Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Engekhoyo Kule Mifanekiso?
Funda iMizekeliso 18:10 no-26:17. Ngoku jonga lo mfanekiso. Ziintoni ezingekhoyo? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi. Dibanisa la machaphaza ukuze ugqibezele lo mfanekiso, uze ufake nombala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
[Diagrams]
(Yiya kwimpapasho)
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Ufunda ntoni kwezi ndinyana? Ngaba kwanele ukwazi igama likaThixo ukuba sifuna akholiswe sithi?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iNdumiso 91:2; iMizekeliso 3:5, 6.
Kutheni ungafanele ube ngugqada mbekweni kwimicimbi yabanye abantu?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda amaGalati 6:5-7; 1 Tesalonika 4:11; 1 Petros 4:15.
Emva koko, funda iMizekeliso 26:18, 19. Ngaba akukho nto imbi ngokuhlekisa ngabanye abantu?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iMizekeliso 14:13; 15:21; uMateyu 7:12.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Fundani iMizekeliso 31:10-31. Elinye ilungu lentsapho linokulinganisa izinto ezenziwa ngumfazi ekuthethwe ngayo kweli bali kodwa lithe cwaka. Amanye amalungu entsapho afanele achaze izinto ezenziwa leli lungu lentsapho. Ncokolani ngemisebenzi eninokuyifunda ukuze nikhuthale.
Gcinani La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 10 USOLOMON
IMIBUZO
A. USolomon akazange athandazele ubutyebi okanye iminyaka emininzi ephila, kodwa wathandazela ntoni?
B. Bhala kwizikhewu. USolomon wayenokuthetha imizekeliso ․․․․․ kwaye iingoma zakhe zaba ․․․․․.
C. Liliphi elinye igama elanikwa uSolomon?
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Wayephila malunga Kubhalwa incwadi
nowama-1000 B.C.E. yeBhayibhile yokugqibela
[Imaphu]
Ukumkanikazi waseShebha wahamba umgama omalunga neekhilomitha ezingama-2 400 esiya kuphulaphula ubulumko bukaSolomon
SHEBA
Jerusalem
USOLOMON
IMBALI YAKHE
Wayengunyana wesibini kaDavide noBhatshebha. USolomon walawula kwaSirayeli kangangeminyaka engama-40. Wakha indlu entle khon’ ukuze kunqulwe uYehova. (1 Kumkani 5:2-5) UYehova wasebenzisa uSolomon ukuze abhale iMizekeliso, iNtshumayeli neNgoma yazo iiNgoma. Ukutshata kwakhe nabafazi basemzini kwamenza wamshiya uYehova.—1 Kumkani 11:1-6.
IIMPENDULO
A. Intliziyo ethobelayo.—1 Kumkani 3:5-14.
B. 3 000, 1 005.—1 Kumkani 4:29, 32.
C. NguYedidiya elithetha “Othandwayo NguYehova.”—2 Samuweli 12:24, 25.
Abantu Namazwe
3. Igama lam ndinguChloe. Ndineminyaka esithoba ubudala yaye ndihlala eKhanada. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eKhanada? Ngaba angama-55 000, angama-88 000 okanye ali-110 000?
4. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo endihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eKhanada.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Khangela le mifanekiso kweli phephancwadi. Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Ukuze uprinte iikopi ezingakumbi zomxholo othi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho,” yiya kwiwebhsayithi ethi www.pr418.com
● Iimpendulo zomxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zikwiphepha 24
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. Inqaba eyomeleleyo.
2. Inja.
3. 110,000.
4. A.