IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 2/8 iphe. 20
  • “Asilotyala Lam!” Isizukulwana Sezingxengxezo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Asilotyala Lam!” Isizukulwana Sezingxengxezo
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndiyeke Ukusebenzisa Iziyobisi?
    Imixholo Engakumbi
  • Ngubani Okhotyokiswayo, Yaye Ngasiphi Isizathu?
    Vukani!—1994
  • “Ndiyifuna Ngoku!” Isizukulwana Solwaneliseko Olukhawulezileyo
    Vukani!—1991
  • Xa Izinto Ozenzayo Zikukhobokisa
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 2/8 iphe. 20

“Asilotyala Lam!” Isizukulwana Sezingxengxezo

WALAKAHLA! Umama kaJohnny omncinane uya ekhawulezile kwigumbi lokuphekela ukuya kubona unobangela waloo ngxolo igqithiseleyo. Apho, kuwe ingqayi yamaqebengwane, iziingceba emgangathweni. UJohnny ume apho, edangele ephethe iqebengwane ngesandla sakhe ibe kwangaxeshanye uzama kangangoko anako ukuzenza abonakale emsulwa. Uyadanduluka esithi, “Asilotyala lam!”

ABAZALI bazi kakuhle ukuba abantwana bakufumanisa kunzima ukumela iimpazamo zabo. Kodwa ibutho lanamhlanje labantu abakhulileyo linengxaki ekwanye. Abantu abangakumbi nangakumbi babonakala bekholelwa kwelokuba ukulukuhla komnqweno wokufuna ulwaneliseko lwabo kungaphezu kwamandla abo.

Ngokomzekelo, qwalasela indoda eye yadlwengula ibhinqa elinye izihlandlo ezithathu. Kwityala layo yazithethelela ngelithi ibilixhoba lencindi yamadlala ayo obudoda; amadlala ayo ayekhupha incindi eninzi ebangela ukuvukelwa ziinkanuko zesini. Yakhululwa. Owezobupolitika owabanjelwa ukuxoka wazingxengxezela ngokuthi yingxaki yotywala eyamenza ukuba enze isifungo sobuxoki. Ongenisa ngokungekho mthethweni iziyobisi wakhululwa emva kokuba ethe ulixhoba “lokungemi kakuhle emzimbeni ngokukhotyokiswa zizo.”

Ngokutsho kweU.S.News & World Report, amaqela angaphezu kwama-2 000 ayadibana veki zonke ukuze acebise abo bazigqala bekhotyokiswe sisini okanye luthando. Iintlangano zezizwe ezingaphezu kwama-200 ziye zazimisa njengemizekelo yamaKhoboka Eziselo Ezinxilisayo Angaziwayo ukuze zincede “amaxhoba” ezinye “izinto ezikhobokisayo,” njengabaBethi Abangaziwayo, Amadoda Angamafanasini Angamadla-kudla Angaziwayo, Abangcakazi Abangaziwayo, Abantu Abanamatyala Abangaziwayo, Amaxelegu Angaziwayo, namaNxila Omsebenzi Angaziwayo.

Zimbi iingcali zixhasa imbono yokuba zonke ezi ntlobo zehambo etshabalalisayo zisenokukhobokisa, kodwa ezinye ziyothuswa lolu hlobo lutsha lukhobokisayo. Kunjengokuba elinye igcisa ngezengqondo likubeka ngale ndlela oku: “Ukwakha ihlabathi elinezifo ezikhobokisayo kusenokuthetha ukwakha ihlabathi ekuthi kulo nayiphi na into ibe nokungxengxezeleka.” Ingcali yezigulo zengqondo ilumkisa ngelithi bakuba abantu bezibalele ekubeni ngamaxhoba angenakuzinceda okukhotyokiswa kokuthile, kuba nzima ngakumbi ukuba banyangeke; ukuzingxengxezela kwabo kuba yinxalenye yobuntu babo.

UGqr. William Lee Wilbanks, unjingalwazi oyijaji yolwaphulo-mthetho, uthi ifashoni yanamhla engokunyangwa kokukhotyokiswa iyonke iyinxalenye yamagama amabini entanda-bulumko ayibiza ngokuba kukuNgcola Okutsha: “Andinako ukuzinceda.” Uyalugxeka “utyekelo olwandayo kwibutho lezenzululwazi lokugqala abantu njengezinto ezonganyelwa ngamandla angaphakathi nangaphandle abangakwaziyo ukuwalawula.” Wongezelela ngelithi, “Le mbono, inikel’ ingcamango yokuba ukwenza oko ukuthandayo kuyinxalenye encinane okanye akuyiyo inxalenye yehambo yomntu.”

Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba ukwenza komntu oko akuthandayo kusenokuba nempembelelo ngakumbi kwanangaphezu kwezinto ezikhobokisayo ezingokwesithethe kunokuba bekucingwa. Ngokomzekelo, malunga nabangama-75 ekhulwini abakhotyokiswe yiheroin bayasilela kumalinge abo okwahlukana nalo mkhwa. Kodwa kumagqala eMfazwe yaseVietnam, kulula ukuba bawushiye lo mkhwa​—⁠abamalunga nama-90 ekhulwini bayakwazi ukuwuyeka. Kutheni? Isiyobisi sinye, ukukhobokisa kufana nqwa. Ngaba, njengokuba uWilbanks esitsho, kungenxa yokuba “imilinganiselo yawo yokuziphatha nokuziqeqesha kwawo kuye kwawanceda ukuba ‘Akuchase’ oko”? Asikuko ukuba izinto ezinjengokuxhomekeka kwimichiza okanye kwanotyekelo ozalwe nalo kwiingxaki ezithile akunto yokwenene. Njengokuba uWilbanks ekubeka oku, oothunywashe abanjalo “basenokwenza ukuba idabi lesi silingo libe lelinzima ngakumbi. Kodwa sekunjalo eli dabi linokoyiswa.”

Kunjalo ngokwenene. Ukulukuhla kolwaneliseko olukhawulezileyo kusenokuba namandla, kodwa akunamandla kangako. Njengoko umsebenzi wamaNgqina kaYehova uye wabonisa kwihlabathi lonke, amakhoboka eziyobisi, aweziselo ezinxilisayo, abakrexezi, abangcakazi namafanasini akunyanzelekanga ukuba anelise iminqweno yawo. Ngokusebenzisa amandla awo okwenza oko akuthandayo yaye, okubaluleke ngakumbi, ngoncedo lomoya oyingcwele kaThixo, anako yaye ayazoyisa iingxaki zawo. Ngaloo ndlela, kungakhathaliseki oko kuthethwa “ziingcali,” uMdali wethu uyazi xa sinembopheleleko ngeengxaki zethu. (Numeri 15:​30, 31; 1 Korinte 6:​9-11) Kodwa ukwangonenceba. Akaze alindele okungaphezu kokunengqiqo kuthi, “ekhumbula ukuba siluthuli.”​—⁠INdumiso 103:⁠14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share