ISIFUNDO 53
Khetha Ukuzonwabisa Ngendlela Emvuyisayo UYehova
UYehova ‘nguThixo owonwabileyo.’ (1 Timoti 1:11) Nathi ufuna sonwabe, siphile kamnandi. Uyavuya xa siphumla size sizonwabise. Kwesi sifundo, siza kubona indlela esinokulisebenzisa ngayo ixesha lethu ukuze sonwabe size sivuyise noYehova.
1. Yintoni esimele siyikhumbule xa sikhetha indlela esiza kuzonwabisa ngayo?
Yintoni othanda ukuyenza xa uphumlile? Abanye abantu bathanda ukuzihlalela emakhayeni abo, abanye bathanda ukufunda incwadi, bamamele umculo, babukele imuvi okanye bajonge izinto kwi-intanethi. Abanye bathanda ukuqubha okanye ukudlala. Noba sithanda ukwenza ntoni xa sizonwabisa, simele siqiniseke ukuba loo nto yinto “efunwa yiNkosi.” (Efese 5:10) Kubalulekile ukuba siyenze le nto kuba abantu abaninzi xa bezonwabisa bakhetha ukubukela, baze bamamele okanye benze izinto azicaphukelayo uYehova. Ezinye zezo zinto zinobundlobongela, ukuziphatha kakubi ngesondo, needemon. (Funda iNdumiso 11:5.) Yintoni eza kusinceda sizikhethe kakuhle izinto esizonwabisa ngazo?
Xa sikhetha abahlobo abamthandayo uYehova, bangasinceda nakwindlela esizonwabisa ngayo. Njengokuba besifundile kwisifundo esidlulileyo, “ohamba nezilumko uza kuba sisilumko.” Kodwa ukuba sisoloko sihlala nabantu abangaphili ngemithetho kaThixo, siza “kungena engxakini.”—IMizekeliso 13:20.
2. Kutheni kubalulekile ukulijonga ixesha esilichitha sizonwabisa?
Noba uYehova akayicaphukeli indlela esizonwabisa ngayo, sifanele silumke singasebenzisi lonke ixesha lethu sizonwabisa. Loo nto isenokwenza singabi nalo ixesha lokwenza ezona zinto zibalulekileyo. Xa isikhuthaza, iBhayibhile ithi, “nilisebenzise kakuhle ixesha [lenu].”—Funda amaEfese 5:15, 16.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Funda ukuba unokuyikhetha njani indlela efanelekileyo yokuzonwabisa.
3. Ungazonwabisi ngendlela engafanelekanga
Kutheni simele siyikhethe kakuhle indlela esizonwabisa ngayo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo
Imidlalo yakudala yaseRoma ifana njani nendlela abazonwabisa ngayo abantu namhlanje?
Kule vidiyo, uDanny ufunde ntoni ngokuzonwabisa?
Funda amaRoma 12:9, nize nincokole ngalo mbuzo:
Le vesi inokukunceda njani ukhethe indlela efanelekileyo yokuzonwabisa?
Zeziphi ezinye izinto uYehova azicaphukelayo? Funda iMizekeliso 6:16, 17, nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda amaGalati 5:19-21, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:
Kwezi zinto zichazwe kwezi vesi, zeziphi abantu abazonwabisa ngazo namhlanje?
Imibuzo engakunceda uyikhethe kakuhle indlela yokuzonwabisa
Zibuze:
Yintoni? Yintoni le ndiza kuzonwabisa ngayo? Ayinanto ayicaphukelayo uYehova?
Nini? Ngaba iza kundityela ixesha lokwenza ezona zinto zibalulekileyo?
Nabani? Ngaba iza kundisondeza kubantu abangamthandiyo uYehova?
Kubhetele ungasondeli kuyo nantoni na enokuba yingozi. Yiloo nto singafanelanga sizonwabise ngendlela enobungozi
4. Lisebenzise kakuhle ixesha
Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
Lo mzalwana ukule vidiyo khange abukele izinto ezingafanelekanga. Kodwa iye yayintoni ingxaki yakhe?
Funda amaFilipi 1:10, nize nincokole ngalo mbuzo:
Le vesi ingasinceda njani xa sisenza isigqibo sokuba siza kuzonwabisa ixesha elingakanani?
5. Khetha ukuzonwabisa ngendlela efanelekileyo
Ezinye iindlela abantu abazonwabisa ngazo uYehova akazithandi, kodwa zikhona ezininzi azithandayo. Funda iNtshumayeli 8:15 namaFilipi 4:8, nize nincokole ngalo mbuzo:
Zeziphi iindlela ezifanelekileyo othanda ukuzonwabisa ngazo?
ngakwazi ukuzonwabisa ngendlela efanelekileyo
UKUBA UMNTU UTHI: “Akhonto irongo ngokuzonwabisa ngezinto ezineedemon, ubundlobongela, nokuziphatha kakubi, kuba andizenzi mna ezo zinto.”
Ungathini wena?
UFUNDE NTONI?
UYehova ufuna sikhethe ukuzonwabisa ngendlela efanelekileyo.
Khawutsho
Yeyiphi indlela afanele angazonwabisi ngayo amaKristu?
Kutheni simele siyijonge into yokuba sichitha ixesha elingakanani sizonwabisa?
Kutheni ufuna ukukhetha ukuzonwabisa ngendlela evuyisa uYehova?
JONGA NEZI ZINTO
Jonga ukuba ngubani ofanele akhethe indlela ozonwabisa ngayo.
Jonga ukuba ungazenza njani izigqibo ezifanelekileyo ngendlela yokuzonwabisa.
“Ngaba Indlela Ozihlaziya Ngayo Iyingenelo?” (IMboniselo, Oktobha 15, 2011)
Kwibali elithi “Andisenalo Ikhethe,” jonga ukuba yintoni eyenza enye indoda yatshintsha indlela eyayizonwabisa ngayo.
“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Februwari 1, 2010)
Jonga indlela omnye umama asenza ngayo isigqibo esibubulumko ngendlela yokuzonwabisa enento yokwenza needemon.