Ndonwabile Nangona Ndikhubazekile
Kubalisa uJosé Godofredo Várguez
Ndazalwa ndingumqabaqaba yaye ndikhule ndifana nje nabanye abantwana. Kuthe xa ndineminyaka eli-17 ubudala, ndaqalisa ukusebenza kumzi-mveliso owawudibanisela amanye amashishini iintsimbi. Kwiminyaka emibini emva koko, ndathi ndisasebenza kwindawo exhakaxhaka ziintambo zombane kwaqalisa ukuna. Ngequbuliso ndabethwa ngumbane ndaya kuwa phantsi kumgama oziimitha ezili-14, ndamkelwa ziingqondo. Ndaf’ isiqaqa ndaza ndavuka emva kweenyanga ezintathu. Kwakungekho nto yimbi eyayishukuma emzimbeni wam ngaphandle kwentloko. Ndandife iingalo nemilenze yaye intliziyo yam yayilihlwili!
EKUQALENI ndandicaphuka yaye ndambuza uThixo ngesizathu sokuba andivumele ndiphile. Ndandicinga nangokuzibulala. Ndafuna uncedo kwiicawa ezahlukahlukeneyo kodwa akukho nanye eyandithuthuzelayo okanye iphendule imibuzo endandinayo ngoThixo. Phofu ke, ezi cawa zazingabakhuthazi abantu ukuba baphile ngeemfundiso nangemilinganiselo eseBhayibhileni! Ukusweleka kukamama ngowe-1981, ndaqalisa ukunxila nokungcakaza. Ndandicinga ukuba ngenxa yemeko yam uThixo wayeza kundisizela aze andixolele ngokunxila kwam. Ndandiziphethe kakubi kuba ndandihlalisana nelinye ibhinqa.
Yatshitsha Ngokupheleleyo Indlela Endandicinga Ngayo
Ndadibana namaNgqina kaYehova xa ndandineminyaka engama-37 ubudala. Ngenxa yokuba umama wayesoloko esiva amaNgqina egxekwa, wayedla ngokuthi yeyona cawa angayithandiyo. Sekunjalo, ndawamkela ekhayeni lam—ngenjongo yokuwaphikisa kuba ndandicinga ukuba ndiyayazi iBhayibhile. Noko ke, ndamangaliswa kukufumanisa ukuba akukho nto ingako ndandiyazi. Ukongezelela, ndandimangaliswa kukuba iindwendwe zam zaziyiphendula ngeBhayibhile yonke imibuzo yam. Ndakhawuleza ndaqonda ukuba ndiyifumene inyaniso.
Okulusizi kukuba, ibhinqa endandihlalisana nalo alizange lizamkele iinkolelo zam ezintsha yaye sahlukana. Ndayicoca indlela endandiphila ngayo ndaza ndatshintsha isimo sengqondo sam nendlela endandicinga ngayo ukuze ifane naleyo ifundiswa yiBhayibhile. Ndincedwa nguThixo ndiye ndakwazi ukutshintsha indlela endicinga nendivakalelwa ngayo ngengozi endayifumanayo—kangangokuba kule minyaka ingama-20 idluleyo kuye kwandanelisa gqitha ukushumayela ixesha elizeleyo. Xa bebona imeko yam, abantu abaninzi bayaxakwa yindlela endiwufeza ngayo lo msebenzi. Kodwa andihlali ndodwa. Ndihlala nomninawa wam u-Ubaldo oneDown syndrome. NoUbaldo wayamkela inyaniso yeBhayibhile yaye sobabini sikhonza uYehova.
Siyevana yaye siyanyamekelana. Xa sisentsimini, u-Ubaldo uqhuba isitulo endisikhweleyo aze andinkqonkqozele eminyango yaye xa ndincokola nabaninimzi, utyhila iBhayibhile aze ababonise iincwadi ezifanelekileyo. Uphinda andincede nangezinye izinto endizifunayo. Mna ke, ndenza ingeniso ngokuthengisa izinto zokuthambisa. Ukongezelela, abazalwana noodade bebandla lamaNgqina kaYehova esikulo basinceda ngokupheka, ukwenza imisebenzi yekhaya kwakunye nokusisa kwagqirha—yaye yonke loo nto siyixabisa gqitha sinoUbaldo!
Kwibandla lamaKristu ndinelungelo lokukhonza njengomdala yaye abazalwana abasebandleni basoloko bekulungele ukundinceda njengoko ndiphanda imixholo yeBhayibhile. Ndiyakwazi ukukrwelela iingongoma ezibalulekileyo kwiincwadi esizifundayo ngokubamba usiba ngomlomo.
Xa abantu bendibuza ukuba ndiphilile kusini na, ndisoloko ndibaphendula ngoewe ongenamathandabuzo! Yintoni ebinokundenza ndingonwabi? Ndiphila ubomi obunenjongo ngokwenene yaye ndikhangele phambili kwithemba likaThixo elimangalisayo, alithembisa abakhonzi bakhe abathembekileyo—impilo egqibeleleyo kwiParadesi ezayo emhlabeni.—Isaya 35:5, 6; Luka 23:43.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
NguJosé lo xa wayeneminyaka eli-18 ubudala, unyaka ngaphambi kokuba ahlelwe yingozi
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Elinye iNgqina lindityhilela iBhayibhile njengoko ndinikela intetho kwiHolo yoBukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Apha sisebenza kamnandi nomninawa wam, u-Ubaldo kwintsimi yaseMexico
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abazalwana noodade bebandla esikulo basinceda ngokupheka nokwenza imisebenzi yekhaya