27 Yaye uYoshuwa wahlabela mgama wathi ebantwini bonke: “Khangelani! Eli litye liya kuba bubungqina kuthi,+ ngenxa yokuba lona ngokwalo liwavile onke amazwi kaYehova awathethileyo nathi, kwaye limele libe lingqina kuni, ukuze ningamkhanyeli uThixo wenu.”