IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 11/8 iphe. 31
  • Ngaba Ukunyaniseka Kunomvuzo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukunyaniseka Kunomvuzo?
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Yiba Nenyani Kuzo Zonke Izinto
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Nyaniseka Ezintweni Zonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Nyaniseka Kwizinto Zonke
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Kutheni Kuluncedo Ukunyaniseka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 11/8 iphe. 31

Ngaba Ukunyaniseka Kunomvuzo?

BEBONA ukunganyaniseki okugqithiseleyo phakathi kwabantu abakhulu, ngokufuthi abantu abaselula baxelisa imizekelo yabo. Ngoko ke, hayi indlela ekuhlaziya​—⁠nekuphawuleka⁠—​ngayo xa umntu othile enyanisekile! ISports Illustrated isinika umzekelo onjalo wokunyaniseka ngala magqabaza: “Nali ibali lokomeleza ukholo lukabani.”

Eli phephancwadi lanikela ingxelo ngomdlalo wolutsha webaseball eFlorida, eUnited States. Umntu oganga ibhola (baseman) wokuqala wayiganga waza wazama ukuchana umdlali owayesuka kweli cala esiya kwelinye. Usompempe, uLaura Benson, wamkhupha emdlalweni umdlali obalekayo, kodwa la mdlali wokuqala ebegange ibhola wamxelela oku: “Nkosikazi, andimchananga.” Ngoko uBenson wamvumela lo mdlali ukuba aphinde adlale.

Ebudeni bomnye umdlalo kwiiveki ezimbini kamva, lo uselula wayebandakanyeke kwimeko efanayo emdlalweni. UBenson kwakhona wayengusompempe. Ngesi sihlandlo wayecinga ukuba le nkwenkwe ayiyichananga leyo ibalekayo, yaye wayivumela ukuba iphinde idlale. Nangona le nkwenkwe ingazange ithethe nto njengokuba yayibuyela kwisikhundla sayo, waqonda ukuba kwakukho into ephosakeleyo ngendlela eyamjonga ngayo. Ngoko waya kuyo waza wayibuza: “Ngaba umchanile?”

Yathi, “ewe.”

Xa uBenson wasiguqulayo isigqibo sakhe waza wamkhupha loo mdlali, abaqeqeshi belinye iqela abazange bakwamkele oku. Kodwa wabacacisela ngoko kwakwenzeke kwiiveki ezimbini ezidluleyo waza wathi: “Ekubeni lo mntwana enyaniseke ngolu hlobo, ndimele ndimvumele.”

Abo banganyanisekanga babonakala bephumelela namhlanje. Kunjengokuba indumiso yeBhayibhile yakha yathi: “Yabona abangendawo abaya, banokuchulumanca ngonaphakade, bandile ngokutyeba.” (INdumiso 73:​12) Noko ke, enyanisweni, ukunyaniseka ekugqibeleni kunowona mvuzo mkhulu. Kwenza ukuba ubani ahlonelwe ngabantu abangoowabo. Kodwa okubaluleke ngakumbi, kubangela inkoliseko kaYehova uThixo, onokuvuza ubani ngobomi obungunaphakade.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share