuno zentsapho yakho kwindawo yazo. Kwinqaku lethu lokugqibela siza kushukuxa eyona nto ibalulekileyo inokusinceda siphile ubomi obulula nobulungeleleneyo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Umsebenzi mawungabi kuphela kwento esengqondweni yakho
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 4:6
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Ungaze uyeke ukonwaba nentsapho yakho ngenxa yokuzixakekisa ngokungeyomfuneko ngomsebenzi
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
UKHETHA NTONI PHAKATHI KWEMALI NOLONWABO?
Abanye abaphengululi benkulungwane yama-20 babecinga ukuba inkqubela kwezobugcisa iya kubakhulula abantu kumsebenzi okruqulayo ize “ibanike ulonwabo olungathethekiyo.”
Ebutsheni beminyaka yee-1930, uNjingalwazi uJulian Huxley wayecinga ukuba kwixesha elizayo akakho umntu ekuya kufuneka asebenze iintsuku ezingaphezu kwezimbini ngeveki. Yena usomashishini uWalter Gifford wathi, ezobugcisa ziya kunika “mntu ngamnye ithuba lokwenza nantoni na ayithandayo . . . , ixesha lokufunda indlela yokuphila [aze] afumane nexesha lokwenza izinto ezanelisa ingqondo nentliziyo.”
Kodwa kuthekani ngokufuna kwabantu izinto eziphathekayo? Isazi ngezokuhlala uHenry Fairchild waqhayisa ngelithi imizi-mveliso “inokuvelisa izinto ezininzi kangangokude sixakwe kukuzisebenzisa zonke, ezo zinto ziveliswa ngomlinganiselo wosuku oluqhelekileyo lomsebenzi . . . iiyure ezine nje kuphela.”
Lwaluchane kangakanani olo qikelelo? Eneneni uqoqosho luye lwakhula ngendlela engathethekiyo ngenkulungwane yama-20 neyama-21. Bekumele ukuba oku kuye kwawunciphisa kakhulu umsebenzi. Kodwa ke, yintoni eyenzekileyo? UJohn de Graaf ubhala athi: “[Abantu] baye basebenzisa oku kuhluma ukuze bazibuthele imali—izinto ezininzi, xa bethanda—kodwa akubenzi bazifunele ixesha elininzi. Ngamafutshane, thina bantu siye sakhetha ukuba nemali kunokuba nexesha.”