Imibuzo Yencwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Ibali 1
UThixo Uqalisa Ukudala
- Zivela phi zonke izinto ezintle, yaye ngaba ungenza umzekelo? 
- Yintoni awaqala wayidala uThixo? 
- Yayikhetheke ngantoni ingelosi yokuqala? 
- Chaza indlela owawuyiyo umhlaba ekuqaleni. (Bona umfanekiso.) 
- UThixo wawenza njani umhlaba ukuze ulungele izilwanyana nabantu? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYeremiya 10:12. - Ziziphi iimpawu zikaThixo ezibonakalayo kwindalo yakhe? (Isa. 40:26; Roma 11:33) 
- Funda eyabaseKolose 1:15-17. - Yiyiphi indima awaba nayo uYesu ekudalweni kwezinto, yaye oko kumele kuyichaphazele njani indlela esimjonga ngayo? (Kol. 1:15-17) 
- Funda iGenesis 1:1-10. - Wawuvela phi umhlaba? (Gen. 1:1) 
- Kwenzeka ntoni ngosuku lokuqala lokudala? (Gen. 1:3-5) 
- Chaza oko kwenzekayo ngosuku lwesibini lokudala. (Gen. 1:7, 8) 
 
Ibali 2
Umyezo Omhle
- UThixo wawenza njani umhlaba ukuze ube likhaya lethu? 
- Chaza iintlobo-ntlobo zezilwanyana awazenzayo uThixo. (Bona umfanekiso.) 
- Wawukhetheke njani umyezo wase-Eden? 
- UThixo wayefuna ube njani umhlaba? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 1:11-25. - Wadala ntoni uThixo ngosuku lwesithathu? (Gen. 1:12) 
- Kwenzeka ntoni ngosuku lwesine lokudala? (Gen. 1:16) 
- Ziziphi izilwanyana awazenzayo uThixo ngosuku lwesihlanu nolwesithandathu? (Gen. 1:20, 21, 25) 
 
- Funda iGenesis 2:8, 9. - Yiyiphi imithi emibini ekhethekileyo awayibekayo uThixo emyezweni, yaye yayifuzisela ntoni? 
Ibali 3
Indoda Nomfazi Bokuqala
- Lo mfanekiso ukwiBali 3 wahluke njani kulo ukwiBali 2? 
- Ngubani owadala indoda yokuqala, yaye yayingubani igama layo? 
- Nguwuphi umsebenzi uThixo awawunika uAdam? 
- Kwakutheni ukuze uThixo amlalise ubuthongo obunzulu uAdam? 
- Babeza kuphila ixesha elingakanani uAdam noEva, yaye uYehova wayefuna benze wuphi umsebenzi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNdumiso 83:18. - Ngubani igama likaThixo, yaye sisiphi isikhundla esikhethekileyo anaso emhlabeni? (Yer. 16:21; Dan. 4:17) 
- Funda iGenesis 1:26-31. 
- Funda iGenesis 2:7-25. - Yintoni eyayibandakanyekile ekuthiyeni kuka-Adam izilwanyana amagama? (Gen. 2:19) 
- IGenesis 2:24 isinceda njani siqonde imbono kaYehova ngokuphathelele umtshato, ukwahlukana, noqhawulo-mtshato? (Mat. 19:4-6, 9) 
 
Ibali 4
Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo
- Kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni kuAdam noEva? 
- Kwakutheni ukuze bohlwaywe nguYehova? 
- Inyoka yamxelela ntoni uEva? 
- Ngubani owabangela ukuba inyoka ithethe noEva? 
- Kwakutheni ukuze uAdam noEva baphulukane nekhaya eliyiParadesi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 2:16, 17 nesesi-3:1-13, 24. - Umbuzo owabuzwa yinyoka kuEva wambek’ ibala njani uYehova? (Gen. 3:1-5; 1 Yoh. 5:3) 
- Sisiphi isilumkiso esisifumanayo kumzekelo kaEva? (Fil. 4:8; Yak. 1:14, 15; 1 Yoh. 2:16) 
- UAdam noEva basilela njani ukwamkela imbopheleleko yezenzo zabo? (Gen. 3:12, 13) 
- Iikherubhi ezazikwimpuma yomyezo wase-Eden zaluphakamisa njani ulongamo lukaYehova? (Gen. 3:24) 
 
- Funda iSityhilelo 12:9. - USathana uye waphumelela kangakanani ekwenzeni abantu ukuba bamvukele uThixo? (1 Yoh. 5:19) 
Ibali 5
Kuqalisa Ubomi Obunzima
- Babunjani ubomi kuAdam noEva ngaphandle komyezo wase-Eden? 
- Kwaqala kwenzeka ntoni kuAdam noEva, yaye ngoba? 
- Sasiyintoni isizathu sokuba abantwana baka-Adam noEva baluphale baze bafe? 
- Ukuba uAdam noEva babemthobele uYehova, babuza kuba njani ubomi kubo nakubantwana babo? 
- Ukungathobeli kukaEva kwambangela njani intlungu? 
- Yayingoobani amagama oonyana ababini bokuqala baka-Adam noEva? 
- Ngoobani abanye abantwana abakulo mfanekiso? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 3:16-23 nesesi-4:1, 2. - Ubomi buka-Adam bachaphazeleka njani kukuqalekiswa komhlaba? (Gen. 3:17-19; Roma 8:20, 22) 
- Kutheni lalifanelekile nje igama elithi Eva, elithetha “Ophilayo”? (Gen. 3:20) 
- UYehova wabonisa njani ukuba usamkhathalele uAdam noEva kwanasemva kokuba bonile? (Gen. 3:7, 21) 
 
- Funda iSityhilelo 21:3, 4. - Ziziphi “izinto zangaphambili” olangazelela ukuba zipheliswe? 
Ibali 6
Unyana Olungileyo, Nombi
- Babesenza wuphi umsebenzi uKayin noAbheli? 
- Ziziphi izipho eziziswa nguKayin noAbheli kuYehova? 
- Kutheni uYehova ekholiswa ngumnikelo ka-Abheli, yaye kutheni engakholiswa ngokaKayin? 
- Ungumntu onjani uKayin, yaye uYehova uzama njani ukumlungisa? 
- Wenza ntoni uKayin xa esedlelweni nomntakwabo? 
- Chaza oko kwenzeka kuKayin emva kokuba ebulele umntakwabo. 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 4:2-26. - UYehova wayichaza njani ingozi awayekuyo uKayin? (Gen. 4:7) 
- UKayin wakubonisa njani oko kusentliziyweni yakhe? (Gen. 4:9) 
- Iyintoni imbono kaYehova ngokuphalaza igazi elimsulwa? (Gen. 4:10; Isa. 26:21) 
 
- Funda eyoku-1 kaYohane 3:11, 12. - Kwakutheni ukuze uKayin avuthe ngumsindo, yaye sifunda ntoni koko namhlanje? (Gen. 4:4, 5; IMize. 14:30; 28:22) 
- IBhayibhile ibonisa njani ukuba singakwazi ukugcina ingqibelelo, naxa onke amalungu entsapho yethu emchasa uYehova? (INdu. 27:10; Mat. 10:21, 22) 
 
- Funda uYohane 11:25. - Sisiphi isiqinisekiso esinikelwa nguYehova ngokuphathelele bonke abo bafela ubulungisa? (Yoh. 5:24) 
Ibali 7
Indoda Ekhaliphileyo
- UEnoki wayahluke njani? 
- Kwakutheni ukuze abantu benze izinto ezimbi kangaka ngomhla kaEnoki? 
- Ziziphi izinto ezimbi ababezenza abantu? (Bona umfanekiso.) 
- Kutheni kwafuneka uEnoki akhaliphe? 
- Babephila ixesha elingakanani abantu ngoko, kodwa uEnoki yena waphila ixesha elingakanani? 
- Kwenzeka ntoni emva kokufa kukaEnoki? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 5:21-24, 27. 
- Funda iGenesis 6:5. - Zaba mbi kangakanani iimeko emhlabeni emva kokufa kukaEnoki, yaye zinjani xa zithelekiswa nanamhlanje? (2 Tim. 3:13) 
- Funda amaHebhere 11:5. - Luluphi uphawu olwabangela ukuba uEnoki ‘amkholise kakuhle uThixo,’ yaye waba yintoni umphumo? (Gen. 5:22) 
- Funda uYude 14, 15. - AmaKristu namhlanje angayixelisa njani inkalipho kaEnoki xa elumkisa abantu ngedabi leArmagedon? (2 Tim. 4:2; Heb. 13:6) 
Ibali 8
Izigebenga Emhlabeni
- Kwenzeka ntoni xa ezinye iingelosi zikaThixo zaphulaphula uSathana? 
- Kwakutheni ukuze ezinye iingelosi ziyeke umsebenzi wazo ezulwini zize emhlabeni? 
- Kutheni kwakuphosakele ukuba iingelosi zize emhlabeni zize zizenzele imizimba yabantu? 
- Babahluke njani abantwana beengelosi? 
- Njengoko ubona apha emfanekisweni, benza ntoni abantwana beengelosi xa baba ziingxilimbela? 
- Emva kukaEnoki, yiyiphi enye indoda elungileyo eyaphila emhlabeni yaye kwakutheni ukuze ithandwe nguThixo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 6:1-8. - IGenesis 6:6 ityhila ukuba ukuziphatha kwethu kungamchaphazela njani uYehova? (INdu. 78:40, 41; IMize. 27:11) 
- Funda uYude 6. - Iingelosi ezingazange ‘zisigcine isigxina sazo santlandlolo’ ngomhla kaNowa zisisilumkiso ngayiphi indlela kuthi namhlanje? (1 Kor. 3:5-9; 2 Pet. 2:4, 9, 10) 
Ibali 9
UNowa Wakha Umkhombe
- Ayemangaphi amalungu entsapho kaNowa, yaye ayengoobani amagama oonyana bakhe abathathu? 
- Yintoni le ingaqhelekanga uNowa awacelwa nguThixo ukuba ayenze, yaye kwakutheni? 
- Basabela njani abamelwane bakaNowa xa wayebaxelela ngomkhombe? 
- UThixo wathi uNowa makenze ntoni ngezilwanyana? 
- Kwafuneka benze ntoni uNowa nentsapho yakhe emva kokuba uThixo eluvalile ucango lomkhombe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 6:9-22. - Yintoni eyenza uNowa waba ngumkhonzi obalaseleyo woThixo oyinyaniso? (Gen. 6:9, 22) 
- UYehova uvakalelwa njani ngogonyamelo, yaye oku kumele kuyichaphazele njani indlela esikhetha ukuzonwabisa ngayo? (Gen. 6:11, 12; INdu. 11:5) 
- Singamxelisa njani uNowa xa siyalelwa yintlangano kaYehova? (Gen. 6:22; 1 Yoh. 5:3) 
 
- Funda iGenesis 7:1-9. - Isibakala sokuba uYehova wamgqala njengelungisa uNowa, indoda engafezekanga, sisikhuthaza njani namhlanje? (Gen. 7:1; IMize. 10:16; Isa. 26:7) 
Ibali 10
UMkhukula Omkhulu
- Kutheni kungekho namnye umntu owayenokungena emkhombeni xa imvula yaqalisa ukuna? 
- UYehova wayinisa iintsuku nobusuku obungaphi imvula, yaye amanzi ayemaninzi kangakanani? 
- Kwenzeka ntoni emkhombeni xa amanzi aqalisa ukugubungela umhlaba? 
- Ngaba izigebenga zasinda ngoMkhukula, yaye kwenzeka ntoni kooyise? 
- Emva kweenyanga ezintlanu kwenzeka ntoni emkhombeni? 
- Kwakutheni ukuze uNowa athumele ihlungulu ngaphandle komkhombe? 
- UNowa wazi njani ukuba amanzi awuthile emhlabeni? 
- UThixo wathini kuNowa emva kokuba yena nentsapho yakhe babesemkhombeni ngaphezu konyaka? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 7:10-24. 
- Funda iGenesis 8:1-17. - IGenesis 8:17 ibonisa njani ukuba injongo kaYehova yantlandlolo ngomhlaba ayizange iguquke? (Gen. 1:22) 
- Funda eyoku-1 kaPetros 3:19, 20. - Xa iingelosi ezivukelayo zabuyela ezulwini, zafumana wuphi umgwebo? (Yude 6) 
- Ingxelo kaNowa nentsapho yakhe iyomeleza njani intembelo esinayo kuYehova yokuhlangula abantu bakhe? (2 Pet. 2:9) 
 
Ibali 11
Umnyama Wokuqala
- Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, wenza ntoni uNowa akuphuma emkhombeni? 
- Nguwuphi umyalelo uThixo awawunika uNowa nentsapho yakhe emva koMkhukula? 
- Sisiphi isithembiso awasenzayo uThixo? 
- Umnyama umele usikhumbuze ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 8:18-22. - Sinokuba ‘livumba elithozamisayo’ njani kuYehova namhlanje? (Gen. 8:21; Heb. 13:15, 16) 
- Wathini uYehova ngentliziyo yomntu, ngoko yintoni esimele siyilumkele? (Gen. 8:21; Mat. 15:18, 19) 
 
- Funda iGenesis 9:9-17. - Nguwuphi umnqophiso awawenzayo uYehova nazo zonke izidalwa zomhlaba? (Gen. 9:10, 11) 
- Uya kuhlala ixesha elide kangakanani umnqophiso womnyama? (Gen. 9:16) 
 
Ibali 12
Abantu Bakha Inqaba Enkulu
- Yayingubani uNimrodi, yaye uThixo wayemgqala njani? 
- Kulo mfanekiso, kutheni abantu besenza izitena? 
- Kwakutheni ukuze uYehova angakholiswa ngulo msebenzi wokwakha? 
- UThixo wakuyekisa njani ukwakhiwa kwenqaba? 
- Sasibizwa ngokuba yintoni eso sixeko, yaye lalithetha ntoni elo gama? 
- Kwenzeka ntoni ebantwini emva kokuba uThixo ebhidanise iilwimi zabo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 10:1, 8-10. - Ziziphi iimpawu awazibonakalisayo uNimrodi, yaye sisiphi isilumkiso esisifumanayo namhlanje? (IMize. 3:31) 
- Funda iGenesis 11:1-9. - Yayiyintoni injongo yokwakha inqaba, yaye kutheni ingazange iphumelele nje? (Gen. 11:4; IMize. 16:18; Yoh. 5:44) 
Ibali 13
UAbraham—Umhlobo KaThixo
- Babenjani abantu ababephila kwisixeko saseUre? 
- Ngubani le ndoda ikulo mfanekiso, yazalwa nini, ibe yayihlala phi? 
- UThixo wathi makenze ntoni uAbraham? 
- Kwakutheni ukuze uAbraham abizwe ngokuba ngumhlobo kaThixo? 
- Ngubani owahamba noAbraham xa wayeshiya iUre? 
- Yintoni uThixo awayithetha kuAbraham xa wafika eKanan? 
- Sisiphi isithembiso awasenzayo uThixo kuAbraham xa wayeneminyaka engama-99 ubudala? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 11:27-32. - UAbraham noLote babezalana njani? (Gen. 11:27) 
- Nangona uTera wanconywayo ngokuya eKanan nentsapho yakhe, sazi njani ukuba eneneni nguAbraham oweza neli cebo, yaye wayekwenzela ntoni oko? (Gen. 11:31; IZe. 7:2-4) 
 
- Funda iGenesis 12:1-7. - UYehova wawandisa njani umnqophiso awawenza noAbraham akufika kwilizwe lakwaKanan? (Gen. 12:7) 
- Funda iGenesis 17:1-8, 15-17. - Luluphi utshintsho olwenzeka kwigama lika-Abram xa wayeneminyaka engama-99 ubudala, yaye ngoba? (Gen. 17:5) 
- UYehova wamthembisa ziphi iintsikelelo uSara? (Gen. 17:15, 16) 
 
- Funda iGenesis 18:9-19. - KwiGenesis 18:19, ziziphi iimbopheleleko ezichaziweyo zoobawo? (Dut. 6:6, 7; Efe. 6:4) 
- Ngawaphi amava kaSara abonisa ukuba ayikho into esinokuyifihla kuYehova? (Gen. 18:12, 15; INdu. 44:21) 
 
Ibali 14
UThixo Uvavanya Ukholo Luka-Abraham
- Sisiphi isithembiso uThixo awasenza kuAbraham, yaye uThixo wasigcina njani isithembiso sakhe? 
- Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, uThixo waluvavanya njani ukholo luka-Abraham? 
- Wenza ntoni uAbraham nangona wayengasiqondi isizathu sokuba uThixo amyalele oko? 
- Kwenzeka ntoni xa uAbraham wayethabatha imela eza kubulala unyana wakhe? 
- Lwalomelele kangakanani ukholo luka-Abraham kuThixo? 
- UThixo wambonisa ntoni uAbraham ukuze abingelele ngayo, yaye wakwenza njani oko? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 21:1-7. - Kwakutheni ukuze uAbraham aluse unyana wakhe ngosuku lwesibhozo? (Gen. 17:10-12; 21:4) 
- Funda iGenesis 22:1-18. - UIsake wabonisa njani ukuba uyamhlonela uyise, uAbraham, yaye oku kwakusifuzisela njani isiganeko esibalulekileyo esasiza kwenzeka? (Gen. 22:7-9; 1 Kor. 5:7; Fil. 2:8, 9) 
Ibali 15
UmkaLote Wakhangela Ngemva
- Kwakutheni ukuze uAbraham noLote bahlukane? 
- Kwakutheni ukuze uLote akhethe ukuhlala eSodom? 
- Babenjani abantu baseSodom? 
- Sisiphi isilumkiso esanikelwa ziingelosi ezimbini kuLote? 
- Kwakutheni ukuze umkaLote abe yintsika yetyuwa? 
- Sisiphi isifundo esinokusifunda kumkaLote? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 13:5-13. - Sifunda ntoni kuAbraham ngokuphathelele ukucombulula iingxaki phakathi kwabantu ababini? (Gen. 13:8, 9; Roma 12:10; Fil. 2:3, 4) 
- Funda iGenesis 18:20-33. - Indlela uYehova awaqhubana ngayo noAbraham isinika njani intembelo yokuba uYehova noYesu baya kugweba ngobulungisa? (Gen. 18:25, 26; Mat. 25:31-33) 
- Funda iGenesis 19:1-29. - Le ngxelo yeBhayibhile iyibonisa njani indlela uThixo abujonga ngayo ubufanasini? (Gen. 19:5, 13; Lev. 20:13) 
- Nguwuphi umahluko esiwubonayo kwindlela uLote noAbraham abasabela ngayo kulwalathiso lukaThixo, yaye yintoni esinokuyifunda koku? (Gen. 19:15, 16, 19, 20; 22:3) 
 
- Funda uLuka 17:28-32. - Wayenesimo sengqondo esinjani umkaLote ngezinto eziphathekayo, yaye oku kusisilumkiso njani kuthi? (Luka 12:15; 17:31, 32; Mat. 6:19-21, 25) 
- Funda eyesi-2 kaPetros 2:6-8. - Sixelisa uLote, simele sibe nesimo sengqondo esinjani kweli hlabathi lingenabuthixo lisingqongileyo? (Hez. 9:4; 1 Yoh. 2:15-17) 
Ibali 16
UIsake Ufumana Umfazi Olungileyo
- Ngubani le ndoda neli bhinqa likulo mfanekiso? 
- Yintoni awayenzayo uAbraham ukuze afumanele unyana wakhe umfazi, yaye ngoba? 
- Waphendulwa njani umthandazo womkhonzi ka-Abraham? 
- Waphendula wathini uRebheka xa wayebuzwa ukuba uyafuna na ukutshata noIsake? 
- Yintoni eyabangela ukuba uIsake aphinde onwabe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 24:1-67. - Ziziphi iimpawu ezintle awazibonakalisayo uRebheka ekudibaneni kwakhe nomkhonzi ka-Abraham equleni? (Gen. 24:17-20; IMize. 31:17, 31) 
- Ilungiselelo elenziwa nguAbraham ngenxa kaIsake liwamisela wuphi umzekelo omhle amaKristu namhlanje? (Gen. 24:37, 38; 1 Kor. 7:39; 2 Kor. 6:14) 
- Kutheni simele siziphe ixesha lokucamngca, kanye njengokuba uIsake wenzayo? (Gen. 24:63; INdu. 77:12; Fil. 4:8) 
 
Ibali 17
Amawele Ahlukileyo
- Yayingubani uEsawu noYakobi, yaye babahluke njani? 
- Yayimingaphi iminyaka kaEsawu noYakobi ukufa kukayisemkhulu wabo uAbraham? 
- Yintoni awayenzayo uEsawu eyamenza buhlungu unina noyise? 
- Kwakutheni ukuze uEsawu afuthe ngumsindo ngenxa yomntakwabo uYakobi? 
- Nguwuphi umyalelo uIsake awawunika unyana wakhe uYakobi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 25:5-11, 20-34. - Yintoni awayiprofetayo uYehova ngokuphathelele oonyana ababini bakaRebheka? (Gen. 25:23) 
- Nguwuphi umahluko owawukho kwindlela uYakobi noEsawu ababebujonga ngayo ubuzibulo? (Gen. 25:31-34) 
 
- Funda iGenesis 26:34, 35; 27:1-46; nesama-28:1-5. - Kwabonakala njani ukungazixabisi kukaEsawu izinto zokomoya? (Gen. 26:34, 35; 27:46) 
- UIsake wathi makenze ntoni uYakobi ukuze asikelelwe nguThixo? (Gen. 28:1-4) 
 
- Funda amaHebhere 12:16, 17. - Oko kwenziwa nguEsawu kusibonisa njani isiphelo sabo bazicekisayo izinto zokomoya? 
Ibali 18
UYakobi Uya KwaHaran
- Ngubani eli bhinqa liselula likulo mfanekiso, yaye lenzelwa ntoni nguYakobi? 
- Yintoni awayezimisele ukuyenza uYakobi ukuze atshate noRakeli? 
- Wenza ntoni uLabhan lakufika ixesha lokuba uYakobi atshate noRakeli? 
- Yintoni awavuma ukuyenza uYakobi ukuze akwazi ukufumana uRakeli njengomfazi wakhe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 29:1-30. - UYakobi wazibonakalisa njani ukuba unyanisekile kwanaxa uLabhan wayesenza amaqhinga, yaye yintoni esinokuyifunda koku? (Gen. 25:27; 29:26-28; Mat. 5:37) 
- Oko kwenziwa nguYakobi, kuwubonisa njani umahluko okhoyo phakathi kothando nentabatheko? (Gen. 29:18, 20, 30; INgoma 8:6) 
- Ngoobani amabhinqa amane awaba yinxalenye yendlu kaYakobi aza kamva amzalela oonyana? (Gen. 29:23, 24, 28, 29) 
 
Ibali 19
Intsapho Enkulu KaYakobi
- Ngoobani amagama oonyana abathandathu bakaYakobi awabazalelwa ngumfazi wakhe wokuqala uLeya? 
- Ngoobani oonyana ababini bakaYakobi abazalwa nguZilipa umkhonzazana kaLeya? 
- Ngoobani amagama oonyana ababini bakaYakobi abazalwa nguBhiliha umkhonzazana kaRakeli? 
- Ngoobani oonyana ababini awabazalayo uRakeli, kodwa kwenzeka ntoni xa kwakuzalwa owesibini? 
- Ngokwalo mfanekiso, wayenoonyana abangaphi uYakobi, yaye kwaphuma ntoni kubo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 29:32-35; 30:1-26; nesama-35:16-19. - Njengoko kubonisiwe kwimeko yoonyana bakaYakobi abali-12, ayedla ngokuthiywa njani amagama amakhwenkwe amaHebhere mandulo? 
- Funda iGenesis 37:35. - Nangona inguDina kuphela okhankanyiweyo eBhayibhileni, sazi njani ukuba uYakobi wayenazo nezinye iintombi? (Gen. 37:34, 35) 
Ibali 20
UDina Ungena Enkathazweni
- Kwakutheni ukuze uAbraham noIsake bangafuni ukuba abantwana babo batshate nabantu bakwaKanan? 
- Ngaba uYakobi wakholiswa yinto yokuba intombi yakhe yenze ubuhlobo neentombi zamaKanan? 
- Ngubani le ndoda ijonge uDina kulo mfanekiso, yaye yintoni embi eyayenzayo? 
- AbantakwaboDina uSimon noLevi benza ntoni bakuva oko kwenzekileyo? 
- Ngaba uYakobi wakholiswa koko kwenziwa nguSimon noLevi? 
- Yaqala njani yonke le ngxaki yentsapho? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 34:1-31. - Ngaba uDina wayeqala ukuchitha ixesha neentombi zamaKanan? Chaza. (Gen. 34:1) 
- Kutheni uDina enegalelo ekuphulukaneni nobunyulu bakhe? (Gal. 6:7) 
- Abaselula namhlanje bangabonisa njani ukuba bafundile kumzekelo kaDina? (IMize. 13:20; 1 Kor. 15:33; 1 Yoh. 5:19) 
 
Ibali 21
AbantakwaboYosefu Bamthiyile
- Kwakutheni ukuze abantakwaboYosefu bamthiye, yaye benza ntoni? 
- AbantakwaboYosefu bafuna ukumenza ntoni, kodwa uthini uRubhen? 
- Kwenzeka ntoni xa kwavela amaIshmayeli? 
- AbantakwaboYosefu benza ntoni ukuze uyise acinge ukuba uYosefu ufile? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 37:1-35. - AmaKristu awuxelisa njani umzekelo kaYosefu xa echaza nasiphi na isenzo esibi ebandleni? (Gen. 37:2; Lev. 5:1; 1 Kor. 1:11) 
- Yintoni eyabangela ukuba abantakwaboYosefu benze ngobuqhophololo? (Gen. 37:11, 18; IMize. 27:4; Yak. 3:14-16) 
- Wenza siphi isenzo uYakobi esiyindlela eqhelekileyo yokubonakalisa intlungu? (Gen. 37:35) 
 
Ibali 22
UYosefu Ufakwa Entolongweni
- UYosefu uneminyaka emingaphi xa ethunyelwa eYiputa, yaye kwenzeka ntoni akufika apho? 
- UYosefu uya njani entolongweni? 
- UYosefu unikwa wuphi umsebenzi entolongweni? 
- Entolongweni, yintoni uYosefu ayenzela umngcamli kaFaro nomoji wezonka? 
- Kwenzeka ntoni akukhululwa umngcamli entolongweni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 39:1-23. - Ekubeni kwakungekho mthetho ubhaliweyo kaThixo owawusalela ukukrexeza ngexesha likaYosefu, yintoni eyamnyanzela ukuba asabe kumkaPotifare? (Gen. 2:24; 20:3; 39:9) 
- Funda iGenesis 40:1-23. - Ngokufutshane chaza iphupha lomngcamli nendlela uYosefu awalichaza ngayo ekhanyiselwa nguYehova. (Gen. 40:9-13) 
- Waphupha ntoni umoji wezonka yaye lalithetha ntoni iphupha lakhe? (Gen. 40:16-19) 
- Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi liye lasixelisa njani isimo sengqondo sikaYosefu? (Gen. 40:8; INdu. 36:9; Yoh. 17:17; IZe. 17:2, 3) 
- IGenesis 40:20 iyichaza njani indlela amaKristu amele ayijonge ngayo imihla yokuzalwa? (INtshu. 7:1; Marko 6:21-28) 
 
Ibali 23
Amaphupha KaFaro
- Ngobunye ubusuku kwenzeka ntoni kuFaro? 
- Kutheni umngcamli ecinga ngoYosefu ekugqibeleni? 
- Njengoko kuboniswe kulo mfanekiso, ngawaphi amaphupha amabini kaFaro? 
- UYosefu ulichaza njani eli phupha? 
- Kwenzeka njani ukuba uYosefu alandele uFaro ngokubaluleka eYiputa? 
- Kutheni abantakwaboYosefu besiza eYiputa, yaye kutheni bengamboni ukuba nguye? 
- Liliphi iphupha alikhumbulayo uYosefu, yaye limnceda ukuba aqonde ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 41:1-57. - UYosefu uyinikela njani ingqalelo kuYehova, yaye amaKristu angawuxelisa njani umzekelo wakhe namhlanje? (Gen. 41:16, 25, 28; Mat. 5:16; 1 Pet. 2:12) 
- Iminyaka yentlutha eyalandelwa yeyendlala eYiputa ithelekiswa njani nemeko yokomoya yabantu bakaYehova namhlanje nabo beNgqobhoko? (Gen. 41:29, 30; Amosi 8:11, 12) 
 
- Funda iGenesis 42:1-8 nesama-50:20. - Ngaba kuphosakele ngabanquli bakaYehova ukuba baguqe phambi komntu bebonisa intlonelo ngesikhundla sakhe ukuba oko kulisiko lelo lizwe? (Gen. 42:6) 
Ibali 24
UYosefu Ulinga Abantakwabo
- Kutheni uYosefu etyhola abantakwabo ngokuba ziintlola? 
- Kutheni uYakobi evumela unyana wakhe oligqibelo uBhenjamin, ukuba aye eYiputa? 
- Indebe yesilivere kaYosefu ingena njani kwingxowa kaBhenjamin? 
- Yintoni uYuda athembisa ukuyenza ukuze uBhenjamin akhululwe? 
- Batshintshe njani abantakwaboYosefu? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 42:9-38. - Oko kuthethwa nguYosefu kwiGenesis 42:18 kusisikhumbuzo njani kwabo banembopheleleko kwintlangano kaYehova namhlanje? (Neh. 5:15; 2 Kor. 7:1, 2) 
- Funda iGenesis 43:1-34. - Nangona uRubhen wayelizibulo, yintoni ebonisa ukuba nguYuda owaba sisithethi sabantakwabo? (Gen. 43:3, 8, 9; 44:14, 18; 1 Kron. 5:2) 
- UYosefu wabalinga njani abantakwabo, yaye ngoba? (Gen. 43:33, 34) 
 
- Funda iGenesis 44:1-34. - Njengenxalenye yeqhinga lokuzifihla kubantakwabo, uYosefu wazazisa njani kubo? (Gen. 44:5, 15; Lev. 19:26) 
- AbantakwaboYosefu babonisa njani ukuba babengasenamona ngomntakwabo? (Gen. 44:13, 33, 34) 
 
Ibali 25
Intsapho Ifudukela EYiputa
- Kwenzeka ntoni xa uYosefu ezazisa kubantakwabo? 
- Yintoni uYosefu ayichaza ngobubele kubantakwabo? 
- Uthini uFaro akuva ngabantakwaboYosefu? 
- Yayingakanani intsapho kaYakobi ukufudukela kwayo eYiputa? 
- Yabizwa ngaliphi igama intsapho kaYakobi, yaye ngoba? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iGenesis 45:1-28. - Ingxelo yeBhayibhile engoYosefu ibonisa njani ukuba uYehova unokuyenza ibe nemiphumo emihle into ebicetyelwe ukwenzakalisa abakhonzi bakhe? (Gen. 45:5-8; Isa. 8:10; Fil. 1:12-14) 
- Funda iGenesis 46:1-27. - UYehova wamqinisekisa ngantoni uYakobi xa wayesendleleni eya eYiputa? (Gen. 46:1-4) 
Ibali 26
UYobhi Uyathembeka KuThixo
- Wayengubani uYobhi? 
- Yintoni awazama ukuyenza uSathana, kodwa ngaba waphumelela? 
- UYehova wamnika imvume yokwenza ntoni uSathana, yaye ngaba waphumelela? 
- Kwakutheni ukuze umkaYobhi athi kuye “mqalekise uThixo uze ufe”? (Bona umfanekiso.) 
- Njengoko ubona kumfanekiso wesibini, uYehova wamsikelela njani uYobhi, yaye ngoba? 
- Ukuba sithembekile kuYehova njengoYobhi, ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYobhi 1:1-22. - AmaKristu angamxelisa njani uYobhi namhlanje? (Yobhi 1:1; Fil. 2:15; 2 Pet. 3:14) 
- Funda uYobhi 2:1-13. - Ziziphi iindlela ezimbini ezahlukeneyo abasabela ngazo uYobhi nomfazi wakhe kwintshutshiso kaSathana? (Yobhi 2:9, 10; IMize. 19:3; Mika 7:7; Mal. 3:14) 
- Funda uYobhi 42:10-17. - Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi komvuzo owafunyanwa nguYobhi noYesu ngenxa yokuthembeka kwabo? (Yobhi 42:12; Fil. 2:9-11) 
- Zisikhuthaza njani iintsikelelo ezafunyanwa nguYobhi ngenxa yokugcina kwakhe ingqibelelo kuThixo? (Yobhi 42:10, 12; Heb. 6:10; Yak. 1:2-4, 12; 5:11) 
 
Ibali 27
Ukumkani Okhohlakeleyo WaseYiputa
- Kulo mfanekiso, ngubani le ndoda iphethe isabhokhwe, yaye ibetha bani? 
- Emva kokufa kukaYosefu, kwenzeka ntoni kumaSirayeli? 
- Kwakutheni ukuze amaYiputa awoyike amaSirayeli? 
- Nguwuphi umyalelo uFaro awawunika abafazi ababencedisa oomama abangamaSirayeli ekuzaleni abantwana? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 1:6-22. - UYehova waqalisa njani ukuzalisekisa isithembiso sakhe kuAbraham? (Eks. 1:7; Gen. 12:2; IZe. 7:17) 
- Abazalisikazi abangamaHebhere babonisa njani ukuba bayabuxabisa ubungcwele bobomi? (Eks. 1:17; Gen. 9:6) 
- Bavuzwa njani abazalisikazi ngenxa yokuthembeka kwabo kuYehova? (Eks. 1:20, 21; IMize. 19:17) 
- Wazama njani uSathana ukuphazamisa injongo kaYehova ngokuphathelele iMbewu ka-Abraham ethenjisiweyo? (Eks. 1:22; Mat. 2:16) 
 
Ibali 28
Ukuhlangulwa Kosana OlunguMoses
- Ngubani olu sana lukulo mfanekiso, yaye ngumnwe kabani lo liwubambileyo? 
- Yintoni eyenziwa ngunina kaMoses ukuze amsindise angabulawa? 
- Ngubani le ntombazana incinane ikulo mfanekiso, yaye yenza ntoni? 
- Xa intombi kaFaro yafumana olu sana, wacebisa wathini uMiriyam? 
- Yathini le nkosazana kunina kaMoses? 
Umbuzo owongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 2:1-10. - Liliphi ithuba elalivulekele unina kaMoses lokumqeqesha eselula, yaye oku kubamisela wuphi umzekelo abazali namhlanje? (Eks. 2:9, 10; Dut. 6:6-9; IMize. 22:6; Efe. 6:4; 2 Tim. 3:15) 
Ibali 29
Isizathu Sokuba UMoses Abaleke
- Wakhulela phi uMoses, kodwa yintoni awayeyazi ngabazali bakhe? 
- Wenza ntoni uMoses xa wayeneminyaka engama-40 ubudala? 
- Wathini uMoses kwindoda engumSirayeli eyayisilwa, yaye yaphendula yathini le ndoda? 
- Kwakutheni ukuze uMoses abaleke eYiputa? 
- Wabalekela phi uMoses, yaye wadibana nabani akufika apho? 
- Wenza ntoni uMoses ebudeni bama-40 eminyaka emva kokuhamba eYiputa? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 2:11-25. - Phezu kwako nje ukuchitha iminyaka efunda ubulumko bamaYiputa, uMoses wakubonisa njani ukunyaniseka kwakhe kuYehova nakubantu bakowabo? (Eks. 2:11, 12; Heb. 11:24) 
- Funda iZenzo 7:22-29. - Sisiphi isifundo esinokusifunda ekuzameni kukaMoses ukukhulula uSirayeli kubukhoboka baseYiputa? (IZe. 7:23-25; 1 Pet. 5:6, 10) 
Ibali 30
Ityholo Elitshayo
- Liyintoni igama lale ntaba ikulo mfanekiso? 
- Chaza into engaqhelekanga eyabonwa nguMoses xa wayesalusa izimvu kule ntaba. 
- Lalisithini ilizwi elaphuma kwityholo elitshayo, yaye yayilelikabani? 
- Waphendula wathini uMoses xa uThixo wamxelela ukuba uza kukhokela abantu Bakhe ekuphumeni eYiputa? 
- UThixo wathi makathini uMoses xa abantu bembuza ukuba uthunywe ngubani? 
- UMoses wayeza kubonisa njani ukuba wayethunywe nguThixo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 3:1-22. - Amava kaMoses asinika njani intembelo yokuba kwanokuba siziva singakufanelekeli ukuphumeza isabelo sobuthixo, uYehova uya kusixhasa? (Eks. 3:11, 13; 2 Kor. 3:5, 6) 
- Funda iEksodus 4:1-20. - Satshintsha njani isimo sengqondo sikaMoses ebudeni beminyaka engama-40 awayichitha kwaMidiyan, yaye banokufunda ntoni koku abo bazabalazela ukufanelekela amalungelo angakumbi ebandleni? (Eks. 2:11, 12; 4:10, 13; Mika 6:8; 1 Tim. 3:1, 6, 10) 
- Kwanokuba siyaqeqeshwa nguYehova ngentlangano yakhe, unokusiqinisa njani umzekelo kaMoses? (Eks. 4:12-14; INdu. 103:14; Heb. 12:4-11) 
 
Ibali 31
UMoses NoAron Baya KuFaro
- Yaba naliphi igalelo kumaSirayeli imimangaliso eyenziwa nguMoses noAron? 
- UMoses noAron bamxelela ntoni uFaro, yaye uFaro waphendula wathini? 
- Njengokuba kubonisiwe emfanekisweni, kwenzeka ntoni xa uAron wabetha phantsi ngentonga? 
- UYehova wamfundisa siphi isifundo uFaro, yaye uFaro wasabela njani? 
- Kwenzeka ntoni emva kwesibetho seshumi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 4:27-31 nesesi-5:1-23. - Wayethetha ukuthini uFaro xa wathi: “Andimazi konke konke uYehova”? (Eks. 5:2; 1 Sam. 2:12; Roma 1:21) 
- Funda iEksodus 6:1-13, 26-30. - UYehova wayengazazisanga njani kuAbraham, kuIsake, nakuYakobi? (Eks. 3:13, 14; 6:3; Gen. 12:8) 
- Sivakalelwa njani xa sisazi ukuba uYehova wasebenzisa uMoses, nangona uMoses waziva engakufanelekeli ukwenza umsebenzi awayewabelwe? (Eks. 6:12, 30; Luka 21:13-15) 
 
- Funda iEksodus 7:1-13. - Xa uMoses noAron bayidlulisa ngenkalipho imigwebo kaYehova kuFaro, babebamisela wuphi umzekelo abakhonzi bakaThixo namhlanje? (Eks. 7:2, 3, 6; IZe. 4:29-31) 
- UYehova wabubonakalisa njani ubukhulu bakhe ngaphezu koothixo baseYiputa? (Eks. 7:12; 1 Kron. 29:12) 
 
Ibali 32
Izibetho Ezili-10
- Usebenzisa le mifanekiso ilapha, chaza izibetho ezithathu zokuqala awazizisa eYiputa uYehova. 
- Zahluke njani izibetho zokuqala ezithathu kwezinye ezalandelayo? 
- Sisiphi esesine, esesihlanu nesesithandathu? 
- Chaza isibetho sesixhenxe, esesibhozo nesesithoba. 
- UYehova wathi makenze ntoni amaSirayeli emva kwesibetho seshumi? 
- Yayisisiphi isibetho seshumi, yaye kwenzeka ntoni emva kwaso? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 7:19–8:23. - Nangona ababingeleli abaqhelisela umlingo ngobugqi baseYiputa bakwazi ukuzenza izibetho ezibini zokuqala, yintoni ekwanyanzeleka ukuba bayivume emva kwesibetho sesithathu? (Eks. 8:18, 19; Mat. 12:24-28) 
- Isibetho sesine sabonisa njani ukuba uYehova unamandla okukhusela abantu bakhe, yaye ukwazi oku kufanele kubenze bavakalelwe njani abantu bakaThixo njengoko bejamelene ‘nembandezelo enkulu’? (Eks. 8:22, 23; ISityhi. 7:13, 14; 2 Kron. 16:9) 
 
- Funda iEksodus 8:24; 9:3, 6, 10, 11, 14, 16, 23-25; nese-10:13-15, 21-23. - Ngawaphi amaqela amabini awabhencwa ziziBetho Ezilishumi, yaye oku kusenza siwajonge njani loo maqela namhlanje? (Eks. 8:10, 18, 19; 9:14) 
- Ukwazi iEksodus 9:16 kusinceda njani siqonde isizathu sokuba uYehova avumele uSathana de kube ngoku? (Roma 9:21, 22) 
 
- Funda iEksodus 12:21-32. - IPasika yalubangela njani usindiso kwabaninzi, yaye yayisalatha entwenini? (Eks. 12:21-23; Yoh. 1:29; Roma 5:18, 19, 21; 1 Kor. 5:7) 
Ibali 33
Ukuwela ULwandle Olubomvu
- Mangaphi amadoda amaSirayeli, kuquka abafazi nabantwana abayishiyayo iYiputa yaye ngoobani abanye abahamba kunye nabo? 
- Wavakalelwa njani uFaro emva kokuba ekhulule amaSirayeli, yaye wenza ntoni? 
- Wenza ntoni uYehova ukuze amaYiputa ayeke ukuhlasela abantu bakhe? 
- Kwenzeka ntoni xa uMoses wolula intonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu, yaye enza ntoni amaSirayeli? 
- Kwenzeka ntoni xa amaYiputa akhawuleza ukungena elwandle emva kwamaSirayeli? 
- AmaSirayeli alubonisa njani uvuyo nombulelo wawo kuYehova ngenxa yokuba ewasindisile? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 12:33-36. - UYehova waqiniseka njani ukuba abantu bakhe bayahlawulwa ngenxa yayo yonke iminyaka besekuthinjweni eYiputa? (Eks. 3:21, 22; 12:35, 36) 
- Funda iEksodus 14:1-31. - Amazwi kaMoses abhalwe kwiEksodus 14:13, 14 abachaphazela njani abakhonzi bakaYehova namhlanje njengoko bejamelene nedabi leArmagedon? (2 Kron. 20:17; INdu. 91:8) 
- Funda Eksodus 15:1-8, 20, 21. - Kutheni abakhonzi bakaYehova befanele bamvumele iindumiso? (Eks. 15:1, 2; INdu. 105:2, 3; ISityhi. 15:3, 4) 
- UMiriyam namabhinqa awawela uLwandle Olubomvu bawamisela wuphi umzekelo wokudumisa uYehova amabhinqa angamaKristu namhlanje? (Eks. 15:20, 21; INdu. 68:11) 
 
Ibali 34
Uhlobo Olutsha Lokutya
- Kulo mfanekiso, yintoni le icholwa ngabantu, yaye ibizwa ngokuba yintoni? 
- Nguwuphi umyalelo uMoses awunika abantu ngokuphathelele ukuchola imana? 
- UYehova uthi mabenze ntoni abantu ngosuku lwesithandathu, yaye ngoba? 
- Nguwuphi ummangaliso awenzayo uYehova xa imana beyigcina de ibe lusuku lwesixhenxe? 
- UYehova ubondla ngemana kangangethuba elingakanani? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 16:1-36 neNumeri 11:7-9. - IEksodus 16:8 ibonisa ntoni ngokuphathelele imfuneko yokuhlonela abo bamiselwe ngokobuthixo kwibandla lamaKristu? (Heb. 13:17) 
- Entlango, amaSirayeli ayekhunjuzwa njani mihla le ngokuphathelele ukuxhomekeka kwawo kuYehova? (Eks. 16:14-16, 35; Dut. 8:2, 3) 
- UYesu wathi imana ifuzisela ntoni, yaye singenelwa njani sesi ‘sonka sivela ezulwini’? (Yoh. 6:31-35, 40) 
 
- Funda uYoshuwa 5:10-12. - AmaSirayeli ayitya iminyaka emingaphi imana, oku kwawavavanya njani, yaye yintoni esinokuyifunda kule ngxelo? (Eks. 16:35; Num. 11:4-6; 1 Kor. 10:10, 11) 
Ibali 35
UYehova Unikela Imithetho
- Malunga neenyanga ezimbini emva kokushiya iYiputa, aya kuhlala phi amaSirayeli? 
- UYehova uthi ufuna abantu benze ntoni, yaye baphendula ngelithini? 
- Kutheni uYehova enika uMoses amacwecwe amabini amatye? 
- Ngaphandle kweMiyalelo Elishumi, yiyiphi eminye imithetho awayinika amaSirayeli uYehova? 
- Yiyiphi imithetho emibini awathi uYesu Kristu yeyona mikhulu? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 19:1-25; 20:1-21; 24:12-18; nesama-31:18. - Amazwi abhalwe kwiEksodus 19:8 asinceda njani siqonde oko kubandakanyekileyo xa sizahlulela njengamaKristu? (Mat. 16:24; 1 Pet. 4:1-3) 
- Funda iDuteronomi 6:4-6; iLevitikus 19:18; noMateyu 22:36-40. - AmaKristu abonisa njani ukuba ayamthanda uThixo nommelwane? (Marko 6:34; IZe. 4:20; Roma 15:2) 
Ibali 36
Ithole Legolide
- Kulo mfanekiso, benza ntoni abantu, yaye ngoba? 
- Kutheni uYehova enomsindo, yaye wenza ntoni uMoses akubona abantu besenza oko? 
- UMoses uthi makenze ntoni amanye amadoda? 
- Sifunda ntoni kweli bali? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 32:1-35. - Le ngxelo isibonisa njani isimo sengqondo sikaYehova ngokuphathelele ukuxuba unqulo lokwenyaniso nolobuxoki? (Eks. 32:4-6, 10; 1 Kor. 10:7, 11) 
- Sisiphi isilumkiso afanele asithobele amaKristu xa ekhetha ukuzonwabisa, njengomculo nomngqungqo? (Eks. 32:18, 19; Efe. 5:15, 16; 1 Yoh. 2:15-17) 
- Uhlanga lwabaLevi lumisela wuphi umzekelo omhle ngokuphathelele ukumela ubulungisa? (Eks. 32:25-28; INdu. 18:25) 
 
Ibali 37
Intente Yonqulo
- Sibizwa njani esi sakhiwo sikulo mfanekiso, yaye sisetyenziselwa ntoni? 
- Kwakutheni ukuze uYehova axelele uMoses ukuba makenze intente ukuze kube lula ukuyichitha? 
- Yintoni le bhokisi ikule ndlu incinane ekupheleni kwentente, yaye inantoni? 
- UYehova ukhetha bani ukuba abe ngumbingeleli omkhulu, yaye wenza ntoni umbingeleli omkhulu? 
- Chaza izinto ezintathu ezikweli gumbi likhulu lentente. 
- Ziziphi izinto ezimbini ezikwintendelezo yomnquba, yaye zisetyenziselwa ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iEksodus 25:8-40; 26:1-37; 27:1-8; nesama-28:1. - Zazimela ntoni iikherubhi eziphezu “kwetyeya yesingqino”? (Eks. 25:20, 22; Num. 7:89; 2 Kum. 19:15) 
- Funda iEksodus 30:1-10, 17-21; 34:1, 2; namaHebhere 9:1-5. - Kwakutheni ukuze uYehova agxininise ukubaluleka kokucoceka ngokwasemzimbeni kubabingeleli ababekhonza emnqubeni, yaye oku kufanele kusichaphazele njani namhlanje? (Eks. 30:18-21; 40:30, 31; Heb. 10:22) 
- Umpostile uPawulos ubonisa njani ukuba umnquba nomnqophiso woMthetho wawungasasebenzi xa wabhala ileta yakhe eya kumaKristu angamaHebhere? (Heb. 9:1, 9; 10:1) 
 
Ibali 38
Iintlola Ezili-12
- Yintoni oyiphawulayo ngesihlahla seediliya esikulo mfanekiso, yaye sivela phi? 
- Kutheni uMoses ethumela iintlola ezili-12 kwilizwe laseKanan? 
- Yiyiphi ingxelo enikelwa ziintlola ezilishumi kuMoses? 
- Iintlola ezimbini zikubonisa njani ukuthembela kwazo kuYehova, yaye ngoobani amagama azo? 
- Kutheni uYehova enomsindo, yaye uthini kuMoses? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 13:1-33. - Ngoobani abakhethelwa ukuya kuhlola ilizwe, yaye baba naliphi ilungelo elingathethekiyo? (Num. 13:2, 3, 18-20) 
- Kutheni uYoshuwa noKalebhi babenembono eyahlukileyo kweyezinye iintlola, yaye oku kusifundisa ntoni? (Num. 13:28-30; Mat. 17:20; 2 Kor. 5:7) 
 
- Funda iNumeri 14:1-38. - Sisiphi isilumkiso esifanele sisithobele esiphathelele ukumbombozelela abameli bakaYehova basemhlabeni? (Num. 14:2, 3, 27; Mat. 25:40, 45; 1 Kor. 10:10) 
- INumeri 14:24 isibonisa njani ukuba uYehova unomdla kumkhonzi wakhe ngamnye? (1 Kum. 19:18; IMize. 15:3) 
 
Ibali 39
Intonga Ka-Aron Iphuma Iintyatyambo
- Ngoobani abavukela igunya likaMoses noAron, yaye bathini kuMoses? 
- UMoses uthi makenze ntoni uKora nabalandeli bakhe abangama-250? 
- UMoses uthini ebantwini, yaye kwenzeka ntoni emva nje kokuba egqibile ukuthetha? 
- Kwenzeka ntoni kuKora nabalandeli bakhe abangama-250? 
- Unyana ka-Aron, uEleyazare, uzenza ntoni iziphatho zomlilo zamadoda afileyo, yaye ngoba? 
- Kutheni uYehova ebangela ukuba intonga ka-Aron iphume iintyatyambo? (Bona umfanekiso.) 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 16:1-49. - UKora nabalandeli bakhe benza ntoni, yaye kutheni oko yayikukuvukela uYehova nje? (Num. 16:9, 10, 18; Lev. 10:1, 2; IMize. 11:2) 
- UKora ‘nezikhulu zendibano’ ezingama-250 zahlakulela yiphi imbono ephosakeleyo? (Num. 16:1-3; IMize. 15:33; Isa. 49:7) 
 
- Funda iNumeri 17:1-11 nesama-26:10. - Ukuphuma kweentyatyambo kwintonga ka-Aron kwakubonisa ntoni, yaye kwakutheni ukuze uYehova ayalele ukuba igcinwe etyeyeni? (Num. 17:5, 8, 10) 
- Sisiphi isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kumqondiso wentonga ka-Aron? (Num. 17:10; IZe. 20:28; Fil. 2:14; Heb. 13:17) 
 
Ibali 40
UMoses Ubetha Iliwa
- UYehova uwanyamekela njani amaSirayeli ngoxa esentlango? 
- Akhalazela ntoni amaSirayeli ngoxa emise iintente eKadeshe? 
- UYehova ubalungiselela njani abantu nemfuyo yabo amanzi? 
- Emfanekisweni, ngubani indoda eyalathe esifubeni sayo, yaye kutheni isenza loo nto nje? 
- Kutheni uYehova ecatshukiswa nguMoses noAron, yaye ubohlwaya njani? 
- Kwenzeka ntoni kwiNtaba yeHore, yaye ngubani oba ngumbingeleli omkhulu wakwaSirayeli? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 20:1-13, 22-29 neDuteronomi 29:5. - Sifunda ntoni kwindlela uYehova awawanyamekela ngayo amaSirayeli entlango? (Dut. 29:5; Mat. 6:31; Heb. 13:5; Yak. 1:17) 
- UYehova wakujonga njani ukusilela kukaMoses noAron ukumngcwalisa phambi kwamaSirayeli? (Num. 20:12; 1 Kor. 10:12; ISityhi. 4:11) 
- Sinokufunda ntoni kwindlela uMoses awasabela ngayo kuqeqesho lukaYehova? (Num. 12:3; 20:12, 27, 28; Dut. 32:4; Heb. 12:7-11) 
 
Ibali 41
Inyoka Yobhedu
- Kulo mfanekiso, yintoni le ibhijelwe esibondeni, yaye kwakutheni ukuze uYehova athi kuMoses makayixhome apho? 
- Yintoni eyenziwa ngabantu ebonisa ukungabi nambulelo ngazo zonke izinto uThixo abenzele zona? 
- Abantu bacela ukuba uMoses abenzele ntoni emva kokuthumela kukaYehova iinyoka ezinobuhlungu ukuze abohlwaye? 
- Kutheni uYehova exelela uMoses ukuba enze inyoka yobhedu? 
- Sinokufunda siphi isifundo kweli bali? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 21:4-9. - Ukukhalazela kwamaSirayeli amalungiselelo kaYehova kusisilumkiso njani kuthi? (Num. 21:5, 6; Roma 2:4) 
- Kwiinkulungwane ezalandelayo, amaSirayeli ayisebenzisa njani inyoka yobhedu, yaye uKumkani uHezekiya wathabatha liphi inyathelo? (Num. 21:9; 2 Kum. 18:1-4) 
 
- Funda uYohane 3:14, 15. - Ukuxhonywa kwenyoka yobhedu kwisibonda sokomfuziselo kukufanekisela njani ukubethelelwa kukaYesu Kristu? (Gal. 3:13; 1 Pet. 2:24) 
Ibali 42
Idonki Iyathetha
- Ngubani uBhalaki, yaye kutheni ethumela ukuba kubizwe uBhileham? 
- Kutheni idonki kaBhileham ilala phantsi endleleni? 
- UBhileham uyiva isithini idonki? 
- Ithini ingelosi kuBhileham? 
- Kwenzeka ntoni xa uBhileham ezama ukuqalekisa amaSirayeli? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 21:21-35. - Kwakutheni ukuze uSirayeli oyise uKumkani uSihon wama-Amori noKumkani uOgi waseBhashan? (Num. 21:21, 23, 33, 34) 
- Funda iNumeri 22:1-40. - Yayiyintoni injongo yokuzama kukaBhileham ukuqalekisa amaSirayeli, yaye sinokufunda ntoni koku? (Num. 22:16, 17; IMize. 6:16, 18; 2 Pet. 2:15; Yude 11) 
- Funda iNumeri 23:1-30. - Nangona uBhileham wayethetha ngathi ngumkhonzi kaYehova, izenzo zakhe zabonisa njani ukuba wayengenguye? (Num. 23:3, 11-14; 1 Sam. 15:22) 
- Funda iNumeri 24:1-25. - Le ngxelo yeBhayibhile ilomeleza njani ukholo lwethu ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova? (Num. 24:10; Isa. 54:17) 
Ibali 43
UYoshuwa Uba Yinkokeli
- Kulo mfanekiso, ngoobani la madoda mabini ami noMoses? 
- UYehova uthini kuYoshuwa? 
- Kutheni uMoses ekhwela encotsheni yeNtaba iNebho, yaye uYehova umxelela ntoni? 
- UMoses ufa eneminyaka emingaphi? 
- Kutheni abantu bebuhlungu, kodwa banasiphi isizathu sokuvuya? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iNumeri 27:12-23. - Sisiphi isabelo esinzima uYoshuwa awasifumana kuYehova, yaye uYehova ubanyamekela njani abantu Bakhe namhlanje? (Num. 27:15-19; IZe. 20:28; Heb. 13:7) 
- Funda iDuteronomi 3:23-29. - Kwakutheni ukuze uYehova angamvumeli uMoses noAron ukuba bawelele kwilizwe lesithembiso, yaye sinokufunda ntoni koku? (Dut. 3:25-27; Num. 20:12, 13) 
- Funda iDuteronomi 31:1-8, 14-23. - Amazwi awathethwa nguMoses kumaSirayeli ngaphambi kokufa kwakhe abonisa njani ukuba walwamkela ngokuthobeka uqeqesho lukaYehova? (Dut. 31:6-8, 23) 
- Funda iDuteronomi 32:45-52. - ILizwi likaThixo lifanele lisichaphazele njani? (Dut. 32:47; Lev. 18:5; Heb. 4:12) 
- Funda iDuteronomi 34:1-12. - Nangona uMoses engazange ambone ngokoqobo uYehova, iDuteronomi 34:10 ibonisa ntoni ngolwalamano awayenalo noYehova? (Eks. 33:11, 20; Num. 12:8) 
Ibali 44
URahabhi Ufihla Iintlola
- Uhlala phi uRahabhi? 
- Ngoobani la madoda mabini asemfanekisweni, yaye kutheni eseYeriko? 
- Yintoni ukumkani waseYeriko ayalela uRahabhi ukuba ayenze, yaye yena uphendula athini? 
- URahabhi uwanceda njani la madoda mabini, yaye ucela ukuba amenzele ntoni? 
- Iintlola ezimbini zimthembisa ngokumenzela ntoni uRahabhi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 2:1-24. - Sazaliseka njani isithembiso sikaYehova esibhalwe kwiEksodus 23:28 xa amaSirayeli ahlasela iYeriko? (Yosh. 2:9-11) 
- Funda amaHebhere 11:31. - Umzekelo kaRahabhi ukubalaselisa njani ukubaluleka kokholo? (Roma 1:17; Heb. 10:39; Yak. 2:25) 
Ibali 45
Ukuwela UMlambo IYordan
- Nguwuphi ummangaliso owenziwa nguYehova ukuze amaSirayeli awele uMlambo iYordan? 
- Sisiphi isenzo esibonisa ukuba nokholo esimele senziwe ngamaSirayeli ukuze awele uMlambo iYordan? 
- Kutheni uYehova esithi uYoshuwa makaqokelele amatye amakhulu ali-12 emlanjeni? 
- Kwenzeka ntoni ngokukhawuleza emva kokuba ababingeleli beyiwelile iYordan? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 3:1-17. - Njengoko le ngxelo ibonisile, kufuneka senze ntoni ukuze sincedwe size sisikelelwe nguYehova? (Yosh. 3:13, 15; IMize. 3:5; Yak. 2:22, 26) 
- Wawunjani uMlambo iYordan xa amaSirayeli ayewelela kwiLizwe Lesithembiso, yaye oku kwaliphakamisa njani igama likaYehova? (Yosh. 3:15; 4:18; INdu. 66:5-7) 
 
- Funda uYoshuwa 4:1-18. - Yayiyintoni injongo yokuthathwa kwamatye ali-12 eYordan aze abekwe eGiligali? (Yosh. 4:4-7) 
Ibali 46
Iindonga ZeYeriko
- Yintoni uYehova awathi mayenziwe ngamadoda okulwa nababingeleli kangangeentsuku ezintandathu? 
- Aza kwenza ntoni la madoda kusuku lwesixhenxe? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni kwiindonga zeYeriko? 
- Kutheni kujinga intsontelo ebomvu efestileni? 
- UYoshuwa uthi amadoda okulwa makabenze ntoni abantu nesixeko, kodwa kuthekani ngesilivere, igolide, ubhedu nesinyithi? 
- Kwathiwa mazenze ntoni iintlola ezimbini? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 6:1-25. - Ukujikeleza kwamaSirayeli iYeriko ngosuku lwesixhenxe kufana njani nokushumayela kwamaNgqina kaYehova kule mihla yokugqibela? (Yosh. 6:15, 16; Isa. 60:22; Mat. 24:14; 1 Kor. 9:16) 
- Isiprofeto esikuYoshuwa 6:26 sazaliseka njani kwiminyaka engama-500 kamva, yaye oku kusifundisa ntoni ngelizwi likaYehova? (1 Kum. 16:34; Isa. 55:11) 
 
Ibali 47
Isela KwaSirayeli
- Kulo mfanekiso, ngubani indoda engcwaba ubutyebi ebuthabathe eYeriko, yaye incediswa ngoobani? 
- Kutheni isenzo sika-Akan nentsapho yakhe sisibi kangaka? 
- Uthini uYehova xa uYoshuwa ebuza isizathu sokoyiswa kwamaSirayeli eAyi? 
- Xa uAkan nentsapho yakhe besiziswa kuYoshuwa, kwenzeka ntoni kubo? 
- Ukohlwaywa kuka-Akan kusifundisa siphi isifundo esibalulekileyo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 7:1-26. - Imithandazo kaYoshuwa isityhilela ntoni ngolwalamano awayenalo noMdali wakhe? (Yosh. 7:7-9; INdu. 119:145; 1 Yoh. 5:14) 
- Umzekelo ka-Akan, usibonisa uze usilumkise entwenini? (Yosh. 7:11, 14, 15; IMize. 15:3; 1 Tim. 5:24; Heb. 4:13) 
 
- Funda uYoshuwa 8:1-29. - Sinayiphi imbopheleleko kwibandla lamaKristu namhlanje? (Yosh. 7:13; Lev. 5:1; IMize. 28:13) 
Ibali 48
AmaGibheyon Alumkileyo
- Abantu baseGibheyon bahluke njani kumaKanan akwizixeko ezikufutshane? 
- Njengoko sibona kulo mfanekiso, amaGibheyon enza ntoni, yaye ngoba? 
- UYoshuwa neenkokeli zakwaSirayeli bawathembisa ntoni amaGibheyon, kodwa bafumanisa ntoni kwiintsuku ezintathu kamva? 
- Kwenzeka ntoni xa ookumkani bezinye izixeko befumanisa ukuba amaGibheyon aye enza uxolo noSirayeli? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 9:1-27. - Ekubeni uYehova wayeyalele uhlanga lukaSirayeli ukuba ‘lubhubhise bonke abemi belizwe,’ ukusindisa kwakhe amaGibheyon kubalaselisa ziphi iimpawu zakhe? (Yosh. 9:22, 24; Mat. 9:13; IZe. 10:34, 35; 2 Pet. 3:9) 
- Ngokubambelela kwakhe kumnqophiso awawenza namaGibheyon, uYoshuwa waba ngumzekelo omhle njani kumaKristu namhlanje? (Yosh. 9:18, 19; Mat. 5:37; Efe. 4:25) 
 
- Funda uYoshuwa 10:1-5. - Namhlanje isihlwele esikhulu siwaxelisa njani amaGibheyon, nto leyo esenza amaxhoba antoni? (Yosh. 10:4; Zek. 8:23; Mat. 25:35-40; ISityhi. 12:17) 
Ibali 49
Ilanga Lima Ngxi
- Kulo mfanekiso, uthini uYoshuwa, yaye ngoba? 
- UYehova umnceda njani uYoshuwa namadoda akhe okulwa? 
- Bangaphi ookumkani abaziintshaba aboyiswa nguYoshuwa, yaye oko kuthabatha ixesha elingakanani? 
- Kutheni uYoshuwa esahlulahlula ilizwe laseKanan? 
- UYoshuwa ufa eneminyaka emingaphi, yaye kwenzeka ntoni ebantwini emva koko? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYoshuwa 10:6-15. - Ukwazi ukuba uYehova wemisa ilanga nenyanga ngenxa yamaSirayeli, kusenza sibe naliphi ithemba namhlanje? (Yosh. 10:8, 10, 12, 13; INdu. 18:3; IMize. 18:10) 
- Funda uYoshuwa 12:7-24. - Ngubani ngokwenene owabangela ukuba koyiswe ookumkani abangama-31 eKanan, yaye kutheni kubalulekile oku kuthi namhlanje? (Yosh. 12:7; 24:11-13; Dut. 31:8; Luka 21:9, 25-28) 
- Funda uYoshuwa 14:1-5. - Izizwe zakwaSirayeli zawahlulelwa njani umhlaba, yaye oku kubonisa ntoni ngokuphathelele ukwabiwa komhlaba eParadesi? (Yosh. 14:2; Isa. 65:21; Hez. 47:21-23; 1 Kor. 14:33) 
- Funda ABagwebi 2:8-13. - NjengoYoshuwa kwaSirayeli, ngubani namhlanje othintela uwexuko? (ABa. 2:8, 10, 11; Mat. 24:45-47; 2 Tes. 2:3-6; Tito 1:7-9; ISityhi. 1:1; 2:1, 2) 
Ibali 50
Abafazi Ababini Abakhaliphileyo
- Ngoobani ababengabagwebi, yaye ngoobani amagama abanye babo? 
- UDebhora unaliphi ilungelo elikhethekileyo, yaye libandakanya ntoni? 
- Xa uSirayeli esongelwa nguKumkani uYabhin nentloko yomkhosi wakhe uSisera, sisiphi isigidimi esivela kuYehova esidluliselwa nguDebhora kuMgwebi uBharaki, yaye uthi ngubani oza kuzukiswa? 
- UYaheli ubonisa njani ukuba ulibhinqa elikhaliphileyo? 
- Kwenzeka ntoni emva kokufa kukaKumkani uYabhin? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda ABagwebi 2:14-22. - AmaSirayeli amcaphukisa njani uYehova, yaye sinokufunda ntoni koku? (ABa. 2:20; IMize. 3:1, 2; Hez. 18:21-23) 
- Funda ABagwebi 4:1-24. - Ziziphi izifundo eziphathelele ukholo nenkalipho ezinokufundwa ngamabhinqa angamaKristu kumzekelo kaDebhora noYaheli? (ABa. 4:4, 8, 9, 14, 21, 22; IMize. 31:30; 1 Kor. 16:13) 
- Funda ABagwebi 5:1-31. - Amazwi engoma yoloyiso kaBharaki noDebhora anokusetyenziswa njani kumthandazo ophathelele imfazwe ezayo yeArmagedon? (ABa. 5:3, 31; 1 Kron. 16:8-10; ISityhi. 7:9, 10; 16:16; 19:19-21) 
Ibali 51
URute NoNahomi
- Yintoni eyabangela ukuba uNahomi aye kwilizwe lakwaMowabhi? 
- Ngubani uRute no-Orpa? 
- URute no-Orpa basabela njani ngokwahlukahlukeneyo xa uNahomi ebaxelela ukuba babuyele kubantu bakwamawabo? 
- Ngubani uBhohazi, yaye umnceda njani uRute noNahomi? 
- Ngubani igama lomntwana uRute amzalela uBhohazi, yaye kutheni sifanele simkhumbule? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uRute 1:1-17. - URute ulubonisa njani ngendlela ephawulekayo uthando olunyanisekileyo? (Rute 1:16, 17) 
- Isimo sengqondo sikaRute sisibonisa kakuhle njani eso ‘sezinye izimvu’ kwabathanjisiweyo abasesemhlabeni namhlanje? (Yoh. 10:16; Zek. 8:23) 
 
- Funda uRute 2:1-23. - URute ungumzekelo omhle ngayiphi indlela kumabhinqa aselula namhlanje? (Rute 2:17, 18; IMize. 23:22; 31:15) 
- Funda uRute 3:5-13. - UBhohazi wakujonga njani ukulungela kukaRute ukutshata naye kunokutshata nendoda eselula? 
- Isimo sengqondo sikaRute sisifundisa ntoni ngokuba nothando olunyanisekileyo? (Rute 3:10; 1 Kor. 13:4, 5) 
 
- Funda uRute 4:7-17. - Amadoda angamaKristu namhlanje anokumxelisa njani uBhohazi? (Rute 4:9, 10; 1 Tim. 3:1, 12, 13; 5:8) 
Ibali 52
UGidiyon Namadoda Akhe Angama-300
- AmaSirayeli angene njani enkathazweni enkulu? 
- Kutheni uYehova exelela uGidiyon ukuba unamadoda amaninzi gqitha emkhosini wakhe? 
- Kusala amadoda amangaphi emva kokuba uGidiyon exelele lawo oyikayo ukuba agoduke? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, chaza indlela uYehova awunciphisa ngayo umkhosi kaGidiyon ube ngamadoda angama-300 kuphela. 
- UGidiyon uwahlula njani la madoda angama-300, yaye uSirayeli uliphumelela njani idabi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda ABagwebi 6:36-40. - UGidiyon waqinisekisa njani ukuba kuyenziwa ukuthanda kukaYehova? 
- Thina namhlanje singakwazi njani ukuthanda kukaYehova? (IMize. 2:3-6; Mat. 7:7-11; 2 Tim. 3:16, 17) 
 
- Funda ABagwebi 7:1-25. - Sinokufunda siphi isifundo kwabangama-300 abahlala bephaphile ngokwahlukileyo kwabo babonisa ukungakhathali? (ABa. 7:3, 6; Roma 13:11, 12; Efe. 5:15-17) 
- Kanye njengokuba amadoda angama-300 afunda ngokubukela uGidiyon, thina sifunda ntoni ngokubukela uGidiyon Omkhulu, uYesu Kristu? (ABa. 7:17; Mat. 11:29, 30; 28:19, 20; 1 Pet. 2:21) 
- ABagwebi 7:21 basinceda njani ukuba saneliseke kukukhonza naphi na apho sabelwe khona kwintlangano kaYehova? (1 Kor. 4:2; 12:14-18; Yak. 4:10) 
 
- Funda ABagwebi 8:1-3. - Kumbandela wokusombulula ukungavisisani nomzalwana okanye udadewethu, sinokufunda ntoni kwindlela uGidiyon awakusombulula ngayo ukungavisisani kwakhe namaEfrayim? (IMize. 15:1; Mat. 5:23, 24; Luka 9:48) 
Ibali 53
Isithembiso SikaYifeta
- Ngubani uYifeta, yaye wayephila ngaliphi ixesha? 
- UYifeta umthembisa ntoni uYehova? 
- Kutheni ebuhlungu uYifeta xa ebuyela ekhaya evela koyisa ama-Amoni? 
- Ithini intombi kaYifeta xa isiva ngoko uyise akuthembisileyo? 
- Kutheni abantu beyithanda intombi kaYifeta? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda ABagwebi 10:6-18. - Sifanele sithobele siphi isilumkiso esikwingxelo yokungathembeki kwamaSirayeli kuYehova? (ABa. 10:6, 15, 16; Roma 15:4; ISityhi. 2:10) 
- Funda ABagwebi 11:1-11, 29-40. - Sazi njani ukuba ukunikela kukaYifeta ngentombi yakhe “njengomnikelo otshiswayo” kwakungathethi ukuyinikela emlilweni njengedini elingumntu? (ABa. 11:31; Lev. 16:24; Dut. 18:10, 12) 
- UYifeta wayinikela njani intombi yakhe njengedini? 
- Sinokufunda ntoni kwisimo sengqondo sikaYifeta ngesibhambathiso awasenzayo kuYehova? (ABa. 11:35, 39; INtshu. 5:4, 5; Mat. 16:24) 
- Umzekelo wentombi kaYifeta unokuwakhuthaza njani amaKristu aselula ukuba angenele inkonzo yexesha elizeleyo? (ABa. 11:36; Mat. 6:33; Fil. 3:8) 
 
Ibali 54
Eyona Ndoda Inamandla
- Ngubani igama leyona ndoda inamandla yakha yaphila, yaye yawanikwa ngubani amandla ayo? 
- Yintoni eyakha yenziwa nguSamson kwingonyama enkulu, njengoko ubona emfanekisweni? 
- USamson umxelela yiphi imfihlelo uDelila kulo mfanekiso, yaye oku kukhokelela njani ekuthinjweni kwakhe ngamaFilisti? 
- USamson uzibulala njani iintshaba zakhe ezingamaFilisti nezingama-3 000 ngemini yokufa kwakhe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda ABagwebi 13:1-14. - UManowa nomfazi wakhe babamisela njani umzekelo abazali ngendlela yokukhulisa abantwana babo? (ABa. 13:8; INdu. 127:3; Efe. 6:4) 
- Funda ABagwebi 14:5-9 nese-15:9-16. - Iingxelo eziphathelele ukubulala kukaSamson ingonyama, ukuqhawula kwakhe iintsontelo ezintsha awayebotshelelwe ngazo, nokusebenzisa kwakhe ithambo lomhlathi we-esile eliliduna ukuze abulale amadoda ali-1 000, zityhila ntoni ngokusebenza komoya oyingcwele kaYehova? 
- Umoya oyingcwele usinceda njani namhlanje? (ABa. 14:6; 15:14; Zek. 4:6; IZe. 4:31) 
 
- Funda ABagwebi 16:18-31. - USamson wachatshazelwa njani lunxulumano olubi, yaye sinokufunda ntoni koku? (ABa. 16:18, 19; 1 Kor. 15:33) 
Ibali 55
Inkwenkwana Ikhonza UThixo
- Ngubani igama lale nkwenkwana isemfanekisweni, yaye ngoobani abanye? 
- UHana uthandazela ntoni ngenye imini xa etyelela umnquba kaYehova, yaye uYehova umphendula njani? 
- Uneminyaka emingaphi uSamuweli ukusiwa kwakhe ententeni kaYehova ukuba aye kumkhonza, yaye yintoni amenzela yona unina nyaka ngamnye? 
- Ngoobani oonyana bakaEli, yaye bangamadoda anjani? 
- UYehova umbiza njani uSamuweli, yaye umnika siphi isigidimi? 
- USamuweli uba yintoni akukhula, yaye kwenzeka ntoni akwaluphala? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 1:1-28. - UElikana uzimisela wuphi umzekelo omhle iintloko-ntsapho ngokuphathelele ukukhokela kunqulo lokwenyaniso? (1 Sam. 1:3, 21; Mat. 6:33; Fil. 1:10) 
- Sinokufunda ntoni kumzekelo kaHana ngokuphathelele ukuhlangabezana neengxaki ezinzima? (1 Sam. 1:10, 11; INdu. 55:22; Roma 12:12) 
 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 2:11-36. - UEli wabazukisa njani oonyana bakhe ngaphezu koYehova, yaye oku kunokusilumkisa njani? (1 Sam. 2:22-24, 27, 29; Dut. 21:18-21; Mat. 10:36, 37) 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 4:16-18. - Ziziphi izigidimi ezine ezibuhlungu ezivela edabini, yaye zimchaphazela njani uEli? 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 8:4-9. - USirayeli wamona njani ngokunzulu uYehova, yaye thina sinokubuxhasa njani ngokunyaniseka uBukumkani bakhe namhlanje? (1 Sam. 8:5, 7; Yoh. 17:16; Yak. 4:4) 
Ibali 56
USawule—Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli
- Wenza ntoni uSamuweli kulo mfanekiso, yaye ngoba? 
- Kutheni uYehova emthanda uSawule, yaye uyindoda enjani? 
- Ngubani igama lonyana kaSawule, yaye wenza ntoni lo nyana? 
- Kutheni uSawule ewenza ngokwakhe umbingelelo kunokuba alinde uSamuweli? 
- Sinokufunda ntoni kwingxelo ephathelele uSawule? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 9:15-21 nese-10:17-27. - Ukuthobeka kukaSawule kwamnceda njani waphepha ukuthetha krwada xa amadoda athile engazange athethe ngembeko ngaye? (1 Sam. 9:21; 10:21, 22, 27; IMize. 17:27) 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 13:5-14. - USawule wenza siphi isono eGiligali? (1 Sam. 10:8; 13:8, 9, 13) 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 15:1-35. - Sisiphi isono esinzulu esenziwa nguSawule ngokuphathelele uAgagi, ukumkani wama-Amaleki? (1 Sam. 15:2, 3, 8, 9, 22) 
- USawule wazama njani ukuzithethelela nokusulela ityala komnye umntu? (1 Sam. 15:24) 
- Sisiphi isilumkiso esifanele sisithobele namhlanje xa silulekwa? (1 Sam. 15:19-21; INdu. 141:5; IMize. 9:8, 9; 11:2) 
 
Ibali 57
UThixo Unyula UDavide
- Ngubani igama lale nkwenkwe isemfanekisweni, yaye sazi njani ukuba ikhaliphile? 
- Uhlala phi uDavide, yaye ngubani igama likayise nelikayisemkhulu? 
- Kutheni uYehova esithi uSamuweli makaye endlwini kaYese eBhetelehem? 
- Kwenzeka ntoni xa uYese esiza noonyana bakhe abasixhenxe kuSamuweli? 
- Xa kusiziwa noDavide, uYehova umxelela ntoni uSamuweli? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:34, 35. - Ezi ziganeko ziyibethelela njani inkalipho kaDavide nokuthembela kwakhe kuYehova? (1 Sam. 17:37) 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 16:1-14. - Amazwi kaYehova akweyoku-1 kaSamuweli 16:7 asinceda njani ukuba singabi namkhethe okanye sikhohliswe yinkangeleko yangaphandle? (IZe. 10:34, 35; 1 Tim. 2:4) 
- Umzekelo kaSawule usibonisa njani ukuba xa uYehova esusa umoya wakhe emntwini kunokungena umoya ombi endaweni yawo okanye umnqweno wokwenza okubi? (1 Sam. 16:14; Mat. 12:43-45; Gal. 5:16) 
 
Ibali 58
UDavide NoGoliyati
- UGoliyati uwucela njani umngeni umkhosi wakwaSirayeli? 
- Mkhulu kangakanani uGoliyati, yaye uKumkani uSawule uyithembisa ntoni indoda ebulala uGoliyati? 
- UDavide uthini xa uSawule emxelela ukuba akanakulwa noGoliyati ngenxa yokuba eyinkwenkwana? 
- Xa ephendula uGoliyati, uDavide ukubonisa njani ukuthembela kwakhe kuYehova? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, uDavide umbulala ngantoni uGoliyati, yaye kwenzeka ntoni kumaFilisti emva koku? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:1-54. - Yintoni eyayisenza uDavide angoyiki, yaye sinokuyixelisa njani inkalipho awayenayo? (1 Sam. 17:37, 45; Efe. 6:10, 11) 
- AmaKristu anokuwuphepha njani umoya wokhuphiswano awayenawo uGoliyati xa edlala okanye ezihlaziya? (1 Sam. 17:8; Gal. 5:26; 1 Tim. 4:8) 
- Amazwi kaDavide abonisa njani ukuba wayethembele kwinkxaso kaThixo? (1 Sam. 17:45-47; 2 Kron. 20:15) 
- Kunokuba ithethe nje ngosukuzwano phakathi kwemikhosi emibini, le ngxelo ibonisa njani ukuba eneneni eli dabi laliphakathi koothixo bobuxoki noThixo wokwenyaniso, uYehova? (1 Sam. 17:43, 46, 47) 
- Intsalela ethanjisiweyo iwuxelisa njani umzekelo kaDavide wokuthembela ngoYehova? (1 Sam. 17:37; Yer. 1:17-19; ISityhi. 12:17) 
 
Ibali 59
Isizathu Sokuba UDavide Abaleke
- Kutheni uSawule emmonela uDavide, kodwa wahluke njani unyana kaSawule uYonatan? 
- Kwenzeka ntoni ngoxa uDavide edlalela uSawule uhadi? 
- USawule uthi makenze ntoni uDavide ngaphambi kokuba atshate nentombi yakhe uMikali, ibe kutheni uSawule ethetha oku? 
- Xa uDavide edlalela uSawule uhadi, kwenzeka ntoni okwesihlandlo sesithathu njengoko sibona emfanekisweni? 
- UMikali ubusindisa njani ubomi bukaDavide, yaye kunyanzeleka ukuba enze ntoni uDavide kangangeminyaka esixhenxe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 18:1-30. - Uthando lokunyaniseka analo uYonatan ngoDavide lulufanekisela njani uthando oluphakathi ‘kwezinye izimvu’ ‘nomhlambi omncinane’? (1 Sam. 18:1; Yoh. 10:16; Luka 12:32; Zek. 8:23) 
- Ngenxa yesibakala sokuba uYonatan inguye owayemele ukuba yindlalifa kaSawule, eyoku-1 kaSamuweli 18:4 ikubonisa njani ukuzithoba kwakhe ngokupheleleyo kulowo unyulwe njengokumkani? 
- Umzekelo kaSawule ubonisa njani ukuba umona unokukhokelela kwisono esinzulu, yaye oku kusisilumkiso njani kuthi? (1 Sam. 18:7-9, 25; Yak. 3:14-16) 
 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 19:1-17. - Ukuya kukaYonatan kuSawule, kwabubeka njani esichengeni ubomi bakhe? (1 Sam. 19:1, 4-6; IMize. 16:14) 
Ibali 60
UAbhigali NoDavide
- Ngubani igama leli bhinqa lize kudibana noDavide kulo mfanekiso, yaye lingumntu onjani? 
- Ngubani uNabhali? 
- Kutheni uDavide ethumela amanye kumadoda akhe ukuba aye kucela ukubabalwa nguNabhali? 
- Uthini uNabhali kumadoda kaDavide, yaye uDavide uphendula ngelithini? 
- UAbhigali ubonisa njani ukuba ungumfazi olumkileyo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 22:1-4. - Intsapho kaDavide isimisela wuphi umzekelo omhle wendlela esifanele sixhasane ngayo njengabazalwana abangamaKristu? (IMize. 17:17; 1 Tes. 5:14) 
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 25:1-43. - Kutheni uNabhali echazwa njengomntu onekratshi? (1 Sam. 25:2-5, 10, 14, 21, 25) 
- Abafazi abangamaKristu namhlanje banokufunda ntoni kumzekelo ka-Abhigali? (1 Sam. 25:32, 33; IMize. 31:26; Efe. 5:24) 
- Ziziphi izinto ezimbi ezimbini uAbhigali awathintela uDavide ukuba angazenzi? (1 Sam. 25:31, 33; Roma 12:19; Efe. 4:26) 
- Indlela uDavide awasabela ngayo kumazwi ka-Abhigali iwanceda njani amadoda namhlanje ukuba abe nembono kaYehova ngamabhinqa? (IZe. 21:8, 9; Roma 2:11; 1 Pet. 3:7) 
 
Ibali 61
UDavide Umiselwa Njengokumkani
- UDavide noAbhishayi benza ntoni ngoxa uSawule wayelele enkampini yakhe? 
- UDavide umbuza yiphi imibuzo uSawule? 
- Emva kokwahlukana noSawule, uDavide uyaphi? 
- Yintoni emenza buhlungu uDavide, nemqhubela ukuba abhale ingoma emnandi? 
- UDavide umiselwa njengokumkani eHebron eneminyaka emingaphi ubudala, yaye ngoobani amagama abanye oonyana bakhe? 
- UDavide uba ngukumkani phi kamva? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kaSamuweli 26:1-25. - Amazwi kaDavide abhalwe kweyoku-1 kaSamuweli 26:11 abonisa siphi isimo sengqondo ngokuphathelele amalungiselelo obuthixo? (INdu. 37:7; Roma 13:2) 
- Xa sizimisela ukubonisa ububele bothando kodwa lowo sibubonisa kuye angabi naluxabiso ngabo, amazwi kaDavide akweyoku-1 kaSamuweli 26:23 anokusinceda njani silondoloze isimo sengqondo esifanelekileyo? (1 Kum. 8:32; INdu. 18:20) 
 
- Funda eyesi-2 kaSamuweli 1:26. - AmaKristu namhlanje anokulubonisa njani ‘uthando olunzulu omnye ngomnye’ olwaboniswa nguDavide noYonatan? (1 Pet. 4:8; Kol. 3:14; 1 Yoh. 4:12) 
- Funda eyesi-2 kaSamuweli 5:1-10. - UDavide waba ngukumkani kangangeminyaka emingaphi, yaye eli xesha lahlulahlulwe njani? (2 Sam. 5:4, 5) 
- Ngubani ozukiswayo ngobukhulu bukaDavide, yaye oko kusikhumbuza ntoni namhlanje? (2 Sam. 5:10; 1 Sam. 16:13; 1 Kor. 1:31; Fil. 4:13) 
 
Ibali 62
Iingxaki Endlwini KaDavide
- Ngoncedo lukaYehova, yintoni eyenzekayo ekugqibeleni kwilizwe laseKanan? 
- Kwenzeka ntoni ngolunye urhatya ngoxa uDavide eseluphahleni lwebhotwe lakhe? 
- Kutheni uYehova ecatshukiswa nguDavide? 
- Njengoko sibona kulo mfanekiso, ngubani othunyelwa nguYehova ukuba axelele uDavide ngezono zakhe, yaye le ndoda ithi kuza kwenzeka ntoni kuDavide? 
- Yiyiphi inkathazo angena kuyo uDavide? 
- Ngubani oba ngukumkani wakwaSirayeli emva kukaDavide? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 kaSamuweli 11:1-27. - Ukuxakeka enkonzweni kaYehova kunokusikhusela njani? 
- Yintoni eyabangela ukuba uDavide one, yaye oku kusisilumkiso njani kubakhonzi bakaYehova namhlanje? (2 Sam. 11:2; Mat. 5:27-29; 1 Kor. 10:12; Yak. 1:14, 15) 
 
- Funda eyesi-2 kaSamuweli 12:1-18. - Abadala kwakunye nabazali banokufunda njani kwindlela uNatan awamluleka ngayo uDavide? (2 Sam. 12:1-4; IMize. 12:18; Mat. 13:34) 
- Kwakutheni ukuze uYehova abe nenceba kuDavide? (2 Sam. 12:13; INdu. 32:5; 2 Kor. 7:9, 10) 
 
Ibali 63
UKumkani USolomon Osisilumko
- UYehova ucela ukuba enze ntoni uSolomon, yaye uphendula athini? 
- Ngenxa yokuba anelisekile sisicelo sikaSolomon, uYehova uthembisa ukumnika ntoni? 
- Yiyiphi ingxaki enzima eziswa ngabafazi ababini kuSolomon? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, uSolomon uyicombulula njani le ngxaki? 
- Lunjani ulawulo lukaSolomon yaye ngoba? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 yooKumkani 3:3-28. - Amadoda aneembopheleleko kwintlangano kaThixo namhlanje anokufunda ntoni kumazwi asuka entliziyweni kaSolomon akweyoku-1 yooKumkani 3:7? (INdu. 119:105; IMize. 3:5, 6) 
- Isicelo sikaSolomon singumzekelo omhle ngayiphi indlela ngokuphathelele izinto esifanele sizithandazele? (1 Kum. 3:9, 11; IMize. 30:8, 9; 1 Yoh. 5:14) 
- Indlela uSolomon awayicombulula ngayo ingxaki eyayiphakathi kwabafazi ababini isinika siphi isiqinisekiso ngokuphathelele ulawulo lwexesha elizayo lukaSolomon Omkhulu, uYesu Kristu? (1 Kum. 3:28; Isa. 9:6, 7; 11:2-4) 
 
- Funda eyoku-1 yooKumkani 4:29-34. - UYehova wasiphendula njani isicelo sikaSolomon sokuba nentliziyo ethobekileyo? (1 Kum. 4:29) 
- Xa sihlolisisa imigudu eyenziwa ngabantu ukuze beve ngobulumko bukaSolomon, sifanele sikujonge njani ukufundisisa iLizwi likaThixo? (1 Kum. 4:29, 34; Yoh. 17:3; 2 Tim. 3:16) 
 
Ibali 64
USolomon Wakha Itempile
- USolomon uthabatha ixesha elingakanani ukuze agqibe ukwakha itempile kaYehova, yaye kutheni oko kuxabisa imali eninzi kangako? 
- Mangaphi amagumbi amakhulu akhoyo etempileni, yaye kubekwa ntoni kwigumbi elingaphakathi? 
- USolomon uthini kumthandazo wakhe xa itempile igqitywa? 
- UYehova ubonisa njani ukuba uyakholiswa ngumthandazo kaSolomon? 
- Abafazi bakaSolomon bamenzisa ntoni, yaye kwenzeka ntoni kuSolomon? 
- Kutheni uYehova ecatshukiswa nguSolomon, yaye uYehova uthini kuye? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 yeziKronike 28:9, 10. - Ngenxa yamazwi kaDavide akweyoku-1 yeziKronike 28:9, 10, sifanele sizabalazele ukwenza ntoni kubomi bethu bemihla ngemihla? (INdu. 19:14; Fil. 4:8, 9) 
- Funda eyesi-2 yeziKronike 6:12-21, 32-42. - USolomon wabonisa njani ukuba akukho sakhiwo senziwe ngumntu sinokuhlala Oyena Thixo Uphakamileyo? (2 Kron. 6:18; IZe. 17:24, 25) 
- Amazwi kaSolomon akweyesi-2 yeziKronike 6:32, 33 abonisa ntoni ngoYehova? (IZe. 10:34, 35; Gal. 2:6) 
 
- Funda eyesi-2 yeziKronike 7:1-5. - Kanye njengokuba oonyana bakaSirayeli bashukunyiselwa ukuba badumise uYehova xa babebona uzuko lwakhe, thina sinokushukunyiselwa ukuba senze ntoni njengoko sibona indlela uYehova abasikelela ngayo abantu bakhe? (2 Kron. 7:3; INdu. 22:22; 34:1; 96:2) 
- Funda eyoku-1 yooKumkani 11:9-13. - Ubomi bukaSolomon bukubonisa njani ukubaluleka kokuqhubeka sinyanisekile de kube sekupheleni? (1 Kum. 11:4, 9; Mat. 10:22; ISityhi. 2:10) 
Ibali 65
Ubukumkani Buyahlukana
- Ngoobani amagama amadoda amabini akulo mfanekiso, yaye akhonza njengantoni? 
- UAhiya uyenza ntoni ingubo ayinxibileyo, yaye oko kubonisa ntoni? 
- USolomon uzama ukwenza ntoni kuYarobheham? 
- Kutheni abantu bebeka uYarobheham ukuba abe ngukumkani phezu kwezizwe ezilishumi? 
- Kutheni uYarobheham esenza amathole amabini egolide, yaye kwenzeka ntoni kwelo lizwe ngokukhawuleza emva koko? 
- Kwenzeka ntoni kubukumkani bezizwe ezibini nakwitempile kaYehova eYerusalem? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 yooKumkani 11:26-43. - Wayengumntu onjani uYarobheham, yaye uYehova wamthembisa ntoni ukuba wayegcina imithetho kaThixo? (1 Kum. 11:28, 38) 
- Funda eyoku-1 yooKumkani 12:1-33. - Abazali nabadala banokufunda ntoni kumzekelo ombi kaRehabheham ngokuphathelele ukusebenzisa kakubi igunya? (1 Kum. 12:13; INtshu. 7:7; 1 Pet. 5:2, 3) 
- Ulutsha namhlanje lufanele luye kubani ukuze lufumane ulwalathiso olunokuthenjwa xa lusenza izigqibo ezibalulekileyo ebomini? (1 Kum. 12:6, 7; IMize. 1:8, 9; 2 Tim. 3:16, 17; Heb. 13:7) 
- Yintoni eyashukumisela uYarobheham ukuba amise iindawo ezimbini zokunqula ithole, yaye oku kwakubonisa njani ukuswel’ ukholo ngokungathethekiyo kuYehova? (1 Kum. 11:37; 12:26-28) 
- Ngubani owakhokela abantu ababeyinxalenye yobukumkani bezizwe ezilishumi kwimvukelo nxamnye nonqulo lokwenyaniso? (1 Kum. 12:32, 33) 
 
Ibali 66
UIzebhele—Ukumkanikazi Ongendawo
- Ngubani uIzebhele? 
- Yintoni eyenza uKumkani uAhabhi abe buhlungu ngenye imini? 
- UIzebhele wenza ntoni ukuze afumanele umyeni wakhe uAhabhi isidiliya sikaNabhoti? 
- Ngubani othunyelwa nguYehova ukuya kohlwaya uIzebhele? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni ukufika kukaYehu kwibhotwe likaIzebhele? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 yooKumkani 16:29-33 nese-18:3, 4. - Zazimbi kangakanani iimeko kwaSirayeli ngexesha likaKumkani uAhabhi? (1 Kum. 14:9) 
- Funda eyoku-1 yooKumkani 21:1-16. - UNabhoti wayibonisa njani inkalipho nokunyaniseka kuYehova? (1 Kum. 21:1-3; Lev. 25:23-28) 
- Sinokufunda ntoni kumzekelo ka-Ahabhi wokuhlangabezana nentlungu? (1 Kum. 21:4; Roma 5:3-5) 
 
- Funda eyesi-2 yooKumkani 9:30-37. - Sinokufunda ntoni kwinzondelelo kaYehu ekwenzeni ukuthanda kukaYehova? (2 Kum. 9:4-10; 2 Kor. 9:1, 2; 2 Tim. 4:2) 
Ibali 67
UYehoshafati Uthembela KuYehova
- Ngubani uYehoshafati, yaye uphila kweliphi ixesha? 
- Kutheni amaSirayeli esoyika, yaye amaninzi kuwo enza ntoni? 
- Uphendula athini uYehova kumthandazo kaYehoshafati? 
- UYehova ubangela ukuba kwenzeke ntoni ngaphambi kwedabi? 
- Sisiphi isifundo esinokusifunda kuYehoshafati? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 yeziKronike 20:1-30. - UYehoshafati wathi abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bafanele basabele njani xa bejamelene neemeko ezisongelayo? (2 Kron. 20:12; INdu. 25:15; 62:1) 
- Ekubeni uYehova ebesoloko esebenzisa abantu xa ethetha nabantu bakhe, usebenzisa liphi ijelo namhlanje? (2 Kron. 20:14, 15; Mat. 24:45-47; Yoh. 15:15) 
- Xa uThixo eqalisa ‘imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla,’ imeko yethu iya kufana njani nekaYehoshafati? (2 Kron. 20:15, 17; 32:8; ISityhi. 16:14, 16) 
- Bexelisa abaLevi, oovulindlela nabavangeli basemazweni banaliphi igalelo kumsebenzi wokushumayela owenziwayo namhlanje? (2 Kron. 20:19, 21; Roma 10:13-15; 2 Tim. 4:2) 
 
Ibali 68
Amakhwenkwe Amabini Awavuswayo
- Ngoobani aba bantu bathathu kulo mfanekiso, yaye kwenzeka ntoni kule nkwenkwana? 
- Uthandaza athini uEliya ngokuphathelele le nkwenkwe, yaye kwenzeka ntoni emva koko? 
- Ngubani igama lomncedisi kaEliya? 
- Kutheni uElisha ebizelwa ekhayeni lomfazi eShunem? 
- Wenza ntoni uElisha, yaye kwenzeka ntoni kumntwana ofileyo? 
- Ngawaphi amandla anawo uYehova njengokuba sibona kuEliya nakuElisha? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 yooKumkani 17:8-24. - Intobeko nokholo lukaEliya lwavavanywa njani? (1 Kum. 17:9; 19:1-4, 10) 
- Kwakutheni ukuze lubalasele ukholo lomhlolokazi waseTsarefathi? (1 Kum. 17:12-16; Luka 4:25, 26) 
- Oko kwenziwa ngumhlolokazi waseTsarefathi kubunikela njani ubungqina bokunyanisa kwamazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 10:41, 42? (1 Kum. 17:10-12, 17, 23, 24) 
 
- Funda eyesi-2 yooKumkani 4:8-37. - Umfazi waseShunem usifundisa ntoni ngokubonisa ububele? (2 Kum. 4:8; Luka 6:38; Roma 12:13; 1 Yoh. 3:17) 
- Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo izenzo zobubele kubakhonzi bakaThixo namhlanje? (IZe. 20:35; 28:1, 2; Gal. 6:9, 10; Heb. 6:10) 
 
Ibali 69
Intombazana Inceda Igorha
- Kulo mfanekiso, le ntombazana ithini kweli nenekazi? 
- Ngubani eli nenekazi likulo mfanekiso, yaye yenza ntoni apha le ntombazana? 
- UElisha uthi isicakakazi sakhe masithini kuNahaman, yaye kutheni uNahaman esiba nomsindo nje? 
- Kwenzeka ntoni kuNahaman emva kokuba ephulaphule isicakakazi? 
- Kutheni uElisha esala isipho sikaNahaman, kodwa wenza ntoni uGehazi? 
- Kwenzeka ntoni kuGehazi, yaye yintoni esinokuyifunda koku? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 yooKumkani 5:1-27. - Umzekelo wentombazana engumSirayelikazi unokubakhuthaza njani abaselula namhlanje? (2 Kum. 5:3; INdu. 8:2; 148:12, 13) 
- Kutheni kubalulekile ukucinga ngomzekelo kaNahaman xa silulekwa ngeZibhalo? (2 Kum. 5:15; Heb. 12:5, 6; Yak. 4:6) 
- Ziziphi izifundo esinokuzifunda xa sithelekisa umzekelo kaElisha nokaGehazi? (2 Kum. 5:9, 10, 14-16, 20; Mat. 10:8; IZe. 5:1-5; 2 Kor. 2:17) 
 
Ibali 70
UYona Nentlanzi Enkulu
- Ngubani uYona, yaye uYehova umxelela ukuba enze ntoni? 
- Ngenxa yokuba uYona engafuni ukuya apho uYehova afuna aye khona, wenza ntoni? 
- Oomatiloshe bathi makenze ntoni uYona ukuze badambise umoya? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni xa uYona etshona emanzini? 
- UYona uhlala ixesha elide kangakanani kule ntlanzi inkulu, yaye wenza ntoni apho ngaphakathi kuyo? 
- Uyaphi uYona emva kokuba ephumile kule ntlanzi inkulu, yaye oku kusifundisa ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYona 1:1-17. - Kubonakala ukuba uYona waziva njani ngesabelo sakhe sokuya kushumayela eNineve? (Yona 1:2, 3; IMize. 3:7; INtshu. 8:12) 
- Funda uYona 2:1, 2, 10. - Oko kwenziwa nguYona kusinika njani intembelo yokuba uYehova uya kuyiphendula imithandazo yethu? (INdu. 22:24; 34:6; 1 Yoh. 5:14) 
- Funda uYona 3:1-10. - Sikhuthazwa njani sisibakala sokuba uYehova waqhubeka emsebenzisa uYona nakuba ekuqaleni engazange asiphumeze isabelo sakhe? (INdu. 103:14; 1 Pet. 5:10) 
- Indlela uYona awaqhubana ngayo nabantu baseNineve isifundisa ntoni ngokugweba abantu abakwintsimi yethu? (Yona 3:6-9; INtshu. 11:6; IZe. 13:48) 
 
Ibali 71
UThixo Uthembisa Iparadesi
- Yayingubani uIsaya, wayephila kweliphi ixesha, yaye uYehova wambonisa ntoni? 
- Igama elithi “paradesi” lithetha ntoni, yaye likukhumbuza ngantoni? 
- UYehova wathi uIsaya makabhale ntoni ngokuphathelele iParadesi entsha? 
- Kwakutheni ukuze uAdam noEva baphulukane nekhaya labo elihle? 
- UYehova ubathembisa ntoni abo bamthandayo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uIsaya 11:6-9. - ILizwi likaThixo liluchaza njani uxolo oluya kubakho phakathi kwezilwanyana nabantu? (INdu. 148:10, 13; Isa. 65:25; Hez. 34:25) 
- Amazwi kaIsaya azaliseka njani ngokomoya namhlanje kubantu bakaYehova? (Roma 12:2; Efe. 4:23, 24) 
- Ngubani ofanele adunyiswe ngokutshintsha kwabantu ubuntu babo ngoku nakwihlabathi elitsha likaThixo? (Isa. 48:17, 18; Gal. 5:22, 23; Fil. 4:7) 
 
- Funda iSityhilelo 21:3, 4. - IZibhalo zibonisa njani ukuba ukuhlala nabantu kukaThixo kuthetha ukuba ukho ngokungabonakaliyo, akakho ngokoqobo apha emhlabeni? (Lev. 26:11, 12; 2 Kron. 6:18; Isa. 66:1; ISityhi. 21:2, 3, 22-24) 
- Luhlobo olunjani lweenyembezi, neentlungu oluya kupheliswa? (Luka 8:49-52; Roma 8:21, 22; ISityhi. 21:4) 
 
Ibali 72
UThixo Unceda UKumkani UHezekiya
- Ngubani le ndoda ikulo mfanekiso, yaye kutheni isengxakini? 
- Ziziphi iileta azibeka phambi kukaThixo uHezekiya, yaye uthandazela ntoni? 
- Ungukumkani onjani uHezekiya, yaye sisiphi isigidimi uYehova asithumela kuye esebenzisa umprofeti wakhe uIsaya? 
- Ingelosi kaYehova ithini kuma-Asiriya, njengoko kuboniswe kulo mfanekiso? 
- Nangona ubukumkani bezizwe ezibini bunandipha uxolo okomzuzwana, kwenzeka ntoni akufa uHezekiya? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 yooKumkani 18:1-36. - Isithethi sama-Asiriya uRabheshake sazama njani ukulwenza buthathaka ukholo lwamaSirayeli? (2 Kum. 18:19, 21; Eks. 5:2; INdu. 64:3) 
- Xa ejamelene nabachasi, amaNgqina kaYehova awulandela njani umzekelo kaHezekiya? (2 Kum. 18:36; INdu. 39:1; IMize. 26:4; 2 Tim. 2:24) 
 
- Funda eyesi-2 yooKumkani 19:1-37. - Namhlanje abantu bakaYehova bawuxelisa njani umzekelo kaHezekiya xa bejamelene namaxesha anzima? (2 Kum. 19:1, 2; IMize. 3:5, 6; Heb. 10:24, 25; Yak. 5:14, 15) 
- Ziziphi iindlela ezintathu awoyiswa ngazo uKumkani uSenaribhe, yaye esi siprofeto sifuzisela bani? (2 Kum. 19:32, 35, 37; ISityhi. 20:2, 3) 
 
- Funda eyesi-2 yooKumkani 21:1-6, 16. - Kutheni kunokuthiwa uManase wayengomnye wabona kumkani bangendawo kwabakha balawula eYerusalem? (2 Kron. 33:4-6, 9) 
Ibali 73
Ukumkani Wokugqibela Olungileyo KwaSirayeli
- Uneminyaka emingaphi uYosiya xa esiba ngukumkani, yaye uqalisa ukwenza ntoni emva kokuba eye wangukumkani kangangeminyaka esixhenxe? 
- Kulo mfanekiso wokuqala wenza ntoni uYosiya? 
- Ufumana ntoni umbingeleli omkhulu xa amadoda elungisa itempile? 
- Kutheni uYosiya ekrazula iimpahla zakhe? 
- Nguwuphi umyalelo uYehova awudlulisela kuYosiya ngomprofetikazi uHulida? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 yeziKronike 34:1-28. - Nguwuphi umzekelo awumiselayo uYosiya kwabo kusenokwenzeka ukuba kwafuneka banyamezele ngoxa babeselula? (2 Kron. 33:21-25; 34:1, 2; INdu. 27:10) 
- Ngawaphi amanyathelo abalulekileyo uYosiya awawathabathayo okuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso xa wayeneminyaka esi-8, eli-12, neli-18 elawula? (2 Kron. 34:3, 8) 
- Ziziphi izifundo esinokuzifunda kumzekelo kaKumkani uYosiya noMbingeleli Omkhulu uHilekiya ngokuphathelele ukugcina iindawo zethu zonqulo zikwimeko entle? (2 Kron. 34:9-13; IMize. 11:14; 1 Kor. 10:31) 
 
Ibali 74
Indoda Engoyikiyo
- Ngubani lo mfana ukulo mfanekiso? 
- Ucinga ntoni uYeremiya ngokuba ngumprofeti kwakhe, kodwa uYehova uthini kuye? 
- Sisiphi isigidimi aqhubeka esixelela abantu uYeremiya? 
- Ababingeleli bazama njani ukumyekisa uYeremiya, kodwa ubonisa njani ukuba akoyiki? 
- Kwenzeka ntoni xa amaSirayeli engaziyeki iindlela zawo ezimbi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYeremiya 1:1-8. - Njengoko kuboniswe kumzekelo kaYeremiya, yintoni eyenza umntu afanelekele inkonzo kaYehova? (2 Kor. 3:5, 6) 
- Umzekelo kaYeremiya ulukhuthaza njani namhlanje ulutsha olungamaKristu? (INtshu. 12:1; 1 Tim. 4:12) 
 
- Funda uYeremiya 10:1-5. - Nguwuphi umzekeliso awusebenzisayo uYeremiya obonisa ubuyatha bokuthembela kwizithixo? (Yer. 10:5; Isa. 46:7; Hab. 2:19) 
- Funda uYeremiya 26:1-16. - Xa ikhupha isigidimi esilumkisayo namhlanje, intsalela ethanjisiweyo iye yanikel’ ingqalelo njani kumazwi kaYeremiya ‘okunganciphisi lizwi’? (Yer. 26:2; Dut. 4:2; IZe. 20:27) 
- Nguwuphi umzekelo omhle uYeremiya awawumisela amaNgqina kaYehova namhlanje ngokuvakalisa izilumkiso zikaYehova ezintlangeni? (Yer. 26:8, 12, 14, 15; 2 Tim. 4:1-5) 
 
- Funda eyesi-2 yooKumkani 24:1-17. - Yiyiphi imiphumo emibi eyabangelwa kukungathembeki kukaYuda kuYehova? (2 Kum. 24:2-4, 14) 
Ibali 75
Abafana Abane EBhabhiloni
- Ngoobani aba bafana bane bakulo mfanekiso, yaye kutheni beseBhabhiloni? 
- Uceba ukubenza ntoni aba bafana bane uNebhukadenetsare, yaye ubayalela athini abakhonzi bakhe? 
- Sisiphi isicelo asenzayo uDaniyeli ngokuphathelele ukutya nokusela kwakhe nabahlobo bakhe abathathu? 
- Emva kokutya imifuno kangangeentsuku ezilishumi, uDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu banjani xa bethelekiswa nabanye abafana abaselula? 
- Yintoni ebangela ukuba uDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu babe kwibhotwe likakumkani, yaye yiyiphi indlela ababhetele ngayo kunababingeleli nezilumko? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uDaniyeli 1:1-21. - Nguwuphi umzamo ofunekayo ukuba sifuna ukuxhathisa isilingo okanye soyise ubuthathaka bethu? (Dan. 1:8; Gen. 39:7, 10; Gal. 6:9) 
- Ziziphi iindlela olunokulingelwa okanye lucinezelwe ngazo ulutsha ukuba lubandakanyeke kwizinto ezinokubizwa ngokuba ‘kukutya okuluncuthu’? (Dan. 1:8; IMize. 20:1; 2 Kor. 6:17–7:1) 
- Ingxelo yeBhayibhile ngokuphathelele abafana abane abangamaHebhere isinceda siqonde ntoni ngokuphathelele ukuba nolwazi lwehlabathi? (Dan. 1:20; Isa. 54:13; 1 Kor. 3:18-20) 
 
Ibali 76
Ukutshatyalaliswa KweYerusalem
- Kwenzeka ntoni eYerusalem nakumaSirayeli aboniswe kulo mfanekiso? 
- Ngubani uHezekile, yaye ziintoni ezi zinto zimangalisayo ambonisa zona uYehova? 
- Ngenxa yokuba amaSirayeli engamhloneli uYehova, uwathembisa ntoni? 
- Wenza ntoni uKumkani uNebhukadenetsare emva kokuba amaSirayeli emvukele? 
- Kutheni uYehova evumela ukuba amaSirayeli atshatyalaliswe ngolu hlobo? 
- Ilizwe lakwaSirayeli lisala njani lingenabantu, yaye oku kuthabatha ixesha elide kangakanani? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyesi-2 yooKumkani 25:1-26. - Yayingubani uZedekiya, kwenzeka ntoni kuye, yaye oku kusizalisekisa njani isiprofeto seBhayibhile? (2 Kum. 25:5-7; Hez. 12:13-15) 
- Ngubani ambek’ ityala uYehova ngokungathembeki kwamaSirayeli? (2 Kum. 25:9, 11, 12, 18, 19; 2 Kron. 36:14, 17) 
 
- Funda uHezekile 8:1-18. - INgqobhoko iye yamxelisa njani uSirayeli owexukileyo nonqula ilanga? (Hez. 8:16; Isa. 5:20, 21; Yoh. 3:19-21; 2 Tim. 4:3) 
Ibali 77
Abazange Bavume Ukuqubuda
- Nguwuphi umyalelo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni awunika abantu? 
- Kutheni abahlobo abathathu bakaDaniyeli bengaqubudi kumfanekiso owenziwe ngegolide? 
- Xa uNebhukadenetsare ewanika elinye ithuba lokuqubuda amaHebhere amathathu, abonisa njani ukuba athembele kuYehova? 
- UNebhukadenetsare uthi makenze ntoni la madoda mathathu, uShadraki, uMeshaki, noAbhednego? 
- UNebhukadenetsare ubona ntoni xa ejonge kwiziko lomlilo? 
- Kutheni ukumkani edumisa uThixo kaShadraki, uMeshaki, noAbhednego, yaye basimisela wuphi umzekelo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uDaniyeli 3:1-30. - Sisiphi isimo sengqondo esaboniswa ngabafana abangamaHebhere abathathu abafanele babe naso bonke abakhonzi bakaThixo xa kuvavanywa ingqibelelo yabo? (Dan. 3:17, 18; Mat. 10:28; Roma 14:7, 8) 
- Sisiphi isifundo esibalulekileyo uYehova uThixo awasifundisa uNebhukadenetsare? (Dan. 3:28, 29; 4:34, 35) 
 
Ibali 78
Umbhalo Wesandla Eludongeni
- Kwenzeka ntoni xa ukumkani waseBhabheli wayesesidlweni esikhulu, esebenzisa iindebe nezitya ezathatyathwa kwitempile kaYehova eYerusalem? 
- Uthini uBheleshatsare kwizilumko zakhe, yaye yintoni le zingakwaziyo ukuyenza? 
- Umama kakumkani uthi makenze ntoni? 
- Ngenxa yoko uDaniyeli akuxelela ukumkani, kutheni uThixo ethumele umbhalo eludongeni? 
- UDaniyeli uyichaza njani intsingiselo yala mazwi aseludongeni? 
- Kwenzeka ntoni xa uDaniyeli esathetha? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uDaniyeli 5:1-31. - Thelekisa ukoyika uThixo noloyiko awaba nalo uBheleshatsare xa wabona umbhalo oseludongeni. (Dan. 5:6, 7; INdu. 19:9; Roma 8:35-39) 
- UDaniyeli wayibonisa njani inkalipho xa wayethetha noBheleshatsare nezihandiba zakhe? (Dan. 5:17, 18, 22, 26-28; IZe. 4:29) 
- UDaniyeli isahluko 5 ukubethelela njani ukuba ngumongami wendalo iphela kukaYehova? (Dan. 4:17, 25; 5:21) 
 
Ibali 79
UDaniyeli Emhadini Weengonyama
- Ngubani uDariyo, yaye umjonga njani uDaniyeli? 
- Amadoda anomona afuna enze ntoni uDariyo? 
- Wenza ntoni uDaniyeli akuva ngomthetho omtsha? 
- Yintoni ebangela ukuba uDariyo akhathazeke kangangokude angakwazi ukulala, yaye wenza ntoni ngentsasa elandelayo? 
- UDaniyeli umphendula njani uDariyo? 
- Kwenzeka ntoni xa amadoda amabi ezama ukubulala uDaniyeli, yaye uDariyo ubabhalela athini abantu ngobukumkani bakhe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uDaniyeli 6:1-28. - Iyelenqe elenzelwa uDaniyeli lisikhumbuza njani ngoko kwenziwe ngabachasi ukuzama ukucinezela umsebenzi wamaNgqina kaYehova kula maxesha? (Dan. 6:7; INdu. 94:20; Isa. 10:1; Roma 8:31) 
- Namhlanje abakhonzi bakaThixo banokumxelisa njani uDaniyeli ngokuhlala bezithoba ‘kumagunya awongamileyo’? (Dan. 6:5, 10; Roma 13:1; IZe. 5:29) 
- Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaDaniyeli wokukhonza uYehova “rhoqo”? (Dan. 6:16, 20; Fil. 3:16; ISityhi. 7:15) 
 
Ibali 80
Abantu BakaThixo Bayemka EBhabhiloni
- Njengoko kubonisiwe kulo mfanekiso, enza ntoni la maSirayeli? 
- UKoreshi wasizalisekisa njani isiprofeto sikaYehova ngoIsaya? 
- UKoreshi uthini kumaSirayeli angenakukwazi ukubuyela eYerusalem? 
- UKoreshi ubanika ntoni abantu ukuba babuyele nayo eYerusalem? 
- AmaSirayeli athabatha ixesha elide kangakanani ukubuyela eYerusalem? 
- Kudlule iminyaka emingaphi emva kokuba ilizwe lingenabantu? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uIsaya 44:28 nesama-45:1-4. - UYehova wakugxininisa njani ukuqiniseka kokuzaliseka kwesiprofeto esiphathelele uKoreshi? (Isa. 55:10, 11; Roma 4:17) 
- Isiprofeto sikaIsaya esingoKoreshi siwabonisa njani amandla anawo uYehova uThixo okulixela kusengaphambili ikamva? (Isa. 42:9; 45:21; 46:10, 11; 2 Pet. 1:20) 
 
- Funda uEzra 1:1-11. - Silandela umzekelo wabo bangazange bakwazi ukubuyela eYerusalem, namhlanje ‘sinokuzomeleza njani izandla’ zabo bakwaziyo ukungenelela inkonzo yexesha elizeleyo? (Ezra 1:4, 6; Roma 12:13; Kol. 4:12) 
Ibali 81
Ukuthembela Kuncedo LukaThixo
- Bangaphi abantu abathabatha uhambo olude bevela eBhabhiloni besiya eYerusalem kodwa bafumanisa ntoni xa befika? 
- Aqalisa ukwakha ntoni amaSirayeli akufika, kodwa zenza ntoni iintshaba zawo? 
- Ngubani uHagayi noZekariya, yaye bathini ebantwini? 
- Kutheni uTatenayi ethumela ileta eya eBhabheli, yaye ufumana yiphi impendulo? 
- Wenza ntoni uEzra akufumanisa ukuba kufuneka alungise itempile kaThixo? 
- Kulo mfanekiso uEzra uthandazela ntoni, yaye uphendulwa njani umthandazo wakhe, yaye oku kusifundisa ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uEzra 3:1-13. - Ukuba ngenye imini sikwindawo engenalo ibandla labantu bakaThixo, simele siqhubeke sisenza ntoni? (Ezra 3:3, 6; IZe. 17:16, 17; Heb. 13:15) 
- Funda uEzra 4:1-7. - Nguwuphi umzekelo uZerubhabheli awawumisela abantu bakaYehova ngokuphathelele ukunxulumana nabantu bezinye iinkonzo? (Eks. 34:12; 1 Kor. 15:33; 2 Kor. 6:14-17) 
- Funda uEzra 5:1-5, 17 nesesi-6:1-22. - Kwakutheni ukuze abachasi bangakwazi ukuwuyekisa umsebenzi wokwakha? (Ezra 5:5; Isa. 54:17) 
- Oko kwenziwa ngamadoda amakhulu amaYuda kubakhuthaza njani abadala abangamaKristu ukuba bafune ulwalathiso lukaYehova xa bejamelene nabachasi? (Ezra 6:14; INdu. 32:8; Roma 8:31; Yak. 1:5) 
 
- Funda uEzra 8:21-23, 28-36. - Yintoni eyenziwa nguEzra esimele siyenze nathi, ngaphambi kokuba senze nantoni na? (Ezra 8:23; INdu. 127:1; IMize. 10:22; Yak. 4:13-15) 
Ibali 82
UMordekayi NoEstere
- Ngubani uMordekayi noEstere? 
- Kutheni uKumkani uAhaswerosi efuna umfazi omtsha, yaye ukhetha bani? 
- Ngubani uHaman, yaye yintoni ebangela ukuba abe nomsindo? 
- Nguwuphi umthetho omiselwayo, yaye wenza ntoni uEstere emva kokuba efumene umyalezo ovela kuMordekayi? 
- Kwenzeka ntoni kuHaman nakuMordekayi? 
- AmaSirayeli asindiswa njani kwiintshaba zawo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uEstere 2:12-18. - UEstere wakubonisa njani ukubaluleka kokuhlakulela ‘umoya ozolileyo nowobulali’? (Est. 2:15; 1 Pet. 3:1-5) 
- Funda uEstere 4:1-17. - Kanye njengokuba uEstere wanikwa ithuba lokumela unqulo lokwenyaniso, liliphi ithuba esilinikiweyo thina lokubonakalisa ukuzinikela nokuthembeka kwethu kuYehova? (Est. 4:13, 14; Mat. 5:14-16; 24:14) 
- Funda uEstere 7:1-6. - Bangakanani abantu bakaThixo namhlanje abaye bazibeka esichengeni sokutshutshiswa kanye njengokuba wenzayo uEstere? (Est. 7:4; Mat. 10:16-22; 1 Pet. 2:12) 
Ibali 83
Iindonga ZeYerusalem
- AmaSirayeli aziva njani ngokungabi nazindonga ezirhangqe isixeko saseYerusalem? 
- Ngubani uNehemiya? 
- Yintoni umsebenzi kaNehemiya, yaye kutheni ubalulekile? 
- Ziziphi iindaba ezimenza buhlungu uNehemiya, yaye wenza ntoni? 
- UKumkani uArtashashta ububonisa njani ububele kuNehemiya? 
- UNehemiya uwulungiselela njani umsebenzi wokwakha ukuze iintshaba zamaSirayeli zingakwazi ukuwuyekisa? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uNehemiya 1:4-6 nesesi-2:1-20. - UNehemiya walufuna njani ulwalathiso lukaYehova? (Neh. 2:4, 5; Roma 12:12; 1 Pet. 4:7) 
- Funda uNehemiya 3:3-5. - Abadala nezicaka zolungiselelo bangafunda ntoni kumahluko ophakathi kwamaTekowa ‘neengangamsha zawo’? (Neh. 3:5, 27; 2 Tes. 3:7-10; 1 Pet. 5:5) 
- Funda uNehemiya 4:1-23. - Yintoni eyakhuthaza amaSirayeli ukuba aqhubeke nokwakha nakuba kwakukho inkcaso? (Neh. 4:6, 8, 9; INdu. 50:15; Isa. 65:13, 14) 
- Umzekelo wamaSirayeli usikhuthaza njani namhlanje? 
 
- Funda uNehemiya 6:15. - Isibakala sokuba iindonga zaseYerusalem zagqitywa ngeenyanga ezimbini kuphela sibonisa ntoni ngokuphathelele ukuba namandla kokholo? (INdu. 56:3, 4; Mat. 17:20; 19:26) 
Ibali 84
Ingelosi Ityelela UMariya
- Ngubani lo mfazi ukulo mfanekiso? 
- UGabriyeli uthini kuMariya? 
- UGabriyeli umchazela njani uMariya ukuba uza kuba nomntwana nangona engazani nandoda? 
- Kwenzeka ntoni kuMariya xa etyelela uElizabhete azalana naye? 
- Ucinga ntoni uYosefu xa efumanisa ukuba uMariya uza kuba nomntwana, kodwa kutheni eyeka ukucinga oko? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uLuka 1:26-56. - Yintoni eboniswa nguLuka 1:35 ngokuphathelele ukungafezeki esakuzuz’ ilifa kuAdam xa umoya oyingcwele wawufudusela ubomi boNyana kaThixo kwisibeleko sikaMariya? (Hag. 2:11-13; Yoh. 6:69; Heb. 7:26; 10:5) 
- UYesu wazukiswa njani kwanangaphambi kokuzalwa kwakhe? (Luka 1:41-43) 
- UMariya wawamisela wuphi umzekelo omhle amaKristu afumana izabelo ezikhethekileyo zenkonzo? (Luka 1:38, 46-49; 17:10; IMize. 11:2) 
 
- Funda uMateyu 1:18-25. - Nakuba uYesu engazange abizwe ngegama lakhe elinguImanuweli, indima yakhe njengomntu yayizalisekisa njani intsingiselo yalo? (Mat. 1:22, 23; Yoh. 14:8-10; Heb. 1:1-3) 
Ibali 85
UYesu Uzalelwa Esitalini
- Ngubani lo mntwana ukulo mfanekiso, yaye umbeka phi uMariya? 
- Kutheni uYesu ezalelwa esitalini sezilwanyana? 
- Kulo mfanekiso, ngoobani la madoda angena esitalini, yaye ithini ingelosi kuwo? 
- Kutheni uYesu ekhethekile? 
- Kutheni uYesu ebizwa ngokuba nguNyana kaThixo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uLuka 2:1-20. - Yiyiphi indima awaba nayo uKesare Agasto ekuzalisekeni kwesiprofeto esiphathelele ukuzalwa kukaYesu? (Luka 2:1-4; Mika 5:2) 
- Umntu unokuba ngomnye wabo bachazwa ‘njengabantu abakholekileyo’ njani? (Luka 2:14; Mat. 16:24; Yoh. 17:3; IZe. 3:19; Heb. 11:6) 
- Ukuba abalusi abangamaYuda baba nesizathu sokuvuya xa kwakuzalwa uMsindisi, sisiphi isizathu abanaso abakhonzi bakaThixo namhlanje? (Luka 2:10, 11; Efe. 3:8, 9; ISityhi. 11:15; 14:6) 
 
Ibali 86
Amadoda Akhokelwa Yinkwenkwezi
- Ngoobani la madoda akulo mfanekiso, yaye kutheni enye yawo isalatha inkwenkwezi? 
- Kutheni uKumkani uHerode ecaphuka, yaye wenza ntoni? 
- Le nkwenkwezi iwakhokelela phi la madoda, kodwa kutheni ebuyela kwisixeko sawo ngenye indlela? 
- Nguwuphi umyalelo awukhuphayo uHerode, yaye ngoba? 
- UYehova uthi makenze ntoni uYosefu? 
- Ngubani obangela ukuba le nkwenkwezi iqaqambe, yaye ngoba? 
Umbuzo owongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 2:1-23. - Wayemngakanani uYesu yaye wayehlala phi xa watyelelwa ngabavumisi ngeenkwenkwezi? (Mat. 2:1, 11, 16) 
Ibali 87
UYesu Oselula Etempileni
- Mdala kangakanani uYesu kulo mfanekiso, yaye uphi? 
- UYosefu wenza ntoni nentsapho yakhe minyaka le? 
- Emva kokuhamba imini yonke begoduka, kutheni uYosefu noMariya bebuyela eYerusalem? 
- UYosefu noMariya bamfumana phi uYesu, yaye kutheni abantu abalapho bemangalisiwe? 
- Uthini uYesu kunina uMariya? 
- Sinokumxelisa njani uYesu ekufundeni ngoThixo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uLuka 2:41-52. - Nakuba ngokoMthetho kwakumele ibe ngamadoda kuphela aya kwimisitho yaminyaka le, uYosefu noMariya babamisela wuphi umzekelo omhle abazali namhlanje? (Luka 2:41; Dut. 16:16; 31:12; IMize. 22:6) 
- UYesu wabamisela njani umzekelo omhle abantwana wokuthobela abazali babo? (Luka 2:51; Dut. 5:16; IMize. 23:22; Kol. 3:20) 
 
- Funda uMateyu 13:53-56. - Ngabaphi abantakwaboYesu abane abachazwe eBhayibhileni, ababini kubo basetyenziswa njani kwibandla lamaKristu? (Mat. 13:55; IZe. 12:17; 15:6, 13; 21:18; Gal. 1:19; Yak. 1:1; Yude 1) 
Ibali 88
UYohane Ubhaptiza UYesu
- Ngoobani la madoda mabini akulo mfanekiso? 
- Umntu ubhaptizwa njani? 
- Ngabantu abanjani ababhaptizwa nguYohane? 
- Sisiphi isizathu esikhethekileyo esibangela ukuba uYesu acele uYohane ukuba ambhaptize? 
- UThixo ubonisa njani ukuba uyakholiswa kukubhaptizwa kukaYesu? 
- Kwenzeka ntoni xa uYesu esiya kwindawo engasese kangangeentsuku ezingama-40? 
- Ngoobani abanye babalandeli okanye abafundi bakaYesu bokuqala, yaye nguwuphi ummangaliso wokuqala awenzayo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 3:13-17. - UYesu umisela wuphi umzekelo wokubhaptizwa kwabafundi bakhe? (INdu. 40:7, 8; Mat. 28:19, 20; Luka 3:21, 22) 
- Funda uMateyu 4:1-11. - Ukusebenzisa kukaYesu iZibhalo ngobuchule kusikhuthaza njani ukuba siyifunde rhoqo iBhayibhile? (Mat. 4:5-7; 2 Pet. 3:17, 18; 1 Yoh. 4:1) 
- Funda uYohane 1:29-51. - UYohane uMbhaptizi wabalathisela kubani abafundi bakhe, yaye sinokumxelisa njani namhlanje? (Yoh. 1:29, 35, 36; 3:30; Mat. 23:10) 
- Funda uYohane 2:1-12. - Ummangaliso wokuqala owenziwa nguYesu wabonisa njani ukuba uYehova akababandezi izinto ezilungileyo abakhonzi Bakhe? (Yoh. 2:9, 10; INdu. 84:11; Yak. 1:17) 
Ibali 89
UYesu Ucoca Itempile
- Kutheni kuthengiswa izilwanyana etempileni? 
- Ucatshukiswa yintoni uYesu? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, wenza ntoni uYesu yaye uwanika wuphi umyalelo amadoda athengisa amahobe? 
- Xa abalandeli bakaYesu bebona oko akwenzayo bakhumbula ntoni? 
- UYesu udlula kwesiphi isithili xa ebuyela eGalili? 
Umbuzo owongezelelekileyo:
- Funda uYohane 2:13-25. - Ngokuqwalasela indlela uYesu awacatshukiswa ngayo ngabatshintshi bemali etempileni, sisiphi isimo sengqondo esifanelekileyo esimele sibe naso ngokushishina kwiHolo yoBukumkani? (Yoh. 2:15, 16; 1 Kor. 10:24, 31-33) 
Ibali 90
Equleni Nomfazi
- Kutheni uYesu ephumle ngakwiqula laseSamariya, yaye uthini kwibhinqa elilapho? 
- Kutheni eli bhinqa limangalisiwe, uthini uYesu kulo yaye ngoba? 
- Eli bhinqa licinga ukuba uYesu uthetha ngaluphi uhlobo lwamanzi, kodwa yena ubhekisela kwawaphi? 
- Kutheni eli bhinqa limangaliswa koko uYesu akwaziyo ngalo, yaye wayifumana phi yonke le nkcazelo? 
- Sinokufunda ntoni kwingxelo ephathelele ibhinqa elisequleni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYohane 4:5-43. - Silandela umzekelo kaYesu, sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngabantu bohlanga nemvelaphi eyahlukileyo kweyethu? (Yoh. 4:9; 1 Kor. 9:22; 1 Tim. 2:3, 4; Tito 2:11) 
- Ziziphi iingenelo zokomoya ezifunyanwa ngumntu ongumfundi kaYesu? (Yoh. 4:14; Isa. 58:11; 2 Kor. 4:16) 
- Sinokulubonisa njani uxabiso njengebhinqa elingumSamariya, elathi ngesisa labelana nabanye ngoko lalikufundile? (Yoh. 4:7, 28; Mat. 6:33; Luka 10:40-42) 
 
Ibali 91
UYesu Ufundisa Entabeni
- Kulo mfanekiso, uYesu ufundisa phi, yaye ngoobani abahleli ecaleni kwakhe? 
- Ngoobani amagama abapostile abali-12? 
- Buyintoni uBukumkani ashumayela ngabo uYesu? 
- UYesu ubafundisa ukuba bathandazele ntoni abantu? 
- Uthini uYesu ngendlela abamele baphathane ngayo abantu? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 5:1-12. - Sinokubonisa ngaziphi iindlela ukuba siyiphaphele intswelo yethu yokomoya? (Mat. 5:3; Roma 10:13-15; 1 Tim. 4:13, 15, 16) 
- Funda uMateyu 5:21-26. - UMateyu 5:23, 24 usibethelela njani isibakala sokuba ulwalamano esinalo nabazalwana bethu luyaluchaphazela ulwalamano lwethu noYehova? (Mat. 6:14, 15; INdu. 133:1; Kol. 3:13; 1 Yoh. 4:20) 
- Funda uMateyu 6:1-8. - Ziziphi ezinye iindlela zokuzenza amalungisa ezimele ziphetshwe ngamaKristu? (Luka 18:11, 12; 1 Kor. 4:6, 7; 2 Kor. 9:7) 
- Funda uMateyu 6:25-34. - Usifundisa ntoni uYesu ngokuphathelele imfuneko yokuthembela kuYehova ukuze asinike izinto eziphathekayo? (Eks. 16:4; INdu. 37:25; Fil. 4:6) 
- Funda uMateyu 7:1-11. - Umzekeliso ocacileyo ofumaneka kuMateyu 7:5 usifundisa ntoni? (IMize. 26:12; Roma 2:1; 14:10; Yak. 4:11, 12) 
Ibali 92
UYesu Uvusa Abafileyo
- Ngubani uyise wentombazana ekulo mfanekiso, yaye kutheni yena nomfazi wakhe bekhathazekile? 
- UYayiro wenza ntoni akufumana uYesu? 
- Kwenzeka ntoni njengoko uYesu esiya endlwini kaYayiro, yaye uYayiro ufumana siphi isigidimi ngoxa esendleleni? 
- Kutheni abantu abasendlwini kaYayiro bemhleka uYesu? 
- Emva kokungenisa abapostile abathathu noyise nonina wentombazana kwigumbi layo, wenza ntoni uYesu? 
- Ngubani omnye owavuswa nguYesu ekufeni, yaye oku kubonisa ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uLuka 8:40-56. - UYesu walubonisa njani uvelwano nengqiqo kumfazi owayenethombo legazi, yaye abadala abangamaKristu banokufunda ntoni koku? (Luka 8:43, 44, 47, 48; Lev. 15:25-27; Mat. 9:12, 13; Kol. 3:12-14) 
- Funda uLuka 7:11-17. - Abo baye bafelwa ngabantu ababathandayo banokuthuthuzelwa njani ngamazwi kaYesu awawathetha kumhlolokazi waseNayin? (Luka 7:13; 2 Kor. 1:3, 4; Heb. 4:15) 
- Funda uYohane 11:17-44. - UYesu wabonisa njani ukuba kuyinto eqhelekileyo ukuba buhlungu xa sifelwa ngumntu esimthandayo? (Yoh. 11:33-36, 38; 2 Sam. 18:33; 19:1-4) 
Ibali 93
UYesu Wondla Abantu Abaninzi
- Yiyiphi into ebuhlungu eyehlela uYohane uMbhaptizi, yaye imenza azive njani uYesu? 
- UYesu uzondla njani izihlwele ezimlandelayo, yaye kusala ukutya okungakanani? 
- Kutheni abafundi besoyika ebusuku yaye kwenzeka ntoni kuPetros? 
- UYesu uphinda awondle njani amawakawaka abantu? 
- Kutheni kuya kuba mnandi gqitha xa uYesu sele elawula njengoKumkani kaThixo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 14:1-32. - Ingxelo ekuMateyu 14:23-32 isibonisa ntoni ngobuntu bukaPetros? 
- Ingxelo engokweZibhalo isibonisa njani ukuba uPetros waqola waza wayeka ukuba ngumntu ongxamayo? (Mat. 14:27-30; Yoh. 18:10; 21:7; IZe. 2:14, 37-40; 1 Pet. 5:6, 10) 
 
- Funda uMateyu 15:29-38. - UYesu wayibonisa njani intlonelo ngamalungiselelo ezinto eziphathekayo avela kuYise? (Mat. 15:37; Yoh. 6:12; Kol. 3:15) 
- Funda uYohane 6:1-21. - AmaKristu namhlanje anokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu ngokuphathelele urhulumente? (Yoh. 6:15; Mat. 22:21; Roma 12:2; 13:1-4) 
Ibali 94
Uyabathanda Abantwana
- Baphikisana ngantoni abapostile njengoko bebuya kuhambo olude? 
- Kutheni uYesu ebiza inkwenkwana aze ayimise phambi kwabapostile? 
- Abapostile banokukufunda ngayiphi indlela ukufana nabantwana? 
- Kwiinyanga ezimbalwa kamva, uYesu ubonisa njani ukuba uyabathanda abantwana? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 18:1-4. - Kutheni uYesu efundisa ngemizekeliso? (Mat. 13:34, 36; Mar. 4:33, 34) 
- Funda uMateyu 19:13-15. - Ziziphi iimpawu abanazo abantwana abancinane esimele sizixelise ukuba sifuna ukunandipha iingenelo zoBukumkani? (INdu. 25:9; 138:6; 1 Kor. 14:20) 
- Funda uMarko 9:33-37. - UYesu wabafundisa ntoni abafundi bakhe ngokuthanda amawonga? (Mar. 9:35; Mat. 20:25, 26; Gal. 6:3; Fil. 2:5-8) 
- Funda uMarko 10:13-16. - Wayengeneka kangakanani uYesu, yaye banokufunda ntoni abadala abangamaKristu? (Mar. 6:30-34; Fil. 2:1-4; 1 Tim. 4:12) 
Ibali 95
Ukufundisa KukaYesu
- Nguwuphi umbuzo obuzwa yenye indoda kuYesu yaye ngoba? 
- Yintoni esetyenziswa nguYesu ngamanye amaxesha xa efundisa, yaye yintoni esisele siyifundile ngamaYuda namaSamariya? 
- Kwibali likaYesu, kwenzeka ntoni komnye umYuda endleleni eya eYeriko? 
- Kwenzeka ntoni xa umbingeleli ongumYuda nomLevi bedlula ngakuloo ndlela? 
- Kulo mfanekiso, ngubani onceda umYuda owenzakeleyo? 
- Emva kokuba eligqibile eli bali, uYesu ubuza wuphi umbuzo, yaye iphendula njani le ndoda? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uLuka 10:25-37. - Kunokuba awuphendule ngokungqalileyo umbuzo, uYesu uyinceda njani indoda ewazi kakuhle uMthetho ukuba iqiqe ngalo mbandela? (Luka 10:26; Mat. 16:13-16) 
- UYesu uyisebenzisa njani imizekeliso ukuze aphelise umkhethe kwabo bamphulaphuleyo? (Luka 10:36, 37; 18:9-14; Tito 1:9) 
 
Ibali 96
UYesu Uphilisa Abagulayo
- Wenza ntoni uYesu njengoko ehamba ukutyhubela ilizwe? 
- Malunga neminyaka emithathu emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, ubaxelela ntoni abapostile bakhe? 
- Ngoobani aba bakulo mfanekiso, yaye uYesu umenzela ntoni lo mfazi? 
- Kutheni impendulo kaYesu kumazwi eenkokeli zonqulo izenza zibe neentloni? 
- Xa uYesu nabapostile bakhe bekufutshane neYeriko, uYesu ubenzela ntoni abangqibi ababini abaziimfama? 
- Kutheni uYesu esenza imimangaliso? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 15:30, 31. - Yiyiphi imbonakaliso emangalisayo yamandla kaYehova etyhilwa ngoYesu yaye ifanele ikuchaphazele njani ukukuqonda kwethu oko uYehova akuthembisileyo kwihlabathi elitsha? (INdu. 37:29; Isa. 33:24) 
- Funda uLuka 13:10-17. - Ukwenza kukaYesu eyona mimangaliso iphawulekayo ngeSabatha kusibonisa njani isiqabu aya kusizisela uluntu ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka? (Luka 13:10-13; INdu. 46:9; Mat. 12:8; Kol. 2:16, 17; ISityhi. 21:1-4) 
- Funda uMateyu 20:29-34. - Le ngxelo ibonisa njani ukuba uYesu wayengaxakekanga kangangokude angabi naxesha labantu, yaye sinokufunda ntoni koku? (Dut. 15:7; Yak. 2:15, 16; 1 Yoh. 3:17) 
Ibali 97
UYesu Uza Njengokumkani
- Ekufikeni kwakhe kwidolophana ekufutshane neYerusalem, uYesu ubaxelela ntoni abafundi bakhe? 
- Njengoko ubona kulo mfanekiso, kwenzeka ntoni xa uYesu esondela kwisixeko saseYerusalem? 
- Benza ntoni abantwana abancinane xa bebona uYesu ephilisa abantu abaziimfama nabaziziqhwala? 
- Uthini uYesu kubabingeleli abanomsindo? 
- Sinokubaxelisa njani abantwana abazukisa uYesu? 
- Abafundi bafuna ukwazi ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 21:1-17. - Ukungena kukaYesu eYerusalem njengoKumkani kwahluke njani koko kweenjengele ezoyisileyo zaseRoma? (Mat. 21:4, 5; Zek. 9:9; Fil. 2:5-8; Kol. 2:15) 
- Banokufunda ntoni abantwana kumakhwenkwe akwaSirayeli awavuma iNdumiso 118 njengoko uYesu wayengena etempileni? (Mat. 21:9, 15; INdu. 118:25, 26; 2 Tim. 3:15; 2 Pet. 3:18) 
 
- Funda uYohane 12:12-16. - Ukusebenzisa kwabantu abakhahlela uYesu amagqabi esundu kufuzisela ntoni? (Yoh. 12:13; Fil. 2:10; ISityhi. 7:9, 10) 
Ibali 98
Entabeni YeMinquma
- Nguwuphi uYesu kulo mfanekiso, yaye ngoobani abakunye naye? 
- Ababingeleli bazama ukumenza ntoni uYesu etempileni, yaye uthini kubo? 
- Abapostile bambuza ntoni uYesu? 
- Kutheni uYesu exelela abapostile bakhe ngezinye izinto eziza kwenzeka emhlabeni xa sele elawula njengoKumkani ezulwini? 
- UYesu uthi kuza kwenzeka ntoni ngaphambi kokuba aphelise bonke ububi emhlabeni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 23:1-39. - Nakuba iZibhalo zibonisa ukuba kusenokufuneka sisebenzise izibizo ezithile kwabasemagunyeni, amazwi kaYesu akuMateyu 23:8-11 abonisa ntoni ngokuphathelele ukusetyenziswa kwezibizo ebandleni lamaKristu? (IZe. 26:25; Roma 13:7; 1 Pet. 2:13, 14) 
- Benza ntoni abaFarisi ukuzama ukuthintela abantu bangabi ngamaKristu, yaye iinkokeli zonqulo ziye zakusebenzisa njani oko namhlanje? (Mat. 23:13; Luka 11:52; Yoh. 9:22; 12:42; 1 Tes. 2:16) 
 
- Funda uMateyu 24:1-14. - Kubethelelwa njani ukubaluleka kokunyamezela kuMateyu 24:13? 
- Lithetha ntoni ibinzana elithi ‘de kube sekupheleni’ elikuMateyu 24:13? (Mat. 16:27; Roma 14:10-12; 2 Kor. 5:10) 
 
- Funda uMarko 13:3-10. - Liliphi ibinzana elikuMarko 13:10 elibonisa ukungxamiseka kokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, yaye amele asishukumisele entwenini amazwi kaYesu? (Roma 13:11, 12; 1 Kor. 7:29-31; 2 Tim. 4:2) 
Ibali 99
Egumbini Eliphezulu
- Njengoko kuboniswe kulo mfanekiso, kutheni uYesu nabapostile bakhe abali-12 bekwigumbi elikhulu neliphezulu? 
- Ngubani le ndoda iphumayo, yaye iza kwenza ntoni? 
- UYesu uqalisa siphi isidlo esikhethekileyo emva kokugqitywa kweso sePasika? 
- IPasika yayiwakhumbuza siphi isiganeko amaSirayeli, yaye esi sidlo sikhethekileyo sibakhumbuza ntoni abalandeli bakaYesu? 
- Emva kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu ubaxelela ntoni abalandeli bakhe yaye bona benza ntoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 26:14-30. - UMateyu 26:15 ubonisa njani ukuba uYudas wamngcatsha ngabom uYesu? 
- Yiyiphi injongo entlumbini ephunyezwa kukuphalala kwegazi likaYesu? (Mat. 26:27, 28; Yer. 31:31-33; Efe. 1:7; Heb. 9:19, 20) 
 
- Funda uLuka 22:1-39. - USathana wangena ngayiphi ingqiqo kuYudas? (Luka 22:3; Yoh. 13:2; IZe. 1:24, 25) 
- Funda uYohane 13:1-20. - Ngenxa yengxelo ekuYohane 13:2, ngaba uYudas unokubekwa ityala ngoko wakwenzayo, yaye abakhonzi bakaThixo banokufunda ntoni koku? (Gen. 4:7; 2 Kor. 2:11; Gal. 6:1; Yak. 1:13, 14) 
- UYesu wanikela siphi isifundo esinamandla? (Yoh. 13:15; Mat. 23:11; 1 Pet. 2:21) 
 
- Funda uYohane 17:1-26. - UYesu wayebathandazela ngayiphi ingqiqo abalandeli bakhe ukuba “babe banye”? (Yoh. 17:11, 21-23; Roma 13:8; 14:19; Kol. 3:14) 
Ibali 100
UYesu Emyezweni
- Uya phi uYesu nabapostile bakhe emva kokushiya igumbi eliphezulu yaye uthi mabenze ntoni? 
- Ufumanisa ntoni uYesu xa ebuyela kubapostile, yaye oku kwenzeka kangangezihlandlo ezingaphi? 
- Ngubani ongena emyezweni, yaye wenza ntoni uYudas Skariyoti, njengoko sibona emfanekisweni? 
- Kutheni uYudas esanga uYesu, yaye wenza ntoni uPetros? 
- Uthini uYesu kuPetros, kodwa kutheni uYesu engaceli uThixo ukuba athumele iingelosi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 26:36-56. - Kutheni indlela uYesu awabaluleka ngayo abafundi bakhe ingumzekelo omhle kubadala abangamaKristu namhlanje? (Mat. 20:25-28; 26:40, 41; Gal. 5:17; Efe. 4:29, 31, 32) 
- UYesu wayekugqala njani ukusetyenziswa kwezixhobo zokulwa? (Mat. 26:52; Luka 6:27, 28; Yoh. 18:36) 
 
- Funda uLuka 22:39-53. - Ngaba ukubonakala kwengelosi kuYesu kumyezo waseGetsemane ukuze imomeleze kwakubonisa ukuba ukholo lukaYesu luyaxengaxenga? Chaza. (Luka 22:41-43; Isa. 49:8; Mat. 4:10, 11; Heb. 5:7) 
- Funda uYohane 18:1-12. - UYesu wabakhusela njani abafundi bakhe kubachasi bakhe, yaye sinokufunda ntoni koku? (Yoh. 10:11, 12; 18:1, 6-9; Heb. 13:6; Yak. 2:25) 
Ibali 101
UYesu Uyabulawa
- Ngubani oyena mntu uphambili ekubulaweni kukaYesu? 
- Benza ntoni abapostile xa uYesu ethatyathwa ziinkokeli zonqulo? 
- Kwenzeka ntoni endlwini kaKayafa, umbingeleli omkhulu? 
- Kutheni uPetros ephuma aze alile? 
- Emva kokuba uYesu ebuyiselwe kuPilato, bakhwaza besithini ababingeleli abakhulu? 
- Kwenzeka ntoni kuYesu ekuqaliseni kwenjikalanga yangoLwesihlanu, yaye umthembisa ntoni umenzi-bubi oxhonywe kumthi osecaleni kwakhe? 
- Iza kuba phi iParadesi uYesu awathetha ngayo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 26:57-75. - Amalungu enkundla ephakamileyo yamaYuda abonisa njani ukuba akhohlakele? (Mat. 26:59, 67, 68) 
- Funda uMateyu 27:1-50. - Kutheni sinokuthi uYudas wayengazisoli ngokwenene? (Mat. 27:3, 4; Mar. 3:29; 14:21; 2 Kor. 7:10, 11) 
- Funda uLuka 22:54-71. - Sinokufunda ntoni ekukhanyeleni kukaPetros uYesu ngobusuku bokungcatshwa nokubanjwa kwakhe? (Luka 22:60-62; Mat. 26:31-35; 1 Kor. 10:12) 
- Funda uLuka 23:1-49. - Wasabela njani uYesu kokungekho sikweni okwenziwa kuye yaye sinokufunda ntoni kuye? (Luka 23:33, 34; Roma 12:17-19; 1 Pet. 2:23) 
- Funda uYohane 18:12-40. - Yintoni eboniswa sisibakala sokuba nangona uPetros wakha wabanjwa kukoyika abantu okwethutyana, kodwa waba ngumpostile obalaseleyo? (Yoh. 18:25-27; 1 Kor. 4:2; 1 Pet. 3:14, 15; 5:8, 9) 
- Funda uYohane 19:1-30. - Yiyiphi imbono elungeleleneyo awayenayo uYesu ngezinto eziphathekayo? (Yoh. 2:1, 2, 9, 10; 19:23, 24; Mat. 6:31, 32; 8:20) 
- Amazwi awathethwa nguYesu ngaphambi kokufa kwakhe abonisa njani ukuba waluphakamisa ngenkalipho ulongamo lukaYehova? (Yoh. 16:33; 19:30; 2 Pet. 3:14; 1 Yoh. 5:4) 
 
Ibali 102
UYesu Uvukile
- Ngubani lo mfazi usemfanekisweni, engoobani wona la madoda mabini, yaye aphi? 
- Kutheni uPilato exelela ababingeleli ukuba bathumele amajoni ukuya kulinda ingcwaba likaYesu? 
- Yenza ntoni ingelosi kwakusasa ngomhla wesithathu emva kokufa kukaYesu, kodwa benza ntoni ababingeleli? 
- Kutheni abanye abafazi besothuka xa befika engcwabeni likaYesu? 
- Kutheni uPetros noYohane bebaleka ukuya engcwabeni likaYesu, yaye balifumana linjani? 
- Kwenzeka ntoni kumzimba kaYesu, kodwa yintoni ayenzayo ukuze abonise abafundi bakhe ukuba uyaphila? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uMateyu 27:62-66 nesama-28:1-15. - Ngexesha lokuvuswa kukaYesu, ababingeleli abaziintloko, abaFarisi, namadoda amakhulu ona njani nxamnye nomoya oyingcwele? (Mat. 12:24, 31, 32; 28:11-15) 
- Funda uLuka 24:1-12. - Ingxelo engokuvuswa kukaYesu ibonisa njani ukuba uYehova uwagqala amabhinqa njengamangqina athembekileyo? (Luka 24:4, 9, 10; Mat. 28:1-7) 
- Funda uYohane 20:1-12. - UYohane 20:8, 9 usinceda njani sibone imfuneko yokuba nomonde xa singasiqondi ngokupheleleyo isiprofeto esithile seBhayibhile? (IMize. 4:18; Mat. 17:22, 23; Luka 24:5-8; Yoh. 16:12) 
Ibali 103
Kwigumbi Elitshixiweyo
- Uthini uMariya kwindoda acinga ukuba ngumgcini-myezo, kodwa yintoni emenza aqonde ukuba eneneni nguYesu? 
- Kwenzeka ntoni kubafundi ababini abasendleleni esinge kwisixekwana sase-Emawusi? 
- Nguwuphi ummangaliso owenzekayo xa abafundi ababini bexelela abapostile ukuba bambonile uYesu? 
- UYesu ubonakele izihlandlo ezingaphi kubalandeli bakhe? 
- Uthini uTomas xa esiva ukuba abafundi bayibonile iNkosi, kodwa kwenzeka ntoni kwiintsuku ezisibhozo kamva? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYohane 20:11-29. - KuYohane 20:23 ngaba uYesu wayethetha ukuba abantu banegunya lokuxolela izono? Cacisa. (INdu. 49:2, 7; Isa. 55:7; 1 Tim. 2:5, 6; 1 Yoh. 2:1, 2) 
- Funda uLuka 24:13-43. - Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu ukuze yamkele inyaniso yeBhayibhile? (Luka 24:32, 33; Ezra 7:10; Mat. 5:3; IZe. 16:14; Heb. 5:11-14) 
Ibali 104
UYesu Ubuyela Ezulwini
- Bangaphi abafundi ababona uYesu ngesinye isihlandlo, yaye uthetha ngantoni nabo? 
- Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye buza kuba njani ubomi emhlabeni xa uYesu elawula njengoKumkani kangangeminyaka eliwaka? 
- UYesu ubonakele kangangeentsuku ezingaphi kubafundi bakhe, kodwa ngoku lixesha lokuba enze ntoni? 
- Ngaphambi nje kokuba uYesu abashiye abafundi bakhe, ubaxelela ukuba benze ntoni? 
- Kwenzeka ntoni kulo mfanekiso, yaye uYesu ufihlwa njani angabonakali? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:3-8. - Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos athethe ngenkalipho kangaka ngokuvuswa kukaYesu, yaye ziziphi izinto amaKristu namhlanje anokuthetha ngenkalipho ngazo? (1 Kor. 15:4, 7, 8; Isa. 2:2, 3; Mat. 24:14; 2 Tim. 3:1-5) 
- Funda iZenzo 1:1-11. - Wanda kangakanani umsebenzi wokushumayela, njengoko kwakuxelwe kwangaphambili kwiZenzo 1:8? (IZe. 6:7; 9:31; 11:19-21; Kol. 1:23) 
Ibali 105
Ukulinda EYerusalem
- Njengoko ubona emfanekisweni, kwenzeka ntoni kubalandeli bakaYesu ababelinde eYerusalem? 
- Yintoni eyothusa iindwendwe eziseYerusalem? 
- Yintoni uPetros abacacisela yona abantu? 
- Bavakalelwa njani abantu emva kokuba bephulaphule uPetros, yaye uthi mabenze ntoni? 
- Bangaphi abantu ababhaptizwayo ngolo suku lwePentekoste yowama-33 C.E.? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 2:1-47. - Amazwi kaPetros akwiZenzo 2:23, 36 abonisa njani ukuba uhlanga lwakwaYuda luphela lwalubekek’ ityala ngokufa kukaYesu? (1 Tes. 2:14, 15) 
- UPetros wawumisela njani umzekelo omhle wokuqiqa ngeZibhalo? (IZe. 2:16, 17, 29, 31, 36, 39; Kol. 4:6) 
- UPetros wasisebenzisa njani esokuqala ‘kwizitshixo zobukumkani bamazulu,’ uYesu awayethembise ukumnika zona? (IZe. 2:14, 22-24, 37, 38; Mat. 16:19) 
 
Ibali 106
Bayakhululwa Entolongweni
- Kwenzeka ntoni kuPetros noYohane ngenye injikalanga xa besiya etempileni? 
- Uthini uPetros kumntu osisiqhwala, yaye yintoni amnika yona exabiseke ngakumbi kunemali? 
- Kutheni iinkokeli zonqulo zinomsindo, yaye zimenza ntoni uPetros noYohane? 
- Uthini uPetros kwiinkokeli zonqulo, yaye balunyukiswa ngelithini abapostile? 
- Kutheni zinomona nje iinkokeli zonqulo, kodwa kwenzeka ntoni xa abapostile befakwa entolongweni isihlandlo sesibini? 
- Baphendula bathini abapostile xa besisiwa kwiholo yeSanhedrin? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 3:1-10. - Nangona singawanikwanga amandla okwenza imimangaliso namhlanje, amazwi kaPetros akwiZenzo 3:6 asinceda njani sisixabise isigidimi soBukumkani? (Yoh. 17:3; 2 Kor. 5:18-20; Fil. 3:8) 
- Funda iZenzo 4:1-31. - Xa sijamelana nenkcaso kubulungiseleli, yiyiphi indlela esinokubaxelisa ngayo abazalwana bethu abangamaKristu benkulungwane yokuqala? (IZe. 4:29, 31; Efe. 6:18-20; 1 Tes. 2:2) 
- Funda iZenzo 5:17-42. - Abanye abantu abangengomaNgqina, kwixesha elidlulileyo nanamhlanje, bakubonise njani ukuba nengqiqo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela? (IZe. 5:34-39) 
Ibali 107
UStefano Ugityiselwa Ngamatye
- Ngubani uStefano, yaye yintoni uThixo abemnceda ukuba ayenze? 
- Yintoni ayithethayo uStefano ezicaphukisa gqitha iinkokeli zonqulo? 
- Akuba amadoda emkhuphele ngaphandle kwesixeko uStefano, amenza ntoni? 
- Emfanekisweni, ngubani lo mfana umi ecaleni kweengubo zokwaleka? 
- Ngaphambi kokufa kwakhe, uStefano uthandazela ntoni kuYehova? 
- Ukuze sixelise uStefano, sifanele senze ntoni xa umntu eye wasenza into embi? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 6:8-15. - Ngawaphi amaqhinga aye asetyenziswa ziinkokeli zonqulo ukuzama ukuphelisa umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova? (IZe. 6:9, 11, 13) 
- Funda iZenzo 7:1-60. - Yintoni encede uStefano ukuba aphumelele ekuthetheleleni iindaba ezilungileyo phambi kweSanhedrin, yaye sinokufunda ntoni kumzekelo wakhe? (IZe. 7:51-53; Roma 15:4; 2 Tim. 3:14-17; 1 Pet. 3:15) 
- Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngabo bawuchasayo umsebenzi wethu? (IZe. 7:58-60; Mat. 5:44; Luka 23:33, 34) 
 
Ibali 108
Endleleni Eya EDamasko
- Wenza ntoni uSawule emva kokubulawa kukaStefano? 
- Xa uSawule esendleleni eya eDamasko, nguwuphi ummangaliso owenzekayo? 
- UYesu uthi makenze ntoni uSawule? 
- UYesu umnika yiphi imiyalelo uAnaniyas, yaye kwenzeka njani ukuba uSawule abone kwakhona? 
- Waziwa ngaliphi igama uSawule, yaye usetyenziswa njani? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 8:1-4. - Ukutshutshiswa kwebandla lamaKristu elalisandul’ ukusekwa kwazisasaza njani iimfundiso zamaKristu, yaye kuye kwenzeka njani okufanayo namhlanje? (IZe. 8:4; Isa. 54:17) 
- Funda iZenzo 9:1-20. - Luluphi uthumo oluziinxalenye ezintathu uYesu awayefuna uSawule aluphumeze? (IZe. 9:15; 13:5; 26:1; 27:24; Roma 11:13) 
- Funda iZenzo 22:6-16. - Sinokumxelisa njani uAnaniyas, yaye kutheni kubalulekile nje oko? (IZe. 22:12; 1 Tim. 3:7; 1 Pet. 1:14-16; 2:12) 
- Funda iZenzo 26:8-20. - Ukuguquka kukaSawule abe ngumKristu kulukhuthazo njani kwabo banamaqabane angakholwayo namhlanje? (IZe. 26:11; 1 Tim. 1:14-16; 2 Tim. 4:2; 1 Pet. 3:1-3) 
Ibali 109
UPetros Utyelela UKorneli
- Ngubani le ndoda iqubudileyo apha emfanekisweni? 
- Ithini ingelosi kuKorneli? 
- UThixo umbonisa ntoni uPetros ngoxa eseluphahleni lwendlu kaSimon eYopa? 
- Kutheni uPetros exelela uKorneli ukuba angaqubudi kuye aze amnqule? 
- Kutheni bemangalisiwe abafundi abangamaYuda abakunye noPetros? 
- Ukutyelela kukaPetros uKorneli kusifundisa siphi isifundo esibalulekileyo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 10:1-48. - Amazwi kaPetros akwiZenzo 10:42 abonisa ntoni ngomsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani? (Mat. 28:19; Marko 13:10; IZe. 1:8) 
- Funda iZenzo 11:1-18. - Sisiphi isimo sengqondo awasibonisayo uPetros akuba eluqondile ulwalathiso lukaYehova ngokuphathelele iiNtlanga, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe? (IZe. 11:17, 18; 2 Kor. 10:5; Efe. 5:17) 
Ibali 110
UTimoti—Umncedisi Omtsha KaPawulos
- Ngubani lo mfana usemfanekisweni, uhlala phi, yaye ngubani igama likanina noninakhulu? 
- Uthini uTimoti xa uPawulos embuza ukuba angathanda na ukuhamba naye noSilas ukuya kushumayela kubantu abakwiindawo ezikude? 
- Kuphi apho abalandeli bakaYesu baqala khona ukubizwa ngokuba ngamaKristu? 
- Emva kokuba uPawulos, uSilas, noTimoti bemkile eListra, ziziphi ezinye zezixeko abatyelela kuzo? 
- UTimoti umncedisa njani uPawulos, yaye nguwuphi umbuzo abafanele bazibuze wona abo baselula namhlanje? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 9:19-30. - Umpostile uPawulos wabubonisa njani ubulumko xa wayechaswa ngenxa yeendaba ezilungileyo? (IZe. 9:22-25, 29, 30; Mat. 10:16) 
- Funda iZenzo 11:19-26. - Ingxelo ekwiZenzo 11:19-21, 26 ibonisa njani ukuba umsebenzi wokushumayela wenziwa ngolwalathiso lomoya kaYehova? 
- Funda iZenzo 13:13-16, 42-52. - IZenzo 13:51, 52 zibonisa njani ukuba abafundi abazange bavumele inkcaso ibadimaze? (Mat. 10:14; IZe. 18:6; 1 Pet. 4:14) 
- Funda iZenzo 14:1-6, 19-28. - Amazwi athi “bawanikela kuYehova” asinceda njani ukuba singazixhalabisi ngokungafanelekanga njengoko sinceda abantu abatsha? (IZe. 14:21-23; 20:32; Yoh. 6:44) 
- Funda iZenzo 16:1-5. - Ukuvuma kukaTimoti ukwaluswa kukubethelela njani ukubaluleka kokwenza “zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo”? (IZe. 16:3; 1 Kor. 9:23; 1 Tes. 2:8) 
- Funda iZenzo 18:1-11, 18-22. - IZenzo 18:9, 10 zibonisa ntoni ngokubandakanyeka kukaYesu ngokobuqu ekwalathiseni umsebenzi wokushumayela, yaye oko kusinika yiphi intembelo namhlanje? (Mat. 28:20) 
Ibali 111
Inkwenkwe Eyalalayo
- Emfanekisweni, ngubani le nkwenkwe ilele phantsi, yaye kwenzeke ntoni kuyo? 
- Wenza ntoni uPawulos akufumanisa ukuba le nkwenkwe ifile? 
- Uya phi uPawulos, uTimoti, kwanabo bahamba kunye nabo, yaye kwenzeka ntoni xa besima eMileto? 
- Umprofeti uAgabho umlumkisa athini uPawulos, yaye kwenzeka ntoni kanye njengoko etshilo lo mprofeti? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 20:7-38. - Sinokuhlala njani ‘simsulwa egazini labantu bonke,’ ngokuvisisana namazwi kaPawulos akwiZenzo 20:26, 27? (Hez. 33:8; IZe. 18:6, 7) 
- Abadala bafanele ‘babambelele njani ngokuqinileyo elizwini elithembekileyo’ xa befundisa? (IZe. 20:17, 29, 30; Tito 1:7-9; 2 Tim. 1:13) 
 
- Funda iZenzo 26:24-32. - Ukuba ngummi waseRoma kukaPawulos kwamnceda njani ukuba aphumeze umsebenzi wokushumayela awayewuphathiswe nguYesu? (IZe. 9:15; 16:37, 38; 25:11, 12; 26:32; Luka 21:12, 13) 
Ibali 112
Ukwaphuka Kwenqanawa Esiqithini
- Kwenzeka ntoni kwinqanawa akhwele kuyo uPawulos njengoko igqitha kufutshane nesiqithi iKrete? 
- Uthini uPawulos kwabo basenqanaweni? 
- Yintoni ebangela ukuba le nqanawa iqhekeke ibe ziingceba? 
- Umphathi-mkhosi unikela yiphi imiyalelo, yaye bangaphi abantu abaphumela elunxwemeni ngokukhuselekileyo? 
- Yintoni igama lesiqithi abakuso, yaye kwenzeka ntoni kuPawulos xa imozulu isiba ntle? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 27:1-44. - Yintoni eyenza sibe nentembelo ngakumbi ekuchaneni kwengxelo yeBhayibhile xa sifunda ngohambo lukaPawulos lokuya eRoma? (IZe. 27:16-19, 27-32; Luka 1:3; 2 Tim. 3:16, 17) 
- Funda iZenzo 28:1-14. - Njengoko abemi abangabahedeni baseMalta babonisa “ubuntu obungaqhelekanga” kuPawulos nakwabo babesenqanaweni kunye naye, amaKristu afanele abonise ntoni yaye ngokukhethekileyo ngayiphi indlela? (IZe. 28:1, 2; Heb. 13:1, 2; 1 Pet. 4:9) 
Ibali 113
UPawulos ERoma
- Ushumayela koobani uPawulos ngoxa esentolongweni eRoma? 
- Emfanekisweni, ngubani olu ndwendwe lusetafileni, yaye lumenzela ntoni uPawulos? 
- Ngubani uEpafrodito, yaye uphathiswa ntoni xa ebuyela eFilipi? 
- Kutheni uPawulos ebhala incwadi eya kumhlobo wakhe omkhulu uFilemon? 
- Wenza ntoni uPawulos akuba ekhululwe, yaye kwenzeka ntoni kuye kamva? 
- UYehova usebenzisa bani ukubhala iincwadi zokugqibela zeBhayibhile, yaye incwadi yeSityhilelo isixelela ngantoni? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iZenzo 28:16-31 neyabaseFilipi 1:13. - UPawulos walisebenzisa njani ixesha lakhe ngoxa wayevalelwe eRoma, yaye ukholo lwakhe olungagungqiyo lwaba nawuphi umphumo kwibandla lamaKristu? (IZe. 28:23, 30; Fil. 1:14) 
- Funda eyabaseFilipi 2:19-30. - Ngawaphi amazwi abonisa uxabiso awawathethayo uPawulos ngoTimoti noEpafrodito, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo kaPawulos? (Fil. 2:20, 22, 25, 29, 30; 1 Kor. 16:18; 1 Tes. 5:12, 13) 
- Funda kuFilemon 1-25. - Yintoni eyabangela uPawulos abongoze uFilemon ukuba enze okuhle, yaye oku kubamisela njani umzekelo omhle abadala namhlanje? (Filemon 9; 2 Kor. 8:8; Gal. 5:13) 
- Amazwi kaPawulos akuFilemon 13, 14 abonisa njani ukuba wayezihlonela izazela zabanye ebandleni? (1 Kor. 8:7, 13; 10:31-33) 
 
- Funda eyesi-2 kuTimoti 4:7-9. - Njengompostile uPawulos, sinokuba nayo njani intembelo yokuba uYehova uya kusivuza ukuba sihlala sithembekile de kube sekupheleni? (Mat. 24:13; Heb. 6:10) 
Ibali 114
Ukuphela Kobubi Bonke
- Kutheni iBhayibhile ithetha ngamahashe asezulwini? 
- Liyintoni igama lemfazwe kaThixo nxamnye nabantu abangendawo abasemhlabeni, ibe yintoni injongo yale mfazwe? 
- Njengoko ubona emfanekisweni, ngubani oya kukhokela ekulweni, kutheni ethwele isithsaba, yaye ukuphatha kwakhe ikrele kubonisa ntoni? 
- Xa sikhangela kwiBali 10, 15 nelama-33, kutheni ingamele isothuse nje into yokuba uThixo eza kutshabalalisa abantu abangendawo? 
- Ibali 36, nelama-76 abonisa njani ukuba uThixo uza kubatshabalalisa abantu abangendawo kwanokuba bazibiza ngokuba bangabanquli bakhe? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iSityhilelo 19:11-16. - IZibhalo ziyicacisa njani into yokuba nguYesu Kristu okhwele ihashe elimhlophe? (ISityhi. 1:5; 3:14; 19:11; Isa. 11:4) 
- Igazi elifefwe kwisambatho sikaYesu sangaphezulu liqinisekisa njani ukuba uza koyisa ngokupheleleyo? (ISityhi. 14:18-20; 19:13) 
- Ngoobani abanye ekusenokwenzeka ukuba baqukiwe kumkhosi olandela uYesu okhwele ehasheni elimhlophe? (ISityhi. 12:7; 19:14; Mat. 25:31, 32) 
 
Ibali 115
Iparadesi Entsha Emhlabeni
- Ziimeko ezinjani iBhayibhile ebonisa ukuba siya kuzinandipha kwiParadesi yasemhlabeni? 
- IBhayibhile ibathembisa ntoni abo baza kuphila eParadesi? 
- UYesu uya kuqinisekisa ukuba lwenzeka nini olu tshintsho lumangalisayo? 
- Ngoxa uYesu wayesemhlabeni, wenza ntoni ukubonisa oko aza kukwenza njengoKumkani woBukumkani bukaThixo? 
- Yintoni uYesu nabo balawula kunye naye abaya kuqinisekisa ukuba iyenzeka xa belawula emhlabeni besezulwini? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda iSityhilelo 5:9, 10. - Kutheni sinokuqiniseka ukuba abo baza kulawula emhlabeni ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka baya kuba ngookumkani nababingeleli abanolwazelelelo nenceba? (Efe. 4:20-24; 1 Pet. 1:7; 3:8; 5:6-10) 
- Funda iSityhilelo 14:1-3. - Sibonisa ntoni isibakala sokuba kubhalwe igama likaYise negama leMvana emabunzini abo bali-144 000? (1 Kor. 3:23; 2 Tim. 2:19; ISityhi. 3:12) 
Ibali 116
Indlela Esinokuphila Ngayo Ngonaphakade
- Ngoobani ekufuneka sazi ngabo ukuze siphile ngonaphakade? 
- Simele senze ntoni ukuze sazi ngoYehova uThixo noYesu, njengoko isenza le ntombazanana nabahlobo bayo abasemfanekisweni? 
- Yiyiphi enye incwadi oyibonayo kulo mfanekiso, yaye kutheni simele siyifunde rhoqo? 
- Ngaphandle kokufunda ngoYehova nangoYesu, yintoni enye ekufuneka siyenze ukuze sizuze ubomi obungunaphakade? 
- Sifunda siphi isifundo kwiBali 69? 
- Ubonisa ntoni umzekelo omhle kaSamuweli okwiBali 55? 
- Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu Kristu, yaye xa sisenjenjalo, yintoni esiya kukwazi ukuyenza kwixesha elizayo? 
Imibuzo eyongezelelekileyo:
- Funda uYohane 17:3. - IZibhalo zibonisa njani ukuba ukungenisa ulwazi ngoYehova uThixo nangoYesu Kristu kuthetha okungakumbi kunokwazi nje ngentloko iinkcukacha ezithile ngabo? (Mat. 7:21; Yak. 2:18-20; 1 Yoh. 2:17) 
- Funda iNdumiso 145:1-21. - Ziziphi ezinye zezizathu ezininzi esinazo zokudumisa uYehova? (INdu. 145:8-11; ISityhi. 4:11) 
- UYehova ‘ulunge njani kubo bonke,’ yaye oku kufanele kusenze sisondele njani ngakumbi kuye? (INdu. 145:9; Mat. 5:43-45) 
- Ukuba simthanda ngokusuk’ entliziyweni uYehova, yintoni esiya kushukunyiselwa ukuba siyenze? (INdu. 119:171, 172, 175; 145:11, 12, 21) 
 
Ngaba ungathanda ukufumana inkcazelo engakumbi?
Unganxibelelana namaNgqina kaYehova kule websayithi, www.watchtower.org.