IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kumkani 8:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 umele uwuve usemazulwini umthandazo wabo nokucela kwabo ubabalo, yaye umele ubagwebele.+

  • INdumiso 3:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  4 Ngelizwi lam ndiya kubiza kuYehova,

      Yaye uya kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.+ Seʹlah.

  • INdumiso 46:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 46 UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi,+

      Uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.+

  • Isaya 41:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene,+ ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika.+ Mna ngokwam ndiza kukunceda.’+

  • Yeremiya 20:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Kodwa uYehova wayenam+ njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo.+ Kungenxa yoko le nto bona kanye abo banditshutshisayo beya kukhubeka baze bangoyisi.+ Ngokuqinisekileyo baya kuhlaziswa, ngenxa yokuba bengayi kuphumelela. Ukuthotywa kwabo okuhlala ngokungenammiselo kuya kuba kokungayi kulibaleka.+

  • Daniyeli 6:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kodwa uDaniyeli, uthe nje akwazi ukuba kutyobelwe loo mbhalo, wasuka waya endlwini yakhe, yaye, iifestile zegumbi lakhe eliseluphahleni zazivulekele ngaseYerusalem,+ wafika waguqa ngamadolo izihlandlo ezithathu ngemini,+ wathandaza,+ edumisa uThixo wakhe,+ njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.+

  • Hebhere 13:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngoko ke masomelele+ kakhulu size sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share