IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 2/8 iphe. 15-16
  • “Ndiyifuna Ngoku!” Isizukulwana Solwaneliseko Olukhawulezileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ndiyifuna Ngoku!” Isizukulwana Solwaneliseko Olukhawulezileyo
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ihlabathi Elingalawulekiyo
    Vukani!—1991
  • “Asilotyala Lam!” Isizukulwana Sezingxengxezo
    Vukani!—1991
  • Wagqitywa Yintoni Umonde?
    Vukani!—2012
  • Xa Umntwana Ekunandipha Ukukhula
    Vukani!—2003
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 2/8 iphe. 15-16

“Ndiyifuna Ngoku!” Isizukulwana Solwaneliseko Olukhawulezileyo

Imeko akuyo uJohnny omncinane ityhila intlungu enzulu, kodwa ukufumanisa kunzima ukungahleki. Uyekelele amagxa, umadolw’ anzima, yaye uyatyefeza nokuhamba oku. Ubuso bakhe bungumfanekiso ohlekisayo wentlungu​—⁠ufinge iintshiyi, unamehlo abongozayo yaye umlomo ude wajijeka ngenxa yokuthi khunubembe. Ucinga ngento enye: ipudini.

“Kodwa Mama,” uyakhwina. Uphelela apho. Unina uza kuye ekhawuleza, ephethe isitya necephe. Uthi ngokurhabaxa, “Nditsho okokugqibela, Johnny, HAYI! Ukuba utya ipudini ngoku, akuzi kusitya isidlo sangokuhlwa. Ibe sele siza kudla kwithuba nje lemizuzu eli-15!”

Uyakhala esithi, “Kodwa ndiyifuna NGOKU!” Unina uyayeka ukuzamisa aze amjamele unyana wakhe. Uyazi ukuthi angajanyelwa ngolo hlobo kunyembelekile; ngobulumko uthi nyebelele, aye kwelinye igumbi ukuze akrekrethwe ngumvandedwa eyedwa. Kungekudala uyaphazamiseka, alibale konke ngokutya ngethuba laxa isidlo silungile.

Maxa wambi abantwana babonakala bephantse bakhotyokiswa lixesha. Xa befuna okuthile, bakufuna ngoku. Ingcamango yokulindela umvuzo olunge ngakumbi, okanye ukuzivimba okuthile okonwabisayo kuba kusenokubenzakalisa kamva, kuyinto enzima gqitha ngabo ukuyamkela. Kanti, yingcamango ekufuneka bona​—⁠nathi sonke⁠—​beyifundile.

Uhlolisiso lwakutshanje olwenziwe zizazinzulu zeYunivesithi iColumbia eUnited States lunengxelo ngokuphandwa kwamandla abantwana okukuncama ukuzanelisa ngenxa yomvuzo abawunqwenelayo. Aba bantwana banikwa ukhetho lwezinto ezimbini ezityiwayo, enye inqweneleka ngakumbi kunenye​—⁠masithi, iqebengwane elinye kunye namabini. Bebengafumana into elunge ngakumbi kuphela ukuba balinde de umfundisi-ntsapho abuye. Noko ke, bebengayeka ukulinda nangaliphi na ixesha ngokubetha intsimbi, apho bebeya kuthi bafumane loo nto ityiwayo inganeno baze baphoswe yileyo ilunge ngaphezu kwayo. Izazinzulu zayibhala ihambo yabo zaza zaphanda inkqubela-phambili yaba bantwana banye kwiminyaka elishumi kamva.

Iphephancwadi iScience linikela ingxelo yokuba abantwana abakulungele ngakumbi ukungazanelisi baba nempumelelo elunge ngakumbi kwiminyaka yabo yokukhulela ebuntwini obukhulu. Bebefaneleka ngakumbi ekuhlaleni nakwimfundo yaye bebenokuhlangabezana ngokulunge ngakumbi noxinezeleko kunye nodandatheko. Ngokucacileyo, amandla okungazanelisi​—⁠ukungakufumani oko sikufunayo⁠—​abubuchule obubalulekileyo ebomini. Yaye akwayingenelo nakubantu abakhulileyo.

Sonke ntsuku zonke sicinezelelwa ukukhetha phakathi kolwaneliseko olukhawulezileyo nolungakhawuleziyo. Lumbi ukhetho lubonakala lungabalulekanga: ‘Ngaba ndifanele ndilidle elaa qhekeza leqebengwane okanye ngaba ndifanele ndidle ukutya okunesondlo?’ ‘Ngaba ndifanele ndibukele umabonwakude, okanye ngaba kukho nto ithile enemveliso ngakumbi endifanele ndiyenze ngoku?’ ‘Ngaba ndifanele ndiwathethe la mazwi okanye ndilubambe ulwimi lwam?’ Kwimeko nganye, sifanele sibeke esikalini umgibe wolwaneliseko olukhawulezileyo nxamnye nemiphumo ehlala ithuba elide ngakumbi. Kuyavunywa ukuba, le isenokungabi yimibandela ebalulekileyo.

Izinto ekunzima ngakumbi ukuzifikelela zizigqibo ezingokuziphatha abantu abajamelana nazo: ‘Ngaba ndifanele ndixoke ukuze ndiphume kula meko, okanye ngaba ndifanele ndifumane indlela enyanisekileyo nenobuchule yokuphuma?’ ‘Ngaba ndifanele ndikuvumele oku kubhantsana ndize ndibone oko kwenzekayo, okanye ngaba ndifanele ndilondoloze umtshato wam?’ ‘Ngaba ndifanele ndilandele umndilili ndize nditshaye umya okanye ngaba ndifanele ndithobele umthetho ndize ndikhusele umzimba wam?’ Njengoko ngokungathandabuzekiyo uye waphawula, ikhondo lolwaneliseko olukhawulezileyo linokuguqulela ubomi bomntu kwintlekele ekhawulezileyo.

Kunjengokuba iphephancwadi iScience lisithi: “Ukuze babe nempumelelo ebomini, abantu bamele ngokuzithandela bakubekele elinye ithuba ukuzanelisa okukhawulezileyo baze balondoloze ihambo ejoliswe kusukelo oluthile ukulungiselela imiphumo yakamva.” Ngoko ngokunokwenzeka asiyi kuphila ubomi obumnandi ukuba sifuna ukwanelisa umnqweno wethu ngoko nangoko.

Sekunjalo, siphila kwihlabathi elizaliswe kukufuna ukwaneliseka okukhawulezileyo, ihlabathi elibonakala lilawulwa ngamawaka angenakubaleka abantu abakhulileyo abafanekiselwa nguJohnny omncinane, abatyekele ekufumaneni oko bakufunayo ngoku, bengayinanzanga imiphumo enokubakho. Isimo sabo sengqondo siye sakha ihlabathi lethu lanamhla, yaye asilakhelanga okulunge ngakumbi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share