IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 8/8 iphe. 31
  • Iminyaka Yee-1990—Iminyaka Elishumi Yokungaqiniseki

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iminyaka Yee-1990—Iminyaka Elishumi Yokungaqiniseki
  • Vukani!—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuhlangabezana Ngokuphumelelayo Nokungaqiniseki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ngaba Kufanelekile Ukuzifaka Ematyaleni?
    Vukani!—1995
  • Ihlabathi Elingalawulekiyo
    Vukani!—1991
  • Ityala! Ukuzidadisa Kulo—Ukuzikhupha Kulo
    Vukani!—1990
Vukani!—1990
g90 8/8 iphe. 31

Iminyaka Yee-1990—Iminyaka Elishumi Yokungaqiniseki

UKUQALISA kweminyaka yee-1990 kuye kwezisa amathemba amatsha ehlabathi elinoxolo. Kodwa kwakhona kuye kwezisa ukungaqiniseki nokudideka okungenakulinganiswa nanto.

Ngokomzekelo, kukho ukungaqiniseki okukhulu ngoko kuya kwenzeka ezintlangeni ezishiya iinkqubo zezoqoqosho eziye zasilela ngokuyintloko. Amaninzi kula mazwe aye abalekela kwinkqubo elawulwa yimali yorhwebo olungarhafelwayo. Kodwa izizwe ezininzi ezisele zisebenzisa inkqubo yobukapitali ziye zahlwempuzeka ngokubanzi azaqeshwa. KwaneUnited States inetyala elikhulu lezangaphakathi​—⁠iirandi ezimalunga nezigidi ezisibhozo zezigidi⁠—​kwaye ikwalelona lizwe linetyala elikhulu kurhwebo lwezizwe ngeziwe.

Omnye umphumo wooyeha bezoqoqosho lwehlabathi uphawulwa leli nqaku lomhleli elikwiNew York Times, elathi: “Kukho abantu abangamahlwempu ngokungenathemba ehlabathini kuneminyaka yangaphambili.”

Ngenxa yokwanda kokungaqiniseki, uninzi luye lwabhenela ekuzingceni: Isimo sengqondo sokuba ndim kuqala, ukunyolukela izinto eziphathekayo, umnqweno wokwaneliseka okukhawulezileyo ingakhathaliseki imiphumo yoko. Ukwanda kakhulu kokusetyenziswa kakubi kweziyobisi kububungqina boku. UChristopher Lasch, unjingalwazi wezembali kwiYunivesithi yaseRochester, ukubeka ngale ndlela oku: “Isiseko sokuziphatha kwethu sihlile.”

Ingcali yodumo kwezoqoqosho lwezizwe ngezizwe uArjo Klamer uyachaza: “Amachule, iingcali kwezoqoqosho, osomashishini neentsapho bebonke baphelelwe yintembelo koko kuqinisekwe ngako kwezi mini. . . . Ukudideka kuye kwaba yimvakalelo ekubantu bonke.” Echaza ukuba “ukudideka kubalasele,” wongezelela esenjenje: “Ukungamanyani. Ukungabi nanjongo. Ukuba mbaxa. Ukungabi nalucwangco. La ngamanye amagama angundaba-mlonyeni. Achaza ingxaki enzima abaxakwe yiyo abantu banamhla emva kweenguqulelo ezikhoyo.”

Kulusizi ukubona ukuba iinkqubo zobupolitika, zezoqoqosho nezentlalo zeli hlabathi azinaso isicombululo esisisigxina kwiingxaki ezinkulu nokungaqiniseki kwanamhlanje. Kodwa le meko kanye yayixelwe kwangaphambili kwiziprofeto zeBhayibhile zomhla wethu. Phawula le mizekelo imbalwa: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.” “Nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza . . . abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.”​—⁠2 Timoti 3:⁠1; Luka 21:​25, 26.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]

Fotografía de Publicaciones Capriles, Caracas, Venezuela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share