IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 15:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye+ uze umboleke ngesibambiso oko akufunayo, ngangokuswela kwakhe.

  • Yobhi 31:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ukuba ndandidla ngokubabandeza uyolo lwabo abasweleyo,+

      Yaye ndandiwabangela afiphale amehlo omhlolokazi,+

  • INdumiso 37:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Imini yonke uyababala yaye uyabolekisa,+

      Ngoko inzala yakhe imele ifumane iintsikelelo.+

  • INdumiso 41:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 41 Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli;+

      Ngomhla wentlekele uYehova uya kumsindisa.+

  • IMizekeliso 14:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Odelela idlelane lakhe uyona,+ kodwa unoyolo obabala abaxhwalekileyo.+

  • IMizekeliso 17:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Ogculela osweleyo ungcikiva uMenzi wakhe.+ Ovuyela intlekele eyehlela omnye akayi kukhululeka esohlwayweni.+

  • IMizekeliso 19:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Obabala isisweli uboleka uYehova,+ yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.+

  • IMizekeliso 21:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ke nabani na ovingca indlebe yakhe kwisikhalo esimangalayo sesisweli,+ naye uya kukhala aze angaphendulwa.+

  • Luka 6:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Ngokwahlukileyo koko, qhubekani nizithanda iintshaba zenu yaye nisenza okulungileyo, nibolekisa+ ngaphandle kwenzala, ningathembe kubuyiselwa nantoni na; kwaye umvuzo wenu uya kuba mkhulu, yaye niya kuba ngoonyana bOyena Uphakamileyo,+ ngenxa yokuba unobubele+ kwabo bangenambulelo nabangendawo.

  • Luka 23:50
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 50 Yaye, khangela! kwakukho indoda egama linguYosefu, eyayililungu leBhunga, iyindoda elungileyo nelilungisa+—

  • IZenzo 20:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Ndinibonisile ezintweni zonke ukuba nimele nisebenze+ ukuze nincede abo babuthathaka,+ yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha+ kunokwamkela.’”

  • Hebhere 13:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ngaphezu koko, musani ukulibala ukwenza okulungileyo+ nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share