IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 32:42
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 42 Ndoziyobisa iintolo zam ngegazi,+

      Ngegazi lababuleweyo nabathinjiweyo,

      Ngeentloko zabakhokeli botshaba,+

      Ngoxa ikrele lam liya kube lisidla inyama.’+

  • Isaya 34:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 UYehova unekrele; limele lizaliswe ligazi;+ limele lityetyiswe ngamanqatha,+ ngegazi lamatakane eegusha aziinkunzi neenkunzi zeebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha. Kuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu kwilizwe lakwaEdom.+

  • Hezekile 39:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 “Wena ke, nyana womntu, itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Yithi kwiintaka zonke eziphaphazelayo nakuwo onke amarhamncwa asendle:+ “Ziqokeleleni ndawonye, nize. Zihlanganiseni ndawonye macala onke kumbingelelo wam, endinibingelela wona, umbingelelo omkhulu ezintabeni zakwaSirayeli.+ Kwaye ngokuqinisekileyo niya kudla inyama nize nisele igazi.+

  • Zefaniya 1:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Yithi cwaka phambi kweNkosi enguMongami uYehova;+ kuba imini kaYehova ikufuphi,+ kuba uYehova uwulungisile umbingelelo;+ ubangcwalisile+ abamenyiweyo bakhe.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share