Iphulo Lokukhangela Iimpendulo
“Phantse wonke umntu ayazi ukuba ngubani [uYesu]. Enoba ungakanani umlinganiselo wokholo lwethu okanye amathandabuzo esinawo, sonke siba nawo lo mbuzo, ‘Ngubani le ndoda?’”—UMBHALI USTAN GUTHRIE.
ABANTU banomdla wokumazi uYesu. Iincwadi ezibhalwe ngaye ziye zathengwa oku kwamagwinya. Iimuvi zakhe nazo ziyathandwa. Sekunjalo, imibuzo mayela nokuba wayengubani ayipheli. Abantu banezimvo ezibethabethanayo ngoYesu.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo, iintatheli ezimbini zacela abantu ukuba baphendule lo mbuzo kwi-intanethi. Iimpendulo zaziquka ezi zilandelayo:
● “Kuthiwa wayengurabhi okanye umfundisi owayenovelwano.”
● “Wayengumntu oqhelekileyo owaphila ubomi obungaqhelekanga.”
● “Abukho ubungqina obubonisa ukuba uYesu wakhe waphila.”
● “UYesu nguNyana kaThixo owazalwayo, wafa, waza wavuswa ekufeni ukuze asisindise kwizono zethu. Namhlanje uyaphila, yaye uza kuphinda eze emhlabeni kwakhona.”
● “Ndikholelwa ukuba uYesu ungokuphela konyana kaThixo, ongumntu ngokupheleleyo kwangaxesha nye unguthixo.”
● “UYesu ngumntu wasentsomini.”
Kucacile, ukuba ezi zimvo zahlukahlukeneyo azinakuchana zonke. Ngaba ukho umthombo othembekileyo onokusiphendulela le mibuzo ngokuphathelele uYesu? Abapapashi balo lindixesha bakholelwa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo yaye yiyo kuphela enokusixelela inyaniso ngoYesu Kristu.a—2 Timoti 3:16.
Kwinqaku elilandelayo, siza kuxovula iimpendulo eziseBhayibhileni kweminye yemibuzo eqhelekileyo engoYesu. Yena ngokwakhe wathi indlela esa elusindisweni ivulekele “wonk’ ubani obonisa ukholo kuye.” (Yohane 3:16) Siyakumema ukuba uhlolisise iimpendulo uze ugqibe enoba uyakufuna ukufunda okungakumbi ngoYesu nokuba ungalubonakalisa njani ukholo kuye.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 2, esithi “IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.