IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/13 iphe. 12-13
  • Ukutyelela eAzerbaijan

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela eAzerbaijan
  • Vukani!—2013
Vukani!—2013
g 7/13 iphe. 12-13

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EAzerbaijan

IAZERBAIJAN lelona lizwe likhulu kumazwe amathathu akumda weYurophu neAsia. Kwiminyaka emalunga newaka eyadlulayo, izizwe zamaTurkic zaqalisa ukugaleleka ngobuninzi kulo mmandla. Ezi zizwe zafika zafunda izithethe zabantu bomthonyama, baza nabantu bomthonyama bafunda izithethe zazo. Kungenxa yoko le nto ulwimi lwesiAzerbaijani lusondele kwisiTurkey nesiTurkmen.

Ama-Azeri [abantu baseAzerbaijan] adume ngobubele kwaye ngamaqhakra-qhakra. Iintsapho zawo zimanyene kwaye ziyancedana ngamaxesha kaxakeka.

Ama-Azeri ayawuthanda umculo kunye nemibongo. Xa kuculwa uhlobo lomculo obizwa ngokuba yi-mugam, imvumi iye icengceleze imibongo yesi-Azeri ngoxa kusitsho izixhobo zomculo womthonyama. Umntu ocula olu hlobo lomculo ufanele abe yincutshe yawo.

Enye yezona zinto azithandayo ama-Azerbaijani, yiti

Enye yezinto ezithandwa ngama-Azerbaijan yiti. Iphungwa ngeglasi emile okwepere kuze kufakwe igaqa leswekile, mhlawumbi ikhatshwa ngamandongomane, iiamangile kunye neerasentyisi. Iivenkile ezithengisa iti zikho nakwezona dolophu zincinci.

ULwandle lweCaspian olukwimpuma yeli lizwe, likhaya lentlanzi enkulu ebizwa ngokuba yi-sturgeon ngesiNgesi. Le ntlanzi iphila iminyaka engaphezu kwe-100. Enye yezona zinkulu kwezakha zalotywa yayinobude obuziimitha ezi-8.5 kwaye ubunzima bayo buziikhilogram ezili-1 297! Le ntlanzi ithandwa kakhulu ngenxa yamaqanda ayo ekwenziwa ngawo ukutya okubizwa ngokuba yi-caviar, okubiza imali eninzi.

Ama-Azeri ngabantu abaluthandayo unqulo nokuncokola ngoThixo. Uninzi lwawo ngamaSilamsi. Zikho nezinye iinkonzo, kuquka amaNgqina kaYehova angaphezu kwewaka—yaye uninzi lwawo ngama-Azerbaijani omthonyama.

Umculo wama-Azeri

NGABA UBUSAZI?

AmaNgqina kaYehova afundisa izigidi zabantu emhlabeni wonke iBhayibhile, esebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Le ncwadi ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-250, kuquka isiAzerbaijani.

AMABAL’ ENGWE

  • Inani labemi: 9 000 000

  • Idolophu elikomkhulu: yiBaku

  • Ulwimi lwaseburhulumenteni: isiAzerbaijani

  • Izinto ezithengiselwa amanye amazwe: yiPetroli

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share