Septemba
NgoMvulo, Septemba 1
Siza kutsho sibone ukukhanya kuvela ezulwini.—Luka 1:78.
UThixo unike uYesu amandla okulungisa zonke iingxaki abanazo abantu. Xa wayesenza imimangaliso wayebonisa ukuba unawo amandla okulungisa zonke iingxaki ebesingenakukwazi ukuzilungisa ngokwethu. Ngokomzekelo, unamandla okusikhulula kwisono esisenza sibe neengxaki ezifana nokugula nokufa. (Mat. 9:1-6; Roma 5:12, 18, 19) Imimangaliso awayeyenza ibonisa ukuba angakwazi ukuphilisa zonke iintlobo zezigulo nokuvusa abantu abaswelekileyo. (Mat. 4:23; Yoh. 11:43, 44) Unawo namandla okuphelisa isaqhwithi nokukhulula abantu kwiidemon. (Marko 4:37-39; Luka 8:2) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova unike unyana wakhe amandla okwenza zonke ezi zinto! Simele siqiniseke ukuba izinto ekuthenjiswe ukuba ziza kwenzeka kuBukumkani BukaThixo, ziza kwenzeka nyhani. Imimangaliso uYesu awayeyenza xa wayelapha emhlabeni isibonisa into aza kuyenza emhlabeni wonke xa enguKumkani woBukumkani BukaThixo. w23.04 3 ¶5-7
NgoLwesibini, Septemba 2
Umoya uhlolisisa zonke izinto, kwanezinto ezinzulu zikaThixo.—1 Kor. 2:10.
Ukuba ibandla okulo linabavakalisi abaninzi futhi ubona ngathi awude ukhonjwe, usenokutyhafa. Kodwa umele ungayeki ukuphakamisa. Lungiselela iimpendulo eziliqela ukuze xa ungakhonjwanga ekuqaleni kwesifundo ube nawo namanye amathuba okuphendula. Xa ulungiselela iSifundo SeMboniselo, zama ukujonga ukuba isiqendu ngasinye sidibana njani nomxholo wenqaku. Loo nto iza kwenza kube lula ukufumana iimpendulo ezikhuthazayo. Enye into onokuyenza kukulungiselela iimpendulo zeziqendu ezithetha ngeemfundiso zeBhayibhile ekungekho lula ukuzicacisa. Ngoba? Kaloku basenokuba mbalwa abantu abaphakamisayo kwezo ziqendu. Yintoni onokuyenza ukuba kudlula iintlanganiso ezininzi ungakhonjwa? Ngaphambi kokuba iqale intlanganiso, chazela umqhubi ukuba ngowuphi umbuzo obungathanda ukuwuphendula. w23.04 21-22 ¶9-10
NgoLwesithathu, Septemba 3
UYosefu . . . wenza njengokuba eyalelwe yingelosi kaYehova, wamtshata uMariya.—Mat. 1:24.
UYosefu wayengalibazisi ukuzenza izinto awayezixelelwa nguYehova. Loo nto yamenza wangumyeni othandekayo. Kathathu, uThixo wamnika imiyalelo eyayinento yokwenza nosapho lwakhe. Yonke loo miyalelo wayekhawuleza ayithobele, naxa kwakunzima. (Mat. 1:20; 2:13-15, 19-21) Ngenxa yaloo nto, wakwazi ukumkhusela nokumkhathalela uMariya. Inoba loo nto yenza umfazi wakhe wamthanda futhi wamhlonipha kakhulu! Bayeni, ninokumlinganisa uYosefu ngokuwakhangela eBhayibhileni amacebiso okukhathalela iintsapho zenu. Xa nilisebenzisa eli cebiso, nokuba kunokufuneka kubekho izinto enizitshintshayo, nibonisa ukuba niyabathanda abafazi benu futhi niqinisa umtshato. Omnye udade waseVanuatu, osele eneminyaka engaphezu kweyi-20 etshatile, uthi: “Xa umyeni wam efuna amacebiso kuYehova aze awasebenzise, ndimhlonipha kakhulu. Ndiyamthemba futhi ndiyaqiniseka nangezigqibo azenzayo.” w23.05 21 ¶5
NgoLwesine, Septemba 4
Apho kuza kubakho uhola wendlela, obizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele.—Isa. 35:8.
AmaYuda awayebuyela kwilizwe lawo ayeza kuba ‘sisizwana esingcwele’ kuThixo wawo. (Dut. 7:6) Kodwa loo nto yayingathethi kuthi kwakungekho zinto ekwakufuneka azilungise ukuze avuyise uYehova. AmaYuda amaninzi ayezalelwe eBhabhiloni, ngoko kusenokwenzeka ukuba amaninzi kuwo ayesele eqhelene nendlela yokucinga neyokwenza izinto yalapho. Emva kweminyaka eyi-69 ebuyele kwaSirayeli, uMlawuli uNehemiya wothuka akufumanisa ukuba abantwana abazalelwa kwaSirayeli babengekalufundiswa ulwimi lwamaYuda. (Dut. 6:6, 7; Neh. 13:23, 24) Abo bantwana babenokumthanda baze bamkhonze njani uYehova bengasazi isiHebhere, olona lwimi lalibhalwe ngalo iLizwi LikaThixo? (Ezra 10:3, 44) Ngoko loo maYuda kwakufuneka alungise izinto ezininzi. Kwakuza kuba lula ukuyenza ke loo nto kwaSirayeli apho amaSirayeli ayebuyela kancinci kancinci kwindlela uYehova awayefuna ukukhonzwa ngayo.—Neh. 8:8, 9. w23.05 15 ¶6-7
NgoLwesihlanu, Septemba 5
UYehova uxhasa bonke abawayo, aze aphakamise bonke abaqubudileyo.—INdu. 145:14.
Into ebuhlungu kukuba nokuba singanomdla okanye siziqhube kangakanani, kusenokwenzeka izinto ezinokwenza kube nzima ukude siyenze into esizimisele ukuyenza. Ngokomzelelo, ‘iziganeko ezingalindelekanga’ zisenokwenza singabi naxesha lingako lokuyenza. (INtshu. 9:11) Sisenokuba neengxaki ezisishiya sityhafile. (IMize. 24:10) Iimpazamo esizenza kuba sinesono zinokusiphazamisa kwinto esizimisele ukuyenza. (Roma 7:23) Okanye sisonokusuka nje sidinwe. (Mat. 26:43) Yintoni esinokuyenza xa sinezi ngxaki? Xa kuvela ingxaki, khumbula ukuba loo nto ayithethi kuthi ncama. IBhayibhile ithi sisenokuba nengxaki emva kwenye. Kodwa iphinda iyenze icace into yokuba singaphinda sizame, ngokukodwa xa sincedwa nguYehova. Ngoko ukuba iingxaki azikwenzi uncame, ubonisa uYehova ukuba ufuna ukumvuyisa. Uvuya nyhani xa ebona ukuba awuyeki ukusebenzela kwinto ozimisele ukumenzela yona! w23.05 30 ¶14-15
NgoMgqibelo, Septemba 6
Yibani yimizekelo kumhlambi. —1 Pet. 5:3.
Ukuba nguvulindlela kunceda umfana akwazi ukusebenzisana kakuhle nabantu abahlukeneyo. Kumnceda ayisebenzise kakuhle nemali, angenzi izinto eziza kufuna engaphezu kwaleyo anayo. (Fil. 4:11-13) Bazalwana abasebatsha, into enokuninceda niyilungele inkonzo yexesha elizeleyo kukuqala nibe ngoovulindlela abangabancedani. Loo nto iza kuninceba nilungele ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. Xa ningoovulindlela niza kuba namathuba okuba kwezinye iintlobo zenkonzo yexesha elizeleyo, njengokuba ngabakhi bexesha elizeleyo okanye ukukhonza eBheteli. Amadoda angamaKristu amele asebenzele ukufanelekela ukuba ngabadala ukuze akhonze abazalwana noodade. IBhayibhile ithi amadoda asebenzela ukuba ngabadala ‘anqwenela umsebenzi omhle.’ (1 Tim. 3:1) Okokuqala, umzalwana umele afanelekele ukuba sisicaka solungiselelo. Izicaka zolungiselelo zincedisa abadala ngeendlela ezininzi. Abadala nezicaka zolungiselelo bakhonza abazalwana noodade bethobekile futhi bakhuthele entsimini. w23.12 28 ¶14-16
NgeCawa, Septemba 7
Ngoxa wayeseyinkwenkwana, waqalisa ukufuna uThixo kaDavide ukhokho wakhe.—2 Kron. 34:3.
UKumkani uYosiya waqala ukufuna uYehova eneminyaka eyi-16. Wayefuna ukufunda ngoYehova aze enze izinto azithandayo. Kodwa izinto zazingekho lula kulo kumkani wayesemncinci. Xa kwakuxhaphake ukukhonzwa kwezithixo, kwafuneka ayimele indlela efanelekileyo yokukhonza uYehova. Nyhani ke wayimela! Ngaphambi kokuba abe na-20, waqalisa ukuwayekisa amaSirayeli ukukhonza izithixo. (2 Kron. 34:1, 2) Nokuba usemncinci, ungakwazi ukufunda ngoYehova nangeempawu zakhe ezimangalisayo njengoYosiya. Loo nto iza kukwenza ufune ukuzinikela kuye. Kuza kufuneka uphile njani ke? ULuke obhaptizwe ena-14 uthi: “Ukususela ngoku, ukukhonza uYehova kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam futhi ndiza kuzama ukwenza izinto ezimvuyisayo.” (Marko 12:30) Uza kusikelelwa kakhulu ukuba nawe ufuna ukwenza loo nto! w23.09 11 ¶12-13
NgoMvulo, Septemba 8
[Yibani] nembeko kwabo basebenza nzima phakathi kwenu, abanikhokelayo kumsebenzi weNkosi.—1 Tes. 5:12.
Xa umpostile uPawulos wayelibhalela le leta ibandla laseTesalonika, kwakungekapheli nonyaka likhona. Kusenokwenzeka ukuba amadoda awayekhokela kweli bandla kwakungekudalanga ewenza lo msebenzi, futhi asenokuba ayezenza iimpazamo. Sekunjalo, kwakufuneka ahlonitshwe. Njengokuba intlungu engathethekiyo isondela, kuza kufuneka siyithembe ngaphezu kokuba sisenza ngoku imiyalelo esiza kuyinikwa ngabadala. Sisenokungakwazi ukufumana imiyalelo evela kwikomkhulu lehlabathi nakwiofisi yesebe; ngoko kubalulekile ukuba sibathande size sibahloniphe kwangoku abadala abakumabandla ethu. Nokuba yintoni eyenzekayo, masihlale sisezingqondweni, singajongi iimpazamo abazenzayo kodwa sihlale sicinga ukuba la madoda athembekileyo akhokelwa nguYehova esebenzisa uKristu. Njengokuba umnqwazi wentsimbi ukhusela intloko yejoni, ithemba losindiso esinalo likhusela indlela esicinga ngayo. Indlela esiqiniseke ngayo ngeli themba isenza siqonde ukuba nantoni na esiyinikwa leli hlabathi akukho yayo ayibalulekanga nganto. (Fil. 3:8) Lisinceda sihlale sizolile futhi singagungqi.—w23.06 11-12 ¶11-12
NgoLwesibini, Septemba 9
Umfazi osisidenge uyangxola. Usisiphukuphuku nje.—IMize. 9:13.
Abantu abamenywa ‘ngumfazi osisidenge’ kufuneka bakhethe: Ngaba baza kuvuma ukuya okanye abazukuvuma? Sinezizathu ezivakalayo ezenza sikulumkele ukuziphatha kakubi ngesondo. Kuthiwa “umfazi osisidenge” uthi: “Amanzi abiweyo amnandi.” (IMize. 9:17) Yintoni “amanzi abiweyo”? IBhayibhile ikufanisa namanzi ahlaziyayo ukwabelana ngesondo kwendoda nomfazi etshate naye. (IMize. 5:15-18) Abantu abavumelekileyo ukwabelana ngesondo yindoda nomfazi etshate naye ngokusemthethweni. Ukwabelana kwabo ngesondo kwahlukile ‘kumanzi abiweyo.’ Amanzi abiweyo kukuziphatha kakubi ngesondo okungavumelekanga. Abantu abenza loo nto bafana namasela kuba badla ngokuyenza ngokufihlakeleyo. “Amanzi abiweyo” asenokuvakala emnandi kubantu abawaselayo, kuba becinga ukuba akukho mntu uza kubabhaqa. Baziqhatha nyhani! UYehova uyayibona yonke le nto bayenzayo. Akukho nto ikrakra njengokuyeka ukuthandwa nguye, ngoko asikwazi ukuthi ‘imnandi’ loo nto.—1 Kor. 6:9, 10. w23.06 22 ¶7-9
NgoLwesithathu, Septemba 10
Nokuba ndiyenza ndingafuni, uThixo undinike umsebenzi endifanele ndiwenze.—1 Kor. 9:17.
Uza kuthini xa ubona ngathi imithandazo yakho ayisasuki ntliziyweni okanye akusakuvuyisi njengakuqala ukushumayela? Sukucinga ukuba umoya kaYehova awusasebenzi kuwe. Kaloku unesono, ngoko indlela oziva ngayo inokutshintshatshintsha. Ukuba uzibona ngathi awusakhuthalanga njengakuqala, cinga ngompostile uPawulos. Ngoxa wayezama ukulinganisa uYesu, wayesazi ukuba ngamanye amaxesha wayengazukuba nawo ncam umdla wokwenza izinto ekufuneka azenze. Wayezimisele ukuwenza umsebenzi awayewuthunyiwe nokuba wayeziva njani. Ngendlela efanayo, izigqibo ozenzayo mazingaxhomekeki kwindlela oziva ngayo. Zimisele ukwenza le nto ilungileyo nokuba awufuni ncam ukuyenza. Xa usenza loo nto, ekuhambeni kwexesha isenokutshintsha indlela oziva ngayo.—1 Kor. 9:16. w24.03 11-12 ¶12-13
NgoLwesine, Septemba 11
Bonisani ukuba niyabathanda. —2 Kor. 8:24.
Sinokubabonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodade ngokubamkela ukuba babe ngabahlobo bethu. (2 Kor. 6:11-13) Abaninzi bethu bakumabandla anabazalwana noodade abangafaniyo nabo, nabaneempawu ezahlukahlukeneyo. Into enokusenza singayeki ukubathanda kukujonga iimpawu zabo ezintle. Xa sifunda ukujonga abanye ngendlela abajonga ngayo uYehova, sibonisa ukuba siyabathanda. Ngentlungu engathethekiyo kuza kubaluleka kakhulu ukubathanda abazalwana noodade. Xa iqala, uYehova uza kusikhusela njani? Cinga ngento uYehova awathi abantu bakhe mabayenze xa kwakuhlaselwa isixeko saseBhabhiloni. Wathi: “Hambani, bantu bam, ningene kumagumbi enu afihlakeleyo, nivale iingcango. Zimelani okomzuzwana de udlule umsindo wam.” (Isa. 26:20) Mhlawumbi nathi kuza kufuneka sithobele lo myalelo ngentlungu engathethekiyo. w23.07 6-7 ¶14-16
NgoLwesihlanu, Septemba 12
Eli hlabathi liyatshintsha.—1 Kor. 7:31.
Abantu mabakwazi ukuba ubhetyebhetye. Zibuze: ‘Ngaba abantu bandazi ndingumntu obhetyebhetye, oyekelelayo nonyamezelayo? Okanye ngaba bandazi ndingumntu ongqongqo nonenkani? Ngaba ndiyabamamela abanye ndize ndenze izinto ngendlela abafuna ngayo xa ifanelekile?’ Indlela esibhetyebhetye ngayo ibonisa ukuba simlinganisa kangakanani uYehova noYesu. Kufuneka sibe bhetyebhetye xa ubomi bethu butshintsha. Ukutshintsha kwabo kunokusenza sibe neengxaki esingakhange sizilindele. Sinokugula singalindelanga. Nokutshintsha kwemeko yezoqoqosho okanye ukutshintsha kukarhulumente welizwe esihlala kulo kunokubenza nzima ubomi bethu. (INtshu. 9:11) Kusenokuba nzima ke naxa intlangano itshintsha umsebenzi ebesiwenza okanye isicela ukuba siye kukhonza kwenye indawo. Sinokukwazi ukuqhelana nabo xa sisenza ezi zinto zine: (1) masiyamkele into yokuba izinto azisafani nakuqala, (2) masingacingi ngezinto ezigqithileyo, (3) masicinge ngezinto ezintle ezenzeka ebomini bethu, (4) masenzele abanye izinto. w23.07 21-22 ¶7-8
NgoMgqibelo, Septemba 13
Ungumntu oxabiseke kakhulu. —Dan. 9:23.
Umprofeti uDaniyeli wayesengumfana xa wabanjwa ngamaBhabhiloni, aya kumvalela kude nekhaya lakhe. Kodwa amagosa aseBhabhiloni amthanda. Kaloku ayebona into ‘eyayibonakala emehlweni,’ yokuba uDaniyeli ‘yinzwana engenasiphene’ esuka kwintsapho ehlonitshwayo. (1 Sam. 16:7) Ngoko amqeqeshela ukusebenza endlini yasebukhosini. (Dan. 1:3, 4, 6) UYehova wathanda uDaniyeli ngenxa yohlobo lomntu awakhetha ukuba lulo. Kusenokwenzeka ukuba uDaniyeli wayeneminyaka eyi-20 xa uYehova wamfanisa noNowa noYobhi. Ngoko kuye wayelilungisa njengaloo madoda amkhonza engagungqi kangangamashumi eminyaka. (Gen. 5:32; 6:9, 10; Yobhi 42:16, 17; Hez. 14:14) UYehova wamthanda ubomi bakhe bonke uDaniyeli ngenxa yokuthembeka kwakhe.—Dan. 10:11, 19. w23.08 2 ¶1-2
NgeCawa, Septemba 14
[Buqonde] ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu. —Efe. 3:18.
Xa ufuna ukuthenga indlu, ubuza kufuna ukuya kule ndawo ikuyo uze uyijongisise kakuhle yonke into ekule ndlu iza kuba yeyakho. Sinokwenza into efanayo naxa sifunda iBhayibhile. Ukuba uyakhawuleza xa uyifunda, usenokwazi iinyaniso ezilula zodwa, kufane nokungathi ‘uqala phantsi ukufunda izinto ezingcwele zikaThixo.’ (Heb. 5:12) Ngoko njengokuba kufuneka ungene ngaphakathi endlini ukuze ubone yonke into ekuyo, kufuneka uyifundisise kakuhle kakhulu iBhayibhile ukuze uyiqonde kakuhle into eyithethayo. Eyona ndlela inokukunceda yokufunda iBhayibhile kukujonga ukuba zidibana njani izinto ezikuyo. Sukuphelela nje ekuqondeni ukuba zeziphi iinyaniso ozikholelwayo ezikuyo, zama ukuqonda nokuba kutheni uyikholelwa. Ukuze siyiqonde kakuhle yonke into ethethwa liLizwi LikaThixo, simele sizifunde iinyaniso ezinzulu ezikulo. Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba alifundisise iLizwi LikaThixo ukuze ‘abuqonde ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu’ benyaniso. Loo nto yayiza kuwanceda angagungqi, aze ‘abambelele nkqi’ kukholo lwawo. (Efe. 3:14-19) Nathi simele senze loo nto. w23.10 18 ¶1-3
NgoMvulo, Septemba 15
Bazalwana, fundani umzekelo wokunyamezela ububi nokuba nomonde kubaprofeti ababeshumayela egameni likaYehova.—Yak. 5:10.
IBhayibhile ithetha nangabanye abantu abaninzi ababenomonde. Kungakunceda ukuphanda ngabo. Ngokomzekelo, uDavide wathanjiswa esemncinci ukuba ibe nguye olawula kwaSirayeli emva koSawule, kodwa kwafuneka alinde iminyaka ngaphambi kokuba abe ngukumkani. USimeyon noAna bamkhonza uYehova bethembekile ngoxa babelinde ukuba ade afike uMesiya owayethenjisiwe. (Luka 2:25, 36-38) Xa ufunda amabali anjengala, khangela iimpendulo zale mibuzo: Inoba wancedwa yintoni lo mntu ukuze abe nomonde? Kwamnceda njani ukuba nawo? Ndingamlinganisa njani? Kusenokukunceda nokufunda ngabantu abangazange babe nawo umonde. (1 Sam. 13:8-14) Usenokuzibuza: ‘Yintoni esenokuba yabenza ababi namonde? Ziintoni ezimbi ezenzeka kubo ngenxa yokungabi namonde?’ w23.08 25 ¶15
NgoLwesibini, Septemba 16
Siyayikholelwa ibe siyayazi into yokuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.—Yoh. 6:69.
Umpostie uPetros wayethembekile, ngoko zange avumele nantoni na imyekise ukuba ngumlandeli kaYesu. Loo nto wayibonisa xa uYesu wathetha into ababengayiqondi abafundi bakhe. (Yoh. 6:68) Abaninzi kubo bayeka ukumlandela, bengafunanga nokuqonda ukuba wayethetha ukuthini. Kodwa yena uPetros zange ayeke. Wayesazi ukuba nguYesu yedwa “onamazwi anika ubomi obungunaphakade.” UYesu wayesazi ukuba uPetros nabanye abapostile baza kumshiya. Sekunjalo, uYesu wamxelela ukuba wayeqinisekile ukuba wayeza kubuya aze ahlale ethembekile. (Luka 22:31, 32) UYesu wayeqonda ukuba “intliziyo iyafuna ukwenza okulungileyo, kodwa wona umzimba ubuthathaka.” (Marko 14:38) Ngoko nasemva kokuba lo mpostile wakhe, uPetros, emphikile, zange amncame. Emva kokuba evusiwe, wabonakala kuPetros, ngexesha ekusenokwenzeka ukuba wayeyedwa. (Marko 16:7; Luka 24:34; 1 Kor. 15:5) Inoba yamomeleza nyhani loo nto lo mpostile wayetyhafile ngenxa yento awayeyenzile! w23.09 22 ¶9-10
NgoLwesithathu, Septemba 17
Bonwabile abantu abaye baxolelwa nangona bophule umthetho, nabaye baxolelwa izono zabo.—Roma 4:7.
UThixo uyazixolela izono zabantu abanokholo kuye. Uzixolela nyhani, angaphindi azikhumbule. (INdu. 32:1, 2) Abo bantu uye abajonge njengabangenatyala namalungisa. Ngoxa kwathiwa bangamalungisa, uAbraham, uDavide nabanye abakhonzi bakaThixo ababethembekile babesenaso isono. Kodwa ngenxa yokholo lwabo, uThixo wababona bengenatyala, ngokukodwa xa wayebathelekisa nabantu ababengamkhonzi. (Efe. 2:12) Kwileta yakhe umpostile uPawulos wayicacisa into yokuba kufuneka sibe nokholo ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo. Kwaba njalo kuAbraham noDavide, kunjalo ke nakuthi. w23.12 3 ¶6-7
NgoLwesine, Septemba 18
Masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa, oko kukuthi amazwi aphuma emilonyeni yethu.—Heb. 13:15.
Namhlanje onke amaKristu anenyhweba yokubingelela kuYehova ngokusebenzisa ixesha, amandla nezinto anazo ukuze amkhonze. Sinokubonisa uYehova ukuba siyambulela ngenyhweba esinayo yokumkhonza, ngokumsebenzela ngamandla ethu onke. Umpostile uPawulos wathetha ngezinto esimele singayeki ukuzenza xa sikhonza uYehova. (Heb. 10:22-25) Ezo zinto kukuthandaza kuye, ukushumayela ngethemba esinalo, ukuya kwiintlanganiso nokukhuthazana, ‘ingakumbi njengoko sibona ukuba imini kaYehova iyasondela.’ Ngasekupheleni kwencwadi yeSityhilelo, ingelosi kaYehova ithi: “Khonza uThixo!” (ISityhi. 19:10; 22:9) Masingaze sizilibale izinto ezinzulu esizifundileyo ngetempile enkulu kaYehova, nenyhweba esinayo yokukhonza lo Thixo wethu omkhulu! w23.10 29 ¶17-18
NgoLwesihlanu, Septemba 19
Masiqhubeke sithandana.—1 Yoh. 4:7.
Sonke sifuna ‘ukuqhubeka sithandana.’ Kodwa kubalulekile nokuba siyikhumbule into eyathethwa nguYesu esithi “luza kuphola uthando lwabaninzi.” (Mat. 24:12) Zange athi le nto yayiza kwenzeka kubafundi bakhe abaninzi. Sekunjalo, kufuneka sihlale silumkile ukuze singafani nabantu beli hlabathi abangenathando. Sisacinga ngaloo nto, makhe siphendule lo mbuzo ubalulekileyo: Ikhona indlela esinokwazi ngayo ukuba sibathanda kakhulu na abazalwana noodade? Enye indlela esinokubona ngayo ukuba sibathanda kangakanani abazalwana noodade, kukujonga ukuba siye sithini xa kusenzeka ezinye izinto. (2 Kor. 8:8) Enye yazo wathetha ngayo umpostile uPetros esithi: “Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Thandanani ngokusuka entliziyweni, kuba uthando logquma izono ezininzi.” (1 Pet. 4:8) Ngoko into esiyenzayo xa abazalwana noodade besenza iimpazamo okanye besikhathaza, iza kusinceda sibone ukuba sibathanda kangakanani. w23.11 10-11 ¶12-13
NgoMgqibelo, Septemba 20
Nimele nithandane.—Yoh. 13:34.
Asinakuthi siyawuthobela umyalelo kaYesu ukuba kukho abantu esibathandayo ebandleni, kube kukho esingabathandiyo. Yinyani kona ukuba basenokuba khona abazalwana okanye oodade esivana kakhulu nabo, njengokuba kwakunjalo nangoYesu. (Yoh. 13:23; 20:2) Kodwa umpostile uPetros uthi simele sizame ngamandla ‘ukubathanda abazalwana’ noodade, ngendlela esibathanda ngayo abantu esizalana nabo (1 Pet. 2:17) UPetros usikhuthaza ukuba ‘sithandane kakhulu ngokusuk’ entliziyweni.’ (1 Pet. 1:22) ‘Ukumthanda kakhulu’ umntu ekuthethwa ngako kule vesi kukumthanda nokuba akukho lula ukuyenza loo nto. Ngokomzekelo, siza kuthini xa sikhathazwa ngumzalwana okanye ngudade? Sisenokufuna ukuphindisa kunokuba simbonise ukuba siyamthanda. Kodwa uPetros wafunda kuYesu ukuba uThixo akafuni siziphindezele. (Yoh. 18:10, 11) Wathi: “Sanukubuyisela ububi ngobubi okanye nimthuke umntu onithukayo. Kunoko thethani naye kakuhle, ukuze nisikelelwe.” (1 Pet. 3:9) Xa ubathanda kakhulu abazalwana bakho, uza kukwazi ukuba nobubele nokubacingela. w23.09 28-29 ¶9-11
NgeCawa, Septemba 21
Nabafazi bafanele . . . bangabaxi xa besenza izinto, bathembeke kuyo yonke into.—1 Tim. 3:11.
Iyasimangalisa indlela umntwana akhawuleza akhule ngayo abe ngumntu omdala. Le nto ibonakala ngathi iyazenzekela. Kodwa yena umKristu akavuki sele ekwazi ukulinganisa uYesu. (1 Kor. 13:11; Heb. 6:1) Kaloku ukuze sikwazi ukumlinganisa, kufuneka simthande nyhani uYehova. Sidinga nomoya wakhe oyingcwele njengoko sizama ukuba neempawu azithandayo, sifunda ukwenza izinto eziza kusinceda ebomini, naxa silungiselela imisebenzi ekusenokufuneka siyenze kwixesha elizayo. (IMize. 1:5) UYehova wadala indoda nebhinqa. (Gen. 1:27) Indlela eme ngayo imizimba yabo ayifani, zikhona ke nezinye izinto abangafani ngazo. Ngokomzekelo, uYehova unike ngamnye kubo imisebenzi ekufuneka ayenze. Ngoko bamele babe neempawu ezifunekayo, benze nezinto eziza kubanceda bayenze kakuhle loo misebenzi.—Gen. 2:18. w23.12 18 ¶1-2
NgoMvulo, Septemba 22
[Benzeni] abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize egameni likaTata neloNyana.—Mat. 28:19.
Ngaba uYesu wayefuna abanye abantu balisebenzise igama likaTata wakhe? Ngokuqinisekileyo. Kusenokwenzeka ukuba ngelo xesha abanye abefundisi babesithi kukungamhloniphi uThixo ukumbiza ngegama lakhe. Kodwa uYesu zange ayivumele loo nto ingekho Zibhalweni ukuba imyekise ukuzukisa igama likaTata wakhe. Khawucinge ngexesha awakhupha ngalo ideemon kwindoda yaseGerasa. Abantu boyika baza bamcenga ukuba ahambe, ngoko zange ahlale kuloo mmandla. (Marko 5:16, 17) Kodwa uYesu wayesafuna abantu baloo ndawo balazi igama likaYehova. Ngoko xa wayethuma le ndoda, zange athi mayixelele abantu ukuba uyiphilisile, wathi mayiyokubaxelela into eyenziwe nguYehova. (Marko 5:19) Nanamhlanje ufuna sincede abantu abasemhlabeni wonke balazi igama likaTata wakhe! (Mat. 24:14; 28:20) UKumkani wethu uYesu uyavuya xa siyenza loo nto. w24.02 10 ¶10
NgoLwesibini, Septemba 23
Unyamezela ngenxa yegama lam. —ISityhi. 2:3.
Simbulela nyhani uYehova ngokusivumela sibe kwintlangano yakhe kule mihla yokugqibela kunzima ukuphila kuyo. Kuya kusiba nzima kweli hlabathi, kodwa uYehova usinike abazalwana noodade abasincedayo. (INdu. 133:1) Usinceda sibe neentsapho ezonwabileyo. (Efe. 5:33–6:1) Usinika nobulumko esibudingayo ukuze simelane namaxhala size sonwabe. Kufuneka sisebenze nzima ukuze sihlale sithembekile kuYehova. Kutheni sisitsho? Kaloku ngamany’ amaxesha sisenokukhathazwa zizinto ezithethwa okanye ezenziwa ngabanye. Sisenokukhathazwa naziimpazamo esizenzayo, ngokukodwa xa simana siziphinda. Simele singayeki ukukhonza uYehova xa (1) sikhathazwa ngomnye umKristu, (2) siphoxwa ngumntu esitshate naye naxa (3) sityhafiswa kukuba senze isono. w24.03 14 ¶1-2
NgoLwesithathu, Septemba 24
Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.—Fil. 3:16.
Uza kumana usiva ngabazalwana noodade abaye bakhetha ukusebenzela uYehova nangezinye iindlela. Mhlawumbi abanye baye kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani okanye baye kukhonza kwindawo enabavakalisi abambalwa. Ukuba iimeko zakho ziyakuvumela, nawe unokuyenza loo nto. Abantu bakaYehova bafuna ukumkhonza nangezinye iindlela. (IZe. 16:9) Kodwa uza kuthini ukuba ezakho iimeko azikakuvumeli? Ungacingi ukuba loo nto ikwenza ungabaluleki kunabo zibavumelayo iimeko. Kaloku into ebalulekileyo kukuba umKristu anyamezele. (Mat. 10:22) Ungaze uyidele indlela ekubaluleke ngayo ukukhonza uYehova ngamandla onawo nangendlela evumelana neemeko zakho. Le yinto ebalulekileyo enokukwenza uqhubeke umlandela uYesu emva kokuba ubhaptiziwe.—INdu. 26:1. w24.03 10 ¶11
NgoLwesine, Septemba 25
Wazixolela ngobubele zonke izono zethu.—Kol. 2:13.
UTata wethu osezulwini uthembisa ukuba uza kusixolela xa siguquka. (INdu. 86:5) Ngoko ukuba sizisola nyhani ngezono esizenzileyo, sinokumthemba ukuba unyanisile xa esithi uza kusixolela. Yintoni enokusenza siyeke ukucinga ngolo hlobo? Kukukhumbula ukuba uYehova akekho ngqongqo. Soze alindele ukuba senze izinto ezingaphezu kwamandla ethu. Uvuyiswa yiyo nantoni na esimenzela yona, ukuba nje siyenza ngamandla ethu onke. Cinga nangabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ababemkhonza ngeentliziyo zabo zonke uYehova. Omnye wabo ngumpostile uPawulos. Wasebenza nzima kangangeminyaka, ehamba imigama emide. Wamisela namabandla amaninzi. Kodwa xa wayengasakwazi ukushumayela njengakuqala, ngaba uYehova wayeka ukuvuyiswa nguye? Akazange ayeke. UPawulos waqhubeka esenza konke awayenokukwazi ukumenzela kona uYehova, waza uYehova wamsikelela. (IZe. 28:30, 31) Nathi sisenokungakwazi ukumkhonza ngendlela ebesikade simkhonza ngayo uYehova. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kuye sisizathu sokuba simkhonze. w24.03 27 ¶7, 9
NgoLwesihlanu, Septemba 26
Kwathi kusesekuseni kakhulu, uYesu waya kwindawo engenabantu, waza wathandaza.—Marko 1:35.
Ngendlela awayethandaza ngayo, uYesu wabonisa abafundi bakhe indlela nabo abamele bathandaze ngayo. Xa wayelapha emhlabeni, wayethandaza qho. Ukuze ayenze loo nto, kwakufuneka azibekele ixesha kuba wayesoloko exakekile futhi ekunye nabantu abaninzi. (Marko 6:31, 45, 46) Ukuze akwazi ukuthandaza eyedwa wayevuka ekuseni kakhulu. Ngeny’ imini, xa wayeza kwenza isigqibo esibalulekileyo wathandaza ubusuku bonke. (Luka 6:12, 13) Kubusuku obungaphambi kokuba afe, xa wayeza kwenza eyona nto yakha yanzima kwawayezokuzenza emhlabeni, wathandaza kaninzi. (Mat. 26:39, 42, 44) KuYesu sifunda ukuba simele sibe nalo ixesha lokuthandaza nokuba sixakeke kangakanani. Nathi kusenokufuneka sizibekele ixesha lokuthandaza. Mhlawumbi kusenokufuneka sivuke ekuseni kakhulu okanye singakhawulezi silale. Xa sisenza loo nto sibonisa uYehova ukuba siyasibulela esi sipho sikhethekileyo sokuthandaza. w23.05 3 ¶4-5
NgoMgqibelo, Septemba 27
uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele asinika wona ukuze asibonise ukuba uyasithanda.—Roma. 5:5.
NgesiGrike, le vesi ithetha ukuba uYehova ubathanda kakhulu abathanjiswa. Indlela abathanda ngayo ide ithelekiswe nomsinga wamanzi. Nabo bayazi ukuba ‘bayathandwa nguThixo.’ (Yude 1) Umpostile uYohane wachaza indlela abaziva ngayo esithi: “Ndlela le asithanda ngayo uTata, side sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo!” (1 Yoh. 3:1) Ngaba uYehova uthanda abathanjiswa bodwa? Hayi, uYehova uye wabonisa ukuba usithanda sonke. Yeyiphi eyona nto inkulu abonise ngayo uYehova ukuba uyasithanda? Lidini loNyana wakhe. Ngalo uye wabonisa ukuba unothando ukodlula nabani na owakha waphila.—Yoh. 3:16; Roma 5:8. w24.01 28 ¶9-10
NgeCawa, Septemba 28
Iintshaba zam ziza kurhoxa mhla ndicela uncedo.Nantsi into endiqiniseke ngayo: uThixo usecaleni lam.—INdu. 56:9.
Le vesi ibonisa nenye into eyanceda uDavide wayeka ukoyika. Ngoxa ubomi bakhe babusengozini, wacingisisa ngezinto uYehova awayeseza kumenzela zona. Wayesazi ukuba ngexesha elifanelekileyo uYehova wayeza kumsindisa. Kaloku uYehova wayechazile ukuba nguye owayeza kuba ngukumkani olandelayo kwaSirayeli. (1 Sam. 16:1, 13) KuDavide, nantoni na uYehova ayithembisayo kwakufana nokungathi seyenzekile. Wena, yintoni uYehova athembise ukuba uza kukwenzela yona? Asilindelanga ukuba asikhusele kuzo zonke iingxaki esinazo. Sekunjalo, neziphi na ngxaki osenokuba nazo kweli hlabathi, uYehova uza kuziphelisa kwihlabathi elitsha elizayo. (Isa. 25:7-9) Siqinisekile ukuba uMdali wethu unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo, awokusiphilisa nawokutshabalalisa bonke abantu abangasifuniyo kuba simkhonza.—1 Yoh. 4:4. w24.01 6 ¶12-13
NgoMvulo, Septemba 29
Wonwabile lowo ubuxolelweyo ububi abenzileyo, waxolelwa nesono sakhe.—INdu. 32:1.
Khumbula ukuba kwakutheni ukuze uzinikele uze ubhaptizwe. Ezi zinto wazenza kuba ufuna ukumela uYehova. Khawucinge ngento eyakwenza waqiniseka ukuba uyifumene inyaniso. Wafunda ngoYehova, wabona ukuba unguTata wakho osezulwini. Loo nto yakwenza wamhlonipha waza wamthanda. Waba nokholo olwakwenza waguquka. Waziyeka izinto ezingalunganga owawuzenza waza wenza ezithandwa nguThixo. Wathi wakubona ukuba uYehova ukuxolele, wathuthuzeleka. (INdu. 32:2) Waya kwiintlanganiso emva koko waxelela abanye ngezinto ezivuyisayo ozifundileyo. Ngoku ungumKristu obhaptiziweyo, uhamba kwindlela eya ebomini futhi uzimisele ukungayishiyi. (Mat. 7:13, 14) Sinqwenela uukuba uhlale uqinile, ungagungqi ekuzinikeleni kuYehova nasekuthobeleni imithetho yakhe. w23.07 17 ¶14; 19 ¶19
NgoLwesibini, Septemba 30
UThixo uthembekile, ibe akazukuniyekela nilingwe ngento eningenakumelana nayo, kodwa uza kuninika indlela yokuphuma kweso silingo ukuze nikwazi ukusinyamezela.—1 Kor. 10:13.
Xa ucinga ngomthandazo owenzileyo xa ubuzinikela kuYehova, uza kukwazi ukumelana naso nasiphi na isilingo esivelayo. Ngokomzekelo, ngaba ungancwasa umntu otshate nomnye umntu? Ngokuqinisekileyo soze uyenze loo nto. Uza kube sele umthembisile uYehova ukuba soze uyenze into enjalo. Xa ungayivumeli iminqweno engafanelekanga ukuba ikhule, akuzukufuneka ube ujijisana nayo. Uza ‘kuhambela kude endleleni yabantu abangalunganga.’ (IMize. 4:14, 15) Ukucinga ngendlela uYesu awayezimisele ngayo ukumvuyisa uTata wakhe kuza kukwenza ukhawuleze uyikhabe ngawo omane nantoni na oyaziyo ukuba ayizukumvuyisa uThixo ozinikele kuye. (Mat. 4:10; Yoh. 8:29) Iingxaki nezilingo zikunika ithuba lokubonisa ukuba uzimisele ‘ukuqhubeka ulandela’ uYesu. Xa uzimisele ukuqhubeka umlandela, qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda. w24.03 9-10 ¶8-10