IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 19:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Ngoku ke ukuba nithe nalithobela+ okunene ilizwi lam, nawugcina ngenene umnqophiso wam,+ ngokuqinisekileyo noba yinqobo kum kwizizwana zonke,+ kuba umhlaba uphela ngowam.+

  • Eksodus 33:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Kuya kwaziwa njani na, kaloku, ukuba ndikholekile emehlweni akho, mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi,+ ndahluke mna nabantu bakho ebantwini bonke abaphezu komhlaba?”+

  • 1 Kumkani 8:53
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 53 Kuba wena ngokwakho wabahlula njengelifa lakho kuzo zonke izizwana zomhlaba,+ kanye njengoko wathethayo ngoMoses+ umkhonzi wakho xa wawukhupha ookhokho bethu eYiputa, Owu Nkosi enguMongami Yehova.”

  • 2 Korinte 6:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Yaye inakuvisisana kuni na itempile kaThixo nezithixo?+ Kuba siyitempile+ kaThixo ophilayo; kanye njengoko uThixo wathi: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo,+ ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+

  • 1 Petros 2:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Kodwa nina “nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele,+ isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo,+ ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane”+ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share