Eksodus 13:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 UYehova wahamba phambi kwabo emini ngomqulu welifu ukuba abakhokele endleleni,+ nangomqulu womlilo ebusuku ukuba abakhanyisele ukuze bahambe emini nasebusuku.+ Eksodus 40:36 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 36 Ebudeni balo lonke uhambo lwabo, belisithi lakunyuka lisuke ilifu emnqubeni, bayichithe oonyana bakaSirayeli inkampu yabo.+ Numeri 10:34 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 34 Yaye ilifu likaYehova+ laba phezu kwabo emini ekundulukeni kwabo enkampini. Nehemiya 9:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Kwaye emini+ wabakhokela ngomqulu welifu, nangomqulu womlilo ebusuku,+ ukuba ibakhanyisele+ indlela abafanele bahambe ngayo. INdumiso 78:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Waqhubeka ebakhokela ngelifu emini+Yaye ubusuku bonke ngokukhanya komlilo.+ INdumiso 105:39 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 39 Waneka ilifu langumkhusane,+Nomlilo ukuba ubakhanyisele ebusuku.+
21 UYehova wahamba phambi kwabo emini ngomqulu welifu ukuba abakhokele endleleni,+ nangomqulu womlilo ebusuku ukuba abakhanyisele ukuze bahambe emini nasebusuku.+
36 Ebudeni balo lonke uhambo lwabo, belisithi lakunyuka lisuke ilifu emnqubeni, bayichithe oonyana bakaSirayeli inkampu yabo.+
12 Kwaye emini+ wabakhokela ngomqulu welifu, nangomqulu womlilo ebusuku,+ ukuba ibakhanyisele+ indlela abafanele bahambe ngayo.