Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoDisemba 27, 2010. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-20 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela kuNovemba 1 ukuya kuDisemba 27, 2010.
1. Yintoni esinokuyifunda kwingoma eyayivunywa ngabaLevi yokudumisa ebhalwe kweyo-1 yeZikronike 16:34? [w02 1/15 iphe. 11 isiqe. 6-7]
2. Ngaba eyoku-1 yeZikronike 22:8 ibonisa ukuba ukubandakanyeka kukaDavide emfazweni kwakuphosakele, ekubeni uYehova wamalela ukuba amakhele indlu Yakhe? Cacisa. [it-2-E iphe. 987 isiqe. 1]
3. UKumkani uDavide wayefuna avakalelwe njani unyana wakhe ngoThixo? (1 Kron. 28:9) [w08 10/15 iphe. 7 isiqe. 18]
4. Kwakutheni ukuze kufaneleke ukwakhiwa kwesiseko solwandle lwegilasi ngeenkunzi zenkomo? (2 Kron. 4:2-4) [w05 12/1 iphe. 19 isiqe. 3; w98 6/15 iphe. 16 isiqe. 17]
5. Ngaba kwityeya yomnqophiso kwakukho amacwecwe amabini kuphela okanye kwakukho nezinye izinto? (2 Kron. 5:10) [w06 1/15 iphe. 31]
6. Wayethetha ukuthini uSolomon xa wayecela uYehova ukuba aphulaphule izicelo zabo nabaphi na abantu “ababeya kuthandazela le ndlu”? (2 Kron. 6:21, 32, 33) [it-1-E iphe. 137 isiqe. 1]
7. Lithetha ukuthini ibinzana elithi ‘umnqophiso wetyuwa’ kweye-2 yeZikronike 13:5? [w05 12/1 iphe. 20 isiqe. 2; it-2-E iphe. 842 isiqe. 7]
8. Eye-2 yeZikronike 17:9, 10 inokusetyenziswa njani kubulungiseleli bethu? [w09 6/15 iphe. 12 isiqe. 7]
9. Abantu bakaThixo baya kwenza njani ngokuvisisana namazwi akweye-2 yeZikronike 20:17? [w03 6/1 iphe. 21-22 isiqe. 14-17]
10. Sinokufunda ntoni kwingxelo yokuzikhukhumalisa kukaKumkani u-Uziya? (2 Kron. 26:15-21) [w99 12/1 iphe. 26 isiqe. 1-2]