IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 13:22
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 22 Aya eNegebhi aza adlulela eHebron,+ apho kwakuhlala uAhiman, uSheshayi noTalemayi,+ ama-Anaki.+ IHebron yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe ngaphambi kokuba kwakhiwe iTsowan yaseYiputa.

  • Numeri 13:33
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 33 Sibone nezigebenga,* oonyana baka-Anaki,+ inzala yeeNefili yaye xa sithelekisa, thina sifana neentethe kuzo.”

  • Duteronomi 1:27, 28
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 27 Nanisoloko nikhalaza ezintenteni zenu nisithi, ‘UYehova wayesicaphukela le nto wasikhupha eYiputa ukuze asinikele kuma-Amori, asitshabalalise. 28 Injani le ndawo siya kuyo? Abantakwethu basoyikisa+ xa bathi: “Phaya kukho abantu abomeleleyo nabade kunathi, izixeko zabo zikhulu yaye zibiyelwe ngeendonga ezinde ezifikelela emazulwini,*+ yaye sibone nama-Anaki.”’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share