IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb03 iphe. 66-149
  • INicaragua

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • INicaragua
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2003
  • Imixholwana
  • Ekuqaleni, Zazinqabile
  • Kumiselwa Isebe
  • Abachasi Abazange Baphumelele
  • Abavangeli Basemazweni Bokuqala Bajamelana Nocelomngeni
  • Udliwano-ndlebe Nobhishophu WaseMatagalpa
  • Oovulindlela Abakhethekileyo Abatyhafi
  • Inyikima YaseManagua Yowe-1972
  • Banikela Uncedo Ngenxa Yothando LobuKristu
  • Abavangeli Basemazweni Bangumzekelo Wothando Nomanyano
  • Ukuvavanywa Lifuthe Lomzabalazo Wezobupolitika
  • Ukubanjwa Nokugxothwa
  • Isebe Lavalwa
  • Uphantsi Kwemiqathango Kodwa Awuvalwanga
  • Ukuba Phantsi Kweliso Loontamnani Baselumelwaneni
  • Balumkile Kodwa Banenkalipho
  • Ukuhluthwa Nokubanjwa
  • Ukubhaliselwa Umkhosi Kuvavanya Ulutsha OlungamaKristu
  • Baqhubeka Bengoondilele
  • Kushicilelwa Ngokufihlakeleyo
  • Iindawo Zokushicilela
  • Ezinye Iinkumbulo Ezimnandi
  • Amabhinqa Okomoya Akhaliphileyo
  • Abantwana Abathembekileyo
  • Imbewu YoBukumkani Ihlwayelwa Nasentolongweni
  • Ukunyamekela Iimfuno Zokomoya Zamabanjwa
  • Ukubhaptizelwa Kumgqomo Omkhulu
  • Ukusebenzisa Intetho Yezandla Entolongweni
  • Amabanjwa Ondliwa Ngokutya Kokomoya
  • Ukuhlala Somelele Ngokomoya Entolongweni
  • Imiqathango Ayiwuthinteli Umsebenzi Wokushumayela
  • Ukususwa Kwemiqathango
  • Ukucela Ukubuyiselwa Izakhiwo
  • Ukuhlangabezana Neentlekele Zokwemvelo
  • “Enye” INicaragua
  • Isigidimi SoBukumkani Sifikelela Nakwimimandla Ekude
  • Imfuneko Yabazalwana Abanamava
  • Indibano Evuyisayo Kwelo Lizwe
  • Ukumela Ilungelo Lethu Lokunyangwa Ngaphandle Kwegazi
  • Bazimisele Ukuqhubela Phambili
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2003
yb03 iphe. 66-149

INicaragua

INicaragua ifanele ukubizwa ngokuba yiparadesi. Unxweme lwayo olusempuma lumelene namanzi acwengileyo oLwandle lweCaribbean. Kanti amaza onxweme olungasentshona ahamba aye kufikelela kuLwandlekazi lwePasifiki. Xa ulijonga ngasentla, eli lizwe lizaliswe ngamahlathi, iifama, imilambo enamachibi afana nezacholo kwimingxuma eyabangelwa ziintaba-mlilo zamandulo. Kanti, la machibi abonakala enjengamadanyana nje xa ethelekiswa namanye amabini angawona makhulu—iLake Nicaragua neManagua. Njengoko izizikwekhilomitha ezingama-8 200, iLake Nicaragua iyodwa igubungela isi-6 ekhulwini selizwe xa lilonke!

Yona idolophu elikomkhulu iManagua, ikunxweme olusemazantsi lweLake Managua, egubungela malunga nezikwekhilomitha ezili-1 000. Ngokufanelekileyo, olunye lweelwimi zalapho zomthonyama lubhekisela “kwiManagua” “njengendawo enamanzi amaninzi.” Njengoko ilikomkhulu laseburhulumenteni yaye ikwalilo neziko loshishino, iManagua inabemi abamalunga nesigidi—ama-20 ekhulwini abemi belo lizwe abazizigidi ezihlanu. Ikummandla oxineneyo okumazantsi ePasifiki, ohlala abantu baseNicaragua abamalunga nama-60 ekhulwini. Abanye abangama-30 ekhulwini bahlala kwimimandla yeenduli, kanti abanye—abangaphantsi nje kwe-10 ekhulwini—bahlala kwimpuma ethe qelele kwimimandla emibini enabantu abambalwa abanolawulo oluzimele geqe ngokwezobupolitika nababumba isiqingatha selizwe.

Isiqwenga somhlaba sakuMbindi Merika esingumda osemazantsi eNicaragua, nesiphakathi koLwandle lweCaribbean noLwandlekazi lwePasifiki siziikhilomitha ezingama-220 kuphela ububanzi. Kodwa ngenxa yokuba uMlambo iSan Juan uphuma kwiLake Nicaragua uye kutsho kwiCaribbean, sisiQwenga Somhlaba iRivas esiziikhilomitha ezili-18 kuphela esahlula eli chibi kwiPasifiki. Ngaphambi kokwakhiwa kwePanama Canal, umjelo wamanzi odibanisa uMlambo iSan Juan neLake Nicaragua wawuthandwa ngabakhenkethi, nto leyo eyenza lo mmandla uthandwe gqitha. Eneneni, imbali idiza ukuba wawutyelelwa ngabantu beentlanga ezahlukeneyo, kuquka amaMaya, ama-Aztec, amaToltec, namaChibcha, ngaphandle kwamazwe angaphandle—anjengeSpeyin, iFransi, iGreat Britain, iNetherlands, iUnited States, neSoviet Union.

Impembelelo yezi ntlanga nezizwe ezininzi ibonakala ngobukho beelwimi namasiko amaninzi eNicaragua. Ngoxa phakathi kwabemi bakwiPasifiki kukho abantu abathetha ulwimi lweSpanish, abangumxube wabantu baseSpeyin nabemi balapho bomthonyama, ummandla weCaribbean unezinye iintlanga ezahlukahlukeneyo. AmaMiskito, amaCreole, nabemi abangumxube bakho naphakathi kwezizwe ezincinane zamaSumo, amaRama namaGarifuna—zizwe ezo ezingumxube wabantu baseAfrika nabakwiCaribbean. Nangona uninzi lwaba bantu lusabambelele kulwimi lwalo lomthonyama nezithethe zalo, lona lungabantu abanobubele, abakhululekileyo nabanobuhlobo. Kanti baluthanda gqitha nonqulo, yaye abaninzi kubo bayayithanda iBhayibhile.

Njengokuba siza kubona kule ngxelo, abantu baseNicaragua baye bathwaxwa ziintlekele, ezemvelo nezibangelwa ngabantu. Ngokomzekelo, kwinkulungwane edlulileyo iManagua yathwaxwa kabini ziinyikima ezazisuka ngakwisiqwenga somhlaba esikwiPasifiki. IMpuma Nicaragua iye yathwaxwa yenye intlekele yemvelo eyahlukileyo—kwaqhambuka inkanyamba ebulalayo kwiAtlantiki. Ngaphezu koko, imfazwe yamakhaya, izidubedube zezobupolitika, nolawulo olungqwabalala loozwilakhe luye lwazenza mandundu ngakumbi iimeko kwelo.

Kodwa amanzi acwengileyo enyaniso yeBhaybhile aye angena kweli lizwe lihle linamachibi nemilambo, athuthuzela aze anik’ ithemba amawakawaka abantu abantliziyo zinyanisekileyo. (ISityhi. 22:17) Ewe, intabalala yamalungiselelo okomoya akhoyo eNicaragua ibubungqina bokuba uYehova uyawusikelela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani kweli lizwe, ingakumbi xa ucinga nje ngamashumi amathandathu eminyaka adluleyo, xa iindaba ezilungileyo zazinqabile kwelo.

Ekuqaleni, Zazinqabile

NgoJuni 28, 1945, uFrancis noWilliam Wallace abazalwa ngumntu omnye nabaphumelela kwiklasi yokuqala yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, bagaleleka eManagua. Baqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo ngendlela elungelelanisiweyo baza bahlahlel’ indlela abavangeli basemazweni ababeza kulandela eNicaragua. Kodwa babengengabokuqala ukudlulisela isigidimi soBukumkani kweli lizwe, kuba ngowe-1934 omnye udade owayetyelele wahambisa uncwadi eManagua nakwezinye iindawo kweli lizwe. Sekunjalo, ngowe-1945 babembalwa ababesele bevile ngamaNgqina kaYehova.

Xa aba nyana bakwaWallace baqalisa ukushumayela, babedlala iintetho ezisekelwe eBhayibhileni ezirekhodiweyo kwigramafoni—nto leyo eyayingaqhelekanga ngaloo minyaka eNicaragua! Ngenxa yoko, kwinyanga yokuqala, bangama-705 abantu abaphulaphula isigidimi soBukumkani.

Ngo-Oktobha waloo nyaka, kwafika abanye abavangeli basemazweni abane—abatshatileyo, uHarold noEvelyn Duncan kwakunye noWilbert noAnn Geiselman. Njengoko babezimisele ukubhengeza uBukumkani ngazo zonke iindlela, baqulunqa ungcelele lweentlanganiso zasesidlangalaleni. Ngaloo ndlela, ngoNovemba 1945, abantu baseNicaragua babenikwa amaphetshana abamemela kwintetho yeBhayibhile. Nangona ingxwabangxwaba yezobupolitika nomlo owawukho kweso sitrato wabonakala ngathi ungaluphazamisa olo cwangciso, loo ntlanganiso yaqhubeka ngocwangco, yaye babengaphezu kwama-40 abantu ababephulaphule loo ntetho yokuqala yesidlangalala. Kwangelo xesha, iSifundo seMboniselo seeveki ngeeveki neNtlanganiso Yenkonzo zaqalisa ukuqhutywa kwelo khaya labavangeli basemazweni.

Ngowe-1946 kwakumnandi gqitha kubavangeli basemazweni nakwabo basamkelayo isigidimi seBhayibhile. Owokugqibela kubo yayinguArnoldo Castro, oneminyaka engama-24 ubudala, yaye useneenkumbulo ezintle ngokufumana kwakhe ulwazi lwenyaniso yeBhayibhile. Uthi: “Mna namadoda endandihlala nawo, uEvaristo Sánchez noLorenzo Obregón, sagqiba kwelokuba sifunde isiNgesi sisonke. Ngenye imini uEvaristo wafika ekhaya evela emarikeni ephethe incwadi esithi: ‘Ndidibene nomntu waseMerika oza kusifundisa isiNgesi!’ Kambe ke, lo ‘wayeza kusifundisa’ wayengazimiselanga kwenjenjalo, kodwa yindlela nje uEvaristo awamva ngayo. Ngoko lathi lakufika elo xesha lalibekiwe, thina sobathathu sasilindele ngolangazelelo ukufundiswa isiNgesi. Lo ‘wayeza kusifundisa,’ umvangeli wasemazweni uWilbert Geiselman, wamangaliswa gqitha kukubona ‘abafundi beBhayibhile’ ababelinde ngolangazelelo olungako, bephethe nencwadi.”

UArnoldo uthi: “Le ncwadi yayinomxholo othi ‘The Truth Shall Make You Free,’ yaye sasiyifundisisa kabini ngeveki. Sayigqiba kodwa singafundanga siNgesi kangako, kunoko sifunde inyaniso yeBhayibhile.” UArnoldo wabhaptizwa ngoAgasti 1946 kwindibano eyayiseCleveland, eOhio, eUnited States, waza emva koko wabuyela eNicaragua ukuze athabathe inkonzo yobuvulindlela. Ngasekupheleni kwaloo nyaka, amadoda amabini awayehlala nawo, abhaptizwa.

Ngoku uEvaristo Sánchez sele eneminyaka engama-83 ubudala yaye useneenkumbulo ezimyoli ngezo mini zamandulo. Uthi: “Ekuqaleni sasingenayo indawo yokuqhuba iintlanganiso. Kodwa sasiliqaqobana, ngoko sasihlanganisana kwikhaya labavangeli basemazweni. Kamva, kwaqeshwa indlu enemigangatho emibini, yaye abangama-30 ukuya kuma-40 kuthi babehlanganisana apho rhoqo.”

Aba bafana bathathu babengabantu bokuqala baseNicaragua ukupheleka abavangeli basemazweni kubulungiseleli, beqala eManagua nakweminye imimandla engaphandle. Ngelo xesha iManagua, eyayinabantu abamalunga ne-120 000, yayincinane kunokuba injalo ngoku. Ekuphela kwendawo eyayinesamente yayilicandelo elinezakhiwo ezili-12 kumbindi wedolophu yalapho. UEvaristo uthi: “Sasibetha ngezikaTshiwo. Iibhasi zazingekho, kungekho neendlela ezenziwe ngetha, kuphela kwakukho iziporo zikaloliwe neendlela zeenqwelo ezirhuqwa ziinkabi. Ngoko xa libalele sasigqusha eluthulini kanti xa iimvula zisina sasigxampuza eludakeni.” Kodwa umsebenzi wabo waba neziqhamo, kuba ngoAprili 1946, babengama-52 abantu ababekho eSikhumbuzweni.

Kumiselwa Isebe

Kwangaloo nyanga, uNathan H. Knorr noFrederick W. Franz, ababesuka kwikomkhulu laseBrooklyn, bayityelela okokuqala iNicaragua. Ebudeni botyelelo lwabo lweentsuku ezine, kweza abantu abali-158 ukuza kuphulaphula intetho yesidlangalala kaMzalwan’ uKnorr eyayinomxholo othi “Yibani Nemihlali Zintlanga.” UMzalwan’ uFranz wayiguqulela kwiSpanish le ntetho. Ngaphambi kokuba bahambe, uMzalwan’ uKnorr wamisela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eNicaragua eyayiza kuvelela umsebenzi. UWilliam Eugene Call, owayeneminyaka engama-26 ubudala nowayesandul’ ukufika evela eCosta Rica, wamiselwa njengesicaka sesebe apho.

Kumashumi eminyaka awalandelayo, iofisi yesebe yamisela amakhaya abavangeli basemazweni kwiindawo ezinjengeJinotepe, iMasaya, iLeón, iBluefields, iGranada, neMatagalpa. Kwakhona kwenziwa amalungiselelo okuba kubekho umveleli wesiphaluka oza kutyelela amabandla namaqela asandul’ ukusekwa ukuze awomeleze aze akhuthaze abazalwana.

Abachasi Abazange Baphumelele

Inzondelelo yabazalwana yakhawuleza yavelisa imiphumo emihle, nto leyo engazange ithandwe ngabefundisi beNgqobhoko. Iimpawu zokuqala zenkcaso zaqala eBluefields, idolophu ekuNxweme lweCaribbean, apho kwakwabelwe abavangeli basemazweni ababini. Izinto zaba mandundu ngo-Oktobha 17, 1952, xa kwaphuma umyalelo wenkundla nxamnye namaNgqina kaYehova. Lo myalelo owawuthintela wonke umsebenzi wamaNgqina watyikitywa liSebe Labandwendweli, kodwa wawumelwe ngasemva ngabefundisi bamaKatolika.

Abavangeli basemazweni ababekhonza eBluefields, eLeón, eJinotepe, naseManagua baxelelwa ngalo myalelo. Izibheno ezafakwa emagunyeni—kuquka owayengumongameli welo ngelo xesha uAnastasio Somoza García—zawa phantsi. Abazalwana baqalisa ukuhlanganisana ngamaqela amancinane, umsebenzi wokusasaza amaphephancwadi esitratweni wapheliswa, yaye uncwadi olwalukho kwisebe lwasiwa kwiindawo ezinqabisekileyo. Iintshaba zethu zonqulo zaphumelela ekuphembeleleni ukuvalwa komsebenzi ngokuxoka zisithi amaNgqina kaYehova ngamaKomanisi. Kwaqeshwa elinye igqwetha ukuba lifake isibheno nxamnye nesi sigqibo seNkundla Ephakamileyo yoMthetho.

Nangona abanye abazalwana banikezelayo ekoyikeni abantu, abaninzi bema beqinile. Abavangeli basemazweni abaqolileyo nabangoyiki ngokoyikiswa babomeleza abazalwana basekuhlaleni, abathi ngokuthobela iLizwi likaThixo baqhubeka beshumayela yaye behlanganisana. (IZe. 1:8; 5:29; Heb. 10:24, 25) Emva koko, ngoJuni 9, 1953—emva kweenyanga nje ezisibhozo uvaliwe umsebenzi—inkundla ephakamileyo yavumelana ngamxhelo mnye namaNgqina kaYehova, ekuvakaliseni ilungelo elikumgaqo-siseko lenkululeko yonqulo neyokuthetha. Iyelenqe laliwe phantsi ngokupheleleyo.

Abavangeli Basemazweni Bokuqala Bajamelana Nocelomngeni

Abavangeli basemazweni bokuqala abazange bajamelane nenkcaso nje kuphela. Cinga nje ngomzekelo kaSydney noPhyllis Porter, abaphumelela kwiklasi ye-12 yaseGiliyadi. Ukufika kwabo eNicaragua ngoJulayi 1949, uSydney wabelwa ukuba abe ngumveleli wesiphaluka esasiquka lonke elo. Usibalisela ngendlela owawuyiyo umsebenzi wokuhambahamba ngezo mini. “Sasikhwela oololiwe neebhasi. Abazalwana babedla ngokungakwazi ukusamkela, ngoko kwakuye kufuneke siphathe izinto zokwandlala nesitovu esincinane sokubilisa amanzi nokupheka. Amaxesha amaninzi sasidla ngokuba kude nesebe kangangeeveki ezilishumi. Noko ke, le ntsimi yayinemveliso gqitha kangangokuba kwakunzima ukunikela ingqalelo kubo bonke abantu abanomdla kwezinye iindawo. Ngokomzekelo, xa kamva sathunyelwa kwisiphaluka saseManagua, uPhyllis waqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-16! Wayelifumana phi ixesha lokuziqhuba? Izifundo zakhe wayeziqhuba ngosuku esingenzi nto ngalo nangokuhlwa xa kungekho zintlanganiso zebandla.” Hayi indlela ababezinikele ngayo abo bavangeli basemazweni bokuqala!

UDoris Niehoff, owafika ngowe-1957 kwelo, uthi xa ebalisa ngamava akhe okuqala: “Kwakungasekupheleni kukaMatshi, ngexesha kanye lalibalele, ngoko elo lizwe lalimgqubagqubane. Zazimbalwa iinqwelo-mafutha ngelo xesha, bonke abantu babekhwela amahashe—baphathe nemipu! Wawuba ngathi ubukele umfanekiso oshukumayo waseNtshona. Ngezo mini, babekho abantu abazizityebi nabangamahlwempu, kodwa uninzi lwalungamahlwempu. Eyona nto yayimbi kukuba, ngelo xesha iNicaragua yayisilwa ngomhlaba neHonduras yaye kwiinyanga nje ezintandathu ngaphambi kokuba ndifike, uMongameli Somoza García wayesandul’ ukugwintwa laza elo lizwe laba phantsi kolawulo lomkhosi.”

UDoris uhlabela mgama esithi: “Ndandabelwe eLeón, ummandla oneyunivesithi. Ekubeni ndandingasazi kangako iSpanish, abafundi balapho babethanda ukudlala ngam. Ngokomzekelo, xa ndathi kubafundi abathile ndiza kubuya size sincokole ngeBhayibhile, bavuma kodwa bahleka xa bendichazela ‘amagama’ abo. Omnye wabiza igama lalowo wayegwinte umongameli, waza omnye wandixelela igama lomnqolobi odume kakubi! Andazi ukuba kwenzeka njani ukuba ndingaphoswa entolongweni xa ndabuya ndaza ndacela ukuthetha nabo bafundi babendinike loo magama!”

Udliwano-ndlebe Nobhishophu WaseMatagalpa

Malunga neekhilomitha ezili-130 kumantla eManagua, kukho isixeko saseMatagalpa esithe zinzi kwiinduli ezikummandla onamasimi ekofu. Ngowe-1957 kwabelwa abavangeli basemazweni abane kwelo. UAgustín Sequeira, owayengunjingalwazi wezibalo kwikholeji eyayilawulwa ngoonongendi baseJosephine, ubalisa ngemeko yezonqulo eMatagalpa ngelo xesha. Uthi: “Ubukhulu becala abantu balapho babengamaKatolika yaye babeboyika abefundisi ingakumbi ubhishophu. Nguye owaphehlelela omnye wabantwana bam.”

Olu loyiko lwenza kwaba nzima ngesebe ukufumanela abo bavangeli basemazweni indawo yokuhlala. Ngokomzekelo, xa iofisi yesebe yayisenza amalungiselelo okuqeshela abo bavangeli basemazweni indlu, yachazela umninimzi oligqwetha, ukuba babeza kuziqhubela apho neentlanganiso zamaKristu. “Akukho ngxaki,” waphendula ngelitshoyo.

Echaza oko kwenzekayo kamva, uDoris Niehoff uthi: “Mhla safika sithwele yonke ifanitshala yethu, umninimzi wayenxubile. Wasichazela ukuba wayesele eluthumele ucingo oluthi masingezi. Kwakutheni? Ubhishophu wamsongela ngelithi ukuba usiqeshisa indlu yakhe, unyana wakhe wayengazi kungena kwisikolo samaKatolika. Ngethamsanqa, sasingalufumenanga olo cingo yaye sasisele siyihlawulele inyanga yokuqala.”

UDoris walek’ umsundulo ngelithi: “Safumana eny’ indlu kwangaloo nyanga, kodwa ebunzimeni. Xa lo bhishophu wazama ukuthofiyela usomashishini walapho owayengoyiki ngokoyikiswa nowayengumnini wale ndlu, waphendula ngelithi: ‘Kulungile ke, ukuba nje ungandinika ii-cordoba ezingamakhulu amane nyanga nganye, ndingabagxotha.’ Kambe ke, ayizange iphume loo mali kubhishophu. Noko ke, engancami, waya kuzo zonke iivenkile zalapho waza waxhoma amaphepha awayelumkisa abantu ukuba bangathethi namaNgqina kaYehova. Waphinda waxelela oonovenkile ukuba bangasithengiseli.”

Nakuba babenenzondelelo aba bavangeli basemazweni, kwabonakala kungekho mntu waseMatagalpa ozimisele ukuyimela inyaniso yeBhayibhile. Noko ke, uAgustín, la njingalwazi wezibalo, wayenemibuzo emininzi awayefuna ukuyiphendulelwa. Ngokomzekelo, wayezibuza ngesizathu sokuba iipiramidi ziqhubeke zikho nakuba ooFaro abazakhayo bafa kudala! Usakhumbula kakuhle ukuba wakha watyelelwa ngumvangeli wasemazweni waza wambonisa zonke iimpendulo zemibuzo yakhe eBhayibhileni. UAgustín uthi: “Ndachukumiseka zizibhalo ezibonisa ukuba umntu wayengadalelwanga ukuba afe, kodwa ukuba aphile ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni, nokuba abafileyo baza kuvuswa. Ndahla ndaqonda ukuba le yinyaniso.” Wasabela njani uAgustín? UAgustín uthi: “Ndaqalisa ukushumayela kumntu wonke kuloo kholeji ndandifundisa kuyo, nakwinqununu, eyayingunongendi. Emva koko yandimema ukuba ndize ngeCawa size sixubushe ‘ngesiphelo sehlabathi.’ Hayi indlela endothuka ngayo, xa ndafika ubhishophu waseMatagalpa endilinde apho.”

Wathi: “He Mfondini, ndiva kusithiwa uphelelwa lukholo.”

“Luluphi olo kholo?” Ndaphendula ngelitshoyo. “Uthetha ngolu ndingazange ndibe nalo? Kaloku kukhona ndifunda ukuba nokholo lokwenyaniso.”

Yaqala ngolo hlobo ke ingxubusho eyathabatha iiyure ezintathu, wabe elapho nonongendi ephulaphule. Inzondelelo ka-Agustín ngale nyaniso wayesandul’ ukuyifumana yayimqhubela ekubeni athethe phandle maxa wambi. Wada wabiza inkolelo yobuhedeni yokungafi komphefumlo womntu njengendlela yokwenza imali exhwitha abantu abamsulwa. Xa wayezama ukuphuhlisa le ngongoma kubhishophu, uAgustín wathi: “Masithi ngokomzekelo, umama uyafa. Ngokuqhelekileyo, bendiza kuza kuwe ndize ndenze idini leMisa ngenxa yokuba umphefumlo wakhe ukwindawo yentlambululo-miphefumlo. Uza kundithi khuntyu imali ngaloo nkonzo. Emva kweentsuku ezisibhozo, lelinye idini leMisa. Emva konyaka, ndiyaphinda kwakhona, ndenze loo nto ke nakweminye elandelayo. Kodwa soz’ uthi: ‘Hayi ke Mfondini, yeka ngoku ukwenza la madini kuba umphefumlo kamam’ akho uphumile kwindawo yentlambululo-miphefumlo.’”

“Hay’ kaloku!” watsho njalo ubhishophu, “Kungenxa yokuba waziwa nguThixo kuphela ukuba uphuma nini!”

“Wena ke wazi njani ukuba ungene nini ukuze uqalise ukundihlawulisa?” waphindisa ngelitshoyo uAgustín.

Phakathi kuloo ngxubusho xa uAgustín waqalisa ukucaphula enye indinyana yeBhayibhile, lo nongendi wathi kubhishophu: “Hayi Mhlekazi! Usebenzisa iBhayibhile engeyiyo, eyamaLuthere!”

“Hay’ ke,” waphendula ngelitshoyo ubhishophu, “wayinikwa ndim le Bhayibhile.”

Njengoko yayiqhuba le ngxubusho, uAgustín wothuswa kukuva ubhishophu esithi umntu akafanele akholelwe yonke into eseBhayibhileni. UAgustín uthi: “Emva kwaloo ngxubusho, ndeyiseka lelokuba abefundisi beNgqobhoko, kanye njengeenkokeli zonqulo zomhla kaYesu, bakhetha izithethe zecawa kuneLizwi likaThixo.”

NgoFebruwari 1962, uAgustín Sequeira waba ngumvakalisi obhaptiziweyo wokuqala eMatagalpa. Waqhubeka esenza inkqubela yokomoya, waza kamva wakhonza njengovulindlela nomdala, yaye ukususela ngowe-1991 ebelilungu leKomiti yeSebe laseNicaragua. Yona iMatagalpa, ngonyaka wenkonzo wama-2002, ibinamabandla amabini aqhuba kakuhle anabavakalisi boBukumkani abali-153 bebonke.

Oovulindlela Abakhethekileyo Abatyhafi

Uninzi lwabo bamkela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo lwashukunyiselwa ukuba lwandise inkonzo yalo ngokuba nesabelo kumsebenzi wobuvulindlela. Phakathi kwaba kwakukho uGilberto Solís nowakwakhe uMaría Cecilia, nodade wabo omncinane uMaría Elsa. Bobathathu babhaptizwa ngowe-1961, yaye kwiminyaka emine kamva baba liqela elineziqhamo loovulindlela abakhethekileyo. Aba bathathu baseka baza bomeleza amabandla asithoba awahlukahlukeneyo kwelo lizwe. Enye indawo ababelwa kuyo sisiQithi iOmetepe esikwiLake Nicaragua.

IOmetepe, izizikwekhilomitha ezingama-276, yaye ineentaba ezimbini, enye kuzo iphakame kangangeemitha ezili-1 600. Xa uzijongele phezulu, ezi ntaba zenza esi siqithi sikhangeleke njengenani elisisibhozo. Kwangonyezi, aba vulindlela bathathu babeshumayela apho eOmetepe, bakhwele ibhasi, behle apho iphela khona, baze baqhubeke ngeenyawo—amaxesha amaninzi bengenazihlangu—begudla unxweme olunentlabathi ukuya kwiidolophana ezininzi zesi siqithi. Kwisithuba esingangeenyanga ezili-18, balungiselela amaqela amaninzi akwanti ezifundo zeBhayibhile kulo lonke elaseOmetepe, elona likhulu kuwo ilelaseLos Hatillos.

Ngaphambili, abavakalisi abaninzi abasebatsha baseLos Hatillos babeziphilisa ngokulima icuba, kodwa ngenxa yezazela zabo eziqeqeshwe yiBhayibhile babengasenakuqhubeka naloo msebenzi. Ngoko uninzi lwabo lwabhenela ekulobeni, nangona lwalufumana imali encinane. Hayi indlela ukholo olunjalo olwayivuyisa ngayo intsapho yakwaSolís, ukongezelela kwezinye iindlela ezininzi uYehova aye wabusikelela ngayo ubulungiseleli bayo! Eneneni, akuzange kube kudala abavakalisi kuloo mmandla banda baya kufikelela kuma-32, nto leyo eyabangela ukuba iHolo yoBukumkani ifuneke ngamandla. Omnye wabavakalisi abasebatsha, uAlfonso Alemán, wayelima ivatala yaye ngobubele wanikela ngesiqwenga somhlaba ukuze kwakhiwe iholo. Kodwa abavakalisi baseLos Hatillos babeza kuyifumana phi imali yokwakha?

UGilberto Solís wacela amatsha-ntliziyo awayeza kuhlwayela kweso siqwenga somhlaba imbewu yevatala evela kuMzalwan’ uAlemán. UGilberto wakhuthaza elo qela ukuba ligcinele “uYehova ezi vatala,” limisela umzekelo wokumsebenzela nzima. UMaría Elsa, ibhinqa elincinane kodwa elinamandla gqitha, uchaza indlela elazinyamekela ngayo ezo vatala elo qaqobana labavakalisi. Uthi: “Sasidla ngokuvuka ngoqhiza siye kunkcenkceshela loo masimi. Apho sasilime iindidi ezintathu zezilimo ezazichuma. Esebenzisa iphenyane lakhe uMzalwan’ uAlemán wayedla ngokuthabatha iivatala esuka eLake Nicaragua azise eGranada, apho wayefika azithengise aze athenge izinto zokwakha. Yakhiwa ngolo hlobo ke iHolo yoBukumkani eLos Hatillos, yaye kungeso sizathu umntakwethu wayeyibiza ngokuba yiholo encinane eyakhiwe ngeevatala.” Nangona siqale phantsi ngolo hlobo, ngoku isiQithi iOmetepe sinamabandla amathathu aqhuba kakuhle.

Ukuthobeka, umoya omhle nokuthembela ngokupheleleyo kuYehova okwaboniswa nguGilberto, owakwakhe nodadewabo kwachukumisa iintliziyo ezininzi. UGilberto wayedla ngokuthi: “Sifanele sisoloko sibagqala njengamathole asemancinane abasebatsha. Badlamkile kodwa basebuthathaka. Singaze sicatshukiswe bubuthathaka babo kodwa masibancede bomelele.” Ngaphandle kwamathandabuzo uthando olunjalo lwaba negalelo gqitha ekuncedeni kwaba vulindlela bangumzekelo bathathu abantu abangama-265 ukuba bazahlulele baze babhaptizwe! Inkosikazi kaGilberto yafa ithembekile, yaye njengoko eneminyaka engama-83 ubudala, uGilberto ufumanisa ukuba impilo yakhe inkenenkene gqitha. Kodwa, usenomnqweno onamandla wokukhonza uYehova. Kutshanje xa bekubuzwa uMaría Elsa, ngendlela avakalelwa ngayo emva kweminyaka engama-36 ekwinkonzo yobuvulindlela obukhethekileyo, uye wathi: “Ndivakalelwa ngala ndlela ndandivakalelwa ngayo mhla ndaqala! Ndonwabile yaye ndisoloko ndimbulela uYehova ngokusizisa kule ntlangano yakhe ingcwele aze asinike isabelo esincinane kule paradesi imangalisayo yokomoya.” Ukutyhubela iminyaka, oovulindlela abaninzi abazimiseleyo, njengentsapho yakwaSolís baye bafumana iziqhamo ezihle zoBukumkani eNicaragua, ngenxa yokusikelelwa ngokuyintabalala nguYehova.

Inyikima YaseManagua Yowe-1972

Emva nje kwasezinzulwini zobusuku ngoDisemba 23, 1972, iManagua yagungqiswa ngamandla yinyikima eyayinomlinganiselo owawuyi-6.25 ngokwesikali sikaRichter, ilingana namandla eebhombu zeathom ezimalunga nama-50. Iofisi yesebe yayingasempuma yeManagua, malunga nje namacandelo ali-18 ukusuka kwindawo eyayinaloo ntlekele. ULevi Elwood Witherspoon, owayengumveleli wesebe ngelo xesha, uthi: “Bonke abavangeli basemazweni babelele. Kwathi kwakuphela oko kugungqa, saphuma singxamile ukuya kuma esitratweni. Emva koko waphinda umhlaba washukuma kabini, oko kusenzeka ngokukhawuleza. Izindlu ezikufutshane nathi zadilika. Eso sixeko sazaliswa yingqimba yelifu lothuli, yaye ilangatye elaliphakathi edolophini lalidiza ukuba mkhulu umlilo apho.”

Indawo eyayiqandusele kuyo le nyikima yayingummandla wamashishini, yaye kwimizuzwana nje engama-30, kwakungasenakuhlalwa eManagua. Ababesindile babevumbuluka phakathi kothuli nengqushu, sele kunzima nokuphefumla. Uninzi aluzange lusinde. Nangona kwakuqikelelwa ukuba bangaphezu kwe-12 000 abafa apho, alaziwa elona nani lichanileyo. Amalunga nama-75 ekhulwini amakhaya awatshabalalayo eManagua, nto leyo eyashiya abantu abamalunga nama-250 000 bengenamakhaya. Kwiintsuku ezintathu emva kwaloo nyikima, suku ngalunye abantu abamalunga ne-100 000 babelinikela umva elo.

Banikela Uncedo Ngenxa Yothando LobuKristu

Emin’ emaqanda kwangolo suku lwenyikima, iofisi yesebe yafumana ingxelo ezeleyo kubaveleli bamabandla eManagua. Ngokukhawuleza nangaxhatha linye, aba bazalwana bathembekileyo baya kuwo onke amabandla ukuze babone iimfuno zelungu ngalinye kuloo mabandla. Okuvuyisayo kukuba, kwakungekho mntu ufileyo, phakathi kwamaNgqina angaphezu kwe-1 000 kweso sixeko, kodwa angaphezu kwama-80 ekhulwini aphulukana namakhaya awo.

Uthando lobuKristu lwashukumisela abantu bakaYehova abakumazwe aselumelwaneni ukuba bakhawuleze bancede abazalwana babo, yaye ngaphantsi kweeyure ezingama-22 emva kwaloo nyikima, kwafika iilori ezithwele ukutya, amanzi, amayeza neempahla kwisebe lalapho. Eneneni, elo sebe laliphakathi kwamaziko okuqala okunikela uncedo. Ukongezelela, amatsha-ntliziyo afika ngobuninzi esuka kumabandla awahlukahlukeneyo aseNicaragua, yaye akhawuleza axakeka kukulungelelanisa iimpahla, epakisha ukutya, yaye ekunika abantu. Kwada kwafika nezinto zokunceda ezazivela kumaNgqina ahlala kwimimandla ekude yehlabathi.

Ngosuku olusemva kwale nyikima, umveleli wesebe lalapho wahlanganisana nabameli ababetyelele besebe laseCosta Rica, elase-El Salvador, nelaseHonduras ukuze benze amalungiselelo oncedo olungakumbi. AmaNgqina aseNicaragua ahlala ngaphandle kweManagua abamkela abazalwana ekwafuneka bashiye ikomkhulu labo. AmaNgqina aseleyo alungelelaniswa angamaqela ukuze afumane iintlanganiso zamaKristu aze abe nesabelo kwinkonzo yasentsimini. Umveleli wesiphaluka watyelela la maqela ukuze awakhuthaze aze awashiyele nezinto zokuwanceda.

Ngenxa yale nyikima, lonke elo lizwe latsala nzima ngokwezoqoqosho. Sekunjalo, nangona ubomi baba nzima ngakumbi, ukwakhiwa kwakhona kweeHolo zoBukumkani namakhaya abazalwana kwaqhubela phambili. Ngaphezu koko, abantu abasandul’ ukuba nomdla bawazalisa amabandla. Licacile elokuba uYehova wayanelisiwe ngabantu bakhe njengoko babeqhubeka bebeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini babo.—Mat. 6:33.

Incwadi Yonyaka Yowe-1975 yanikela le ngxelo: “Amabandla amaninzi kwalishumi elinesine eManagua asahlanganisana kwizakhiwo ezineendonga ezineentanda okanye kwizakhiwo ezinophahla nje kuphela. Okubangel’ umdla kukuba, inani labantu abeza kwezi ntlanganiso liye laphindaphindeka kabini ukususela kunyaka odluleyo. Abazalwana baye banda ngama-20 ekhulwini kunomlinganiselo wabavakalisi wonyaka odluleyo. Ngoku banabantu abangama-2 689 ababelana nabanye ngenyaniso, yaye kwabhaptizwa abangama-417.”

Akuzange kube kudala, olu lwando luqhubekayo lwenza isebe elalikho apho alanela. Ngoko unokuyithelekelela indlela abavakalisi abakuvuyela ngayo ukugqitywa kweofisi entsha yesebe nekhaya labavangeli basemazweni ngoDisemba 1974—kwiminyaka nje emibini emva kwenyikima enkulu! Iofisi entsha yayikwisitrato esithe nkcwe iEl Raizón, esikumgama weekhilomitha ezili-16 emazantsi ombindi wesixeko saseManagua.

Abavangeli Basemazweni Bangumzekelo Wothando Nomanyano

Ukususela ekufikeni kwabazalwana ababini bakwaWallace ngowe-1945, abavangeli basemazweni baseNicaragua baba ngumzekelo wokholo, unyamezelo nokuthanda abantu. Ezo mpawu zithandekayo zabenza bamanyana abavangeli basemazweni baza banomtsalane nakubazalwana balapho. UKenneth Brian ongumvangeli wasemazweni uthi: “Emva kwenyikima yaseManagua, sancedisa esebeni, sanceda nabazalwana ababedilikelwe ngamakhaya, saza sancedisa nabanye ekungcwabeni izalamane zabo. Ukusebenza ngomanyano kwiimeko ezinjalo kukusondeza ngakumbi kwabanye abazalwana.” Ethetha ngabanye abavangeli basemazweni awayesebenza nabo, uMarguerite Moore (owayesakuba nguFoster) uthi: “Nangona sasingabeentlanga ezahlukeneyo, yaye sineemvelaphi nobuntu obahlukeneyo, ukuba yintsapho emanyeneyo kwasinceda sonwaba kwisabelo sethu, nakuba sasinabo ubuthathaka bobuntu.”

Abavangeli basemazweni abanjengoKenneth noSharan Brian bakugqala njengelungelo elikhethekileyo ukungenelwa kwimizekelo yabavangeli basemazweni abanamava, njengoFrancis noAngeline Wallace, uSydney noPhyllis Porter, kwakunye noEmily Hardin. USharan uthi: “Bonke babezinikele kulo msebenzi, yaye kwakucaca ukuba lo msebenzi wawusegazini kubo.”

Ukutyhubela iminyaka, izibini ezininzi ezingabavangeli basemazweni zazikhonza nakumsebenzi wokuhambahamba. Enyanisweni, isiseko esomeleleyo esabekwa ngabavangeli basemazweni abanenzondelelo, saba negalelo kulwando lokomoya obeluseNicaragua kule minyaka ingamashumi amathathu uqhubeka umsebenzi kwelo. Noko ke, esi sakhiwo sokomoya sasiza kuvavanywa, kungekhona yenye inyikima, kodwa kokuthile okuhlala ixesha elide nokuyingozi ngokomoya—ubuhlanga nomzabalazo.—1 Kor. 3:12, 13.

Ukuvavanywa Lifuthe Lomzabalazo Wezobupolitika

Ngasekupheleni kweminyaka yee-1970, umzabalazo wezobupolitika owawukhokelwa yiSandinista National Liberation Front (iFSLN, ngeSpanish) waqalisa ukugungqisa lonke elaseNicaragua. Ekugqibeleni, wakhokelela ekubhukuqweni komnombo wolawulo lomkhosi owawusele uneminyaka engama-42 ulawula. URuby Block, obengumvangeli wasemazweni kangangeminyaka eli-15 eNicaragua, uthi xa ebalisa ngoko kwakusenzeka ngelo xesha: “Loo minyaka yobuxoki bezobupolitika yabaxokozelisa abantu. Kwakusoloko kukho umlo oshushu phakathi kwamajoni namaSandinista. Ukuze sikwazi ukufeza ubulungiseleli bethu, kwafuneka sithembele ngokupheleleyo ngoYehova.”

Ngenxa yobundilele bawo bobuKristu kwimibandela yezobupolitika, amaNgqina kaYehova ayedla ngokutyholwa ngabaxhasi beSandinista besithi axhasa ulawulo lukaSomoza okanye iCIA (iCentral Intelligence Agency) yaseMerika. Kanti kwavuka nomoya wokungathandwa kwabantu abavela kwamanye amazwe. Ngokomzekelo, xa umvangeli wasemazweni uElfriede Urban wayesentsimini, enye indoda yamtyhola isithi uyintlola. Wabuza: “Ndingayenza njani loo nto? Andiphathanga khamera nateyipu. Ibe yintoni endinokuyihlola kule ndawo?”

Yaphendula yathi: “Ngendlela oqeqeshwe ngayo, amehlo akho afana nekhamera, yaye iindlebe nengqondo yakho ziyiteyipu nje zizodwa.”

Kwizitrato zaseManagua kwakudla ngokuphindaphindwa amazwi athi: “UbuKristu nomzabalazo, azingqubani!” Olu luvo, olwaluthandwa gqitha eLatin America ngeminyaka yee-1970, lwabonisa inkululeko yonqulo, eyavela nabaxhasi beengcamango zikaMarx abakwiCawa yamaRoma Katolika. Ngokutsho kweThe Encyclopædia Britannica, injongo yale nkululeko yonqulo yayikukuba “[unqulo] lube negalelo kwimiba yezobupolitika neyasekuhlaleni ukuze kukhululeke amahlwempu nabacinezelekileyo.”

URuby Block uthi: “Ngelo xesha abantu babedla ngokusibuza lo mbuzo, ‘Nina nicinga ntoni ngalo mzabalazo?’ Sabacacisela ukuba ekuphela kwesicombululo kwiingxaki zoluntu buBukumkani bukaThixo.” Ukuhlala uthembekile kuYehova kuloo meko iyingozi yezobupolitika kwakunzima. URuby walek’ umsundulo esithi: “Ndandithandaza rhoqo kuYehova ukuze ndiqhubeke ndingundilele, kungekuphela nje ngendlela endithetha ngayo, kodwa nakwindlela endicinga ngayo.”

Emva kweenyanga iqhubeka le mvukelo inogonyamelo, ngoMeyi 1979 iFSLN yazijula nofele, izama ukubhukuqa urhulumente. UMongameli uSomoza Debayle kwanyanzeleka ukuba alinikel’ umva elo, noMkhosi wakhe weLizwe wapheliswa. NgoJulayi waloo nyaka, kwangena ulawulo olutsha lomkhosi lweNational Reconstruction Government. Baqikelelwa kuma-50 000 abantu baseNicaragua abafayo ebudeni baloo mzabalazo.

Abazalwana bamelana njani naloo meko? KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1979 kwenziwa esi saziso silandelayo: “Abazalwana banesimo sengqondo esihle yaye bayaziqhuba iintlanganiso besenza nomsebenzi wokushumayela nokufundisa. Ebudeni belo xesha logonyamelo, . . . abathathu kubazalwana bethu baphulukana nobomi babo. Abaninzi basala bengenamakhaya, kodwa ekubeni ubukhulu becala babeqeshile, owona monakalo mkhulu waba sekuhluthweni nasekutshatyalalisweni kwezinto zabo. Izithuthi zinqabe kakhulu. Iibhasi ezininzi zitshatyalalisiwe, zona iindlela zisalungiswa, yaye ipetroli inqabe gqitha.” Noko ke, zaziseza iimvavanyo ezingakumbi kubantu bakaYehova.

Ukubanjwa Nokugxothwa

Kwahla kwacaca ukuba lo rhulumente mtsha wayengakuxhasi ukuba ngoondilele kwamaNgqina kaYehova. Ngokomzekelo, iSebe Elihlola Izinto Ezithengwa Kwamanye Amazwe lakwenza kwanzima ukufumana uncwadi oluvela kwamanye amazwe. Ukongezelela, umthetho owawiswa ngowe-1981 wagunyazisa ukuba yonke imibutho yoluntu neyonqulo ibhalise ngokutsha ukuze yaziwe ngokusemthethweni. Ukwaziwa kwabazalwana ngokusemthethweni kwanqunyanyiswa ngenjongo yokuba baphinde babhalise ngokutsha. Okubuhlungu kukuba, isicelo sokubhalisa ngokutsha asizange siphendulwe.

NgoSeptemba 1981, uAndrew noMiriam Reed babekumsebenzi wesiphaluka kwiintaba ezikumbindi welo. Bavalelwa kwiintolongo ezahlukeneyo kangangeentsuku ezilishumi phantsi kweemeko ezingaginyisi mathe. Ekugqibeleni, basiwa kwikomkhulu lamapolisa, apho babesoloko bevalelwe kwizisele ezahlukeneyo. Babencinwa ngokuphindaphindiweyo kangangeeyure eziliqela, ngelokuzama ukuba bade bachaze amagama abazalwana abakhokelayo. Ngamnye kubo waxelelwa ukuba iqabane lakhe livumile ukuba lililungu leCIA, kodwa abakwaReed babengengabo nabemi baseUnited States! Ekugqibeleni, baxelelwa ukuba yayiyimpazamo leyo. Nangona bengazange babhaxekwe zityholo, bagxothelwa eCosta Rica. Noko ke, ngaphambi kokuba bahambe, baxelelwa ukuba, ukwala kwamaNgqina kaYehova ukuphatha izixhobo kwakungamkelekanga, kangangokuba wonke ummi waseNicaragua wayemele akulungele ukulwela ilizwe lakhe.

Ngobulumko, iKomiti yeSebe yalungiselela ukuba kuqeqeshwe abazalwana basekuhlaleni ukuze bavelele umsebenzi xa kunokwenzeka ukuba ivalwe iofisi yesebe. Kwangelo xesha, kwaqhutywa isikolo sabaveleli besiphaluka nabo bangamabambela abo, uludwe lweZikolo Zobulungiseleli zoBukumkani zabadala nezicaka zolungiselelo eziliqela, kwakunye neZikolo Zenkonzo Yobuvulindlela. Noko ke, kwakunzima ukulungiselela iindibano ezinkulu.

Ngokomzekelo, nangona amagosa esixeko saseMasaya avuma ukuba liyafumaneka ibala lemidlalo ukuze kuqhutywe enye iNdibano YeSithili “Yokunyaniseka EBukumkanini” kwezimbini ezaziza kuqhutywa ngoDisemba 1981, kwiiyure nje ezingama-36 ngaphambi kwendibano, asaphula eso sithembiso. Eso sigqibo sasiphuma kurhulumente wephondo, kungekhona kwiofisi kasodolophu. Noko ke, abazalwana balunyukiswa kusengaphambili. Ngoko ngosuku olungaphambi kolo, benza amalungiselelo nomnye udade owayenobubele okusebenzisa ifama yakhe yeenkuku. Yayimalunga neekhilomitha ezisibhozo ngaphandle kweManagua. Ukuze akwazi ukulungisa eso siza, amatsha-ntliziyo asebenza ubusuku bonke. Abazalwana abangaphezu kwama-6 800 baziswa ngokukhawuleza ngomlomo ngale ndawo intsha.

Isebe Lavalwa

NgoMgqibelo, ngoMatshi 20, 1982, ngeye-6:40 kusasa, uIan Hunter wayelungiselela abavangeli basemazweni awayesebenza nabo isidlo sakusasa. Kwagaleleka ibhasi enamagosa ajongene nabantu abavela kumazwe angaphandle kwakunye namajoni axhobe ngoombayimbayi. La majoni angqinga iofisi yesebe kwakunye nekhaya labavangeli basemazweni. UIan uthi: “La magosa asixelela ukuba mntu ngamnye apakishe isutikheyisi ibe nye kwakunye nebhegi encinane. Abazange basichazele isizathu, kodwa basixelela nje ukuba baza kusisa kwindlu ethile apho sasiza kuhlala okwethutyana, ngoxa babesenza uphando. Ngobulumko, uReiner Thompson, ongumalathisi weKomiti Yesebe, wangena eofisini waza watsalel’ umnxeba amanye amakhaya abavangeli basemazweni ebalumkisa ngale meko.”

URuby Block uthi: “Ngaloo mini ndabubona ubunyaniso bamazwi kaPawulos athi: ‘Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo . . . yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.’ (Fil. 4:6, 7) Nangona elinye ijoni elixhobileyo lalibukele lisekhitshini, uReiner Thompson wasikhokela ngomthandazo, saza sonke ngokusuka entliziyweni sathi ‘Amen.’ Emva koko, zathi xibilili izibilini, nangona sasingazi ukuba loo mini iya kutshona inaziphi iindaba. Sasinentembelo yokuba nokuba kwenzeka ntoni na, uYehova uza kusinika amandla okuhlangabezana naloo meko. Loo mava ndakusoloko ndiwakhumbula yaye ndiwaxabisa.”

UMzalwan’ uHunter usibalisela oko kwalandelayo, esithi: “Bathi masikhwele ebhasini baza basisa kwifama endala yekofu nengaphandle kwelo. Ndawakhumbuza loo magosa ukuba njengoko singengobalapho sinelungelo lokuqhagamshelana nendlu yozakuzo. Aphendula ngelithi umthetho olawula imo yonxunguphalo, owawuchazwe ekuqaleni kwaloo veki, wawuwaphelise onke loo malungelo yaye kwakufuneka sibe ngaphandle kwelizwe ukuze sikwazi ukuthetha naye nabani na esifuna ukuthetha naye. Lazicacela elokuba siyagxothwa eNicaragua.” Ngaloo mini, abavangeli basemazweni abasithoba ababehlala kwelo sebe bahanjiswa ngokwamaqela awahlukeneyo, basiwa kumda waseCosta Rica.

Kwangelo xesha, abavangeli basemazweni abakwamanye amakhaya amabini bakhawuleza benza ngokuvisisana noko kuthethwa nguMzalwan’ uThompson emnxebeni. Bencediswa ngabazalwana basekuhlaleni, basusa izinto ezininzi, phakathi kwazo kukho umatshini wokushicilela, baza bakhupha nezinto zabo ezininzi. Athi akufika amagosa ajongene nabantu abavela kwamanye amazwe, amangaliswa akufika ezo zakhiwo zikhal’ ibhungane nabavangeli basemazweni bepakisha iisutikheyisi zabo. Ngobo busuku abavangeli basemazweni abalishumi ababekula makhaya mabini, basiwa kwisikhululo seenqwelo-moya. UPhyllis Porter uthi: “Babesithi asimfuni urhulumente wamajoni, kodwa asizange sihlolwe, kungazange kuhlolwe nemithwalo yethu. Nangona sasingenawo amatikiti enqwelo-moya, amatikiti awayefakwe kwimithwalo yethu ayebhalwe ukuba sigxothelwa ePanama.” Abavangeli basemazweni ababini ababengabokugqibela abaseleyo kwelo lizwe—isibini esitshatileyo saseBritani esasikumsebenzi wesiphaluka—bagxothwa kwiinyanga ezimbalwa ezalandelayo.

Kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa, abavangeli basemazweni baya kudibana kwisebe laseCosta Rica. Apho bafumana izabelo kwiQumrhu Elilawulayo zokuba baqhubeke bekhonza kwiindawo ezikufutshane njengeBelize, iEcuador, iEl Salvador, neHonduras. Noko ke, uReiner noJeanne Thompson noIan Hunter basala eCosta Rica kangangexesha elithile ukuze baqhubeke beqhagamshelana nabazalwana abavelela umsebenzi eNicaragua.

Abazalwana baseNicaragua bajamelana njani naloo meko? Ngelo xesha uMzalwan’ uHunter wanikela le ngxelo: “Emva kokuba bekhalele ukugxothwa kwethu, abazalwana baqhubeka ngokuzimisela emsebenzini. Abo basandul’ ukumiselwa kwikomiti yelizwe bakhokela kakuhle, yaye siqinisekile ukuba baya kwenza umsebenzi osemagqabini.” UFélix Pedro Paiz, ekusele kulithuba engumveleli wesiphaluka eNicaragua, uchaza indlela abavakalelwa ngayo abazalwana ngokumka kwabavangeli basemazweni: “Sasixhelekile. Babezijule nofele yaye bahlala bethembekile. Umzekelo wabo wabomeleza abazalwana waza wawubekela isiseko esihle umsebenzi kweli lizwe.”

Uphantsi Kwemiqathango Kodwa Awuvalwanga

Maxa wambi oorhulumente badla ngokubuqonda phosakeleyo ubundilele bamaNgqina kaYehova ngokuphathelele ezobupolitika, imfazwe nemilo yasekuhlaleni. Oku kudla ngokubangela ukuba abantu bakaThixo bachaswe. Ngokomzekelo, phantsi kolawulo lukaSomoza ebudeni beminyaka yee-1950 neyee-1960, abachasi babatyhola ngokuba ngamaKomanisi. Kodwa ngoku amaSandinista atyhola abazalwana ngokuba bangabameli beCIA yaseMerika. Namaziko eendaba awancedisa ngokuthi, “banxamnye nolawulo lwamajoni.”

Sekunjalo, umsebenzi wamaNgqina kaYehova awuzange uvalwe, nangona phakathi kowe-1982 nowe-1990 kwakukho imiqathango ethile kwinkululeko yawo yonqulo. Ngokomzekelo, ayengenakulungenisa uncwadi kwelo lizwe. Ukongezelela, kwasekwa inkqubo yokuhlolwa ngokucokisekileyo komsebenzi wawo—kwanowabantu ngokubanzi.

Ukuba Phantsi Kweliso Loontamnani Baselumelwaneni

Incwadana yeLibrary of Congress ithi: “Ngokukhawuleza nje emva komzabalazo, iFSLN yaseka imibutho emikhulu emela uninzi lwabantu baseNicaragua.” Le mibutho yayiquka abasebenzi, imibutho yamabhinqa, abelusi, nabalimi. Le ncwadana ithi: “Ngowe-1980 umbutho wamaSandinista wawubunjwa ngabantu baseNicaragua abamalunga nama-250 000.” Phakathi kweyona mibutho inamandla kule yayiziiKomiti Zezokhuseleko zamaSandinista EzinobuKomanisi (iComités de Defensa Sandinista ngeSpanish), okanye iCDS. Le CDS, eyayibunjwa ziikomiti zabahlali, yayisenza uhlolisiso kwicandelo ngalinye kweso sixeko yaye ngenxa yoko “kwakungekho nto ingayaziyo ngomntu ngamnye kwabalapho,” itsho njalo le ncwadana. Yayisisixhobo esiphambili sokuqokelela nokusasaza inkcazelo yaseburhulumenteni.

Akuzange kube kudala umsebenzi wamaNgqina kaYehova wabekw’ esweni ngamandla ngenxa yobuxoki obuphindaphindeneyo obasasazwa nxamnye nawo. Abantu ababerhanelwa ngokuba nxamnye nomzabalazo okanye “abaneengcamango nje ezizezabo” babedla ngokugxekwa ziiCDS zeendawo abahlala kuzo phambi kwamagunya eSandinista. Aba bantu babeye babanjwe ngamagosa eGeneral Directorate of State Security, eliqela labecuphi.

Omnye umsebenzi weCDS wawukukugaya oonogada basebusuku. Abantu abaqhelekileyo, amadoda namabhinqa, babetshintshana ngokugada naziphi na izaphuli-mthetho okanye izenzo zabo banxamnye nomzabalazo kwiindawo abahlala kuzo. AmaNgqina akazange abe nasabelo kulo msebenzi, engazange kananjalo avumele ukuba kuqhutyelwe iintlanganiso zeeveki ngeeveki zeCDS kwimizi yawo. Noko ke, ayeyenza eminye imisebenzi enjengokucoca izitrato. Sekunjalo, amaNgqina ayejongwa njenganenzondelelo yempambano nayingozi kuRhulumente. Omnye umzalwana uthi: “Kulo lonke elo shumi leminyaka, amazwi athi ‘Sinijongile’ ayebhalwe ngaphambi komzi wam.”

Balumkile Kodwa Banenkalipho

Abazalwana babesebenzisa ubulumko xa besiya kwiintlanganiso zamaKristu naxa besiya entsimini ukuze bangatsali ingqalelo yabantu. Iintlanganiso zaziqhutywa ngamaqela angangeentsapho kwiindawo ezifihlakeleyo, kumakhaya abazalwana okanye kwiiHolo zoBukumkani ezingabhalwanga. Ngokuxhomekeka kwindawo abahlala kuyo, ngokuqhelekileyo abazalwana babengaziculi iingoma zoBukumkani kwiintlanganiso. Ekuhambeni kwexesha, abavakalisi basebenzisa amanani endaweni yamagama abo kumaxwebhu nakwiingxelo ezahlukeneyo zebandla. Ukongezelela, abantu abanomdla babengamenyelwa kwiintlanganiso, de babe sele befundisise ubuncinane kangangeenyanga ezintandathu yaye sele besenza inkqubela ngokomoya.

Iindibano zenziwa zancinane, nocwangciso lwaba lufutshane. Iintetho nenye inkcazelo ephathelele iindibano zazithunyelwa kwibandla ngalinye, apho abadala babezilungiselela baze bazinikele emabandleni, bencediswa zizicaka zolungiselelo ezifanelekayo. Amalungu ekomiti yelizwe nabaveleli abahambahambayo babetyelela iindibano ezininzi kangangoko banako.

Iindawo ezaziza kuqhutyelwa kuzo iindibano zazichazwa nje ngomlomo, yaye ayikho indibano ekwakha kwafuneka ukuba irhoxiswe. Noko ke, ezinye iindawo zazitshintshwa ngexesha nje elifutshane. Ngokomzekelo, ngowe-1987 kwenye ilali, kwalungiswa iyadi yomnye umzalwana ukuze kuqhutywe indibano yabantu abamalunga nama-300. Ngequbuliso, kwathi gqi igosa lasemkhosini liphahlwe ngamajoni alo. Eli gosa labuza: “Kuqhubeka ntoni apha?”

“Siza kuba netheko,” waphendula ngelitshoyo lo mzalwana, akuba ebone iibhutsi zalo ezazichaza mhlophe ukuba lisuka kuMkhosi Wezokhuselo Welizwe. Emva koko, eli gosa lemka. Beqinisekile ukuba amagunya ayabarhanela, abazalwana noodade basebenza ubusuku bonke bechitha yonke loo nto. Kwathi kubetha eyesi-5:00 ekuseni, zabe izitulo, iqonga nezinto zokupheka zimke zonke zaya kumiswa kwenye indawo emalunga nekhilomitha enesiqingatha ukusuka apho. Amatyendyana adlamkileyo ahamba exelela abazalwana ngale ndawo intsha. Kwangaloo ntsasa, kwafika ilori ezele ngamajoni axhobileyo kulaa ndawo yayiza kuba nendibano ekuqaleni, enethemba lokuba aza kuyiphelisa loo ndibano, athathe ulutsha aluse emkhosini, aze abambe abazalwana abakhokelayo. Kodwa afika kukho nje umninimzi.

Eli gosa labuza: “Baphi abanye abantu?”

“Hay’ ke, besinetheko phezolo, liphelile ke ngoku,” waphendula ngelitshoyo lo mzalwana.

“Khange nibe nendibano kanti?” labuza igosa.

“Uyazibonela nawe,” watsho lo mzalwana. “Akho ntw’ apha.”

Linganelisekanga eli gosa lahlabela mgama lisithi: “Nizitheni ezaa ntente bezilapha izolo?”

“Itheko liphelile,” waphinda watsho lo mzalwana. “Bemke nayo yonke into ebilapha.”

Emva koko emka la majoni. Ngelo xesha, abazalwana babenandipha ucwangciso lokomoya olwakhayo kwenye indawo.

UYesu wathi: “Khangelani! Ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko ke zingqineni nilumkile njengeenyoka ukanti nimsulwa njengamahobe.” (Mat. 10:16) Abavakalisi benza ngokuvisisana nala mazwi kungekuphela nje ngokuya kwiintlanganiso nakwiindibano kodwa nangokuya entsimini. Ngaloo ndlela, babengabi ngamaqela amakhulu xa besiya entsimini, kodwa ngobulumko babesebenza ngababini kwintsimi ababesele beyabelwe kusengaphambili. Umveleli wesiphaluka uFélix Pedro Paiz uthi: “Kwafuneka silumke gqitha. Xa siya entsimini sasiphatha iBhayibhile kuphela. Suku ngalunye ndandiye ndabelwe ukusebenza nomzalwana owahlukileyo entsimini. Xa ndityelele amabandla athile, ndandidla ngokuya kwelinye lamaqela esifundo sencwadi ngokuhlwa ngoLwesibini, ndize ndiye kwelinye eliqhutywa ngoLwesine nakwelinye langeCawa. Kwezinye iindawo zelizwe, kwakungabi yomfuneko ukuba ndilumke kangako.”

Ukuhluthwa Nokubanjwa

Ngabusuku buthile ngoJulayi 1982, ihlokondiba elisusela kubantu abali-100 ukuya kwabangama-500, lihamba namajoni oMkhosi Wokhuselo Welizwe lahlasela iiHolo zoBukumkani ezikwimimandla eyahlukeneyo yelizwe, lazihlutha “egameni labantu.” NgoAgasti 9 phakathi kweyesi-7:00 neye-9:00 ngokuhlwa kwahluthwa ezinye iiHolo zoBukumkani ezintlanu, iHolo yeNdibano, nesakhiwo esasisakuba sesesebe e-El Raizón. Emva kokuba abavangeli basemazweni begxothiwe ngoMatshi, abazalwana abathandathu baseNicaragua, nesinye isibini esasalayo esingabavangeli basemazweni, baye baqhubeka behlala kweli sebe ukuze babe liliso kulo. Noko ke, ekugqibeleni amagunya, exhaswa lelo hlokondiba lindlongondlongo, abakhupha ngenkani engabaniki nethuba lokuba bathathe izinto zabo.

Urhulumente wazinika iCDS zonke iiHolo zoBukumkani ezihluthiweyo, ngoku ekwakusele kusithiwa “zizakhiwo zabantu.” Kuyabonakala ukuba, ezi holo zaziza kusetyenziswa nguwonke wonke. Ekugqibeleni, zingama-35 kwezingama-50 izakhiwo ezazihlala abantu ngokungekho mthethweni nangona zingazange zihluthwe ngokuphandle.

Ukongezelela kubuhlanga obabuvutha, abazalwana abakhokelayo abazange banele nje ukubekwa esweni, kodwa babedla ngokusongelwa. Ngokomzekelo, kwezinye iindawo amahlokondiba eCDS ayesima phambi kwamakhaya aba bazalwana abanxwale kangangeeyure eziliqela, ebabeka izityholo ekwatsho namazwi athile ezobupolitika. Amagosa oMkhosi Wezokhuselo Welizwe ayegqogqa amakhaya, amanye ewaphanga. Abadala abaliqela, kuquka abo bakwikomiti yelizwe, babanjwa baza baphathwa kakubi.

Omnye wabadala bokuqala abafumana impatho enjalo nguJoel Obregón, owayengumveleli wesiphaluka ngelo xesha. NgoJulayi 23, 1982, amagosa oMkhosi Wezokhuselo Welizwe angqinga umzi awayefikele kuwo ekunye nomfazi wakhe uNila, aza ambamba. Kuphela kusemva kokwenza iinzame kangangeeveki ezintlanu kukaNila, awathi wavunyelwa ukubona umyeni wakhe, oko ekwenza kangangemizuzu emithathu ngexesha, ephantsi kweliso lejoni elixhobileyo. Kuyacaca ukuba uJoel wayephethwe kakubi, kuba uNila waphawula ukuba ubhityile kwaye kunzima nokuthetha. Eli joni lathi kuye: “UJoel akafuni kusebenzisana nathi.”

Emva kokuvalelwa kangangeentsuku ezingama-90, uJoel wada wakhululwa—ehle ngeekhilogram ezingama-20. Kwabanjwa nabadala beminye imimandla yelo lizwe, bancinwa baza bakhululwa. Hayi indlela umzekelo wabo owabomeleza ngayo abazalwana babo!—Bona ibhokisi ethi “Ukuzibona Sele Usezandleni Zabecuphi,” kwiphepha 99-102.

Ukubhaliselwa Umkhosi Kuvavanya Ulutsha OlungamaKristu

Abazalwana abaselula ngokukhethekileyo bachatshazelwa kukuwiswa komthetho wowe-1983 wokubhaliswa kwabo bonke abafana emkhosini, mthetho lowo owawubizwa ngokuba yiNkonzo Yasemkhosini Yabantu Abathand’ iLizwe. Amadoda aphakathi kweminyaka eli-17 nengama-26 ubudala ayenyanzelwa ngumthetho ukuba achithe iminyaka emibini ekwithafa ledabi aze eminye iminyaka emibini ayichithe ekumkhosi nje oselugcinweni. Xa sele ebhalisiwe, ayesisiwa kanye kwinkampu yomkhosi ukuze afumane uqeqesho. Kwakungekho mntu uvumelekileyo ukuba ale ngenxa yesazela sakhe; xa usala wawuvalelwa ngoxa ulinde ukuchotshelwa kwetyala lakho ekuthi emva koko ugwetywe iminyaka emibini entolongweni. Abazalwana baqhubeka bekhaliphile ebudeni bolu vavanyo, bezimisele ukuhlala bethembekile kuYehova.

Ngokomzekelo, ngoFebruwari 7, 1985, uGuillermo Ponce, uvulindlela othe ngxi waseManagua onama-20 eminyaka ubudala, wabanjwa ngamapolisa xa wayesiya kuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Ngenxa yokuba wayengenalo iqweqwe lofaniso lasemkhosini, wasiwa kwinkampu yoqeqesho yasemkhosini. Kodwa kunokuba avume ukusebenzisa izixhobo zokulwa, uGuillermo waqalisa ukunikela ubungqina kwamanye amajoni aselula. Xa wabona oku, omnye umphathi wabhavuma esithi: “Akukho secaweni apha; yinkampu yomkhosi le. Apha uza kuva ngathi!” UGuillermo waphendula ngokucaphula amazwi akwiZenzo 5:29 athi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” Eligqabi ngumsindo, lo mphathi, nowayengumqeqeshi womkhosi waseCuba, wamhlutha iBhayibhile esongela ngelithi: “Siza kuqubisana ngokuhlwanje”—nto leyo eyayithetha ukuba uGuillermo wayeza kuthuthunjiswa ngamazwi awayeza kumtheza amandla kuzimiselo lwakhe.

Ngethamsanqa, lo mphathi akazange ade ayenze loo nto. Noko ke, kwiintsuku ezintathu kamva, uGuillermo watshintshelwa kwintolongo awagcinwa kuyo kangangeenyanga ezisithoba phantsi kwemeko ezingentle noko. Sekunjalo, waqhubeka ekhonza njengovulindlela, eqhuba izifundo zeBhayibhile kunye neentlanganiso apho entolongweni. Kamva kweli xesha lobunzima, uGuillermo waba luncedo kwikomiti yelizwe.

Kunokuba babanjwe, abanye abazalwana abaselula banyanzelwa ukuba baye kuhlala kwiinkampu zomkhosi ezisezintabeni ezibizwa ngokuba nguMkhosi Wemfazwe Wokwexeshana. Mkhosi ngamnye wawubunjwa ngamaqela amahlanu okanye amathandathu amadoda amalunga nama-80 ukusa kuma-90 aqeqeshelwe ukulwa kumahlathi asezintabeni, apho umlo wawushushu nxamnye nabavukeli (umkhosi owawunxamnye namaSandinista). Nangona abazalwana bengazange bavume ukunxiba iimpahla zomkhosi baze baphathe izixhobo, banyanzelwa ukuba baye kumathafa edabi, phezu kokuba babephethwe kakubi yaye bethukwa.

UGiovanni Gaitán oneminyaka eli-18 wawunyamezela loo mvambo. Kwenziwa iinzame zokunyanzela uGiovanni ukuba aye emkhosini ngaphambi nje kwendibano yesithili kaDisemba 1984, apho wayenethemba lokuba uza kubhaptizwa. Wasiwa kwinkampu yoqeqesho lwasemkhosini apho amajoni azama ukumnyanzela ukuba afunde ukusebenzisa umbayimbayi kangangeentsuku ezingama-45 ukuze aye kulwa ehlathini. Kodwa ngenxa yesazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile, uGiovanni wala ‘ukufunda imfazwe.’ (Isa. 2:4) Akazange azinxibe iimpahla zemfazwe, engazange avume nokuphatha izixhobo. Nakuba kunjalo, wanyanzelwa ukuba amatshe namajoni kangangeenyanga ezingama-27 emva koko.

UGiovanni uthi: “Ndazomeleza ngokuthandaza ngokuzingisileyo, ndicamngca ngoko ndandikufunde ngaphambili, yaye ndishumayela kuwo nawaphi na amajoni awayenomdla. La mazwi omdumisi ayesoloko enkenteza kum: ‘Ndiya kuwaphakamisela ezintabeni amehlo am. Luya kuvela phi na uncedo lwam? Uncedo lwam luvela kuYehova, uMenzi wezulu nomhlaba. Akunakwenzeka ukuba avumele unyawo lwakho lutyibilike. Akunakwenzeka ukuba Lowo ukulindileyo ozele.’”—INdu. 121:1-3; 1 Tes. 5:17.

Nangona wanyanzelwa ukuba aye edabini kangangezihlandlo ezingama-40, uGiovanni waphuma engenawo nomkrwelo. Akukhululwa, wabhaptizwa ngoMatshi 27, 1987, waza ngokukhawuleza emva koko waba nguvulindlela. Baninzi nabanye abazalwana abaselula abaye batyhubela kwezo meko.—Bona ibhokisi ethi “Banyanzelwa Ukuba Baye Edabini,” kwiphepha 105-6.

Baqhubeka Bengoondilele

Ijelo leendaba eliphantsi kukarhulumente, lidibene neCDS, labhaxeka izityholo zobuqhetseba kumaNgqina kaYehova lisithi asebenzisa ubulungiseleli bawo bendlu ngendlu ukuze agxibhe iNkonzo Yasemkhosini Yabantu Abathand’ iLizwe. Kwakusithiwa amaNgqina akalukhathalele ukhuseleko lwelizwe kuba aphembelela ulutsha lwaseNicaragua ukuba lungavumi ukuya emkhosini. Nangona zazingenasihlahla, ezi zityholo zaphindaphindwa ngenjongo yokuba abatshutshisi neejaji bathabath’ icala. Into eyaba mbi nakakhulu yeyokuba, iinkokeli zeecawa ezidumileyo zeVangeli, ezazisithi zingabaxhasi bomzabalazo, nazo zabatyhola abo baqhubeka bengoondilele ngenxa yezizathu zonqulo, zisithi “baziintshaba zabantu.”

Elinye iNgqina elaliligqwetha lachophela izibheno zabazalwana abaselula abangama-25 ababegwetywe iminyaka emibini entolongweni ngenxa yokungavumi ukuya emkhosini. Umthetho wawungavumi ukuba umntu ale ngenxa yesazela, ngoko injongo yesi sibheno yayikukuba isigwebo sincitshiswe, ngenxa yokuziphatha kakuhle kwabamangalelwa, nokungakuxhathisi ukubanjwa. Ngenxa yoko, ezinye izigwebo, kungekhona zonke, zancitshiswa ngeenyanga ezi-6, nto leyo eyenza zaba li-18.

UJulio Bendaña, umzalwana owayelapho ngoxa kwakuchotshelwe elo tyala, uthi: “Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba ngaphandle kwamaNgqina kaYehova, alukho olunye ulutsha olwakwalayo ukuya emkhosini ngezizathu zonqulo. Ndaziva ndinelunda xa ndandibukele abafana abaneminyaka eli-17 bebumela ngokuqinileyo ubundilele babo phambi kwejaji nomtshutshisi wezomkhosi ngoxa babephahlwe ngabantu abachasayo.”—2 Kor. 10:4.

Kushicilelwa Ngokufihlakeleyo

Ebudeni beli xesha, iQumrhu Elilawulayo laqhubeka linceda yaye linikela ulwalathiso kubazalwana baseNicaragua, lisebenzisa isebe laseCosta Rica nekomiti yelizwe yaseNicaragua. Kodwa kwakuvaliwe ukungena koncwadi, ngoko kwakuza kudluliselwa njani ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo’? (Mat. 24:45) UYehova waphinda walenza icebo.

Ngowe-1985 abazalwana babefumana amanqaku afundwayo eMboniselo nezinye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni bencedwa yinkampani yokushicilela. Noko ke, le ndlela yayiyingozi, kuba umsebenzi wethu wawusesichengeni sabachasi. Ngenxa yeso sizathu, kwagqitywa kwelokuba kusetyenziswe umatshini wokushicilela weoffset owawusetyenziselwa ukushicilela ucwangciso lwendibano nezimemo zeSikhumbuzo de kwaba sekuvalweni kwesebe. Lo matshini wawusetyenziselwa ekhayeni lomnye udade owayehlala ngaphandle kweManagua.

Ngelishwa, ngoNovemba waloo nyaka, loo matshini wabhaqwa waza wahluthwa ngurhulumente. Kunokuba bavumele oku kuphazamisane nomsebenzi, ngokukhawuleza abazalwana balungisa umatshini omdala wokukhuphela, ababesithi nguMqhagi xa bewuteketisa. Ngaphambili, wawusetyenziselwa ukushicilela izimemo, iileta, namaphetshana ocwangciso. Kwathi kwakucaca ukuba iintsimbi zawo azifumaneki lula, abazalwana bafumana omnye umatshini osele usebenzile kwalapho, baza bawubiza ngokuba yiNkuku. Kamva, nesebe lase-El Salvador labathumelela omnye umatshini. Beqhubeka nokusebenzisa amagama emfuyo yasefama, lo wona bawubiza ngokuba siSikhukukazi.

Kwasetyenziswa iibhodi zokukhuphela, ndlela leyo eyayingenabugocigoci kangako, kodwa eyaba yimpumelelo, yaye ezi bhodi abazalwana bazibiza ngokuba yilas tablitas, okanye iibhodi ezincinane. Njengoko zazenziwe nguPedro Rodríguez, umenzi weekhabhathi owabhaptizwa ngowe-1954, ezi bhodi zazinelaphu ngaphezulu kuze ngaphantsi kubekho iglasi. Indlela ezenziwe ngayo yayingantsonkothanga, kukwanjalo nangendlela ezisebenza ngayo. Ngaphezulu kwakufakwa iphepha elinamagama, kuze ke ngaphantsi kufakwe elingabhalwanga. I-inki yayiqatywa ngebrashi enevili kule bhodi, kuze emva koko kufakwe elinye iphepha elingabhalwanga.

Nangona le nkqubo yayicothoza, kodwa yaba luncedo ekuvelisweni kweempapasho ezahlukahlukeneyo, neziquka iculo elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova, elinazo zonke iingoma zoBukumkani ezingama-225. UEdmundo Sánchez, owaba negalelo ekushicileleni, uthi: “Bathi abazalwana bakuqhelana nokusebenzisa ezi bhodi zincinane, bavelisa amaphepha angama-20 ngomzuzu nje. Lilonke, savelisa malunga nemibhalo engama-5 000 yeculo nje lilodwa.”

Inkosikazi kaEdmundo, uElda, yayiphakathi koodade bokuqala ukuncedisa ekubhalweni kwamaphepha awayeza kufakwa koomatshini bokukhuphela. Esebenzisa umatshini wakhe wokuchwetheza, uElda owayekwangumama wayeqalisa ukusebenza kwangentseni de kube sezinzulwini zobusuku echwetheza amanqaku afundwayo eMboniselo awayeza kufakwa koomatshini bokukhuphela. Uthi: “UEdmundo wayedla ngokundinika umbhalo wephephancwadi alifumene eCosta Rica. Ndandingenalo nofifi lokuba mangaphi amaqela ashicilelayo nokuba ayekwenza phi oko; ekuphela kwento endandiyazi ngulo msebenzi nje ndandiwabelwe. Kwakhona ndandisazi ukuba, ukuba sasinokubhaqwa, umzi, ifanitshala yethu—nayo yonke nje into esasinayo—yayinokuhluthwa size sibanjwe, okanye kuthiwe nje ‘salahleka kwaye asaziwa ukuba saya kutshona phi.’ Kodwa ukuthanda nokoyika uYehova kwacima naluphi na uloyiko lomntu esasinalo.”

Iindawo Zokushicilela

UGuillermo Ponce uchaza indlela ezaziyiyo iindawo zokushicilela. Wayengumhloli-zimpazamo ikwanguye nonxibelelanisa abazalwana ababechwetheza amanqaku kwakunye nabo babeshicilela baze basasaze uncwadi. UMzalwan’ uPonce uthi: “Ezi ndawo zokushicilela zazikumakhaya amaNgqina athile. Ndawo nganye yokushicilela yayakhelwe kwigumbi elincinane, nto leyo eyayisenza sisebenzele kwindawo exineneyo. Ukuze singavakali isandi somatshini wokukhuphela, sasidlalela phezulu iikhasethi okanye unomathotholo ngaphandle kwale ndawo yokushicilela.”

Abazalwana babebila xhopho, besebenza iiyure ezisithoba ukuya kwezilishumi ngosuku kula magunjana, bekhuphela IMboniselo okanye ezinye iimpapasho. Kwakuthi xa abamelwane beqalisa ukuxhom’ amehlo okanye mntu uthile exelela abasemagunyeni, uyekwe ngoko nangoko loo msebenzi uyokwenzelwa kwelinye ikhaya ngomzuzwana nje.

Abazalwana babewugqala lo msebenzi njengenkonzo yaseBheteli yaye wawusenziwa ngabazalwana abaselula abangatshatanga. UFelipe Toruño wayeneminyaka eli-19 ubudala yaye esandul’ ukubhaptizwa xa wamenywa ukuba aye kusebenza kwenye yezi ndawo zokushicilela. UFelipe uthi: “Ukufika nje kwam ndathunyelwa kwigumbi elincinane elingenamoya waneleyo nelizaliswe livumba lemichiza yokucima i-inki. Ubushushu babunganyamezeleki, yaye kwakukhanyiswe ngesibane esincinane esisebenza ngombane.”

Kwakukho nezinye iingxaki. Ngokomzekelo, xa umatshini wonakele—nto leyo eyayisoloko isenzeka—wawungenakusuka nje usiwe kwindawo yokuwulungisa. Abantu babesenokubuza: ‘Ngokabani na lo matshini wokukhuphela? Kushicilelwa ntoni ngawo? Ngaba loo nto iyaziwa ngurhulumente?’ Ngoko kwafuneka abazalwana bazilungiselele yaye maxa wambi kwakuye kufuneke bazakhele izixhobo zaba matshini. Enye ingxaki yayikukumka kombane rhoqo. UMzalwan’ uPonce uthi: “Ngenxa yokuba la maqela okushicilela ayengafuni ukuba semva kumsebenzi wawo, maxa wambi ndandiye ndifike esebenza ekhanyise ngofinyafuthi neempumlo zawo zirhonorhono ngumle. Uxabiso, ukuzimisela nomoya wokuzincama owaboniswa ngaba bazalwana baselula wandomeleza ukuze ndiqhubeke ndisebenza.”

Ezinye Iinkumbulo Ezimnandi

UFelipe Toruño uyonwaba xa ekhumbula iminyaka emine eshicilela ngokufihlakeleyo. UFelipe uthi: “Eyona nto yayisoloko inkenteza kum kukuba, abazalwana bakulindele ngolangazelelo oku kutya kokomoya. Ngoko nakuba sasiphantsi kwemiqathango emininzi, sasisebenza ngovuyo.” UOmar Widdy, naye owawenza lo msebenzi ngoJuni 1988 de wagqitywa ngoMeyi 1990, uthi: “Enye yezona zinto endandizithanda kakhulu kukuboniswa kothando lobuzalwana. Abasebatsha babekulungele yaye bezimisele ukufunda, ibe bayifundiswa kakuhle imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Iimeko esasisebenza phantsi kwazo zazingentle kodwa la matsha-ntliziyo nangona eselula ayengamadoda okomoya awayesazi kakuhle ukuba le nkonzo ifuna umntu azincame ngokwenene.”

Kwakhona uGiovanni Gaitán wasebenza kwiindawo zokushicilela. Uthi: “Somelezwa luxabiso ngoYehova nangentlangano yakhe. Sasingafumani mali-mbuyekezo ngelo xesha, kodwa loo nto ayizange isikhathaze kuba sasinazo izinto eziyimfuneko. Ndandingaqali mna ukuba kwimeko efuna ndithembele ngokupheleleyo kuYehova. Ngoko ndandingazikhathazi kangako ngezinto eziphathekayo. Nangona babeselula, abazalwana abanjengoGuillermo Ponce, uNelson Alvarado, noFelipe Toruño, babeyimizekelo emihle kum. Ndomelezwa nangabazalwana abasele bekhulile ababesikhokela. Ewe, xa ndikhangela emva, ndingatsho ndithi, yonke loo nto yenza ubomi bam banentsingiselo ngokwenene.”

Bonke abo babesebenza ngokufihlakeleyo bayibona ngeendlela ezahlukahlukeneyo inkxaso kaYehova, nkqu nakumsebenzi wokushicilela ngokwawo. UMzalwan’ uGaitán uthi: Ngokuqhelekileyo umlinganiselo omnye weinki yokuchwetheza wawubhala amagama anokuba ngama-300 ukuya kutsho kwangama-500. Kodwa sawenza wabhala amagama angama-6 000!” Kwakutheni ukuze kube yimfuneko ukwenza oko? Ngaphandle kokuba ezi zinto zazinqabile kwelo, zazithengiswa kuphela kwiivenkile ezilawulwa ngurhulumente, apho ukuthenga izinto ezininzi gqitha kwakunokuphawuleka, nto leyo eyayinokubeka lowo uthengayo esichengeni sokubanjwa. Ewe, uYehova wayisikelela imigudu yabazalwana, kuba ngaphandle nje kokusihluthela umatshini wokushicilela weoffset, amagunya akazange abhaqe okanye avale nayiphi na kwiindawo zethu zokushicilela.

Abazalwana ekwafuneka baphangele ukuze baxhase iintsapho zabo, nabo bancedisa kulo msebenzi, amaxesha amaninzi bezibeka esichengeni kanobom. Ngokomzekelo, abaninzi kubo babelityhutyha lonke ilizwe behambisa uncwadi, besebenzisa izithuthi zabo. Maxa wambi babehamba imini yonke, bedlula kwiindawo ezinamajoni ahlola izithuthi. Babesazi ukuba, xa babenokubhaqwa, babeya kuhluthelwa izithuthi zabo, babanjwe baze baphoswe emva kwezitshixo. Sekunjalo, abazange batyhafe. Kakade ke, aba bazalwana babeyifuna gqitha inkxaso yabafazi babo, abanye kubo ababa negalelo elibonakalayo ebudeni beli xesha lobunzima, njengoko siza kubona.

Amabhinqa Okomoya Akhaliphileyo

Amabhinqa amaninzi angamaKristu abonisa inkalipho nokuthembeka okungathethekiyo ebudeni beminyaka yokuba phantsi kwemiqathango komsebenzi eNicaragua. Esebenzisana nabayeni bawo, awavula amakhaya awo ukuze asetyenziselwe ukushicilela ngokufihlakeleyo, kangangeenyanga eziliqela sihlandlo ngasinye. Kwakhona ayesebenzisa izinto zawo, ukuze aphekele abasebenzi. UNelson Alvarado, owayesalathisa lo msebenzi wokushicilela uthi: “Kwakheka iqhina lobuKristu phakathi kwethu bazalwana baselula naba dade. Babefana noomama kuthi. Yaye thina bonyana, sasibenzela umsebenzi omninzi. Maxa wambi, sasisebenza de kube ngentsimbi yesine ekuseni ukuze sigqibe umsebenzi onexesha elibekiweyo, ingakumbi imisebenzi ekhethekileyo njengencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Maxa wambi, ababini kuthi babesebenza betshintshisana phantse ama-24 eeyure. Sekunjalo, aba dade babedla ngokusilungiselela ukutya, nangoqhiza.”

Neentsapho ezazinoomatshini bokushicilela emakhayeni azo zenza iinzame zokubagcina bekhuselekile. Abafazi abangaphangeliyo babesinyamekela kakuhle esi sabelo, ekubeni abayeni abaninzi babesebenza imini yonke. Omnye udade uthi: “Ukuze ingavakali ingxolo yaba matshini, sasimvulela phezulu kakhulu unomathotholo. Xa kungena umntu esangweni, sasilumkisa abazalwana abakwindawo yokushicilela ngokucofa iqhosha elalikhanyisa isibane esithile esikhethekileyo.”

Abantu ababedla ngokusityelela ngamanye amaNgqina okanye izalamane zethu. Sekunjalo, ngobuchule aba dade babeye bazame ukuzenza zihambe ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Njengoko unokuzicingela, kwakungelula ukwenza oku, ngenxa yokuba aba dade babenomoya wokubuk’ iindwendwe. Cinga ngomzekelo kaJuana Montiel, owayenomthi weenqoba eyadini yakhe. AmaNgqina ayedla ngokuza kukha ezi nqoba, nto leyo eyayisenza ukuba kumana kubakho intlanganiso engacwangciswanga apha kwaJuana. UJuana uthi: “Sathi sakufumana ilungelo lokuba kushicilelwe emzini wethu, sinomyeni wam sawugawula lo mthi. Sasingenakubaxelela abazalwana isizathu sokuba singasachithi ixesha elininzi sincokola nabo, kodwa eyona nto yayiphambili kuthi yeyokuba umsebenzi wokushicilela wawumele ukhuselwe.”

UConsuelo Beteta ongasekhoyo, wabhaptizwa ngowe-1956. Nelakhe ikhaya lalisetyenziselwa ukushicilela. Noko ke, abazalwana babengenakukwazi ukumisa izithuthi zabo ngaphambi kwendlu yakhe xa beye kuthabatha uncwadi ngaphandle kokwenza abantu babe norhano. Ngoko babemisa kwindawo ekhuselekileyo—emzini womnye umzalwana omelene nowalo dade. Kudliwano-ndlebe olwenziwa ngaphambi nje kokufa kwakhe uDade Beteta wabalisa ngezoo ntsuku. Echwayitile wathi: “Amaphephancwadi ayesongwa aze afakwe engxoweni, elungele ukuya kumabandla awahlukahlukeneyo. Ngxowa nganye yayinobunzima obuziikhilogram ezili-15. Ukuze sizise kwikhaya lalo mzalwana, mna nomolokazana wam sasizithwala entloko size sinqumle umsele osemva kwendlu yam. Abamelwane bam abazange barhanele nto, kuba ezi ngxowa zazingahlukanga nganto kwezo zazithwalwa entloko luninzi lwamabhinqa.”

Hayi indlela ababexabiseke ngayo kubazalwana oodade abathembekileyo nabanenkalipho ngolu hlobo! Ethetha egameni labazalwana abaninzi ababesebenza naye ngelo xesha, uGuillermo Ponce uthi: “Kwakulilungelo ngokwenene ukusebenza nabo.” Licace mhlophe elokuba la mabhinqa angamaKristu ekunye nabayeni bawo, ayeyimizekelo ebalaseleyo kubantwana bawo. Ngoku makhe siphose iliso kwiingxaki abantwana abajamelana nazo ebudeni beziganeko zaloo minyaka.

Abantwana Abathembekileyo

Kanye njengabazali babo, abantwana ababenenxaxheba ekushicileleni ngokufihlakeleyo nasekusasazeni uncwadi babonisa ukuthembeka okungathethekiyo. UClaudia Bendaña, owayesahlala nabantwana bakhe ababini ngelo xesha uthi: “Sasinomatshini wokushicilela kwigumbi elingasemva emzini wethu kangangeenyanga ezintlanu. Xa bevela esikolweni, aba bantwana babedla ngokufuna ukuncedisa abazalwana. Kodwa babenokwenza ntoni? Kunokuba babagxothe, abazalwana babebavumela ukuba badibanise amaphepha awayekhutshelwa eMboniselo. Hayi indlela aba bantwana ababekuvuyela ngayo ukuba kunye naba bazalwana baselula, kuba babebakhuthaza ukuba bazazi ngentloko iindinyana zeBhayibhile neengoma zoBukumkani!”

UDade Bendaña uthi: “Ngenxa yokuba sasifuna ukuwugcina uyimfihlelo lo mbandela, sinomyeni wam sabachazela abantwana bethu ukuba siphila kumaxesha anzima, yaye lo ngumsebenzi kaYehova, ngoko kubaluleke gqitha ukuba sihlale sinyanisekile. Kwakungamele bathethe ngale nto nakubani na—kwizalamane kwanakubazalwana noodade abangamaKristu. Ngethamsanqa, aba bantwana bathembeka baza bathobela.”

Ikhaya lika-Aura Lila Martínez, laba phakathi kwawokuqala ukusetyenziswa njengamaziko okushicilela. Abazukulwana bakhe babencedisa ekungqamaniseni amaphepha, ukuwadibanisa nokuwapakisha. Nabo baba ngabahlobo abasenyongweni babazalwana ababesebenza kwelo khaya. Yaye abazange baxelele mntu ngomsebenzi owawusenziwa. UEunice uthi: “Sasisiya esikolweni size sidlale phantse mihla le nabantwana bakwaBendaña nabakwaEugarrios, kodwa asizange sazi ukuba nakwamawabo kwakushicilelwa uncwadi de kwayiminyaka eliqela kamva. ‘Nyhani? Nakowenu kuyashicilelwa?’ sabuzana simangalisiwe! Lonk’ ixesh’ eli singabahlobo abasenyongweni, kodwa akukho namnye kuthi owakha wathetha nto. Licacile elokuba, le yayiyindlela nje kaYehova yokukhusela lo msebenzi.”

Loo mava okukhula asaqhubeka enempembelelo kwaba bantwana. UEmerson Martínez, ngoku osisicaka solungiselelo nokwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo uthi: “Abazalwana ababesebenza kwezo ndawo zokushicilela bandimisela umzekelo omhle. Babeneminyaka eli-18 okanye eli-19 kuphela ubudala, kodwa bandifundisa ukuba ndizixabise iimbopheleleko zokomoya, kungakhathaliseki ukuba zincinane kangakanani na, yaye bandifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukwenza umsebenzi ngendlela esemagqabini. Ukuba ndandinokuphosa iphepha nje elinye ngoxa ndiwangqamanisa, umfundi wayeya kuphoswa yinkcazelo ekwelo phepha. Oko kwabethelela kum ukubaluleka kokwenzela uYehova nabazalwana bam umsebenzi okumgangatho ophezulu.”

UElda María, intombi kaEdmundo noElda Sánchez, wayencedisa ngokuhambisa amaphepha eMboniselo nawezinye iimpapasho awayechwethezwe ngunina. Wayewathutha ngebhayisikile, ewasa kwaMzalwan’ uPonce owayehlala kwizitrato ezihlanu ukusuka apho. Ngaphambi kokuba awanike intombi yakhe, uDade Sánchez wayewabopha kakuhle la maphepha aze awafake kwingobozi encinane. UElda María uthi: “Abazali bam bandifundisa ukuthobela ndisemncinane gqitha. Ngoko wathi wakuba semiqathangweni umsebenzi, ndaqhela ukuyiphulaphula ngenyameko imiyalelo ababendinika yona.”

Ngaba wayeyiqonda ingozi ababekuyo abazalwana—kuquka uyise—owayevelela lo msebenzi wokushicilela? UElda María uthi: “UTata wayedla ngokuthi ngaphambi kokuba ahambe, xa enokubanjwa, andimele koyika okanye ndibe lusizi. Noko ke, xa wayengafiki ngobunye ubusuku, ndikhumbula sithandaza izihlandlo eziliqela noMama ukuze akhuseleke. Sasidla ngokubona amagosa oMkhosi Wezokhuselo Welizwe emise ngaphambi komzi wasekhaya. Ngoxa uMama esiya kuvula ucango, mna ndandisala ndiqoqosha zonke izinto awayesebenza ngazo ndiye kuzifihla. Ndiwubulela gqitha umzekelo noqeqesho endalufumana kubazali bam wokunyaniseka kuYehova nakubazalwana bethu.”

Benesiseko esomeleleyo abasifumana beselula, abantwana abaninzi abakhula ngelo xesha, ngoku bakwinkonzo yexesha elizeleyo, yaye abaninzi baneembopheleleko emabandleni. Inkqubela yabo ibubungqina bentsikelelo engathethekiyo kaYehova awayithulula kubantu bakhe, abangazange baswele kutya kokomoya ngelo xesha lobunzima. Eneneni, iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zaqhubela phambi, de zaya kungena “kumhlaba omhle” phakathi kwamawakawaka awayebanjwe ngexesha lamaSandinista. (Marko 4:8, 20) Kwenzeka njani oko?

Imbewu YoBukumkani Ihlwayelwa Nasentolongweni

Emva koMzabalazo wamaSandinista, amawakawaka amajoni oMkhosi kaRhulumente owoyiswayo kwakunye nabanxaxhi bezobupolitika basiwa eluvalelweni ngaphambi kokuba basiwe kwiinkundla ezikhethekileyo, ezaziqhuba ukususela ngasekupheleni kowe-1979 ukusa kowe-1981. Uninzi lwabo babesakuba kulo Mkhosi kaRhulumente lwagwetywa iminyaka engama-30 luvalelwe eCárcel Modelo (eyiNtolongo yaseModelo), isisele esikhulu esiseTipitapa, malunga neekhilomitha ezili-11 kumntla-mpuma weManagua. Njengokuba siza kubona ngoku, abantu abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo bakhululeka ngokomoya nakuba babenyamezele iimeko ezingaginyisi mathe, kwezo ntolongo zixineneyo.

Ngasekupheleni kowe-1979, omnye umdala waseManagua wafumana ileta evela kwelinye iNgqina elalivalelwe, kodwa lingekasiwa eCárcel Modelo, kuba lalisemkhosini kusalawula uSomoza, lingekayifundi nenyaniso ngelo xesha. Kwileta awayibhalayo, lo mzalwana wayecela uncwadi awayeza kwabelana ngalo namanye amabanjwa. Abadala ababini ababese olu ncwadi abazange bavunyelwe ukuba bambone lo mzalwana. Noko ke, oku akuzange kumdimaze kuba waqhubeka enikela ubungqina kwamanye amabanjwa, eqhuba nezifundo zeBhayibhile namanye awo.

Omnye wezo zifundo, uAnastasio Ramón Mendoza, wenza inkqubela ekhawulezileyo yokomoya. Uthi: “Ndandikuthanda gqitha oko ndandikufunda, kangangokuba ndaqalisa ukuhamba nalo mzalwana, njengoko wayeshumayela kwamanye amabanjwa. Amanye asichasa; amanye asiphulaphula. Kungekudala baba malunga ne-12 kuthi ababefundisisa kunye ebudeni bexesha lekhefu ngaphandle ebaleni.” Malunga nonyaka emva koko, omnye kwelo qela wabhaptizwa.

Ebutsheni bowe-1981, eli qela lincinane labafundi beBhayibhile latshintshelwa eCárcel Modelo likunye namanye amabanjwa, apho lafika laqhubeka nokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Kwangaxeshanye, uncwadi olusekelwe eBhayibhileni lwasasazwa ngokufihlakeleyo kumabanjwa, olunye lufikelela “kumhlaba omhle” ngakumbi.

Cinga nje ngoJosé de la Cruz López, nentsapho yakhe eyayingengomaNgqina. Kwiinyanga ezintandathu emva kokuvalelwa kukaJosé, inkosikazi yakhe yafumana umbhalo weNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile, kwamanye amaNgqina eyadibana nawo esitratweni. Yayizimisele ukuyinika umyeni wayo. UJosé uthi: “Ukuqala kwam ukufunda incwadi Yamabali EBhayibhile, ndandicinga ukuba yincwadi nje yecawa. Ndandingazi nto ngamaNgqina kaYehova. Le ncwadi yandichukumisa gqitha kangangokuba ndayifunda ndayiphindaphinda ndaza ndayiboleka amanye amabanjwa ali-16 endandinawo kweso sisele, ibe akunandipha ukuyifunda. Yayifana nokusela amanzi abandayo nahlaziyayo. Namanye amabanjwa kwezinye izisele ayiboleka, de yalityhutyha lonke elo candelo, yada yadlakadlaka.”

Uninzi lwabo babebanjwe noJosé babeneecawa zabo; abanye bekwangabo nabefundisi. UJosé waqalisa ukufunda iBhayibhile kunye nabo. Noko ke, xa wayebabuza intsingiselo yeGenesis 3:15 wadana bakumxelela ukuba iyindidi. Ngenye imini elinye ibanjwa, elalingumfundi weBhayibhile, lathi kuJosé: “Impendulo ikula ncwadi yakho ipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ukuba uyathanda, singayifunda sobabini.” UJosé wavuma, yaye ukufundisisa incwadi Yamabali EBhayibhile kwamnceda wayiqonda intsingiselo yeGenesis 3:15. Emva koko, waqalisa ukunxulumana namabanjwa angamaNgqina.

Enye into eyatsalela uJosé kweli qela labantu likhethekileyo eCárcel Modelo kukuziphatha kwalo okuhle. UJosé uthi: “Ndabona abantu ababedume ngokuphila ubomi obuvakalala kodwa ngoku ababesele beziphethe kakuhle ngenxa yokufundisisa kwabo iBhayibhile namaNgqina kaYehova.” Kwangelo xesha, inkosikazi kaJosé yaqhubeka ifumana uncwadi kumaNgqina ize iludlulisele kumyeni wayo owayesenza inkqubela yokomoya. Eneneni, iqela awayefundisisa nalo lada lamnika icandelo, apho wayenokushumayela khona kwisisele ngesisele. Ngenxa yoko, wayeboleka abo banomdla iincwadi zakhe aze abamemele nakwiintlanganiso, ezaziqhutyelwa kwelo candelo ngexesha lekhefu.

Ukunyamekela Iimfuno Zokomoya Zamabanjwa

IBandla lase-East Managua lanyamekela iimfuno zokomoya zenani elandayo lamabanjwa aseCárcel Modelo awayefunda uncwadi yaye esenza inkqubela yokomoya. Ngenxa yoko, elo bandla lenza ilungiselelo lokuba abazalwana noodade abathile bathubelezise uncwadi kuloo mabanjwa. Amabanjwa ayenokutyelelwa kanye kwiintsuku ezingama-30 ukusa kwezingama-60, kodwa ayenokutyelelwa kuphela ngumntu ocelelwe imvume kusengaphambili. Ngoko asingabo bonke abanomdla ababenokutyelelwa ngamaNgqina alapho. Sekunjalo, oku akuzange kube yingxaki kangako ekubeni amabanjwa ayehlanganisana aze abelane ngolwazi analo.

Abadala beBandla lase-East Managua bancedisa ekulungelelaniseni nasekwalathiseni umsebenzi weqela elalisanda eCárcel Modelo. Babenxibelelana rhoqo ingakumbi namabanjwa awayekhokela ngokomoya, bewafundisa indlela yokuqhuba iintlanganiso zaveki nganye, indlela yokushumayela nendlela yokunikel’ iingxelo nangaloo misebenzi. La mabanjwa wona afundisa abanye. Ngokuqinisekileyo kwafuneka izinto zenziwe ngocwangco, kuba ngelo xesha kwasekwa iqela elikhulu labafundi beBhayibhile kuloo ntolongo.

ICárcel Modelo yayikade inamacandelo amane, candelo ngalinye lihlala amabanjwa angama-2 000. UJulio Núñez, omnye wabadala ababetyelela apho uthi: “Candelo ngalinye lalingadibani namanye, ngoko iintlanganiso zaveki nganye zaziqhutywa ngokwahlukeneyo kwindawo yokuzihlaziya yecandelo ngalinye, apho kwakubakho abantu abamalunga nama-80 bebonke.”

Ukubhaptizelwa Kumgqomo Omkhulu

Njengoko abo basebatsha babesenza inkqubela, abaninzi kubo bavakalisa umnqweno wokubhaptizwa. Abadala ababetyelela entolongweni babencomela amabanjwa aza kubhaptizwa baze bancede lawo akhokelayo kwizinto zokomoya ukuba enze amalungiselelo obhaptizo ngosuku olungqamana nolwendibano eqhutywa ngaphandle. Ngokuqhelekileyo intetho yobhaptizo yayinikelwa ngobusuku obungaphambili kwesinye sezisele, yaye ngentsasa elandelayo xa amabanjwa eye kuhlamba kwakubhaptizwa abo babesele bekulungele ukwenjenjalo.

UJosé de la Cruz López wabhaptizwa entolongweni ngoNovemba 1982. Uthi: “Ndabhaptizelwa kumgqomo omkhulu wenkunkuma. Sawukhuhlisisa, siwuhlamba ngezibulali-zintsholongwane. Emva koko safaka ishiti saza sawuzalisa ngamanzi. Noko ke, oonogada abaxhobileyo bagaleleka kanye njengoko sasihlanganisene apho silungele ubhaptizo. Basibuza: ‘Ngubani ogunyazise olu bhaptizo?’ Umzalwana okhokelayo wathi akuyomfuneko ukugunyaziswa xa usenza oko ukuyalelwe nguThixo. Aba nogada basivumela ukuba singaqhubeka kodwa phantsi kweliso labo. Ngoxa babebukele, ndabuzwa imibuzo emibini edla ngokubuzwa kwabo baza kubhaptizwa, ndaza ndantywiliselwa kulo mgqomo.” Ubuncinane angama-34 amabanjwa awathi ekugqibeleni abhaptizwa ngale ndlela.

Amanye amabanjwa enza inkqubela ekhawulezileyo. Omnye wawo yayinguOmar Antonio Espinoza, owathothoza iminyaka eli-10 kwengama-30 awayeyigwetyiwe eCárcel Modelo. Amabanjwa ayetshintshwa emva kwexesha elithile, yaye xa uOmar wayekunyaka wakhe wesibini, omnye wabantu ababehlala naye wayeliNgqina. UOmar waphawula ukuba amanye amabanjwa ayeyityelela rhoqo le ndoda, ize iwafundise iBhayibhile. Echukumisekile koko wakubonayo waza wakuva, naye uOmar wazicelela isifundo seBhayibhile.

UOmar waqalisa ukufundisisa incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade, efunda isahluko esinye ngosuku. Emva kweentsuku ezili-11, wafuna ukuba ngumvakalisi. Akugqiba ukufundisisa izahluko ezingama-22 zale ncwadi, wacela ukubhaptizwa. Noko ke, abazalwana bacela ukuba akhe aziphe ithuba lokucingisisa ngalo mbandela. Kwakhona bancomela ukuba afundisise impapasho yesibini ethi, Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, eyayisandul’ ukufika kuloo ntolongo. Kwisithuba nje esingaphezulu kwenyanga, uOmar wayigqiba naloo ncwadi. Eyona nto iphawulekayo kukuba, wayeka ukutshaya waza wenza nolunye utshintsho. Licacile elokuba, inyaniso yeBhayibhile yamchaphazela. Xa babona olu tshintsho, abazalwana baqiniseka ukuba uzimisele, ngoko uOmar wabhaptizelwa emgqomeni ngoJanuwari 2, 1983.

Ukusebenzisa Intetho Yezandla Entolongweni

Ukuze bakwazi ukudlulisela inkcazelo evela kubadala abatyelela intolongo, okanye xa befuna ukuqokelela inkcazelo enjengeengxelo zenkonzo yasentsimini, aba bavakalisi baseluvalelweni kwakuye kufuneke banxibelelane nabakwamanye amacandelo. UMzalwan’ uMendoza, owabhaptizwa ngowe-1982, usichubela indlela ababekwenza ngayo oku.

Uthi: “Abanye bafunda uhlobo lwentetho yezandla eyayisetyenziswa ngamabanjwa. Ekufikeni kwexesha leSikhumbuzo, kanye xa siqikelela ukuba ilanga sele litshonile, sasisenzelana umqondiso ukuze sithandaze ngaxeshanye sonke. Sasisenjenjalo minyaka le. Intetho yezandla yayisinceda naxa sifundisisa IMboniselo. Xa abazalwana abakwelinye icandelo bengenalo inqaku elifundisiswayo ngaloo veki, sasibachazela lonke elo nqaku ngentetho yezandla. Omnye okwelo candelo wayeyichaza ngamazwi loo ntetho yezandla, kuze kubekho oyibhala phantsi.” Kodwa oku kutya kokomoya kwakungena njani kuloo ntolongo?

Amabanjwa Ondliwa Ngokutya Kokomoya

Abadala, iintsapho zabo, nabanye abavakalisi beBandla lase-East Managua babewatyelela rhoqo amabanjwa aseCárcel Modelo. Kangangeminyaka elishumi, babephathela abazalwana babo ukutya kokwenyama nokokomoya, kuquka IMboniselo noBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Kambe ke, oku kokomoya ukutya kwafuneka kufihlwe.

Omnye umdala wayefihla amaphephancwadi kumngxuma weentonga awayesimelela ngazo. UJulio Núñez uthi: “Nabantwana babencedisa, ekubeni babengafane bahlolwe. Abo babetyelela babekwazi nokuza nemifuziselo yeSikhumbuzo apho entolongweni.

Candelo ngalinye lalimele lityelelwe ngeentsuku ezikhethekileyo yaye abantu abagunyaziswe ngamagunya alapho babedla ngokuchitha imini yonke bekunye nebanjwa kwiyadi enkulu yalapho. Ngale ndlela, ngamabanjwa ambalwa angamaNgqina awayenokudibana nabazalwana noodade bawo abasuka eManagua aze afumane ukutya kokomoya. Emva koko, xa la mabanjwa ebuyela kumacandelo awo, ayesabelana namanye ngoko akufumeneyo.

Kwakungatyeshelwa neengoma zoBukumkani. UMzalwan’ uLópez uthi: “Kwicandelo lethu, wayemnye kuphela, owayenxibelelana nabazalwana abasityelelayo. Ngoko yaba yimbopheleleko yelo banjwa ukufunda indlela yokucula amaculo ambalwa ngexesha, aze asifundise sonke. Ekubeni sonke sasineculo elinye, sasidla ngokuqhelisela ngaphambi kweentlanganiso.” UMzalwan’ uMendoza wayengomnye waloo mabanjwa ambalwa awayenelungelo lokutyelelwa ngamaNgqina. Uthi: “UCarlos Ayala nentsapho yakhe bandityelela. Iintombi zakhe ezimbini zandifundisa ubuncinane iingoma zoBukumkani ezisithoba, endathi ndazifundisa abahlobo bam.” UMzalwan’ uLópez ngomnye wabo bazifundiswa ngabanye ezi ngoma. Uthi: “Kamva xa ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zangaphandle, ndavuya gqitha, kodwa manditsho ukuba, ndothuswa kukufumanisa ukuba sasicula amaculo afanayo.”

Ukuhlala Somelele Ngokomoya Entolongweni

Abazalwana nabo banomdla kwafuneka benyamezele ziphi iimeko entolongweni, yaye benza njani ukuze bahlale bomelele ngokomoya? UMzalwan’ uMendoza uthi: “Sasinikwa ukutya okuncinane entolongweni. Maxa wambi onke amabanjwa ayebethwa, yaye ngamaxesha athile, oonogada babesilalisa ngesisu phantsi baze badubule kufuphi nathi. Le nto yayisenziwa ngenjongo yokuba singcangcazele luloyiko. Xa oonogada bexabene namanye amabanjwa, sasisohlwaywa sonke ngokukhutshwa phandle sihamba ze ukuze sigcabe elangeni. Thina maNgqina sasisebenzisa amathuba anjengala ukuze sakhane size sithuthuzelane. Sasikhumbuzana ngeendinyana zeBhayibhile size sabelane ngeengongoma esizifundileyo kufundisiso lobuqu. La mava asinceda ukuba siqhubeke simanyene yaye somelele.”

Esebenzisa ixesha elininzi awayelichitha engenzi nto, amaNgqina amaninzi nabo banomdla bafunda iBhayibhile bayiphindaphinda kangangezihlandlo ezine ukuya kwezihlanu. Kwakuyinto eqhelekileyo ukubabona befunda ngenyameko, izihlandlo eziliqela, zonke iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ababezifumana. UMzalwan’ uMendoza ubalisa indlela ababeyixabise ngayo INcwadi Yonyaka. Uthi: “Amava avela kumazwe awahlukeneyo kuquka neemaphu—sasiwafunda onke. Nyaka ngamnye sasithelekisa ulwando kwinani lamabandla, kwinani labasandul’ ukubhaptizwa, nolwando lwababeze eSikhumbuzweni kwilizwe ngalinye. Ezi zinto zasivuyisa ngokwenene.”

Kwiimeko ezinjalo, abavakalisi abasebatsha bakhawuleza bafumana ulwazi olusemagqabini lweLizwi likaThixo kwakunye nolo luphathelele intlangano kaThixo. Kwakhona bashumayela baza bafundisa ngenzondelelo. Ngokomzekelo, ngoFebruwari 1986, eCárcel Modelo kwakukho abavakalisi abangama-43 ababeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-80. Ngokomlinganiselo bangama-83 ababesiya kwiintlanganiso veki nganye.

Onke la mabanjwa akhululekileyo ngokomoya ayeza kufumana inkululeko engakumbi kungekudala, kuba urhulumente wagqiba kwelokuba awaxolele onke amabanjwa ezobupolitika. Loo nto yaphumela ekubeni, amaNgqina okugqibela angama-30 awayeseCárcel Modelo akhululwe ngoMatshi 17, 1989. Ngokukhawuleza iBandla lase-East Managua lenza amalungiselelo okuba abadala baqhagamshelane naba bavakalisi basandul’ ukukhululwa, ababekwimimandla yabo. Bona aba badala, babamkela aba bazalwana basebatsha, uninzi lwabo olwaba ngabadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela ekuhambeni kwexesha.

Imiqathango Ayiwuthinteli Umsebenzi Wokushumayela

Nakuba kwakukho amagingxigingxi neengozi, inani labavakalisi eNicaragua laqhubeka lisanda ngokukhawuleza ngexesha lokubekelwa imiqathango komsebenzi. Enyanisweni kweminye imimandla kwasekwa amabandla awayephantse abe nabantu abasebatsha bodwa. Elinye lawo liBandla laseLa Reforma. Suku ngalunye oovulindlela abakhethekileyo uAntonio Alemán nenkosikazi yakhe, uAdela, babedla ngokuya kunikela ubungqina kumaphandle aphakathi kweMasaya neGranada. Elinye lala maphandle yiLa Reforma. Kulapha ke ekwathi ebutsheni bowe-1979, abakwa-Alemán bafundisisa noRosalío López, umfana owayesandul’ ukufelwa yinkosikazi. Akuzange kube kudala, uRosalío wabalisela abantu basebukhweni awayehlala nabo, ngezinto awayezifunda. Waqala wabalisela umkhwekazi wakhe, wandula ke waxelela bonke abalanya bakhe. Kungekudala, yonke loo ntsapho yabantu abangama-22 yayihamba umgama oziikhilomitha ezintandathu isiya kwiintlanganiso zaseMasaya.

Ngenye imini abantu basebukhweni bukaRosalío bathi kuye: “Ezintlanganisweni, sifunde ukuba amaNgqina kaYehova ashumayela kwindlu ngendlu, kodwa thina asikwenzi oko.”

“Kulungile ke,” watsho njalo uRosalío, “siza kuya kushumayela ngalo Mgqibelo.” Yaye baya! Bengama-22 benjalo babesiya kwindlu enye bonke, kuze kuthethe uRosalío yedwa! Ukufika kuka-Antonio eze kuqhuba isifundo kwakhona, encumile, uRosalío wathi: “Sonke besiye kushumayela kule veki!” Nangona uAntonio wayeyivuyela inzondelelo yaba bantu wayebafundela, wazikhuthaza ezi zibini ziselula ukuba zilungise ukuma kwazo kwizinto ezithile kuqala.

NgoDisemba 1979, uRosalío nomnye wabalanya bakhe, uHúber López, babengabokuqala kweli qela ukubhaptizwa, abanye ke babhaptizwa ngokulandelelana ngokukhawuleza emva koko. Kwiminyaka nje emithathu emva koko, kwasekwa iBandla laseLa Reforma. Laqala linabavakalisi abangama-30—bonke bephuma kwintsapho enye! Ekuhambeni kwexesha, uHúber, umkhuluwa wakhe uRamón, noRosalío bamiselwa njengabadala. Ngowe-1986, amalungu angama-54 kweli bandla aba ngoovulindlela.—Bona ibhokisi ekwiphepha 99-102.

Ngenxa yokushumayela ngenzondelelo kwamalungu eBandla laseLa Reforma, ekugqibeleni kwasekwa amanye amabandla amathandathu kwimimandla ekufutshane. Uz’ uphinde ukhumbule ukuba, abazalwana babesephantsi kweliso elibukhali lamagunya awayengayithandi inzondelelo yabo. UHúber López uthi: “Sasidla ngokudlakazeliswa ngamajoni, kodwa loo nto ayizange isiyekise ukushumayela.” Eneneni, umsebenzi wokushumayela waqhubela phambili ebudeni beli xesha lobunzima. Njani? Kaloku, abazalwana abaninzi baphulukana nemisebenzi yabo baza baba ngoovulindlela abathe ngxi nabangabancedani.

UYehova wayisikelela imigudu yabo. Ngowe-1982, kwakukho abavakalisi beendaba ezilungileyo abangama-4 477 eNicaragua, kodwa ngowe-1990—emva kweminyaka esibhozo umsebenzi uphantsi kwemiqathango yaye abazalwana betshutshiswa—elo nani lantinga laya kutsho kuma-7 894. Olo yayilulwando lwama-76 ekhulwini!

Ukususwa Kwemiqathango

NgoFebruwari 1990, unyulo olwalubukelwe lihlabathi lonke lwakhokelela ekutshintsheni korhulumente eNicaragua. Kungekudala emva koko, yasuswa imiqathango eyayibekelwe amaNgqina kaYehova, kwaphela nokubhaliswa ngenkani emkhosini, kwapheliswa neekomiti zezokhuseleko. Nangona baqhubeka belumkile, abazalwana babengasoyiki ukubekw’ esweni ngabamelwane. NgoSeptemba waloo nyaka, uIan Hunter, owayekwiKomiti yeSebe yaseGuatemala, waba ngumalathisi omtsha wekomiti yelizwe yaseNicaragua.

Kangangeminyaka esibhozo ngaphambi koko, ikomiti yelizwe yayivelela umsebenzi eNicaragua ingenaofisi okanye izinto zeofisi. Eneneni, uMzalwan’ uHunter wakuvuyela gqitha ukuza nomatshini wokuchwetheza awayewusebenzisa esekwisebe laseGuatemala! Umzalwana wasekuhlaleni, uJulio Bendaña, ngobubele wanikela ngezinto zakhe ezininzi zeofisi kwabo bazalwana babenomsebenzi omninzi.

Kwafunyanwa indlu ngaphandle kweManagua, yaza yenziwa iofisi yesebe. Noko ke, abazalwana abaliqela babengaqhelananga nenkqubo yaseBheteli, kuba babeqhele ukusebenza ngokufihlakeleyo kwiindawo ezahlukeneyo nangamaxesha awahlukahlukeneyo. Kodwa bakhawuleza bafunda baza benza uhlengahlengiso. Abaninzi kwaba bafana, basaqhubeka bekhonza uYehova ngokuthembeka, abanye bakwezinye izintlu zenkonzo yexesha elizeleyo.

Ukuze kwenziwe umsebenzi kwelo sebe, kwakufika nabazalwana abavela kwamanye amazwe. Abavangeli basemazweni uKenneth noSharan Brian baphinda bathunyelwa eNicaragua ngowe-1990 besuka eHonduras. NgoJanuwari 1991, uJuan noRebecca Reyes, ababephumelele kwiklasi yokuqala yeSikolo Esongezelelweyo saseGiliyadi eMexico, bafika bevela eCosta Rica, kwaza emva kwabo kwafika uArnaldo Chávez, owayephumelele kwiklasi yokuqala yaseMexico, ekunye nomfazi wakhe uMaría. ULothar noCarmen Mihank bagaleleka kwiminyaka emibini emva koko bevela ePanama, apho uLothar wayelilungu leKomiti Yesebe. Abaninzi bathunyelwa kwisebe elitsha, apho bafika bancedisa ekulungelelanisweni komsebenzi ngendlela yentlangano. Namhlanje, intsapho yaseBheteli eNicaragua inamalungu angama-37 aphuma kwiintlanga ezahlukeneyo.

NgoFebruwari 1991 kwamiselwa iKomiti Yesebe endaweni yekomiti yelizwe, yaye isebe laseNicaragua lavulwa ngokusemthethweni ngoMeyi 1, 1991. Ngoku sasibekiwe isiseko solwando olungakumbi, yaye hayi indlela olwaluza kuba lukhulu ngayo olo lwando! Ukususela ngowe-1990 ukusa kowe-1995, kwabhaptizwa abafundi abatsha abangama-4 026—ulwando lwama-51 ekhulwini. Olu lwando lwenza ukuba zifuneke ngakumbi iindawo ezifanelekileyo zokuhlanganisana. Noko ke, uya kukhumbula ukuba, emva phayaa ngowe-1982, izakhiwo ezingama-35 zahluthwa ngamahlokondiba.

Ukucela Ukubuyiselwa Izakhiwo

Xa abantu baqalisa ukuhlala ngokungekho mthethweni kwiiHolo zoBukumkani, abazalwana abazange bayekele kuloo nto, kodwa ngokukhawuleza babhenela kurhulumente, becaphula uMgaqo-siseko waseNicaragua. Sekunjalo, nakuba abazalwana balandela umthetho kangangoko banako, isicelo sabo asizange sinanzwe. Ngowe-1985 abazalwana bada babhalela nalowo wayesakuba ngumongameli waseNicaragua becela ukugqalwa ngokusemthethweni kwanokuba zibuyiswe zonke ezo zakhiwo. Ngaphezu koko, benza izicelo eziliqela zokudlan’ indlebe nomphathiswa wemicimbi yezangaphakathi. Kodwa onke loo matiletile awa phantsi.

Xa urhulumente omtsha waqalisa ukulawula ngoAprili 1990, abazalwana bakhawuleza bafaka esinye isicelo, ngesi sihlandlo besithumela kumphathiswa omtsha wemicimbi yezangaphakathi, sokuba amaNgqina kaYehova aphinde abhaliswe ngokusemthethweni. Hayi indlela ababa nemincili nabambulela ngayo uYehova, xa isicelo sabo savunywayo kwiinyanga nje ezine emva koko! Ukususela ngoko, urhulumente waseNicaragua uye wanika iWatch Tower Bible and Tract Society ilungelo lokuqhuba umsebenzi wayo ehlabathini lonke, nelokwenza oko ngokukhululekileyo ngaphandle kokuhlawula irhafu, kanye njengeminye imibutho engenzi ngeniso. Noko ke, akuzange kube lula ukuzifumana zonke iiHolo zoBukumkani ezazihluthiwe, kuba ezinye “zanikwa” abaxhasi borhulumente wangaphambili.

Abazalwana bathetha neNational Committee for the Revision of Confiscated Properties, becela ukubuyiselwa zonke izakhiwo ababezihluthiwe. Yathanda ukuba nobuzaza noko le nto, ngenxa yokuba kwakukho eminye imibutho nabantu abaninzi ababefake izicelo ezifanayo. Emva konyaka ujikajikwa lo mbandela, kwabuyiswa isakhiwo sasinye ngoJanuwari 1991. Kwakhona abazalwana batyelela abo babehlala kwezo Holo zoBukumkani, ukuze balungise lo mba. Kodwa uninzi lwaba lwaluvakalelwa kukuba ukuhlala kwalo apho “kwakungumvuzo” osemthethweni wokuzabalaza kwalo.

Isakhiwo sesebe sabuyiswa ngasekupheleni kwaloo nyaka, kodwa kwafuneka kuthengwe nenye indawo yokuhlala ukuze inikwe intsapho eyayihlala apho ngaphambili. Kwiminyaka eyalandelayo, ngokuthe ngcembe abazalwana babuyiselwa izakhiwo ezingama-30 kwezingama-35, waza urhulumente wabanika imali-mbuyekezo ngezo babengasenakuzifumana.

Ukuhlangabezana Neentlekele Zokwemvelo

Ngaphandle kweenyikima ezikhankanywe ngaphambilana kule ngxelo, nazo iintaba-mlilo neenkanyamba ziye zadala umonakalo omkhulu eNicaragua. Ukususela ngowe-1914 eyona ntaba-mlilo inkulu yelo lizwe, iCerro Negro, iye yaqhushumba izihlandlo ezili-12, itshabalalisa izityalo ezininzi ngothuthu. UElfriede Urban, ongumvangeli wasemazweni owayekhonza eLeón ebudeni bolo qhushumbo ngowe-1968 nangowe-1971, uchaza oko kwenzekayo esithi: “Eso sixeko sasigutyungelwe yintlabathi emnyama nothuthu kangangeeveki ezimbini. Lwalususwa ngemihlakulo kumaphahla ezindlu ukuze lungawawohlozi. Abantu balapho babefanele ukoyika kuba kwiinkulungwane ezidlulileyo iLeón yayikhe yatshatyalaliswa luthuthu olulolo hlobo. Umoya wayisasaza kuyo yonk’ indawo loo ntlabathi. Yayizele ezihlangwini, ezimpahleni, ezibhedini, ekutyeni, nasezincwadini zethu! Sekunjalo, abazalwana baqhubeka besiya kwiintlanganiso nakubulungiseleli basentsimini.”

Ngo-Oktobha 1998, iNkanyamba uMitch, ezinye iingcali eziyibiza ngokuba “yeyona nkanyamba yabulala abantu abaninzi kuMazwe aseNtshona kwezi nkulungwane zimbini zidluleyo,” yakhukulisa wonke uMbindi Merika. IEncarta Encyclopedia ithi: “UMitch wabulala abantu abaphakathi kwama-3 000 nama-4 000 eNicaragua waza watshabalalisa nezakhiwo ezininzi. Izantyalantyala zeemvula zenza ichibi emazantsi entaba-mlilo iCasitas, zakhukulisa ummandla oziizkwekhilomitha ezingama-80, zaza zatshabalalisa needolophana eziliqela.” Kuqikelelwa ukuba kwafa abantu abangaphezu kwama-2 000.

Njengakwezinye izixeko ezachaphazelekayo, amaNgqina kaYehova eNicaragua enza amalungiselelo okunceda amaxhoba. Kwezinye izixeko, amaqela angamatsha-ntliziyo angamaNgqina ahamba ngeebhayisikile ukuya kwiindawo ezazingenakufikelela kuzo izithuthi ukuze ahlole impilontle yabazalwana nokuze abanike ukutya nezinye izinto. Ayedla ngokuba ngawokuqala ukufika eze kunceda, yaye loo nto yayibavuyisa abazalwana abangenamakhaya. AmaNgqina aseCosta Rica nasePanama akhawuleza athumela iitoni ezingama-72 zokutya nempahla. Emva kokuba enyamekele iimfuno ezingxamisekileyo, la maqela aqhubeka iinyanga eziliqela elungisa iiHolo zoBukumkani, esakha nezindlu zabazalwana.”

“Enye” INicaragua

Ngowe-1987 urhulumente wamisela imimandla emibini ezimeleyo ebumba inxalenye esempuma yeNicaragua. Ngaphambili yayisaziwa njengeZelaya, ngoku ibizwa ngokuba yiNorth Atlantic Autonomous Region (iRAAN, ngeSpanish) neSouth Atlantic Autonomous Region (iRAAS). Nangona le mimandla igubungela malunga nama-45 ekhulwini ommandla waseNicaragua, bamalunga ne-10 ekhulwini kuphela abemi balapho abahlala kuyo.

IRAAN neRAAS ezinemigodi yegolide nesilivere, zisuka kwimixawuka yeentaba zasempuma ukusa kumachibi neentili zoNxweme lweMosquito. Phakathi kwale mimandla kukho amahlathi ashinyeneyo, imithi yepayini, imithi yesundu, kwanemilambo nemifula emininzi eyehlela kulwandle lweCaribbean. Kangangeminyaka, kule mimandla kwakukade kukho iidolophana, iidolophu nezixeko ezincinane ekwakuhlala kuzo abantu abangumxube, kwanamaMiskito nabanye abantu bomthonyama.

Kubantu abaninzi abahlala kulo mmandla abangamaMiskito, amaSumo, amaRama, namaCreole, isixeko esilikomkhulu iManagua, sasifana nelizwe elahlukileyo. Eneneni, awukho uhola wendlela odibanisa impuma nentshona. Nangona iSpanish sithethwa kummandla weAtlantiki, abantu abaninzi bathetha isiMiskito, isiCreole, nezinye iilwimi zomthonyama. Yaye uninzi lwabo luthi lungamaProtestanti, ngokuqhelekileyo angamaMoravia, ngokwahlukileyo kwabo bakummandla wePasifiki abazibanga bengamaKatolika. Ngoko phantse ngandlela zonke—ngokwelizwe, ngokweelwimi, ngokwembali, ngokwesithethe, nangokonqulo—impuma nentshona zahluke ngokupheleleyo. Ngoko babeza kusabela njani abantu kwiindaba ezilungileyo “kwenye” iNicaragua?

Isigidimi SoBukumkani Sifikelela Nakwimimandla Ekude

Abavangeli basemazweni abangamaNgqina batyelela kummandla osempuma ukuya kuhlola intsimi ngowe-1946, baza bahambisa uncwadi. Ngeminyaka yee-1950, umveleli wesiphaluka uSydney Porter nowakwakhe uPhyllis, batyelela izixeko ezincinane ezingaselunxwemeni iBluefields nePuerto Cabezas, iiCorn Islands, needolophu ezinemigodi iRosita, iBonanza neSiuna. USydney uthi: “Ngoxa sasisendleleni eya emigodini, ngamnye kuthi wahambisa amaphephancwadi angaphezu kwe-1 000 neencwadi ezili-100. Bonke abantu balapho babekuthanda ukufunda.” Ngokukhawuleza kwasekwa amaqela akwanti kuninzi lwezi dolophu, yaye ukususela ngeminyaka yee-1970, ngokuthe ngcembe akhula aba ngamabandla.

Noko ke, eminye imimandla yaseRAAN neyaseRAAS ayizange isetyenzwe kangangeminyaka emininzi. Ukuba kwanti kwale mimandla, ukungabikho kweendlela ezinqumlayo, kwakunye nezandyondyo zemvula ezitsho ngaphezu kweenyanga ezisibhozo ngonyaka, kwabangela ucelomngeni olukhulu kumsebenzi wokushumayela. Kodwa olu celomngeni lwalungengomqobo ungenakoyiswa, njengoko sinokubona kwimizekelo emininzi yoovulindlela abanenzondelelo nabangoyikiyo. Ubukhulu becala ngenxa yokuzimisela nokusebenza nzima kwabo, ngoku eRAAN naseRAAS kukho amabandla asixhenxe namaqela asithoba, anabavakalisi boBukumkani abangama-400.

Ukuze ubone ucelomngeni ajamelana nalo amaNgqina kule mimandla, khawuhlolisise umzekelo womnye umzalwana oneminyaka engama-22 ubudala. Unqumla ezintabeni kangangeeyure ezisibhozo kathathu ngeveki xa esiya kwiintlanganiso ezikwidolophu enemigodi yaseRosita, enebandla elikufuphi. Apho usisicaka solungiselelo novulindlela othe ngxi. Njengoko inguye yedwa iNgqina elibhaptiziweyo kowabo, udla ngokusebenza yedwa kulo mmandla usezintabeni nalapho ahamba kangangeeyure ezimbini xa esuka komnye umzi esiya komnye. Xa kurhatyela ekomnye umzi, ulalisa apho aze aqhubeke nokushumayela ngemini elandelayo, ekubeni engenakukwazi ukugoduka ngobusuku. Utata wakhe, usandul’ ukufa, eshiya lo mzalwana uselula nembopheleleko yokunyamekela intsapho, njengenkulu. Noko ke, usaqhubeka enguvulindlela. Enyanisweni, ngoku omnye umntakwabo ungumvakalisi ongabhaptizwanga yaye uhamba kunye naye xa esiya entsimini.

Ukususela ngowe-1994 isebe lalapho lenza iphulo laminyaka le lokushumayela kulo mmandla mkhulu. Oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana, abakhethwa phakathi koovulindlela abathe ngxi abanenzondelelo, basebenza kwiidolophu needolophana ezikwanti zaseRAAN naseRAAS kangangeenyanga ezine ngexesha elingenazimvula. Aba vulindlela banamava bamelana nobushushu obungathethekiyo, imiwewe nemixawuka, iinyoka, izilwanyana zasendle, amanzi angcolileyo nengozi yokwasulelwa zizifo. Usukelo lwabo kukunikela ubungqina obucokisekileyo, ukuqhuba izifundo zeBhayibhile nabo banomdla nokuqhuba iintlanganiso zamaKristu, kuquka iSikhumbuzo. Kwakhona imiphumo abayifumanayo yanceda iofisi yesebe ukuba ibone apho banokwabelwa khona oovulindlela abakhethekileyo. Ukutyhubela iminyaka, le nkqubo iye yabangela ukuba kusekwe amabandla namaqela kwidolophu yaseWaspam neyaseSan Carlos, ngakuMlambo iCoco okumntla-mpuma othe qelele.

Nangona eRAAN naseRAAS kuye kwafika umxube wabantu abaninzi abathetha iSpanish, amaMiskito omthonyama angabona bantu baninzi kule mimandla. Ezinye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni ziyafumaneka ngesiMiskito, yaye oovulindlela abaliqela baye balufunda olo lwimi. Ngenxa yoko, isigidimi soBukumkani siye sabachukumisa abaninzi kwaba bantu banobubele nabathanda iBhayibhile.

Ngokomzekelo, kufutshane noMlambo iLikus eRAAN kukho iKwiwitingni, idolophana yamaMiskito enemizi engama-46, emi-6 kuyo eyayingenabantu ebudeni bephulo lobuvulindlela lowama-2001. Ngaloo nyaka oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana baqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-40 kuloo dolophana—beqhuba esinye kwikhaya ngalinye! Emva nje kwenyanga, abafundi abathathu bavakalisa umnqweno wokubhaptizwa, omnye wabo elisekela lomfundisi weCawa yaseMoravia apho. Ezinye izibini zafuna ukuba ngabavakalisi, kodwa zazingatshatanga ngokusemthethweni. Ngoko, ngobubele aba vulindlela bazicacisela imilinganiselo yeBhayibhile ngokuphathelele umtshato nobhaptizo. Cinga nje indlela abavuya ngayo aba vulindlela xa ngaphambi nje kokuba bagoduke, badibana nezi zibini ziziphakamisele phezulu iziqinisekiso zazo zomtshato!

Ukususela kwelo phulo lineziqhamo ezihle, abavakalisi baseWaspam bebesoloko behamba kangangeekhilomitha ezili-19 ukuya eKwiwitingni ukuze bancede abo basandul’ ukuba nomdla benze inkqubela ngokomoya nokuze babaqeqeshele ubulungiseleli.

Oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana ababeshumayela kwiidolophana zamaMiskito ezigudle uMlambo iCoco, badibana neqela elikhulu labantu baseMerika abangoonontlalontle. Aba vulindlela babashiyela amaphephancwadi esiNgesi aliqela. Kwidolophana yaseFrancia Sirpi, kufutshane noMlambo iWawa, amalungu ecawa yaseBhaptizi ayexakekile esakha isikolo esincinane. Owayeyintloko yeqela labakhi wathi komnye waba vulindlela: “Mhle umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova. Nifundisa abantu iBhayibhile. Akwaba nolwam unqulo belunokuwukhuthaza lo msebenzi.”

Imfuneko Yabazalwana Abanamava

Ngoxa umsebenzi wawuphantsi kwemiqathango, malunga nama- 60 ekhulwini amaNgqina eNicaragua ayesiya kwiintlanganiso ezingamaqela alingana neentsapho ezincinane. Yaye ayeneempapasho nje ezimbalwa awayezisebenzisa entsimini. Iindibano zaziqhutywa emabandleni, yaye ucwangciso lwalushwankathelwa. Uninzi lwabazalwana abaqolileyo ababekwaziintloko-ntsapho, lwabambela abazalwana abahambahambayo kodwa lwalunokukwenza okwexeshana oko. Ukongezelela, iintsapho ezininzi ekudala zingamaNgqina zafudukela kweminye imimandla ebudeni baloo minyaka yezidubedube. Ngenxa yoko, xa umsebenzi waphinda wavunyelwa ngokusemthethweni, kwabakho imfuneko engxamisekileyo yabadala noovulindlela abanamava.

Eneneni, abadala babefuna ukuqeqeshwa kwindlela yentlangano yokwenza izinto, ngoxa abavakalisi babefuna ulwalathiso kwindlela yokuhambisa uncwadi entsimini. Ukuze lanelise ezi mfuno, iQumrhu Elilawulayo labathumela eNicaragua abo baphumelela kwiZikolo Zokuqeqesha Abalungiseleli ezaziqhutyelwa e-El Salvador, eMexico, nasePuerto Rico. Omnye waba bazalwana, uPedro Henríquez, owayephumelele kwiklasi yokuqala yeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli e-El Salvador, waqalisa umsebenzi wesiphaluka eNicaragua ngowe-1993. Abaveleli besiphaluka abanamava abali-11 nabavela eMexico ‘bawelela’ kwiMakedoni yanamhlanje ukuya kunceda.—IZe. 16:9.

Kwiminyaka esithoba edluleyo, eNicaragua kuye kwaphinda kwafika abangama-58 kwabo baphumelele eGiliyadi, nabasebenza kumakhaya abavangeli basemazweni amathandathu kulo lonke elo. Amava abo aye anegalelo kwimeko-bume entle yokomoya emabandleni, yaye baye banceda ulutsha oluninzi ukuba luyijonge njengosukelo olunqwenelekayo inkonzo yexesha elizeleyo.

Abo bafika eNicaragua kwiminyaka yee-1960 neyee-1970 ngenjongo yokukhonza apho imfuneko inkulu khona babesithi leyo yindawo emnandi yokushumayela. Kusenjalo nangoku. Umzalwana osebenza kwiSebe Lenkonzo lalapho uthi: “INicaragua iselilizwe apho abavakalisi noovulindlela bazikhethelayo inani lezifundo zeBhayibhile abaza kuziqhuba, kuba abantu balapho banomdla gqitha.” Siyaqondakala isizathu sokuba uninzi lwabo banomdla wokunceda apho imfuneko inkulu khona noluye lwabala iindleko, lufune ukuya kukhonza eNicaragua. Enyanisweni, ngoAprili 2002, oovulindlela abangama-289 abavela kumazwe ali-19 baye bafudukela kwelo ukuya kufak’ isandla. Hayi indlela anombulelo ngayo amaNgqina asekuhlaleni ngabo bonke aba bavuni!—Mat. 9:37, 38.

Indibano Evuyisayo Kwelo Lizwe

Ngaphambi kokuba umsebenzi ube phantsi kwemiqathango, indibano yokugqibela kwelo lizwe iye yaqhutywa ngowe-1978. Ngoko khawucinge nje indlela ababa nemincili ngayo abazalwana kukufumana isimemo sokuya kwindibano yesithili eyayiza kuqhutyelwa eManagua ngoDisemba 1999! Iintsapho zakhuthazwa ukuba zizigcinele imali yokuhamba neyezinye iindleko ukuze zikwazi ukuya apho. Amanye amaNgqina enza konke okusemandleni awo ukuze afumane le mali. Ngokomzekelo, ekubeni inyama yehagu ithandwa kakhulu eNicaragua, abaninzi bathenga iihagu, bazikhulisa baza bazithengisa. Ngenxa yokuceba kakuhle nokuzimisela, amaNgqina angama-28 356 nabantu abanomdla abasuka kuwo wonke loo mmandla bakwazi ukuya kwibala lemidlalo lebaseball laseManagua ukuya kunandipha iNdibano YeSithili “Yelizwi LikaThixo Lesiprofeto,” eyaqalisa ngoDisemba 24.

Hayi indlela ababa nemincili ngayo ababekho kuloo ndibano ngoMgqibelo, xa babona abantu abangama-784 bebhaptizwa—bantu abo ababengabona baninzi kwabakha babhaptizwa eNicaragua! Abavangeli basemazweni abakha basebenza apho ngaphambili babekho yaye babalisa amava akhuthazayo. Ukongezelela, loo ndibano yaba negalelo gqitha ekumanyaniseni bonke ababelapho, kungakhathaliseki ukuba bathetha luphi ulwimi okanye ngabaluphi uhlanga, yaye yabenza bazimisela ngakumbi ukwenza inkqubela ekuthetheni ‘ulwimi olunye olusulungekileyo lwenyaniso ukuze bamkhonze ngaxhatha linye uYehova.’—Zef. 3:9.

Ukumela Ilungelo Lethu Lokunyangwa Ngaphandle Kwegazi

ENicaragua zintathu iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele, yaye umsebenzi wazo walathiswa liSebe Lenkcazelo Yezibhedlele lalapho. Ngaphandle kokunceda abaguli abangamaNgqina ngokuphathelele imibandela yotofelo-gazi, ezi komiti ziye zizame ukuchazela oogqirha nabo bafundela ubugqirha ngezinye iindlela ezininzi ezinokusetyenziswa kunotofelo-gazi nezamkelekileyo kumaNgqina kaYehova.

Ukuze kufezwe loo njongo, amalungu eeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele aye anikela iintetho aze abonisa oogqirha abanamava nabo basaqeqeshwayo iividiyo, yaye abanye babo baye bakuncoma kakhulu oku. Enyanisweni, oogqirha abaninzi baye babonisa ukuba bazimisele ukusebenzisana namaNgqina kaYehova ngokuhlonela ukuma kwawo kumbandela wotofelo-gazi.

Bazimisele Ukuqhubela Phambili

Imbali yobuthixo yaseNicaragua inikela intabalala yobungqina bokuba akukho zintlekele, enoba zezemvelo okanye zibangelwe ngabantu, ezinokuthintela inkqubela yeendaba ezilungileyo. Ewe, ngokwenene uYehova uye wenza ‘omncinane waba liwaka.’ (Isa. 60:22) Ingxelo yokuqala yenkonzo yasentsimini yelo lizwe, eyafakwa ngowe-1943, yayiyeyabavakalisi abathathu nje kuphela; kwiminyaka engama-40 kamva kwabakho abavakalisi abangama-4 477. Ngowe-1990 xa abavangeli basemazweni bavunyelwa ukuba babuyele kwelo, elo nani lantinga laya kutsho kuma-7 894! UYehova waqhubeka ewusikelela umsebenzi kwelo ebudeni beminyaka yee-1990, nto leyo eyabangela ukuba abavakalisi boBukumkani baphantse baphindaphindeke kabini.

Ngokuzenzekelayo, olu lwando lukhawulezileyo luye lwabangela ukuba kubekho imfuneko engxamisekileyo yeeHolo zoBukumkani ezingakumbi. Ngenxa yoko, iofisi yesebe iye yalathisa inkqubo yokwakha equka ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezimalunga ne-120 ezongezelelekileyo, ngaphandle kwesebe elitsha eliseTicuantepe, emalunga neekhilomitha ezili-11 kumazantsi eManagua. Eli sebe liza kuba ligqityiwe ngoAprili 2003.

Kwiminyaka yakutshanje iNicaragua iye yenza inkqubela ephawulekayo kwezoqoqosho, ingakumbi eManagua, isixeko ekuye kuso kwanda amathuba emisebenzi, imfundo, kwakunye nokuzonwabisa. Ukwakha kubonakala kuyinto eqhubekayo kwesi sixeko, nto leyo ebangela ukuba kubekho iivenkile zokutyela zala maxesha, izikhululo zokugalela ipetroli neevenkile ezinezinto ezininzi kwakunye nezinto ezinomtsalane zaseNtshona.

Le ndawo inezinto eziliqela ezinomtsalane ilolunye ucelomngeni kumaKristu. Omnye umzalwana ekusele kulithuba engumdala wathi: “Izinto zitshintsha ngokukhawuleza. Kuyafana nje nokubeka isitya esineelekese phambi komntwana oqhele ukutya irayisi neembotyi kuphela uze uthi: ‘Uz’ ulumke ke!’ Ewe, besiqhele ukukhonza uYehova ebunzimeni, kodwa ngoku utshaba lufihlakele. Kunzima ke ukuhlangabezana nale meko.”

Noko ke, ukunyaniseka, inzondelelo nenkalipho eyaboniswa ngabantu bakaYehova ebudeni beminyaka yokuba phantsi kwemiqathango komsebenzi yaqhubeka ivelisa isiqhamo esihle. Uninzi lwabantwana abakhula ngelo xesha ngoku lungabadala, oovulindlela nabasebenzi baseBheteli. Ngoku iNicaragua inezithili ezili-17 nezinamabandla angama-295 namaqela akwanti angama-31. Ingxelo ka-Agasti 2002 yabonisa incopho entsha yabavakalisi abali-16 676, kanti ababeze eSikhumbuzweni ngaloo nyaka babengama-66 751!

Noko ke, sithandazela ukuba abantu abangakumbi kweli lizwe linabantu abahlukahlukeneyo babe nolwazi ngoYehova ngaphambi kokuba ‘unyaka wakhe wenkoliseko’ uphele. (Isa. 61:2) Ewe, ngamana uBawo wethu wasezulwini angaqhubeka evula imida yeparadesi yethu yokomoya de umhlaba wonke ‘uzaliswe kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.’—Isa. 11:9.

[Ibhokisi ekwiphepha 72]

Amavandlakanya NgeNicaragua

Ukuma komhlaba: INicaragua lelona lizwe likhulu kuMbindi Merika. Yahlulahlulwe kabini ziintaba ezikumbindi wayo. Inxalenye ekwintshona inamachibi anamanzi acwengileyo. Ummandla osempuma awuvundanga kangako, kodwa ubukhulu becala unamahlathi ashinyeneyo neentili. INicaragua ineentaba-mlilo ezimalunga nama-40; ezinye zazo zidla ngokugqabhuka.

Abantu balapho: Uninzi lwabo ngumxube wabantu abathetha iSpanish—umxube wamaIndiya aseMerika nabemi bomthonyama baseYurophu.” Igcudwana lamaMonimbó namaIndiya angamaSubtiaba lihlala kunxweme olusentshona, ngoxa kummandla osempuma kuhlala amaMiskito, amaSumo, namaIndiya angamaRama, kwakunye namaCreole nabantu bakwiCaribbean abasuka eAfrika. Unqulo oluphambili apho bubuRoma Katolika.

Ulwimi lwabo: ISpanish lolona lwimi lusemthethweni. Kukwathethwa neelwimi zalapho zomthonyama.

Indlela abazixhasa ngayo: Eyona nto luxhomekeke kuyo uqoqosho lwaseNicaragua zezolimo.

Ukutya kwabo: Ukutya okuthandwayo kumakhaya alapho yirayisi, umbona, iimbotyi, amazimba, iiplantain, iicassava, nezinye iziqhamo. Phakathi kwezinto ezithunyelwa kwamanye amazwe yikofu, iswekile, iibhanana, iintlobontlobo zentlanzi nenyama yenkomo.

Imozulu: ENicaragua kuthanda ukuba shushu. Imvula idla ngokuba ziisentimitha ezili-190 ukuya kutsho kwezingama-380 kuxhomekeka kummandla ngamnye. Kwimimandla eselunxwemeni amaqondo obushushu aba malunga nama-26 ngokukaCelsius, ngoxa kupholile noko ezintabeni.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 99-102]

Ukuzibona Sele Usezandleni Zabecuphi

UHúber noTelma López

Ingxelo ngobomi: Banabantwana abathathu abasele bekhulile. UHúber ngumdala webandla lalapho.

Phantsi kolawulo lorhulumente womkhosi, abadala nezicaka zolungiselelo babedla ngokubanjwa liSebe Lezokhuselo likaRhulumente bagcinwe kangangosuku ukuya kutsho kwiiveki eziliqela ukuze bancinwe. Ngenxa yobundilele bawo obusekelwe eBhayibhileni, amaNgqina kaYehova ayetyholwa kodwa engazange amangalelwe ngokusemthethweni ngokuphembelela abantu ukuba bavukele urhulumente. Abo babesincina babedla ngokufuna amagama “abafundisi” “neenkokeli” zethu.

Omnye wabazalwana abaninzi abehlelwa leli shwangusha nguHúber López, ngoku ongumdala nonabantwana abathathu abasele bekhulile. NgoDisemba 1985, uMzalwan’ uLópez wabanjwa ekhayeni lakhe eLa Reforma, iphandle elimalunga neekhilomitha ezingama-40 kumzantsi-mpuma weManagua. Inkosikazi yakhe, uTelma, ibalisa intlungu yaloo mini:

“Ngeye-4:00 emva kwemini, kwema ii-jeep ezimbini phambi kwendlu, enye inamagosa eSebe Lezokhuselo, enye inamajoni awangqinga indlu. Emva kokuba ndiwaxelele ukuba umyeni wam akakho, athi mna nabantwana bam masiphume phandle, kuba aza kugqogqa indlu. Noko ke, unyana wethu wamazibulo, uElmer, owayeneminyaka elishumi ubudala, akazange aphume. Wayebukele njengoko ayekhupha iincwadi ekhabhathini, ezehlabathi nezentlangano. Umyeni wam wayefake ezinye iingxelo zebandla phakathi kwezo ncwadi. Njengoko loo majoni ayegqogqa aze athathe ezi ncwadi azise kwezo jeep, uElmer wakhala: ‘Mhlekazi, nizithathela ntoni iincwadi zam zesikolo?’ Ngokurhabaxa, ijoni laphendula lathi: ‘Kulungile ke, zithathe.’ Ngaloo ndlela, unyana wam wazihlangula iincwadi zakhe kwakunye neengxelo zebandla.

“Ngaloo ngokuhlwa, sathi sisanandipha isidlo, abuya loo majoni. Asikhomba ngemipu, emka nomyeni wam eshiya abantwana bekhala. Loo majoni akazange asixelele isizathu sokuba ahambe naye, engazange atsho nokuba amsa phi.”

Ebalisa ngokwenzekayo kamva, uMzalwan’ uLópez uthi: “Ndasiwa kwintolongo yaseMasaya ndaza ndafakwa esiseleni kunye namabanjwa awahlukahlukeneyo. Ndawachazela la madoda ukuba ndingomnye wamaNgqina kaYehova ndaza ndashumayela kuwo kangangeeyure eziliqela. Ezinzulwini zobusuku ndakhonjwa ngompu kwaza kwathiwa mandiphume esiseleni ndiye kukhwela kwi-jeep eyayimi ebumnyameni. Kwathiwa mandijonge phantsi, kodwa ukukhwela kwam kuloo jeep ndafika kukho abanye abane nabo bejonge phantsi. Abo babejonge phantsi yayizizicaka zolungiselelo kunye nabadala ababevela eMasaya nababebanjwe ngaloo ngokuhlwa.

“Izihlandlo ezibini basoyikisa ngokusibulala, okokuqala ngoxa sasikwenye intsimi yekofu baza baphinda xa sasikwenye idolophu apho bathi masime umgca sayame ngodonga. Kwezo zihlandlo zibini babelindele ukuba side siqhaqh’ amabholo, kodwa sonke safela ngaphakathi. Ekugqibeleni, basivalela kwintolongo yaseJinotepe baza basigcina kwizisele ezahlukeneyo kangangeentsuku ezintathu.

“Sasingavunyelwa nokuba silale nje iiyure ezimbalwa. Izisele zethu zazihlala zimnyama, ngoko sasingazi nokuba kuyasa nokuba kuyahlwa. Amaxesha amaninzi sasibizelwa kwigumbi lokuncinwa size sihlatywe imibuzo ngomsebenzi wethu wokushumayela, ngeentlanganiso nangamagama ‘eenkokeli’ zethu. Omnye kwabo babesincina wada wandoyikisa ngelithi uza kubamba abazali bam aze abenze bayikhuphe ngenkani le nkcazelo ayifunayo. Eneneni ndada ndeva amazwi abazali bam, inkosikazi yam, nawamanye amalungu entsapho yam ngoxa ndandisesiseleni sam. Noko ke, oko ndakuvayo yinto nje eyayirekhodiwe yokundikhohlisa ukuze ndicinge ukuba intsapho yakowethu yayize kuncinwa nayo.

“Ngosuku lwesine, ngoLwesine, ndaxelelwa ukuba ndiza kukhululwa. Kodwa kwakufuneka ndityobele isindululo esithi ndiza kuyeka ukushumayela ngonqulo lwam. Ndaxelelwa ukuba amanye amaNgqina sele esityobele—nto leyo eyayibubuxoki obuphindaphindeneyo. Abo babendincina bathi: ‘Ukuba akufuni siza kubuyisela esiseleni kwaye uza kufela apho.’

“‘Ngoko nakuba nindincedile ngokungandikhululi,’ Ndaphendula ngelitshoyo.

“‘Kutheni watsho?’

“‘Kungenxa yokuba ndingomnye wamaNgqina kaYehova, nto leyo ethetha ukuba ndimele ndishumayele.’

“Okwandimangalisayo kukuba sobahlanu sakhululwa kanye ngaloo mini. Ewe, uYehova wayiphendula imithandazo yethu waza wasomeleza ukuba sizole size singabangcatshi abazalwana bethu. Noko ke, emva kwaloo mava sasisoloko sibekw’ esweni.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 105, 106]

Banyanzelwa Ukuba Baye Edabini

UGiovanni Gaitán

Wabhaptizwa: 1987

Ingxelo ngobomi: Wabanjwa kwiiveki nje ezimbalwa ngaphambi kokuba abhaptizwe, wanyanzelwa ukuba ahambe neBLI kangangeenyanga ezingama-28. Ebenguvulindlela ngaphezu kweminyaka esibhozo.

Abanye abazalwana abaselula banyanzelwa ukuba bahambe neIrregular Fighting Battalions (iBLI, ngeSpanish) eyayisilwa kumahlathi ashinyeneyo asezintabeni.

Omnye waba bafana yayinguGiovanni Gaitán. Ngoxa wayesengumvakalisi ongabhaptizwanga, uGiovanni wasebenza kwiBLI kangangeenyanga ezingama-28. Wabanjwa kwiiveki nje ezimbalwa ngaphambi kokuba abhaptizwe. UGiovanni uthi: “Ndavavanywa emva kwedabi lokuqala. Elinye igosa landiyalela ukuba ndihlambe iimpahla ezinegazi zejoni elifileyo. Ndala, ndiqiqa ngelithi eli yayisenokuba linyathelo lokuqala elalinokundikhokelela ekulalaniseni kubundilele bobuKristu. Eli gosa laba nomsindo laza landiqhwaba kanobom esidleleni. Lakhupha umpu walo laza landikhomb’ entloko, ladubula, kodwa awuzange uphume mbumbulu. Ngoko landibetha ngawo ebusweni laza lasongela ngelithi ukuba ndiphinde andalithobela, liza kundibulala.

“Kwiinyanga ezili-18 ezalandelayo, lo mfo wandiphilisa ubomi bentshontsho. Izihlandlo eziliqela, wandibophelela izandla imini yonke ukuze ndingatyi. Ndibotshelelwe ndinjalo, ndandidla ngokunyanzelwa ukuba ndikhokele iqela ukungena ehlathini, kubotshelelwe umpu neziqhushumbisi emqolo—nto leyo eyayindenza ndibe sisisulu sotshaba! Wayendibetha aze asongele ngokundibulala, ingakumbi xa kanye idabi lishushu abanye besifa ecaleni kwam, ndandidla ngokungavumi ukuthabatha imipu yabo. Kodwa andizange ndimcaphukele, ndingazange ndimoyike nakanye kuba uYehova wandomeleza.

“Ngenye intsasa, ngoMatshi 1985, ndikunye nabanye abazalwana sehliswa intaba sasiwa kwindawo apho iintsapho zaziza kusibona khona eMulukukú, malunga neekhilomitha ezingama-300 kumntla-mpuma weManagua. Ngoxa sasisitya sincokola namalungu eentsapho zethu, ndabona ela gosa lihleli lodwa. Ndaya kulinika isitya esinokutya. Lisakugqiba ukutya, landibiza. Njengoko ndandilindele ukuphathwa kakubi, landothusa ngokucela uxolo ngendlela eliye landiphatha ngayo. Lada landibuza ngeenkolelo zonqulo lwam. Ndagqibela ngaloo mini ukulibona; lafa kungethuba lide emva koko, kwingozi eyayibandakanya ilori yomkhosi.”

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 116-118]

Amalungu Amabini Ekomiti Yelizwe Ayabalisa

Ngexesha lokubekelwa imiqathango komsebenzi eNicaragua lisebe laseCosta Rica elalisalathisa izinto apho. Kwamiselwa ikomiti yelizwe eyayiza kwalathisa abazalwana baseNicaragua. Abazalwana ababini ababekulo komiti uAlfonso Joya noAgustín Sequeira, babalisa ngalo maxesha obunzima.

UAlfonso Joya: “Ndandingumdala eManagua xa sacelwa ukuba sikhonze kwikomiti yelizwe ngowe-1985. Ndandingumphathi kwelona sebe likhulu lebhanki edumileyo. Amava endandinawo okusebenza ebhankini andinceda ndakwazi ukulawula ubuncwane bentlangano kaYehova, ngexesha apho amandla emali yaseNicaragua ayephantsi ngeyona ndlela, nto leyo eyaluqhwalelisa kanobom uqoqosho kwelo. Nkqu nezihlangu nje eziqhelekileyo, ngaphambili ezazixabisa ii-cordoba, ezingama-250, ngokukhawuleza zantinga zaya kutsho kwii-cordoba ezizizigidi ezibini!

“Ebudeni beli xesha lobunzima kwezoqoqosho, nepetroli yashokoxeka kweli lizwe, nto leyo eyenza kwaba nzima ngabazalwana ukusa uncwadi kumabandla athe qelele. UYehova wafak’ isandla ngokundenza ndikwazi ukunika abazalwana ipetroli eyayifuneka.

“Intsapho yam yayingazi ukuba ndililungu lekomiti yelizwe. Ngelo xesha ndandineminyaka engama-35 ubudala yaye ndikufanelekela ukuya emkhosini. Izihlandlo ezine ezahlukahlukeneyo, abezomkhosi bazama ukundibhalisa, bada bandiyela emzini wam ngenye imini. Ndisayikhumbula kakuhle loo mini kuba umfazi wam nabantwana bam abathathu babemi ngakum njengoko ndandikhonjwe ngombayimbayi. Okuvuyisayo kukuba andizange ndiphulukane nomsebenzi wam wasebhankini.”

UAgustín Sequeira: “Ndandinguvulindlela okhethekileyo kwidolophana yaseBoaco ngethuba kugxothwa abavangeli basemazweni ngowe-1982. Kamva, ndafumana ilungelo lokukhonza kwikomiti yelizwe. Kwibandla endandikhonza kulo babengekazi ukuba ndimiselwe kule komiti. Ndandivuka ngeye-4:00 ekuseni, ndiqhawulise umsebenzi wam, ndize ndiye kwinkonzo yasentsimini kunye nebandla.

“Sonke kule komiti yelizwe sasisebenzisa amagama angengowethu xa sisenza umsebenzi wethu, yaye savumelana ukuba singachazelani ngoko sikwenzayo. Oku kwakuza kusikhusela nokuba siyabanjwa. Sasingenayo iofisi kodwa sasisebenza kumakhaya awahlukahlukeneyo. Ngenxa yokuba ibrifkheyisi yayinokutsala amehlo, maxa wambi amaphepha endandisebenza ngawo ndandiwafaka engxoweni ndize ndibeke amatswele ngaphezulu ukuze kuvele amagqabi awo. Ndandisoloko ndisinda ngezikaSibi kodwa andizange ndide ndibanjwe.

“Amalungu eKomiti yeSebe yaseCosta Rica ayedla ngokusityelela ngenjongo yokusikhuthaza nokusinika ulwalathiso. Kodwa esona siganeko ndisikhumbulayo nesindikhuthazayo kukunikezelwa kwesebe laseCosta Rica ngoJanuwari 1987, kuba kungelo xesha ekwathi mna nelinye ilungu lekomiti yelizwe safumana ilungelo lokuncokola namalungu amabini eQumrhu Elilawulayo.”

Ngaphambi nje kokushicilelwa kwale ngxelo, uMzalwan’ uSequeira uye walala ngoxolo ekufeni. Ebeneminyaka engama-86 ubudala yaye ebekwinkonzo yexesha elizeleyo ngaphezu kweminyaka engama-22. Ebelilungu leKomiti Yesebe yaseNicaragua.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 122, 123]

Safumana Inkululeko Yokwenene Entolongweni

Phakathi kowe-1979 nowe-1989, iCárcel Modelo yayizaliswe ngamabanjwa asemkhosini nawezobupolitika, mabanjwa lawo awayeyinxalenye yorhulumente wangaphambili. Isigidimi soBukumkani sasigqobhoza kwezi ndonga, sizalise iingqondo neentliziyo zabanyanisekileyo, size sibancede bahlakulele ubuntu obufana nobukaKristu. (Kol. 3:5-10) Nanga amavandlakanya abo babekhe bangamabanjwa.

UJosé de la Cruz López: “Ngoxa ndandiseluvalelweni, ndandinomsindo, ndingenalo nethemba ngekamva. Emva koko, ndadibana nabo ndandikunye nabo entolongweni ababesele bengamaNgqina kaYehova. Ndachukunyiswa yindlela ababeyicacisa ngayo iBhayibhile nendlela ababeziphethe kakuhle ngayo. Ekugqibeleni ndaneliseka ngokomoya ndaza ndanethemba. Ndandivakalelwa kukuba, ukuba ndinokukwazi ukuzinikela ngenxa yorhulumente wabantu ongenathemba liqinisekileyo, bendiya kuthini ke ukunganyaniseki kuLowo wancama uNyana wakhe ngenxa yam! Emva kokuba ndikhululwe, inkosikazi yam, iintombi zam namanye amalungu amathathu entsapho yakowethu afunda inyaniso. Eneneni, andinakuze ndimbuyisele nganto uYehova ngoko andenzele kona.”

UMzalwan’ uLópez ungumdala eManagua.

UOmar Antonio Espinoza: “Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, ndagwetywa iminyaka engama-30 entolongweni ndaza ndathothoza eli-10 kuyo ngaphambi kokuba ndixolelwe. Nangona ndilikhalela ixesha endandivalelwe ngalo, ngoxa ndandilapho entolongweni ndafunda ngoYehova nangendlela yokufumana inkululeko yokwenene. Ngaphambili ndandiphila ubomi obuvakalala, kodwa ndandisele nditshintshe ngokupheleleyo. Ndiyambulela uYehova kuba indebe yam iyaphuphuma ngokomoya. Ndizimisele kanye njengoYoshuwa owathi: ‘Mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.’—Yosh. 24:15.”

UMzalwan’ uEspinoza ungumdala kwisixeko saseRivas.

UAnastasio Ramón Mendoza: “Kwiinyanga nje ezimbalwa ndivalelwe, ndaqalisa ukuzifundela iBhayibhile. Emva koko ndaqalisa ukuyifunda nelinye ibanjwa elaliliNgqina likaYehova. Ndahla ndaqiniseka ukuba ndiyifumene inyaniso. Kodwa, andizange ndikhawuleze ukubhaptizwa ngenxa yokuba ndandinentiyo ngabo babendibambile, kwaye ndandisazi ukuba uYehova akayithandi loo nto.

“Ndathandaza ngokunyanisekileyo, ukuze ndixolelwe nokuze ndoyise isimo sengqondo sam esingafanelekanga. UYehova waziva izicelo zam, kuba wandifundisa ukuba ndingabathiyi abantu kodwa ndithiye imikhwa yabo emibi. Ndabhaptizwa ngowe-1982. Ukususela ekukhululweni kwam ngowe-1989, ndiye ndafundisisa iBhayibhile nabantu abaninzi ababesakuba semkhosini nabanye ababekwimeko efana neyam. Ngoku abanye bangabazalwana bam bokomoya.”

UMzalwan’ uMendoza usisicaka solungiselelo eManagua.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 141-145]

Imithandazo Yomfundisi Iyaphendulwa

UTeodosio Gurdián

Wabhaptizwa: 1986

Ingxelo ngobomi: Ngoku uMzalwan’ uGurdián ungumdala kwiBandla laseWamblán.

Ngowe-1986, xa kanye yayishushu imfazwe yamaSandinista nabo babenxamnye nomzabalazo, abavakalisi ababini bebandla elincinane laseSan Juan del Río Coco bathabatha uhambo lweekhilomitha ezili-100 besiya ngakumantla eWamblán, idolophu ekumbindi weentaba nekummandla oyinkqantosi kufutshane nomda weHonduras. Iqela elincinane lamaNgqina elalihlala apho lalisabe eWamblán kwiminyaka emibini ngaphambili ngenxa yolo ngquzulwano. Aba bazalwana babini babekhangela indoda egama linguTeodosio Gurdián. UTeodosio uyasichazela ukuba wayefunelwa ntoni na.

“Ndandingumfundisi wecawa yevangeli eWamblán. Iinkokeli zecawa yethu zaziphuma kwiNational Association of Nicaraguan Pastors (iANPEN, ngeSpanish), umbutho wabafundisi abaphuma kuzo zonke iimvaba zamaProtestanti eManagua. Ngethutyana nje emva kolawulo lwamaSandinista, iANPEN yatyikitya isivumelwano esasikhulula abefundisi namarhamente ukuba bangangena kwiiKomiti Zokhuseleko zeSandinista kweminye imibutho kwanasemkhosini. Kodwa yayindikhathaza le nto kuba ndandinombuzo wokuba, ‘Umlungiseleli kaThixo uziphakamisa njani izigalo?’

“Ndandula ndafumana incwadi ethi Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Luphuma Kuwuphi Umthombo? kwintsapho engamaNgqina eyayihlala eWamblán ngelo xesha. Ndayifundisisa ubusuku bonke. Kwakhona ndaqalisa ukufunda IMboniselo noVukani! rhoqo. Ekugqibeleni ndada ndakufumana ukutya kokomoya. Eneneni, ndada ndayisebenzisa le nkcazelo nakwiintshumayelo zam. Ndaya kuxelwa kumagunya ecawa, aza andibizela kwiiofisi zaseManagua.

“Ecinga ukuba ndandilahlekiswa ngenxa yokuswela ulwazi njengomfundisi, athi ndiza kuhlawulelwa yicawa ukuze ndiye kufunda eManagua kangangeenyanga ezisibhozo. Noko ke, izinto endandizifunde kwiimpapasho zamaNgqina zazisekelwe ngokunzulu eBhayibhileni. Ngoko ndawabuza imibuzo emininzi la magunya ecawa enjengethi, ‘Kutheni singashumayeli kwindlu ngendlu kanye njengamaKristu okuqala? Kutheni sihlawula izishumi xa kanti abapostile babengazihlawuli?’ Andizange ndaneliswe yindlela eyaphendulwa ngayo imibuzo yam, ibe akuzange kube kudala aba bantu bandibiza ngokuba ndiliNgqina.

“Emva koko, ndaqhawula onke amakhamandela necawa ndaza ndakhangela amaNgqina kaYehova eManagua. Kodwa ngelo xesha kwakungowe-1984, yaye amaNgqina kaYehova ayehlanganisana ngokufihlakeleyo. Ngoko emva kokubuya nemband’ eskhova kangangeeveki ezimbini, ndabuyela eWamblán ukuze ndiye kuxhasa intsapho yakowethu ngokulima umbona neembotyi kwesinye isiqwengana somhlaba.

“AmaNgqina awayehlala eWamblán asasaza uncwadi oluninzi ngaphambi kokuba awushiye loo mmandla. Ngoko ngalo lonke ixesha ndifika kukho iincwadi kumakhaya endandiwatyelela ndandiye ndibuze: ‘Uyayisebenzisa na le ncwadi? Ungandithengisela yona?’ Abaninzi babedla ngokundinika, ngoko ekuhambeni kwexesha ndazakhela ithala elincinane leencwadi zentlangano.

“Nangona ndandingekazazisi njengeNgqina, abantu baseWamblán babesele beqalisile ukundibiza ngolo hlobo. Ngoko akuzange kube kudala amagosa oMkhosi welo Lizwe aqalisa ukundincina ngomsebenzi endiwenzayo. Ada andixelela ukuba ndingashumayela kwiidolophana ezikufutshane, ukuba nje ndinokubaxelela amagama abo banxamnye nomzabalazo. Ndaphendula ndathi: ‘Ukuba ndinokuyenza le nto uyithethayo ndiya kuba ndikhanyela uThixo wam, yaye andinakuyenza loo nto. UYehova ufuna uzinikelo olupheleleyo.’

“Ngesinye isihlandlo, elinye ijoni landicela ukuba ndityobele uxwebhu olubonisa ukuba ndiyayixhasa iSandinista. Ndakhaba ngaw’ omane. Lathi rhuthu umpu laza lasongela ngelithi: ‘Akwazi ukuba siyazicumza iincukuthu ezingawuxhasiyo umzabalazo?’ Kunokuba lindidubule, lathi lizakukhe lindinike ixesha lokuba ndiyicingisise le nto. Ngobo busuku ndavalelisa kwinkosikazi yam. Ndathi kuyo: ‘Nokuba ndiyalutyobela olo xwebhu, ndiza kufa kakade. Kodwa ukuba ndife ndingalutyobelanga, uYehova usenokundikhumbula eluvukweni. Uz’ uncede ugcine abantwana, yaye uthembele kuYehova. Uya kusilondoloza.’ Ngentsasa elandelayo ndabuyela kweli joni ndaza ndathi: ‘Ndim lo. Ungenza nantoni na oyifunayo, kodwa lona uxwebhu andisayi kulutyobela.’ Lanqwala laza lathi: ‘Ndiyakuvuyela oko. Bendisazi ukuba uza kuphendula ngolo hlobo. Ndiwazi enjalo amaNgqina kaYehova.’ Ngoko ke, lathi ndingahamba.

“Emva koko, ndashumayela ngokukhululekileyo, ndisiya nakwiidolophana ezithe qelele nakubantu abanomdla ukuze ndibahlanganise. Esinye isibini esitshatileyo esisele sikhulile sasiphakathi kwabokuqala ukusabela, zalandela ke nezinye iintsapho. Akuzange kube kudala, saba ngama-30 ababehlanganisana rhoqo. Ndandisebenzisa iinkupho ezindala zeMboniselo, ndinikela loo nkcazelo njengentetho, ekubeni sasinombhalo wayo omnye kuphela. Ndada ndafundisisa iBhayibhile namajoni athile, elinye kuwo elaba liNgqina.

“Ngowe-1985 elinye ijoni elalidlula apho landixelela ngebandla lamaNgqina kaYehova eliseJinotega, malunga neekhilomitha ezili-110 kumazantsi eWamblán. Ndacela omnye umfundi weBhayibhile waseWamblán ukuba andipheleke ndiye apho. Emva kokubuzisa kwimarike eseJinotega, sada safika kwikhaya lamaNgqina. Savulelwa yinkosikazi yalapho emnyango. Emva kokuba sizichazile ukuba singamaNgqina kaYehova, yasibuza enoba sasize eSikhumbuzweni kusini na. Sabuza: ‘Yintoni iSikhumbuzo?’ Xa yeva oko, yabiza umyeni wayo. Emva kokuqiniseka ukuba sinyanisile, umyeni wakhe wasivumela sangena. Ngelishwa iSikhumbuzo sasiqhutywe ngephezolo, kodwa sahlala kwelo khaya kangangeentsuku ezintathu saza sabakho okokuqala kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

“Ndisakubuyela eWamblán, ndaqhubeka ndishumayela yaye ndiqhuba iintlanganiso. Ngoko, ngosuku olungaphambi kweSikhumbuzo sowe-1986, kwafika aba bazalwana babini bakhankanywe ekuqaleni. Ngokukhawuleza, iqela lethu labafundi BeBhayibhile elincinane laxelela bonke abanomdla kwimimandla yalapho, yaye iSikhumbuzo sethu sokuqala sasinabantu abangama-85.

“Ndabhaptizwa ngo-Oktobha waloo nyaka, kunye nabantu bokuqala endabafundelayo—esa sibini sele sikhulile besikhe sathetha ngaso ngaphambilana, ngelo xesha ke sasineminyaka engaphezu kwama-80 ubudala. Sithethanje iBandla laseWamblán linabavakalisi abangama-74 noovulindlela abathe ngxi aba-3. Ndinelungelo lokukhonza njengomnye wabadala. Ngowama-2001, saba neSikhumbuzo nakwezinye iidolophana ezintathu ngaphandle kwaseWamblán, yaye bebonke abezayo babengama-452.”

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 80, 81]

INICARAGUA—ULUHLU LWEZIGANEKO

1925

1934: Udade onguvulindlela otyeleleyo usasaza uncwadi kwelo lizwe.

1937: USomoza uqalisa ukulawula.

1945: Kufika abokuqala abaphumelele eGiliyadi.

1946: UN. H. Knorr noF. W. Franz batyelela iManagua. Kumiselwa isebe.

1950

1952: Abafundisi bamaKatolika baphembelela ukuvalwa komsebenzi.

1953: INkundla Ephakamileyo yoMthetho iphelisa ukuvalwa komsebenzi.

1972: NgoDisemba, inyikima idlakazelisa iManagua.

1974: Iofisi entsha yesebe nekhaya labavangeli basemazweni ziyagqitywa.

1975

1979: AmaSandinista abhukuqa ulawulo lukaSomoza. Loo mzabalazo usuba imiphefumlo engama-50 000.

1981: Ukwaziwa ngokusemthethweni kwamaNgqina kaYehova kuyanqunyanyiswa.

1990: AmaNgqina kaYehova aphinda aziwe ngokusemthethweni.

1994: Kumiselwa oovulindlela abakhethekileyo bexeshana abali-100. Kubakho namanye amaphulo afana nalawo.

1998: Inkanyamba uMitch ithwaxa uMbindi Merika, ibulala abantu abangama-4 000 eNicaragua.

2000

2002: Abavakalisi abali-16 676 bakhuthele eNicaragua.

[Igrafu]

(Yiya kwimpapasho)

Isimbuku Sabavakalisi

Isimbuku Soovulindlela

20 000

15 000

10 000

5 000

1950 1975 2000

[Imaphu ekwiphepha 73]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

HONDURAS

NICARAGUA

Matagalpa

León

MANAGUA

Masaya

Jinotepe

Granada

Lake Nicaragua

Ometepe Island

Isthmus of Rivas

San Juan River

Bluefields

COSTA RICA

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 66]

[Umfanekiso okwiphepha 70]

Ngasentla: UFrancis (ekhohlo) noWilliam Wallace nodadewabo uJane

[Umfanekiso okwiphepha 70]

Ngasezantsi (kuluhlu olungasemva, entla ukuya ezantsi): UWilbert Geiselman, uHarold Duncan, noFrancis Wallace; (kuluhlu olungaphambili, entla ukuya ezantsi): UBlanche Casey, uEugene Call, uAnn Geiselman, uJane Wallace, noEvelyn Duncan

[Imifanekiso ekwiphepha 71]

Ngasentla: UAdelina noArnoldo Castro

Ngasekunene: UDora noEvaristo Sánchez

[Umfanekiso okwiphepha 76]

UDoris Niehoff

[Umfanekiso okwiphepha 76]

USydney noPhyllis Porter

[Umfanekiso okwiphepha 79]

UAgustín Sequeira wayengumvakalisi wokuqala eMatagalpa

[Umfanekiso okwiphepha 82]

UMaría Elsa

[Umfanekiso okwiphepha 82]

UGilberto Solís nowakwakhe, uMaría Cecilia

[Imifanekiso ekwiphepha 87]

Ngowe-1972 inyikima yayidlakaza iManagua

[Umfanekiso okwiphepha 90]

UAndrew noMiriam Reed

[Umfanekiso okwiphepha 90]

URuby noKevin Block

[Umfanekiso okwiphepha 92]

Kwasetyenziswa ifama ukuze kuqhutywe iNdibano YeSithili “Yokunyaniseka EBukumkanini”

[Umfanekiso okwiphepha 95]

Abavangeli basemazweni abagxothwayo eNicaragua ngowe-1982

[Umfanekiso okwiphepha 109]

Abazalwana ababeshicilela uncwadi ebudeni bokuvalwa komsebenzi, bemi ecaleni koomatshini bokukhuphela ababebasebenzisa, uMqhagi, iSikhukukazi neNkuku

[Umfanekiso okwiphepha 110]

Engoyiki ngokoyikiswa uElda Sánchez ulungisa amaphepha okushicilela

[Umfanekiso okwiphepha 115]

Aba dade babelungiselela ukutya baze babe liliso ngoxa abazalwana beshicilela

[Umfanekiso okwiphepha 126]

Kumgca ongaphambili: Abanye abazalwana abafunda inyaniso entolongweni, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: uJ. López, uA. Mendoza, no-O. Espinoza; kumgca ongasemva: uCarlos Ayala noJulio Núñez, abadala abatyelela entolongweni ukuze bancede abazalwana ngokomoya

[Umfanekiso okwiphepha 133]

Emva kokususwa kwemiqathango kumsebenzi wamaNgqina kaYehova, le ndlu yasetyenziswa njengeofisi yesebe

[Imifanekiso ekwiphepha 134]

Emva kweNkanyamba uMitch, amanye amatsha-ntliziyo ayesebenzisa iibhayisikile ukuze ahambise ukutya nezinye iimpahla kwimimandla ekungelula ukuyifikelela. Amanye ayencedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani namakhaya

[Umfanekiso okwiphepha 139]

Abantu baseBanacruz, indawo ekwiRAAN, apho iindaba ezilungileyo zishunyayelwa ebunzimeni

[Umfanekiso okwiphepha 147]

INdibano YeSithili “Yelizwi LikaThixo Lesiprofeto” Yowe-1999, eyayiyindibano yokuqala yelo lizwe eyaqhutywa ukususela ngowe-1978, yayinabantu abangama-28 356

[Umfanekiso okwiphepha 147]

Ababelapho babukela ukubhaptizwa kwabangama-784—bantu abo abangabona baninzi kwabakha babhaptizwa eNicaragua

[Umfanekiso okwiphepha 148]

IKomiti Yesebe ekuqaleni kowama-2002, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: uIan Hunter, uAugustín Sequeira, uLuis Antonio González, noLothar Mihank

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share