Okwenzeka Ehlabathini
“Ukususela ngowama-2004, liye laphindeka kathathu inani labantu abaphanda igama elithi ‘phonografi’ kwi-Intanethi.”—THE ECONOMIST, EBRITANI.
“Xa ibhinqa eliselula [laseRashiya] litshata, . . . afikelela kwiipesente ezingama-60 amathuba okuba libethwe ngumyeni walo, okanye bangombane.” —MOSKOVSKIYE NOVOSTI, ERASHIYA.
“Isazinzulu okanye ugqirha omnye kwabasixhenxe [eUnited Kingdom], uye wabona oogxa bakhe betshintsha ngabom okanye beguqula inkcazelo ebhaliweyo xa besenza uphando okanye befuna ukupapasha.”—BRITISH MEDICAL JOURNAL, EBRITANI.
“Inani labantu abasinde kwisifo somhlaza eUnited States liye laphindeka kane ukususela ngowe-1971 laya kutsho kwizigidi ezili-12 . . . Kuthiwa oku kubangelwe bubuchule bokukwazi ukubona umhlaza, uphuculo lonyango nokulandela iindlela zonyango.”—UC BERKELEY WELLNESS LETTER, EUNITED STATES.
Ngaphambi nje kokubhiyozelwa kweKrismesi yowama-2011, kwalwa abefundisi abali-100 neemonki zeecawa ezizintshaba kwiCawa Yokuzalwa KukaYesu, eBhetelehem. Umphathi-mkhosi wamapolisa uthi, “Le yinto nje encinane . . . yaminyaka le. Zange kubanjwe mntu kuba bonke babengabakhonzi bakaThixo.”—REUTERS NEWS SERVICE, EUNITED STATES.
Ukutyala Imithi Kuyo Yonke IAfrika
Iphulo elasungulwa yiManyano YeAfrika ngowama-2007, lalijoliswe ekuzaliseni intlango ngemithi. Ukususela eSenegal ekwiNtshona ukusa eDjibouti ekwiMpuma, amazwe ali-11 azizinxadanxada etyala izigidi zemithi efanele ezo ndawo, kwilinge lokwenisa ngotyani obuluhlaza loo mmandla weekhilomitha ezingama-7 600 ubude nezili-15 ububanzi. Unjingalwazi ngezityalo kwiYunivesithi iCheikh Anta Diop yaseDakar, eSenegal, uAliou Guissé, uthi: “Simele sityale uhlobo lwemithi esingayi kuba nomdla wokuyigawula.” Kukho ithemba lokuba loo mmandla kutyalwa kuwo uya kwenziwa umyezo wendalo okhuselekileyo ukuze uncede abantu balapho bakwazi ukuziphilisa.
Yintoni Ebangela Ukuba Sizamle?
Izazinzulu azikwazi kusichaza isizathu sokuba abantu bezamla—maxa wambi kaninzi ngosuku. Nemveku esesibelekweni iyazamla. Zinjalo ke neencanda, iinciniba, iinyoka, neentlanzi. Izimvo ziyabethabethana, ibe ezininzi zidla ngokuphikisana, kodwa ayikho eyanelisa bonke abaphandi. Izazinzulu ezininzi zithi esi senzo semizuzwana emithandathu ngomlinganiselo, sinceda ubuchopho busezele ioksijini. Noko ke, iScience News ithi, “ukuza kuthi ga ngoku abaphandi abakabufumani ubungqina obuxhasa le ngcamango. Uhlolisiso olwenziwe kutshanje ezimpukwini lubonisa ukuba “ukuzamla kulawula ubushushu, buncede ekupholiseni ubuchopho.” Kodwa akukho mntu uqiniseke ngokwenene ngoko.