IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/12 iphe. 8-9
  • Indlela Yokufunda Ukuba Nomonde

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokufunda Ukuba Nomonde
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Umonde—Kutheni Unqabe Kangaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ngaba Unokubonakalisa Umonde?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ukungabi Namonde Kunokuba Yingozi
    Vukani!—2012
  • Ungayeki Ukuba Nomonde
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 12/12 iphe. 8-9

Indlela Yokufunda Ukuba Nomonde

Akunakuze kukuncede nganto ucatshukiswa zizinto ezingaphaya kwamandla akho

MHLAWUMBI emva kokuba ufunde amanqaku andulela eli, uye wabona ukuba okukhona umntu esiba nomonde, kokukhona efumana impilo, izigqibo nabahlobo ababhetele. Ngoko, ungakufunda njani ukuba nomonde ngakumbi? Khawucinge ngala macebiso.

Khangela onobangela:

Kukho izinto okanye iimeko ezikwenza uphelelwe ngumonde. Ziziphi oziphawulayo wena? Ngaba unabantu abasoloko bevavanya umonde wakho? Isenokuba liqabane lakho, abazali, okanye abantwana. Ngaba le ngxaki inokuthanani nexesha? Ngokomzekelo, ngaba uphelelwa ngumonde xa kufuneka ulinde abantu okanye xa ushiywa lixesha? Ngaba ukuphelela xa udiniwe, ulambile, usozela, okanye ucinezelekile? Ngaba le ngxaki uba nayo xa usekhaya okanye emsebenzini?

Kungakunceda njani ukuzazi ezona zinto zikwenza uphelelwe ngumonde? Mandulo, uKumkani uSolomon wathi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Ngokuvisisana nalo mzekeliso weBhayibhile wamandulo, xa uziqonda okanye ‘uzibona ziseza’ izinto ezikwenza ungabi namonde, ungakwazi ukuzithintela. Oku kusenokuba nzima gqitha xa usaqala, kodwa ekuhambeni kwexesha olu phawu luyazizela.

Phila ubomi obulula:

Ngokutsho kukaNjingalwazi Noreen Herzfeld, ohlohla ikhompyutha kwiYunivesithi yaseSaint John, eMinnesota, eUnited States, “yinyaniso ukuba abantu abakwazi kwenza izinto ezininzi ngaxeshanye. Ingqondo ayikwazi kunikela ingqalelo kwizinto ezininzi ngaxeshanye.” Uphinde athi: “Ethubeni, ukwenza izinto ezininzi ngaxeshanye konakalisa indlela onikela ngayo ingqalelo, kuquka ukuba nomonde, unyamezelo, ukwenza izigqibo, nokucombulula iingxaki.”

Kunzima ukulwela ukuba nomonde xa uxinezeleke zizinto ezininzi omele uzenze, ziindawo ezininzi omele uye kuzo, nabantu abaninzi ekufuneka uthethe nabo. UGqr. Jennifer Hartstein, ekuthethwe ngaye kula manqaku, ulumkisa athi: “Uxinezeleko ludla ngokubangelwa zizinto esizenzayo ngenxa yokungabi namonde.”

Khawuziphe ixesha unandiphe ubomi. Ziphe ixesha lokuzakhela ubuhlobo bokwenene nabantu abambalwa, kunokwakha ubuhlobo obungephi nabantu abaninzi. Lisebenzise kakuhle ixesha lakho, uzicwangcise ngobulumko izinto ezibalulekileyo. Zilumkele iindlela zokuzonwabisa eziza kukutyela ixesha quka izixhobo ze-elektroniki.

Ukuze ubenze lula ubomi bakho, kusenokufuneka ujonge kwizinto zamihla le. Ziziphi izinto onokuyekelela okanye unciphise kuzo? Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo . . . , kukho ixesha lokugcina nexesha lokulahla.” (INtshumayeli 3:1, 6) Mhlawumbi ngoku lixesha lokuba uyeke ezinye izinto ezikutyela ixesha ukuze ungaxakeki de uphelelwe ngumonde.

Lindela Izinto Ezisengqiqweni:

Zijonge ngendlela elungeleleneyo izinto ebomini. Okokuqala, ebomini izinto azisoloko zisenzeka ngokukhawuleza njengoko sinqwena. Yamkele into yokuba ixesha lihamba intando yalo alinakuva ngawe. Ukwamkela oko, kuthetha ukuba unomonde.

Okwesibini, khumbula ukuba akunakusoloko uzilawula iimeko zakho. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Imbaleki enesantya ayisoloko iluphumelela ugqatso; umkhosi onamandla awusoloko usoyisa edabini; isilumko esibalaseleyo asisoloko sikufumana ukutya esikusebenzeleyo; neyona ngqondo ayihlali izuza ubutyebi; nesifundiswa asisoloko sinikwa uzuko lwaso. Ngexesha elithile, izinto ezibuhlungu zehlela bonke abantu! Akakho umntu oyaziyo into eya kumehlela.”—INtshumayeli 9:11, 12, iHoly Bible—Easy-to-Read Version.

Kunokuphelelwa ngumonde ngenxa yezinto ongenakuze uzilawule, zama ukukhangela ezo zisemandleni akho. Ngokomzekelo, kunokuba ucatshukiswe kukulibala kwebhasi okanye uloliwe, zama enye indlela yokuhamba. Nokuhamba ngeenyawo kubhetele kunokuhlala ujwaqeka ngumsindo nokungabi namonde. Ukuba kunyanzelekile ukuba ulinde, sebenzisa elo xesha ukwenza enye into, njengokubhala phantsi umsebenzi oceba uwenza kwixa elizayo okanye ufunde incwadi.

Inyaniso engenakujikwa kukuba akunakuze kukuncede nganto ucatshukiswa zizinto ezingaphaya kwamandla akho. IBhayibhile ithi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ikubhite kubude bobomi bakhe?”—Luka 12:25.

Zakhele ulwalamano noThixo:

Abaninzi abayikholelwayo iBhayibhile baye bafumanisa ukuba ngokusebenzisa imigaqo yayo, baye bakwazi ukuba nomonde. Ngokutsho kweBhayibhile, umntu othanda uThixo udla ngokuba nomonde, kuquka ezinye iimpawu ezibalulekileyo njengothando, uvuyo, uxolo, ukuthantamisa, nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) IBhayibhile ithembisa oku: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.” (Filipi 4:6, 7) Fundisisa iBhayibhile uze ufunde indlela onokuphila ngayo ungenaxhala uze ube nomonde ngakumbi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share