Genesis 21:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Kwathi ke ngelo xesha uAbhimeleki ekunye noFikoli intloko yomkhosi wakhe wathi kuAbraham: “UThixo ukunye nawe kuyo yonk’ into oyenzayo.+ Genesis 39:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Kwathi ukususela ngexesha lokummisela kwayo njengomveleli wendlu yayo nomphathi wako konke okwayo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu, yaza intsikelelo kaYehova yaba phezu kwako konke eyayinako endlwini nasentsimini.+ Yoshuwa 3:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Yaye uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndiya kukwenza ube mkhulu emehlweni kaSirayeli wonke,+ ukuze azi ukuba kanye njengoko ndaba noMoses+ nawe ndiya kuba nawe.+ Zekariya 8:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga+ aya kubamba,+ ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda,+ esithi: “Siza kuhamba nani,+ kuba sivile ukuba uThixo unani.”’”+ 1 Korinte 14:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 zibonakaliswe iimfihlelo zentliziyo yakhe,+ aze awe ngobuso, anqule uThixo, evakalisa esithi: “Ngokwenene uThixo uphakathi kwenu.”+
22 Kwathi ke ngelo xesha uAbhimeleki ekunye noFikoli intloko yomkhosi wakhe wathi kuAbraham: “UThixo ukunye nawe kuyo yonk’ into oyenzayo.+
5 Kwathi ukususela ngexesha lokummisela kwayo njengomveleli wendlu yayo nomphathi wako konke okwayo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu, yaza intsikelelo kaYehova yaba phezu kwako konke eyayinako endlwini nasentsimini.+
7 Yaye uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndiya kukwenza ube mkhulu emehlweni kaSirayeli wonke,+ ukuze azi ukuba kanye njengoko ndaba noMoses+ nawe ndiya kuba nawe.+
23 “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga+ aya kubamba,+ ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda,+ esithi: “Siza kuhamba nani,+ kuba sivile ukuba uThixo unani.”’”+
25 zibonakaliswe iimfihlelo zentliziyo yakhe,+ aze awe ngobuso, anqule uThixo, evakalisa esithi: “Ngokwenene uThixo uphakathi kwenu.”+