IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/10 iphe. 9
  • Ukuzenzela Ixesha Lezinto Ezibalulekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzenzela Ixesha Lezinto Ezibalulekileyo
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Hlala Unokuninzi Omele Ukwenze
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • “Hambani, . . . Niye Kubenza Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Kutheni amaNgqina kaYehova Eshumayela Kwindlu Ngendlu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • “Kumele Ukuthi Ke Ukuqala Kuvakaliswe Iindaba Ezilungileyo Ezi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 4/10 iphe. 9

Ukuzenzela Ixesha Lezinto Ezibalulekileyo

“Ixesha eliseleyo lifinyele.”—1 Korinte 7:29.

“KWINCWADI yakhe ethi Working Smart uMichael LeBoeuf uthi: “Ukutsibatsiba nokudlala emanzini akuthethi ukuba uyaquba.”

Ngamanye amazwi, kunokubakho umahluko omkhulu phakathi kokuba sisinxadanxada nokwenza into ebonakalayo. Khawukhe uhlole izinto ezenzeke kwiveki ephelileyo. Yintoni oyenzileyo ngexesha obunalo? Yintoni obuzixakekise ngayo? Ngaba kuye kwayimfuneko ukuba uzinike ixesha elingakumbi lokwenza izinto ezibaluleke ngokwenene kuwe?

Makhe sihlole oko kwathethwa nguYesu ngamaxesha ethu axakekileyo. Wathi njengoko le nkqubo isondela esiphelweni nehlabathi elitsha likaThixo lobulungisa likufuphi, abafundi bakhe baya kuxakeka. Yintoni le yayiza kubaxakekisa? Babeza kube beshumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani [bukaThixo].” Kwakhona uYesu wathi uninzi lwabantu lwaluza kuxakeka kakhulu ukuba lungaphulaphula. Lwaluza kuzixakekisa ngezinto zobu bomi. Wongezelela wathi abo bazixakekisayo bengasiphulaphuli isigidimi soBukumkani baza kutshatyalaliswa.—Mateyu 24:14, 37-39; Luka 17:28-30.

Namhlanje, amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kumazwe angaphezu kwama-230. Kanye njengokuba uYesu watsho kwangaphambili abantu abaninzi abafuni kuphulaphula besithi “baxakekile.” Kodwa siyakucela ukuba nangona uxakekile ukhe uziphe ithuba lokuhlolisisa oko kufundiswa yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo. Sinethemba lokuba uza kuthi xa ufunde ngeentsikelelo uThixo azibekele abantu bakhe ungqinelane nathi xa sisithi ukuphulaphula nokusebenzisa isigidimi seBhayibhile kuyinto ebalulekileyo nesimele sizinike ixesha layo.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufunde okungakumbi, qhagamshelana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni okanye ubhalele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 okanye uye kwiWeb site yethu ethi www.watchtower.org.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share