IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/14 iphe. 10-11
  • Ukutyelela E-El Salvador

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela E-El Salvador
  • Vukani!—2014
Vukani!—2014
g 3/14 iphe. 10-11
Isixeko iEl Salvador

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela E-El Salvador

Imaphu yase El Salvador

PHANTSE kwiminyaka eyi-500 eyadlulayo, xa kwagaleleka abantu baseSpeyin e-El Salvador, olona hlanga lwalulukhulu kuloo mmandla lwaluyibiza loo ndawo ngokuba yiCuscatlán—gama elo elithetha “Ilizwe Lezacholo.” Namhlanje, uninzi lwabantu e-El Salvador bayinzalelwane yalapho kunye nabantu abavela eYurophu.

AmaSalvador aziwa ngokukhuthala nokuba nobuhlobo. Yaye anembeko nentlonelo. Xa ebonana abulisana ngokuthi, “Buenos días” (molweni kule ntsasa) okanye athi, “Buenas tardes” (molweni kule mvakwemini). Enyanisweni, amaSalvador asezilalini nalawo akwiidolophu ezincinci akujonga njengento ekrwada ukudlula nje emntwini ungabulisi.

Ibhinqa elichola chola iimbotyi zekofu

IEl Salvador idume ngokuvelisa ikofu

Esinye sezidlo ezithandwayo ngamaSalvador yipupusa—isonka esisicaba esihlohlwe itshizi neembotyi kunye nenyama. Kudla ngokugalelwa isosi yetumato, kufakwe necurtido—umxube wekhaphetshu, umnqathe, itswele, neviniga. Nangona abanye abantu besebenzisa imela nefolokhwe, eyona ndlela iqhelekileyo yokutya ipupusa kukutya ngesandla.

IPupusas

Ipupusa sesinye sezidlo ezithandwayo e-El Salvador

Iingxangxasi zaseLos Tercios

Ingxangxasi iLos Tercios, eSuchitoto

NGABA UBUSAZI? IEl Salvador yaziwa njengendawo eneentaba-mlilo. Zingaphezu kwe-20, yaye ezinye zazo zisadubula. Ingxangxasi iLos Tercios iqukuqela phakathi kwamatye amakhulu abangelwe yintaba-mlilo.

Kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-38 000 e-El Salvador, yaye akumabandla amalunga ne-700. Aqhuba izifundo zeBhayibhile nabantu abamalunga ne-43 000 abathetha iSpanish, isiNgesi, neNtetho Yezandla yase-El Salvador.

IZINTO EZIBANGELA UMDLA

  • Abemi: 6 267 000

  • Ikomkhulu: ISan Salvador

  • Ulwimi: ISpanish

  • Imozulu: Kushushu ngaselunxwemeni nakwimimandla esemazantsi; kupholile kwimimandla esemantla

  • Umhlaba: Ngummandla othe tyaba ojikelezwe ziintaba

ZIVAVANYE UKUBA UNOLWAZI OLUNGAKANANI

Chaza enoba yinyaniso okanye bubuxoki.

  1. IEl Salvador lelona lizwe lincinci kuMbindi Merika.

  2. IEl Salvador lelona lizwe linabantu abaninzi kuMbindi Merika.

  3. Ukutya okuninzi kwamaSalvador kuyaqhwetha.

  4. IEl Salvador idume ngokuvelisa ikofu.

Iimpendulo: UA, B, noD yinyaniso; uC bubuxoki. Abantu abatyelele e-El Salvador bathi izinongo ezisetyenziswa ekutyeni aziqhwethi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share