Ihlabathi Elingalawulekiyo
Ukungabi namonde komntu ekusukeleni ulwaneliseko olukhawulezileyo kuye kwaphumela ekuphulukaneni kwakhe nokuzilawula. Qwalasela nje imizekelo embalwa:
Imekobume yezinto eziphilileyo: Umntu utshabalalisa imekobume yendalo. Ekuhambeni kwexesha, imiphumo izisa intlekele; noko ke, ngethutyana, ukuphangwa kwemithombo yomhlaba nokwenza okuncinane ukunciphisa ungcoliso kufuna imali evela kwimizi-mveliso nakurhulumente. Ngoko oku kuphanziswa komhlaba kuyaqhubeka, phezu kwako nje ukungavumi kwezazi ngemekobume yendalo.
Ezoqoqosho: Iintlanga ezisehlabathini lonke ziboleka imali ngakumbi nangakumbi, zizandisela amatyala ngenxa yeentswelo ezingokoqoqosho zelo thuba. Zingenantobelo azizinanzi izilumkiso ezinamandla zeengcali zezoqoqosho—zokuba inzala yazo zonke ezo mali-mboleko isenokukhulela ekubeni ngumthwalo onganyamezelekiyo kamva okanye ezokuba inkqubo yezoqoqosho yehlabathi esekelwe kwisiseko setyala lehlabathi ngokusongelayo iyesemngciphekweni yaye isenokuwohloka ukuba amazwe ahlwempuzekileyo ayasilela ukuhlawula ezo mali-mboleko.
Ihambo: Abo basebenzisa kakubi iziyobisi neziselo ezinxilisayo, abangcakazi, izaphuli-mthetho zazo zonke iintlobo, abakrexezi, abahenyuzi—ngubani obeya kulikhanyela elokuba kulo lonke ihlabathi umlinganiselo waba uyanda namhlanje? Baliqela elahlukene kwaphela elinento enye elifana ngayo: Bakufuna NGOKU oko! Enoba “oko” kusisini, imali, igunya, okanye nje ukuyotywa, abaninzi bakulungele ukuphulukana nomtshato, intsapho, isazela, unqabiseko olungokwemali, impilo, udumo, kwanobomi, ngenxa yokuzonwabisa kokwexeshana okunjalo.
Asikokuzibaxa izinto ukuthi ihlabathi lanamhlanje alilawuleki, phantse ukuba lilawulwa ngabantwana ababawayo. Bambi balwa ngokunyanisekileyo nxamnye nokusilela ukuzibona kusengaphambili izinto okwande kangaka ehlabathini. Kodwa okona kunamandla ngakumbi, nokona kwande ngakumbi, ngamandla asingela phantsi ukubona kusengaphambili nokukwazi ukuzinqanda okukuthi sonke.
Iimpembelelo Ezisingela Phantsi
Umntu wanamhla, ngokukodwa kumazwe ahambele phambili kwezorhwebo, ngokungenasiphelo ungene akavela nangonwele kusasazo olwenziwa ngomoya. Enoba kungomabonwakude, unomathotholo, imifanekiso eshukumayo, amaphephancwadi, okanye amaphephandaba, ulwaneliseko olukhawulezileyo lukhuthazwa ngobuchule.
Izibhengezo ezenziwa ngamaza omoya ziyakubiza ukuba uthenge uthengile—nokuba wenze isicelo samakhadi okuthenga ngetyala ukuze ube nako ukuthenga ngoku. Unokufumana iimveliso ezininzi ngokutsala nje umnxeba. ‘Ungakhathazeki nokuba uhlawule kamva!’ Izibhengezo zibonakala ngokunyanisekileyo zincomela oko. Phantse zibe zenziwe ngobuchule obuyimfihlelo ukuze zilukuhle iingqiqo. Tyhila nje iphepha kwiphephancwadi, lithi ndijonge. Vula unomathotholo, yaye kuya kusoloko kunkenteza ingoma ethile engqondweni yakho kangangeentsuku. Vula umabonwakude, yaye imifanekiso yakhe evela ngoko nangoko inombizane. Kumculo wevideo, imifanekiso ithi tshe ngokukhawuleza ngokwaneleyo ukuze idle kwaneyona nxalenye incinane yexesha lakho.
Umabonwakude wenza okungakumbi kunokubhengeza ulwaneliseko olukhawulezileyo. Úyalwenza yaye úyalusasaza. Ngokuchukumisa nje iqhosha, wánelisa umnqweno ofun’ ukwaneliswa. Ngokufuthi wánelisa ngokubonisa abantu besanelisa iminqweno yabo. Umntu osemdlalweni ubhenela kugonyamelo xa lowo achasene naye ‘efuna.’ Umntwana osel’ ekhulile ngengqondo uthob’ umzali ngeziqhulo ezibubuxoki. Oneenkanuko ezigqithiseleyo zokutshiseka uyekelela ngokukhululekileyo kukrexezo okanye kwisini ngaphambi komtshato. Kunqabile ukuba umabonwakude uvakalise okungendawo nxamnye naba badlali ngenxa yokusilela kwabo ekuzeyiseni; uyabahombisa, ubazukisa kakhulu okanye ubagqala njengabalungileyo ngentsini eyiliweyo.
Ngokufanayo, inqaku lakutshanje kwiThe Atlantic Monthly lathi umfanekiso oshukumayo wanamhlanje eHollywood “yinto eyonwabisayo ethe ngenyameko yalungiselelwa ukwanelisa ngalo naliphi na ithuba,” ndawonye “nomboniso-bhanyabhanya emva komnye apho kuthi kudandulukwe ngokuphindaphindiweyo kusithiwa, ‘Unokuyifumana yonke!’” Kuyabonakala ukuba, ayikho into eyanelisa izihlwele ezingababukeli zanamhlanje ngaphezu kogonyamelo. Eli nqaku lithi imifanekiso eshukumayo yethuba elidluleyo “yayiwucinezela umnqweno wababukeli wokuthelela ekukhabeni,” ngoxa “ngokwahlukileyo koko, ugonyamelo olukwimiboniso-bhanyabhanya ngoku ngokuyintloko lusetyenziselwa ukumema umbukeli ukuba anandiphe imvakalelo yokukhaba, ukubetha, ukwenzakalisa.” Enyanisweni, ugonyamelo luye lwaluninzi gqitha kumabali nakwimidlalo ekwimifanekiso eshukumayo kangangokuba okudlalwa kwimiboniso-bhanyabhanya namhlanje kuncitshiswe ngama-25 ekhulwini xa kubhalwa kunoko kwakudlalwa ngeminyaka yee-1940, kwanakuba ubude bale mifanekiso ishukumayo bukwalingana nobelo xesha.
Iinkonzo zehlabathi zikwisigxina esifanelekileyo sokunceda ekushenxiseni uluntu ‘kweli xesha lempambano’ likhohlisayo. Ukanti, iinkokeli zonqulo ezininzi gqitha zibonakala zizifake zatshona iinzipho kokwazo ukufuna ulwaneliseko olukhawulezileyo. Kufuthi kangakanani sifunda ngazo zifuna igunya nokhokelo kwimicimbi yezobupolitika, okanye zizithandisa kwimihlambi yazo engalawulekiyo ngokubetha ngoyaba imilinganiselo yokuziphatha, okanye kwanangokusebenzisa iBhayibhile njengesigqubuthelo esilungileyo ezithi ngaphaya kwaso ngokuhanahanisayo zenze ngendlela ezikholisayo? Kunokubhenca ulwaneliseko olukhawulezileyo njengoko ngokufuthi lukuko—inxalenye yesono esilukuhlayo—ziye zathelela ezinye ‘iinkokeli ezidumileyo’ ekuyibetheni ngoyaba ingcamango engesono, zisichaza ngendlela evakala ilungile ‘njengeengxaki ezizuzw’ ilifa’ ‘neendlela ezahlukahlukeneyo zokuphila.’—Bona ibhokisi ekwiphepha 20.
Isixhobo Sokoyisa Olu Tyekelo
Sikwihlabathi elikwimeko elolo hlobo, singalwisana njani noku? Singazenza njani izigqibo ngaphandle kokuthi ngokungafanelekanga siphetshethwe kukulukuhla kolwaneliseko olukhawulezileyo? Impendulo isenokukumangalisa: IBhayibhile inokunceda. Ngokwahlukileyo koko abantu abaninzi abasenokukucinga, iBhayibhile aayikwaleli ukuzonwabisa. Ayikhuthazi ukuzibandeza uyolo. Kunoko, iBhayibhile isifundisa indlela yokuphila ubomi obonwabisayo, sizigcine iziyolo zikwindawo yazo efanelekileyo.
IBhayibhile imchaza uMdali ‘njengoThixo owonwabileyo,’ ‘ovuyiswayo zizenzo zakhe.’ (1 Timoti 1:11, NW; INdumiso 104:31) Ngokuphathelele abantu, INtshumayeli 3:1 ithi: “Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu.” Oko kuquka, ngokutsho kweendinyana ezilandelayo, ixesha lokuhleka, ixesha lokudloba, ixesha lokuwola nexesha lokuthanda. KwaneMizekeliso 5:18, 19 incoma uyolo lweentlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi xa ixelela amadoda oku: “Uvuye ngumfazi wobutsha bakho.” Ngoko, ngokucacileyo, asikuko ukuba lonke ulwaneliseko alulungile, kungezizo zonke iintlobo zolwaneliseko ezimele zigwetywe. Noko ke, ukuzeyisa ngokufuthi kungumgaqo ongananzwayo.—Galati 5:22, 23.
Simele sibe nembono efanelekileyo ngokuzonwabisa kwethu. Sifanele sifune kuqala izinto ezifanelekileyo. Ukukholisa uYehova kumele kuze ngaphambi kokuzonwabisa kwethu; kumele kuze kuqala ebomini bethu. Kwandule ke kulandele uthando olungokomgaqo ngabangoowethu. (Mateyu 6:33; 22:36-40) Ukuba simthanda ngokwenyaniso uThixo nommelwane wethu, siya kwandula ke sithi ngovuyo sidwelise ulwaneliseko lwethu emva kwezi zinto zimbini ziza kuqala.
Kwakhona izinto eziza kuqala ezisekelwe eBhayibhileni ziya kusinceda ekukuchaseni ngokungqalileyo ukuzanelisa xa kuyimfuneko ukuba senjenjalo. Siya kulahla ubunxila, ukrexezo, uhenyuzo, ukungcakaza, ukubawa, ukusebenzisa kakubi iziyobisi nogonyamelo. Ngasinye kwezi zono sizisa ulwaneliseko olukhawulezileyo ngendlela yaso, kodwa zichasene noko kufunwa nguThixo yaye ziyabakhubekisa oowethu. Imithetho kaThixo nxamnye nezi zono ingumqondiso oqinisekileyo wothando analo ngathi, kuba ekuhambeni kwexesha, isono siyamongamela umoni lowo. Sisenokumhlawulisa ngokuthi abe nesifo esithile, ikhaya eliqhekekileyo okanye ngokuthi ahlwempuzeke. Sisenokugqibela singunobangela wokufa okanye sisenokukuzisela intlekele yokuba ngungantweni neyokunganeliseki ebomini.
Ukulandela Imizekelo Emihle
UThixo ufuna siphile ubomi obonwabisayo, obunemveliso; iLizwi lakhe linemizekelo emininzi yamadoda nabafazi abenjenjalo. Kwiimeko ezininzi ukholo nothando lwabo ngoThixo lwabashukumisela ukuba bakuncame ukuzanelisa. (Bona amaHebhere, isahluko 11.) UMoses ungobalaseleyo kule ngongoma. Ekhuliswe njengonyana wentombi kaFaro weYiputa yamandulo, ubomi bokuzanelisa babumvulekele. Igunya, ukuba ngumlawuli, ubutyebi ibe ngokungathandabuzekiyo namathuba amaninzi okuzanelisa ngokwesini zonke ezi zinto wayenokuzifumana ukuba wayehleli endlwini kaFaro. Endaweni yoko, wathelela uhlanga lakwaSirayeli olwalungcikivwa, lukhotyokiswa. Kwakutheni?
AmaHebhere 11:25 aphendula ngelokuba wanyula “ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana.” UMoses walubona ulwaneliseko olukhawulezileyo ngendlela olwaluyiyo. Lukhawulezile. Lulolokomzuzwana. Luphela ngokukhawuleza. Ngoko kunokunikel’ ingqalelo koko kwakuza kumzisela ulonwabo ngaloo mzuzu, wanikel’ ingqalelo ekukhangeleni phambili kwikamva elonwabisayo. Kunjengokuba amaHebhere 11:26 esithi: “Wayekhangele ukwamkela umvuzo.” Loo mvuzo wawungowokwenene kuye, kunjalo nangoMvuzi lowo. Indinyana 27 ifundeka ngolu hlobo: “Kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.”
Bambi basenokulugxeka ukhetho olwenziwa nguMoses. Bambi basenokuthi babeya kukhetha ubutyebi, igunya, udumo. Kodwa qwalasela oku: Ukuba uMoses wayenyule ikhondo lolwaneliseko olukhawulezileyo, ngaba besiya kwazi ngaye namhlanje? Ngaba igama lakhe laliya kusinda kunye neminye imibhalo yaseYiputa eyayibhalwe ngemifanekiso kwilitye elithile elineentanda nelinemingxuma elisemyuziyam, into engenamsebenzi efihlakeleyo eyaziwa ngabembi bezinto zakudala abambalwa kuphela? Okanye, ngokunokwenzeka ngakumbi, ngaba beliya kuba lingcwatywe laza lalibaleka ngaphantsi kothuli lomhlaba nangaphantsi kwesanti yeenkulungwane ezingama-34? Ibe kuthekani ngomvuzo wakhe? Ngaba uMoses ebenokuqiniseka ngokuba kwinkumbulo kaYehova ukuba wayenyule undlela lula wokuzikholisa?
Namhlanje igama likaMoses lime njengokhanyiselo kwizigidi zabantu. Ikamva lakhe liqinisekisiwe. Ikamva lakho linokuqiniseka kanye ngaloo ndlela. Nawe unokuba ngumthombo wokhuthazo kwabanye. Xa usenza izigqibo zakho ebomini, ukususela kwezikhulu ukusa kwezincinane, musa ukuqhathwa ziimbono zehlabathi zokuba umele ufumane oko ukufunayo NGOKU! Zibuze oku, ‘Ngaba oko ndikufunayo kuvisisana noko uMdali wam andifunela kona? Ngaba ukusukela oko ndikufunayo ngoku bekuya kuthetha ukubeka usukelo lwam lokomoya ngasemva? Ngaba ngandlel’ ithile ndiwubeka engozini umvuzo wam? Luhlobo luni lomzekelo endiwubekela abahlobo nentsapho yakowethu?’
Musa ukunyula ubudenge beli hlabathi kunobulumko bukaThixo. Musa ukunanisa ulonwabo oluhlala ithuba elide ngolonwabo lokwexeshana, olobomi obungunaphakade ulunanisa ngolomzuzwana. Ngaphezu koko, uMdali wethu, usinika ulwaneliseko olugqithiseleyo ngokwentelekelelo. Kunjengokuba INdumiso 145:16 isithi ngaye: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” Lumbi ulwaneliseko luyakhawuleza; lumbi lufuna ixesha nomonde. Ubomi kwinkonzo kaYehova buzele lulonwabo—ubuhle bendalo, ukufudumala kobuhlobo, uvuyo lomsebenzi ocel’ umngeni novuzayo, uvuyo lokufumana isicombululo kwimibuzo edida ngokona kona. Ngapha koko, uMdali usinika ubomi obuya kuba bobanelisa ngonaphakade.—Yohane 17:3.