Duteronomi 13:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 “Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti+ okanye umphuphi wamaphupha,+ wakunika umqondiso okanye umhlola,+ Yeremiya 14:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso+ nenkohliso yentliziyo yabo.+ Yeremiya 23:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 “Andibathumanga abaprofeti, kanti bona basuke babaleka. Andithethanga kubo, kanti bona basuke baprofeta.+ Yeremiya 27:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 “‘Kuba andibathumanga,’ utsho uYehova, ‘kodwa baprofeta egameni lam ngobuxoki, ukuze ndinisasaze,+ yaye niya kutshabalala,+ nina nabaprofeti abaniprofetelayo.’”+ Yeremiya 29:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 “Thumela kubo bonke abantu abathinjiweyo,+ usithi, ‘Utsho uYehova ngokuphathelele uShemaya kaNehelam ukuthi: “Ngenxa yokuba uShemaya eniprofetele, kodwa mna ndingamthumelanga, kwaye uzame ukunenza nikholose ngobuxoki,+ Hezekile 13:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yeha ke abaprofeti abaziziyatha,+ abahamba belandela umoya wabo,+ xa kungekho nto bayibonileyo!+ Zekariya 13:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Kuya kuthi ukuba kunokwenzeka kwakhona umntu aprofete, uyise nonina, abo bamzalayo, bathi kuye, ‘Akuyi kuphila, ngenxa yokuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova.’ Kwaye uyise nonina, abo bamzalayo, bamele bamhlabe ngenxa yokuprofeta kwakhe.+ Luka 6:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 “Yeha, xa sukuba bonke abantu bethetha kakuhle ngani, kuba izinto ezinjengezi zezo ookhokho babo bazenzayo kubaprofeti bobuxoki.+
13 “Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti+ okanye umphuphi wamaphupha,+ wakunika umqondiso okanye umhlola,+
14 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso+ nenkohliso yentliziyo yabo.+
21 “Andibathumanga abaprofeti, kanti bona basuke babaleka. Andithethanga kubo, kanti bona basuke baprofeta.+
15 “‘Kuba andibathumanga,’ utsho uYehova, ‘kodwa baprofeta egameni lam ngobuxoki, ukuze ndinisasaze,+ yaye niya kutshabalala,+ nina nabaprofeti abaniprofetelayo.’”+
31 “Thumela kubo bonke abantu abathinjiweyo,+ usithi, ‘Utsho uYehova ngokuphathelele uShemaya kaNehelam ukuthi: “Ngenxa yokuba uShemaya eniprofetele, kodwa mna ndingamthumelanga, kwaye uzame ukunenza nikholose ngobuxoki,+
3 Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yeha ke abaprofeti abaziziyatha,+ abahamba belandela umoya wabo,+ xa kungekho nto bayibonileyo!+
3 Kuya kuthi ukuba kunokwenzeka kwakhona umntu aprofete, uyise nonina, abo bamzalayo, bathi kuye, ‘Akuyi kuphila, ngenxa yokuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova.’ Kwaye uyise nonina, abo bamzalayo, bamele bamhlabe ngenxa yokuprofeta kwakhe.+
26 “Yeha, xa sukuba bonke abantu bethetha kakuhle ngani, kuba izinto ezinjengezi zezo ookhokho babo bazenzayo kubaprofeti bobuxoki.+