Wagqitywa Yintoni Umonde?
ASIYONTO intsha ukungabi namonde. Asinto ingaqhelekanga ukubona abantu bephelelwe ngumonde ngenxa yokuxinana kweemoto endleleni okanye belinde emgceni. Kodwa ezinye iingcali zikholelwa ukuba abantu banamhlanje abanamonde ngakumbi kunokuba kwakunjalo ngaphambili—ibe kwezinye izinto bangakothusa.
Abanye abahlalutyi bathi oku kubangelwe bubugcisa. Ngokutsho kweThe Gazette iphephandaba laseMontreal, eKhanada, zimbi iingcali zithi “izinto zobugcisa beteknoloji njengeeselfowuni, iikhamera, ii-email, neeiPod, ziyabutshintsha ubomi bethu . . . Ekubeni obu bugcisa businceda sifumane izinto ngokukhawuleza, loo nto yenza sifune kube njalo kuzo zonke izinto ebomini.”
Ingcali ngeentsapho uGqr. Jennifer Hartstein uthetha amazwi asenza sicingisise. Usichazela ukuba “thina babantu sesifuna yonk’ into yenzeke ngokukhawuleza, kanye ngale ndlela siyifuna ngayo. Xa ingenzeki njalo, siyadikwa size sicaphuke msinya, [uphawu] lokungabi namonde.” Wongeza athi: “Asisakwazi kuzola size sonwatyiswe kukuphola kancinane ngenxa yomtyhi ovelayo.”
Abanye bakholelwa ukuba ie-mail iya iphelelwa lixesha, ibe abantu baza kuyiyeka kungekudala. Ngoba? Kaloku abaninzi abathumela imiyalezo abanawo umonde wokuchitha iiyure, nkqu nemizuzu belindele impendulo. Enye into, kanye njengeleta xa ubhala ie-mail kulindeleke ukuba ubhale intshayelelo nomqukumbelo. Le nto iyabakruqula abaninzi, bathi itya ixesha. Bakhetha ezi ndlela zikhoyo zemiyalezo ekhawulezayo, zingafuni obo buceducedu bukwie-email. Kubonakala ngathi abantu abanawo umonde wokube bebhala imibuliso! Abantu abaninzi abaziphi xesha lokuqala bayifunde loo nto bayibhalileyo. Ngenxa yoko, iileta nee-email bazithumela kubantu ezingezozabo okanye ziba neempazamo ezininzi.
Iingcali ziphawule nokuba abaninzi abanamonde wokufunda inkcazelo ende
Lo mnqweno wokufuna izinto ngokukhawuleza awupheleli nje kwizinto zokunxibelelana. Abantu baya bephelelwa ngumonde nakwezinye iinkalo zobomi. Ngokomzekelo, ukhe uzifumane usenza yonke into ngokukhawuleza njengokuthetha, ukutya, ukuqhuba, okanye ukusebenzisa imali? Usenokuva ngathi iba ngunyaka onesiqhuma ngaphambi kokuba ilifuti [elevator] ifike, irobhothi okanye ikhompyutha ivule.
Iingcali ziphawule nokuba abantu abanamonde wokufunda inkcazelo ende. Ngoba? Kaloku sebeqhele ukubalekisa amehlo kwikhompyutha, bekhangela ezo ngongoma ziphambili kuphela.
Wagqitywa yintoni umonde? Iingcali azinazo zonke iimpendulo. Ukanti, kubonakala kukho ubungqina bokuba ukungabi namonde kunokuba yingozi. Amanqaku alandelayo axubusha ngezinye iingozi zokungabi namonde nangento onokuyenza ukuze ube nomonde.
Abaninzi sebeqhele ukubalekisa amehlo kwikhompyutha, bekhangela ezo ngongoma ziphambili kuphela