18 Kuya kuthi ke nabani na osabileyo esandini sento enkwantyisayo awele emgongxweni, kuthi nabani na onyukayo ephuma emgongxweni abanjiswe sisibatha.+ Kuba wona kanye amasango ezikhukula aphezulu okunene aya kuvuleka,+ neziseko zomhlaba ziya kunyikima.+