IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g17 No. 5 iphe. 14-15
  • Ukutyelela EKazakhstan

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyelela EKazakhstan
  • Vukani!—2017
Vukani!—2017
g17 No. 5 iphe. 14-15
IAstana, eKazakhstan

Idolophu iAstana

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EKazakhstan

Imaphu yaseKazakhstan

ABANTU baseKazakhstan babekuthanda ukufuduka. Nakule mihla yethu, abelusi balapho bayalusela kwiindawo ezahlukeneyo imfuyo yabo, ngokwamaxesha onyaka. Ehlotyeni bahlala nemfuyo yabo kwiindawo eziphakamileyo nezipholileyo. Baze xa kusondela ubusika, behle baye kuhlala nayo kwiindawo ezifudumeleyo.

Abanye abantu eKazakhstan bahlala kwiidolophu eziphucukileyo. Sekunjalo, indlela abazenza ngayo izinto, ukutya kwabo nezinto abazenza ngezandla zibonisa indlela ababephila ngayo ookhokho babo. Abantu balapha bayakuthanda ukumamela imibongo, umculo neengoma ezidlalwa ngezixhobo zabo zomculo.

Ekubeni bekuthanda ukufuduka, bahlala kwiintente ekuthiwa ziiyurt. Le nto ibonisa ukuba bayayithanda indalo. Abelusi basazithanda kakhulu ezi ntente, bona abantu abahlala ezidolophini bazisebenzisa ngamaxesha akhethekileyo. Zilungiselelwa nabakhenkethi ukuze bahlale kamnandi. Xa ungaphakathi, ububona kakuhle ubuchule babafazi balapha bokuthunga, ukunitha nobokwenza iikhaphethi.

Intsapho ihleli kwiyurt

Ngaphakathi kwiyurt

Abantu baseKazakhstan abahlala ezilalini, bawathanda kakhulu amahashe. Banamagama ayi-21 ubuncinane ababiza ngawo amahashe, gama ngalinye linento eliyithethayo. Baphinde babe namagama angaphezu kwe-30 okuchaza imibala yawo. Esona sipho sixabisekileyo nesibizayo onokusifumana lihashe. Kweli lizwe, amakhwenkwe afunda ukukhwela ihashe esemancinci.

Okona kutya kuthandwayo kufanele kusoloko kuhamba nenyama kuze kungafakwa ziqholo. Ezinye zezona ziselo zithandwayo yikoumiss, eyenziwe ngobisi lwehashe nekuthiwa isempilweni kunye neshubat, yona inamafutha kwaye inendawana emuncu ibe yenziwe ngobisi lwenkamela.

Abantu bamkelekile ukuba baye kubuka iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseAlmaty.

Ihlosi

Ehlotyeni, eli hlosi lihlala phezu kweentaba zaseKazakhstan

NGABA UBUSAZI?

Kukho iintlobo eziyi-36 zesityalo esikhula endle ekuthiwa yitulips, ibe abantu baseKazakhstan bayathanda ukuzoba izinto ezifana naso.

Amanzi echibi lalapha ekuthiwa yiBalkhash anetyuwa ngasempuma ngoxa ingekho kangako kwangasentshona.

Abantu balapha bayakuthanda ukuqeqesha amakhozi nezinye iintaka ezitya inyama baze bazingele ngazo. Awona makhozi bathanda ukuwaqeqesha ngabizwa ngokuba yiAquila chrysaetos.

Ukhozi olugqunywe amehlo luhleli kwingalo yenye indoda

Ukhozi lunxityiswa into eyogquma amehlo ukuze lungaboyiki abantu

  • EZONA LWIMI ZITHETHWAYO: ISIKAZAKH NESIRASHIYA

  • ABEMI: 17 563 000

  • IKOMKHULU: IASTANA

  • IMOZULU: EHLOTYENI KUYATSHISA KUKHO NOLOPHU, KUZE EBUSIKA KUBANDE DE KUWE NEKHEPHU

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share