IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/14 iphe. 3
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • EUnited States
  • ESpeyin
  • Kulwandlekazi LwePasifiki
  • EUnited Arab Emirates
  • Ukulwa Nokutyeba Ngokugqithiseleyo—Ngaba Asiyonkcitha-xesha?
    Vukani!—2004
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzinkcinkca Ngotywala?
    Vukani!—2004
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzinkcinkca Ngotywala?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Xa Ukutyeba Kakhulu Kungeyongenelo
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 7/14 iphe. 3

OKWENZEKA EHLABATHINI

EUnited States

ifriji enokutya okumbalwa

Ngo-2012, iSebe Lezolimo likhuphe ingxelo yokuba i-14.5 pesenti yamakhaya aseUnited States—oko kuthetha ukuthi abantu abayi-49 miliyoni—“bebesitya ngamabona-ndenzile, okanye bengenako kwakutya oko kokondla iintsapho zabo” kangangethuba elithile ebudeni baloo nyaka.

ESpeyin

Indoda eyindla-manzi

Uhlolisiso olwenziwa kubafundi baseyunivesithi lubonise ukuba yi-56 pesenti yamabhinqa aziindla-manzi, ngoxa wona amadoda eyi-41 pesenti. Indla-manzi ichazwe kolu hlolisiso ngokuthi (yindoda) esela iiglasi ezisibhozo zotywala okanye (ibhinqa) elisela iiglasi ezintandathu ngesihlandlo esinye.

Kulwandlekazi LwePasifiki

Ulwandlekazi lwePasifiki

Oososayensi behla baya emazantsi owona msele unzulu ehlabathini, oziimitha eziyi-11 000 ubunzulu, obizwa ngokuba yiMariana Trench. Bafumana iintsholongwane eziliqela apho—nangona kumnyama thsu, amanzi apho enamandla kakhulu, yaye ebanda ngendlela eqhaqhazelis’ amazinyo. Ngaphambili, babecinga ukuba akukho nto inokuphila kwimisele enzulu ngolo hlobo.

EUnited Arab Emirates

Iingqekembe zegolide ezibekwe esikalini

Njengoko besanda abantu abazizidudla eDubai, ukuze balwe nale ngxaki, kutshanje abasemagunyeni kwelo lizwe beze neqhinga lokubawonga abahlali balapho. Baye babanike igolide ebubunzima begram enye, ebilingana ne-R390 ngelo xesha, ngekhilogram nganye abehla ngayo emzimbeni. Ukuze umntu afumane elo bhaso umele abhalise yaye ehle ubuncinane ngeekhilogram ezimbini ngenyanga enguRamadan.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share