IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kumkani 8:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 kwanga ungeva usemazulwini, uze usixolele isono sabakhonzi bakho, bona kanye abantu bakho amaSirayeli, ngenxa yokuba ubafundisa+ indlela elungileyo abafanele bahambe ngayo;+ uze uzise imvula+ kwilizwe lakho olinike abantu bakho njengelifa.

  • INdumiso 25:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  8 Ulungile yaye uthe tye uYehova.+

      Kungenxa yoko eyalela aboni endleleni.+

  • Isaya 30:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Yaye ngokuqinisekileyo uYehova uya kuninika isonka sokubandezeleka namanzi engcinezelo;+ kanti umYaleli Ozukileyo akayi kuba sazifihla, namehlo akho amele abe ngamehlo abona umYaleli Ozukileyo wakho.+

  • Isaya 54:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Bonke oonyana bakho+ baya kufundiswa nguYehova,+ lube lukhulu uxolo loonyana bakho.+

  • Mika 4:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Ngokuqinisekileyo iintlanga ezininzi ziya kuhamba zize zithi: “Yizani,+ masinyuke siye entabeni kaYehova nasendlwini kaTHIXO kaYakobi;+ yaye uya kusiyalela ngeendlela zakhe,+ kwaye siza kuhamba emendweni wakhe.”+ Kuba kuya kuphuma umthetho eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share