Ngaba Ukunyaniseka Kunomvuzo?
BEBONA ukunganyaniseki okugqithiseleyo phakathi kwabantu abakhulu, ngokufuthi abantu abaselula baxelisa imizekelo yabo. Ngoko ke, hayi indlela ekuhlaziya—nekuphawuleka—ngayo xa umntu othile enyanisekile! ISports Illustrated isinika umzekelo onjalo wokunyaniseka ngala magqabaza: “Nali ibali lokomeleza ukholo lukabani.”
Eli phephancwadi lanikela ingxelo ngomdlalo wolutsha webaseball eFlorida, eUnited States. Umntu oganga ibhola (baseman) wokuqala wayiganga waza wazama ukuchana umdlali owayesuka kweli cala esiya kwelinye. Usompempe, uLaura Benson, wamkhupha emdlalweni umdlali obalekayo, kodwa la mdlali wokuqala ebegange ibhola wamxelela oku: “Nkosikazi, andimchananga.” Ngoko uBenson wamvumela lo mdlali ukuba aphinde adlale.
Ebudeni bomnye umdlalo kwiiveki ezimbini kamva, lo uselula wayebandakanyeke kwimeko efanayo emdlalweni. UBenson kwakhona wayengusompempe. Ngesi sihlandlo wayecinga ukuba le nkwenkwe ayiyichananga leyo ibalekayo, yaye wayivumela ukuba iphinde idlale. Nangona le nkwenkwe ingazange ithethe nto njengokuba yayibuyela kwisikhundla sayo, waqonda ukuba kwakukho into ephosakeleyo ngendlela eyamjonga ngayo. Ngoko waya kuyo waza wayibuza: “Ngaba umchanile?”
Yathi, “ewe.”
Xa uBenson wasiguqulayo isigqibo sakhe waza wamkhupha loo mdlali, abaqeqeshi belinye iqela abazange bakwamkele oku. Kodwa wabacacisela ngoko kwakwenzeke kwiiveki ezimbini ezidluleyo waza wathi: “Ekubeni lo mntwana enyaniseke ngolu hlobo, ndimele ndimvumele.”
Abo banganyanisekanga babonakala bephumelela namhlanje. Kunjengokuba indumiso yeBhayibhile yakha yathi: “Yabona abangendawo abaya, banokuchulumanca ngonaphakade, bandile ngokutyeba.” (INdumiso 73:12) Noko ke, enyanisweni, ukunyaniseka ekugqibeleni kunowona mvuzo mkhulu. Kwenza ukuba ubani ahlonelwe ngabantu abangoowabo. Kodwa okubaluleke ngakumbi, kubangela inkoliseko kaYehova uThixo, onokuvuza ubani ngobomi obungunaphakade.