Sondela KuThixo
UMgwebi Osoloko Esenza Okulungileyo
OKUSESIKWENI. Ubulungisa. Ukungakhethi buso. Ngaba ezi ayizompawu ozithandayo? Ngokwemvelo thina bantu siyakuthanda ukuphathwa kakuhle. Okubuhlungu kukuba, kunqabile okusesikweni kwihlabathi lanamhlanje. Sekunjalo, kukho uMgwebi esinokukholosa ngaye—uYehova uThixo. Usoloko esenza okulungileyo. Oku kwacaca kwincoko yakhe noAbraham echazwe kwiGenesis 18:22-32.a
Xa uYehova waxelela uAbraham ngesigqibo asenzileyo sokuya kukhangela iimeko zaseSodom naseGomora, uAbraham wacinga ngabantu abangamalungisa ababehlala kwezo ndawo, kuquka umtshana wakhe uLote. Wabongoza uYehova wathi: ‘Ngaba ngokwenene uya kulitshayela ilungisa kunye nongendawo kusini na? Masithi kukho abantu abangamalungisa abangamashumi amahlanu phakathi kweso sixeko. Ngaba ubungayi kuyixolela loo ndawo ngenxa yamalungisa angamashumi amahlanu angaphakathi kuyo?’ (Indinyana 23, 24) UThixo wathi wayengayi kuzitshabalalisa ezo zixeko ukuba wayenokufumana abantu abangamalungisa abangama-50 kuzo. UAbraham waphinda wamcenga ezinye izihlandlo ezihlanu uYehova, elinciphisa ngokulinciphisa elo nani de laya kutsho kwishumi. Sihlandlo ngasinye, uThixo wathi wayengayi kuzitshabalalisa ezo zixeko ukuba ebekunokulifumana elo nani labantu abangamalungisa kuzo.
Ngaba uAbraham wayexambulisana noThixo? Akunjalo. Oko kwakuya kuthetha ukuba uAbraham wayengaziva likratshi. Indlela awayethetha ngayo yayibonisa ukuba unentlonelo yaye uthobekile. Wathetha ngaye ‘njengothuli nothuthu.’ Ethetha ngentlonelo, kangangezihlandlo ezine wathi “tarhu.” (Indinyana 27, 30-32) Ngaphezu koko, amazwi ka-Abraham abonisa ukuba wayenentembelo kubulungisa bukaYehova. Kangangezihlandlo ezibini, uAbraham wathi “makube lee” kuThixo ukutshabalalisa abantu abangamalungisa nabangemalungisa. Lo solusapho uthembekileyo watsho ngokuphandle ukuba “uMgwebi womhlaba” wayeya “kwenza okulungileyo.”—Indinyana 25.
Ngaba izinto ezazithethwa nguAbraham zazichanile? Ezinye zazo zazichanile. Wayengachananga xa wayecinga ukuba kwakukho abantu abalishumi abangamalungisa eSodom naseGomora. Kodwa ngokuqinisekileyo wayenyanisile xa wayesithi uThixo akayi “kulitshayela ilungisa kunye nongendawo.” Xa uThixo wazitshabalalisayo ezo zixeko zingendawo, ingelosi yanceda uLote neentombi zakhe ezimbini basaba.—2 Petros 2:7-9.
Le ngxelo isifundisa ntoni ngoYehova? Xa wayexelela uAbraham ukuba uza kuya kukhangela ezi zixeko, wayefuna ukuba uAbraham akhuphe oko kusentliziyweni yakhe. Emva koko waphulaphula ngenyameko njengoko umhlobo wakhe uAbraham wayemchazela oko akucingayo. (Isaya 41:8) Oku kusifundisa ukuba uYehova nguThixo othobekileyo, ongabajongeli phantsi abakhonzi bakhe abasemhlabeni. Licacile elokuba, sinesizathu sokukholosa ngoYehova ngokupheleleyo, uMgwebi osoloko esenza okulungileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngeso sihlandlo, uYehova wamelwa yingelosi.—Omnye umzekelo ukwiGenesis 16:7-11, 13.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UAbraham wabongoza uYehova ngeSodom neGomora