Sisiphi Isigidimi Abasivayo?
LIHLABATHI elinjani obungathanda ukuphila kulo? Luhlobo olunjani lwekamva olufunela abantwana bakho? Ukuba ungasempilweni efezekileyo uze ungafi, ngaba ubungakukhetha oko?
Ubuya kuyiphendula njani loo mibuzo? Inkoliso yabantu, kungakhathaliseki ukuba banayiphi na imvelaphi yonqulo okanye yobupolitika, bebeya kufuna ukuphila kwihlabathi eliseluxolweni nelinendyebo. Bebeya kulivuyela ihlabathi elinobulungisa obugqibeleleyo nemvisiswano, apho kungekho konakala; apho kungasayi kubakho omnye umthetho wabo bemi kakuhle kuze kubekho omnye wabangamahlwempu.
Yaye ngokungathandabuzekiyo, ubuya kuthanda ukuba abantwana bakho babe nentabalala yokutya, ikhaya elihle nemfundo esemgangathweni. Ngamanye amazwi, ubuya kufuna ukuqinisekisa ukuba wena nenzala yakho ninekamva elizinzileyo. Yaye ukuba ubunikwe ithuba, ubuya kukhetha impilo efezekileyo nokuphila ixesha elaneleyo ukuze uzalisekise iminqweno namabhongo akho afanelekileyo, kwanokunandipha ubomi obungunaphakade kumhlaba oseluxolweni noyiparadisi.
Kukonke oku akulophupha nje elingenakuzalisekiswa. Kusisigidimi seBhayibhile amaNgqina kaYehova asishumayela kumhlaba wonke, kuquka nakumazwe aseMpuma Yurophu.
Ithemba LeBhayibhile Eliqinisekileyo Ngekamva
Iziprofeto zeBhayibhile ezinokuthenjwa nezabhalwa kwiinkulungwane ezininzi ezadlulayo zaxela kusengaphambili iziganeko ezaziya kwenzeka kule nkulungwane yethu yama-20, ‘iimfazwe zethu namarhe eemfazwe’; ‘iinyikima zethu zomhlaba nokunqongophala kokutya kwiindawo ngeendawo’; ‘ukuxinezeleka kweentlanga zethu, zithingaza, ngoxa abantu baya kube besifa kukoyika izinto ezilizelayo elimiweyo’; ‘ukuwonakalisa nokuwungcolisa kwethu umhlaba.’—Luka 21:10-33; ISityhilelo 11:18.
Kanti, zonke ezi ziganeko nezinye ezingakumbi zingumqondiso oqinisekileyo wokuba ihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo likufuphi. Oku kuquka “elitsha izulu, nomtsha umhlaba,” okuthetha ukuthi, ulawulo olutsha lomhlaba, urhulumente wasezulwini, nebutho lomhlaba elihlaziyiweyo ‘apho kumi ubulungisa.’ Oku kuthetha ihlabathi elitsha ‘ekungasayi kubakho ziintlungu, kufa nasijwili kulo.’—Isaya 65:17-25; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1-4.
Ngokucacileyo, akukho nkqubo yabupolitika, kungakhathaliseki ukuba inyaniseke yaye inenyameko kangakanani na, inokuphumeza inkqubo enjalo. Kuphela yiNkosi enguMongami wendalo iphela, uYehova uThixo, onomdla nonamandla okuphumeza oku. Ngenxa yoko uNyana wakhe, uKristu Yesu, wafundisa abalandeli bakhe ukuthandaza esithi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.”—Mateyu 6:9, 10.
Ukuthanda kukaThixo kukuba umhlaba ube yeyona ndawo intle kwindalo iphela, ekuhleli kuyo intsapho yabantu ethanda uxolo. Kungekudala uThixo uza kuthabath’ unyawo lokuzisa oko. Esi iya kuba sisenzo sokucoca asuse emhlabeni ukungcola nabo bawungcolisayo. Lonke ungcoliseko lomoya, enoba lolubonakalayo okanye lungokwemilinganiselo yokuziphatha, luya kupheliswa emhlabeni. Ngoobani abaya kusala? UYesu wathi: “Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.”—Mateyu 5:5; ISityhilelo 16:14-16.
Ngaba uyafuna ukuba phakathi kwabo banobulali nabaya kuzuza intsikelelo kaThixo? Ngoko qhagamshelana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni uze ucele isifundo seBhayibhile sesisa, nto leyo engakubopheleli nganto. Ziqinisekisele ngokwakho oko ‘kukuko ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.’ Uze emva koko ukwenze.—Roma 12:2.