IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 1 iphe. 3
  • UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuba Ngumhlobo KaYehova
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ngaba Ndimele Ndimxele Umhlobo Wam?
    Vukani!—2008
  • Ucinga Ntoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Ithini IBhayibhile Ngeetshomi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 1 iphe. 3

ISIFUNDO 1

UThixo Ukumema Ukuba Ube Ngumhlobo Wakhe

UThixo ufuna ukuba ube ngumhlobo wakhe. Ngaba wakha wayicinga into yokuba unako ukuba ngumhlobo woyena Mntu mkhulu kwindalo iphela? UAbraham owayephila kudala, wayebizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo. (Yakobi 2:23) Nabanye ekuthethwa ngabo eBhayibhileni banandipha ubuhlobo noThixo yaye basikelelwa ngeyona ndlela. Namhlanje, abantu abaphuma kuzo zonk’ iinxalenye zomhlaba baye baba ngabahlobo bakaThixo. Nawe unako ukuba ngumhlobo kaThixo.

UAbraham uyathandaza

Ukuba ngumhlobo kaThixo kulunge ngaphezu kokuba ngumhlobo wakhe nawuphi na umntu. UThixo akaze abadanise abahlobo bakhe abanyanisekileyo. (INdumiso 18:25) Ukuba ngumhlobo kaThixo kulunge ngaphezu kokuba nobutyebi. Xa umntu osisityebi esifa, imali yakhe iya kwabanye. Noko ke, abo banandipha ubuhlobo noThixo banobutyebi ekungekho bani unokubohlutha.​—Mateyu 6:19.

Abanye abantu basenokuzama ukukuyekisa ukufunda ngoThixo. Kwanabanye kubahlobo nakwintsapho yakho banokwenjenjalo. (Mateyu 10:36, 37) Ukuba abanye bahlekisa ngawe okanye bakutyityimbisela umnwe, zibuze, ‘Ngubani endifuna ukumkholisa—ngabantu okanye nguThixo?’ Cinga ngoku: Ukuba ubani ebesithi yeka ukutya, ngaba ubuya kumthobela? Kakade ubungayi kukwenza oko! Kufuneka utye ukuze uphile. Kodwa uThixo unokukwenza uphile ngonaphakade! Ngoko ke ungaze uvumele nabani na ukuba akuyekise ukufunda ngendlela onokuba ngumhlobo kaThixo ngayo.​—Yohane 17:3.

Abantu bahleka ibhinqa elifunda incwadi ethetha ngoThixo
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share