2 Samuweli 3:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Wandula ke uDavide wathi kuYowabhi nakubo bonke abantu ababekunye naye: “Krazulani+ izambatho zenu nize nibophe amarhonya+ nenze isijwili phambi koAbhinere.” KwanoKumkani uDavide wayehamba emva kwesingqengqelo eso. 2 Kumkani 6:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 Kwathi kamsinya nje akuweva ukumkani amazwi alo mfazi, ngoko nangoko wazikrazula+ izambatho zakhe; yaye njengoko wayedlula eludongeni, abantu babona, kwaye, khangela! nalo irhonya ngaphantsi enyameni yakhe. Isaya 24:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Kukho isikhalo ezitratweni kufunwa iwayini. Imihlali iphelile; ukugcoba kwelizwe kumkile.+ Mateyu 11:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 “Yeha wena, Korazin! Yeha wena, Bhethesayida!+ ngenxa yokuba ukuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, ngezaziguquke kwakudala zihleli emarhonyeni naseluthuthwini.+
31 Wandula ke uDavide wathi kuYowabhi nakubo bonke abantu ababekunye naye: “Krazulani+ izambatho zenu nize nibophe amarhonya+ nenze isijwili phambi koAbhinere.” KwanoKumkani uDavide wayehamba emva kwesingqengqelo eso.
30 Kwathi kamsinya nje akuweva ukumkani amazwi alo mfazi, ngoko nangoko wazikrazula+ izambatho zakhe; yaye njengoko wayedlula eludongeni, abantu babona, kwaye, khangela! nalo irhonya ngaphantsi enyameni yakhe.
21 “Yeha wena, Korazin! Yeha wena, Bhethesayida!+ ngenxa yokuba ukuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, ngezaziguquke kwakudala zihleli emarhonyeni naseluthuthwini.+