IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/14 iphe. 5
  • Ukulahlekelwa Nalikhaya Eli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukulahlekelwa Nalikhaya Eli
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKUNYAMEZELA INTLUNGU
  • Xa Kusehla Iintlekele
    Vukani!—2014
  • Itsunami YaseJapan Yowama-2011—Abantu Abasindayo Babalisa Oko Kwabehlelayo
    Vukani!—2011
  • Umsebenzi Wokunceda Abanye
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Thuthuzela Abo Basentlungwini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 7/14 iphe. 5
Ubugoxo emva kwenyikima netsunami

INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE

Ukulahlekelwa Nalikhaya Eli

NgoLwesihlanu kaMatshi 11, 2011, inyikima enkulu efikelela kumyinge we-9.0 yahlasela iJapan yaza yabulala abantu abangaphezu kwe-15 000. Yonke ke lento yabangela umonakalo onokufikelela kwiibhiliyoni eziyi-2 000 zeerandi. Njengoko wayeve ngetsunami eza kwenzeka, uKei oneminyaka eyi-32 wabalekela kwinduli ethile. Uthi: “Kwintsasa elandelayo ndabuyela ekhaya ukuya kuqokelela oko ndandinokukufumana, kodwa yonke into yayidudulwe ngamanzi ukuya kutsho elwandle, kuquka nekhaya lam. Into eyayisele sisiza kuphela.

UKei

“Kwathatha ixesha ngam ukuyamkela into yokuba akulahlekanga nje kuphela iimpahla kodwa kwanomzi wam wonke. Yonke into yayithe shwaka—imoto yam, iikhompyutha zomsebenzi, isofa yokwamkela iindwendwe zam, ikhibhodi yomculo, isiginkci kunye neflute, izinto zam zokwenza imizobo, ioli, nayo yonke imizobo endandiyenzile.”

UKUNYAMEZELA INTLUNGU

Zama ukuxabisa izinto onazo ngoku kunokukhathazwa zezo ulahlekelwe zizo. IBhayibhile ithi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Xa ekhumbula imeko yakhe uKei uthi: “Ekuqaleni ndadwelisa izinto endizifunayo, kodwa oko kwandikhumbuza ngazo zonke izinto endaphulukana nazo. Ndagqiba ekubeni ndibhale ezo ndizidingayo kuphela, yaye ndaziyeka ezingeyomfuneko. Olo ludwe lwandinceda ekuqaliseni kwakhona impilo entsha.”

Kunokuzixakekisa de ulibale ngabanye, sebenzisa amava onawo ukuze ubancede. “Ndancedwa lisebe lezoncedo nangabahlobo, kodwa njengoko ndandisoloko ndiphiwa izinto, ndaqalisa ukuziva mncinci,” utsho uKei. “Kamva ndakhumbula amazwi akwiZenzo 20:35 athi, ‘kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’ Kuba ndandingenanto ndinokunikela ngayo, ndazimisela ukubathuthuzela abo babengamaxhoba. Ukubonisa ububele ngolo hlobo kwandinceda nam.”

Cela kuThixo ngomthandazo ubulumko bokunyamezela iingxaki ezikukhathazayo. UKei wathembela nyhani kwisithembiso seBhayibhile sokuba uThixo “uya kuphethukela emthandazweni wabo baphangwe yonk’ into.” (INdumiso 102:17) Nawe unokwenza okufanayo.

Ngaba ubusazi? IBhayibhile iprofeta ngexesha apho kungekho mntu oya kukhathazeka kukulahlekelwa ngenxa yeentlekele zemvelo.a—Isaya 65:21-23.

a Ukuze wazi ngenjongo kaThixo ngomhlaba, funda isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka nakwi-www.pr418.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share