Ukungabi Namonde Kunokuba Yingozi
KHAWUCINGE ngoku: Indoda iqhuba imoto kwindlela apho iimoto zikhawulelanayo, nekungavumelekanga ukugqitha kwezinye. Ibhinqa eliqhuba imoto engaphambi kwayo alisiqongqothi sonke isantya esamkelekileyo. Kule ndoda ingenamonde, libonakala licotha gqitha. Emva kokuthi nca emva kwemoto yalo ngokoyikisayo, le ndoda iphelelwa ngumonde ize idlule ngesantya esiphezulu. Into eyenzayo kukwaphula umthetho, nokuzibeka esichengeni sengozi.
Kuthekani ngebhinqa elingenamonde wokusebenza nabantu abangakhawulezisi njengalo okanye abangenangqondo ibaleka njengeyalo? Kuthekani ngendoda engenamonde eqhubeka icofacofa ilifuti xa iyilindile? Ngaba uphelelwa ngumonde kubazali abalupheleyo? Okanye ungumzali okhawuleza aphelelwe ngumonde kubantwana bakho abancinane? Ngaba ucaphuka msinya ziimpazamo zabanye?
Sonke sikhe siphelelwe ngumonde maxa wambi. Kodwa sinokufumana imiphumo ebuhlungu xa siphelelwa ngumonde mihla le.
Iingozi zempilo:
Ukungabi namonde kuthiwa ngunozala wokukruquka, ukucaphuka, nomsindo. Ezi zinto zinokuzisa uxinzeleko, nto leyo eyonakalisa impilo. Uhlolisiso lwakutshanje olwenziwe yiAmerican Medical Association lubonisa gca ukuba ukungabi namonde kubangela uxinezeleko lwegazi, ibe oko kwenzeka nakumlisela nomthinjana.
Zikho nezinye iingxaki zempilo ezayanyaniswa nokungabi namonde. Uhlolisiso lwakutshanje lubonisa ukuba ukungabi namonde kunegalelo ekutyebeni ngokugqithiseleyo. IThe Washington Post ithi, “Uphando lufumanise ukuba abantu abangenamonde badla ngokutyeba ngokugqithisileyo kunabo bakwaziyo ukulinda.” Kwezinye iindawo, kufumaneka lula nangemali encinane ukutya okukhawulezayo, kuba kuhlala kuvuthiwe lonke ixesha, ibe abantu abangenamonde baphila ngako.
Ukuzibekela amangomso izinto:
Uhlolisiso olwenziwe liZiko Lophando Ngeenkqubo Zoqoqosho eliseLondon lufumanise ukuba abantu abangenamonde banomkhwa wokuzibekel’ amangomso izinto. Ngaba oko bakwenza kuba bevakalelwa ukuba abanakukwazi ukwenza umsebenzi oza kufuna ixesha elininzi nomonde abangenawo? Enoba siyintoni na isizathu, ukwenza izinto ngomzuzu wokugqibela kunokuba nemiphumo emibi kuloo mntu nakuqoqosho. Ngokutsho kwephephandaba laseBritani, iThe Telegraph umphandi uErnesto Reuben wachaza ukuba “ukuzibekel’ amangomso izinto kunegalelo elibi gqitha emsebenzini yaye abantu baphulukana nentywenka yemali njengoko [abantu abangenamonde] bemana ukuwubuyisela emva umsebenzi.”
Ukusebenzisa utywala kakubi nogonyamelo:
Ngokutsho kwephephandaba laseBritani iSouth Wales Echo, “kulula ukuba abantu abangenamonde babandakanyeke kugonyamelo ngenxa yokusela ebusuku.” Abaphandi beYunivesithi yaseCardiff bafumanisa oku emva kohlolisiso olwenziwa kumakhulu amadoda namabhinqa. Eli phephandaba lithi, olu hlolisiso lutyhila ukuba “abantu abangenamonde babekuthanda ukusela ngamandla nogonyamelo.”
Ukungabi nangqiqo:
Iqela labahlalutyi kwiZiko Lophando iPew eliseWashington, D.C., lafumanisa ukuba abantu abangenamonde “abadli ngokucingisisa xa bekhetha.” UGqr. Ilango Ponnuswami, unjingalwazi nentloko yeSebe Lentlalo-ntle kwiYunivesithi yaseBharathidasan eIndiya, uthetha into efanayo. Uthi: “Ukungabi namonde kuzisa ilahleko. Kungakuphulukanisa nemali, abahlobo, kuzise intlungu neminye imiphumo emibi kuba umntu ongenamonde udla ngokwenza izigqibo eziphum’ ecaleni.”
Iingxaki zemali:
IResearch Review, eyapapashwa yiFederal Reserve Bank yaseBoston, eUnited States ithi, ukungabi namonde kutyholwa ngokuba ngunobangela “wokuphakama kwenani labantu abathe zwabha ematyaleni.” Ngokomzekelo, abantu abasandul’ ukutshata abangenamonde basenokufuna ukukhawuleza babe nabo bonke ubunewunewu bendlu emva kokuba betshatile, nakuba bengenayo imali. Ngoko ke, bathenga indlu, ifanitshala, imoto, nezinye izinto—ngetyala. Oku kunokuzisa ingxaki emtshatweni. Abaphandi beYunivesithi yaseArkansas, eUnited States bathi “izibini ezisandul’ ukutshata ezenza amatyala emtshatweni zidla ngokungonwabi kunezo zinamatyala amancinane okanye zingenawo kwaphela.”
Abanye bathi kukungabi namonde okuye kwabangela ukuwa koqoqosho kutshanje eUnited States. Iphephancwadi lemali iForbes lithi “imeko embi yezoqoqosho esikuyo ibangelwe kukungabi namonde nokunyoluka. Ukungabi namonde kwenza abaninzi baleqa izinto zexabiso, abangenamali yazo. Bazifaka zwabha ematyaleni aza kuthatha iminyaka bewahlawula—wambi bengenakuze bakwazi ukuwahlawula.”
Ukuphulukana nabahlobo:
Ukungabi namonde kunokusenza singakwazi ukuthetha kakuhle nabanye. Xa umntu engenamonde wokuthetha kakuhle nabanye, usuka athethe engacinganga. Usenokudikwa xa abanye bethetha. Akakwazi kulinda de abanye bagqibe ukuthetha. Usenokugxagxamisa abanye ukuba bakhawulezise ukuthetha ngokubafak’ amazwi emlonyeni okanye azame iindlela zokubaxhesha.
Ukungabi namonde kungakuphulukanisa nabahlobo. UGqr. Jennifer Hartstein, ingcali yengqondo ekhankanywe kwinqaku elandulela eli, uthi: “Akakho umntu ofuna ukuhlala nomntu ohlala ekugxagxamisa.” Ukungabi namonde luphawu olungathandekiyo. Kukuphulukanisa nabahlobo.
Ezi zingxaki ezimbalwa ezibangelwa kukungabi namonde. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngendlela onokuzabalazela ngayo ukuba nomonde.