Ingoma Yokunyuka.
120 Ndakhala kuYehova ndikhathazekile,+
Ibe wandiphendula.+
 2 Owu Yehova, ndisindise kubantu abathetha ulwimi
Nabaqhathayo ngemilomo yabo.
 3 Uza kwenza ntoni kuwe uThixo, uza kukohlwaya njani na,
Wena lulwimindini luqhathayo?+
 4 Uza kukohlwaya ngeentolo ezibukhali+ zemfazwe
Nangamalahle avuthayo+ omthi wonwele.
 5 Ndisengxakini, kuba ndingumhambi kwaMesheki!+
Ndihleli phakathi kweentente zakwaKedare.+
 6 Sekulithuba elide kakhulu ndihleli
Phakathi kwabantu abangaluthandiyo uxolo.+
 7 Ndiyaluthanda uxolo, kodwa xa ndithetha,
Bona bafuna imfazwe.